INgoma 26
Ukuhlangabezana Neemfuneko ZikaThixo
1. Masithembeke kuThixo,
Siyigcin’ ingqibelelo.
Kwindlu ngendlu silazisa
Igama likaYehova.
NjengamaNgqina kaThixo
Sonwabis’ abalilayo;
Siphawul’ abancwinayo
Ze babe ngabasindayo.
2. Masilondoloz’ iliso
Yongena nzul’ inyaniso.
Xa sishumayela gqitha
ILizwi liya kuviwa.
S’hlale ngobunye noxolo
Nabo bakhonza uThixo.
Xa sithe tye ukuhamba
Sozaliswa kukuvuya.
3. Masinced’ abazalwana
Nabamelwane ngenceba,
Xa s’londoloz’ intliziyo
Sovun’ ubom’ obububo.
Ngokuba sibuxabisa
Ubume bethu bok’vuya.
Xa sithe tye ukuhamba Sozaliswa kukuvuya.
Kwanga s’ngahlala simsulwa, Siphakamis’ uYehova.