INgoma 78
Ukuthetha “Intetho Enyulu”
1. Abakhonz’ uThixo ngabanentetho
Enyulu nemanyan’sayo.
Inamazwi ayolis’ intliziyo.
Akhuthaz’ uk’ba nothando.
2. Le ntetho uYehova, uyinika
Abobalulamileyo.
Njengoko beshumayeza nabanye
Ukuze bazi le ntetho.
3. Ngok’ abo bafunda le nteth’ inyulu
Bayeka imikhw’ emibi.
Bacoc’ ubomi, bathobel’ uThixo.
Belichasa ihlabathi.
4. Ngaxhatha linye ke mas’khonz’ uThixo
Oxhobis’ abantu bakhe.
UBukumkani sibushumayela
‘Ngentetho enyulu’ yakhe.