IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • IZaziso
    Ubulungiseleli BoBukumkani—1990 | Disemba
    • yowe-1991 nakuCwangciso Lwesikolo Sobulungiseleli Sobuthixo, abazalwana bayacelwa ukuba balandele ufundo lweBhayibhile olukuCwangciso Lwesikolo Sobulungiseleli Sobuthixo kunokulandela olo lukwikhalenda.

      ● IBheteli ifuna umongikazi onesiqinisekiso sobongikazi. Nceda ubhalele uMbutho ucele ifomu yesicelo saseBheteli.

      ● Iimpapasho Ezintsha Ezifumanekayo:

      IBhayibhile—Ngaba Ililizwi LikaThixo Okanye Lomntu?—NgeSpanish

  • Isingxobo Semibuzo
    Ubulungiseleli BoBukumkani—1990 | Disemba
    • Isingxobo Semibuzo

      ● Kutheni kubalulekile ukuzigqiba ngokucokisekileyo iincwadi ezimbini nabafundi abatsha enoba babhaptizwa ngaphambi kokuba kugqitywe incwadi yesibini?

      UYehova usikelela intlangano yakhe ngolwando lwabantu abatsha abathontelanayo ukuza emabandleni. Siyavuyiswa kukubona oku kuhlanganiswa kukhulu. Noko ke, siyaqonda ukuba aba bantu babumvu bafuna ukuncedwa nokwalathiswa ngokuqhubekayo ekufundeni ukukhonza uYehova.

      Abatsha bafuna uncedo ukuze bafikelele elwazini oluchanileyo lwenyaniso. (Kol. 1:9, 10) Sinelungelo lokubanceda ukuze bazuze ukuqonda okukuko ngeemfundiso ezisisiseko zeBhayibhile nolwazi oluhle loko kufundiswa yiBhayibhile ngokuphathelele imilinganiselo yokuziphatha, ukuphila kwamaKristu nemibandela enxulumene noko. Oku kuya kubanceda bahlale beqinile enyanisweni ukuze bakwazi ukoyisa naluphi na uvavanyo abasenokujamelana nalo kwixesha elizayo.

      Kwakhona abafundi bafanele bakhule ngokupheleleyo kumandla abo okuqonda. (1 Kor. 14:20) Amava abonise ukuba ukufikelela kumlinganiselo wokuqola ngokomoya, ukuba nesifundo seBhayibhile sobuqu nothile okufundisayo kuluncedo. Ngaloo ndlela, nangona ubani enokubhaptizwa ngaphambi kokusigqiba isifundo sakhe seencwadi ezimbini, ubulumko bukukuba isifundo sakhe seBhayibhile sekhaya sisafanele siqhutywe de agqibe ukufundisisa iincwadi ezimbini.

      EMVA KOKUBHAPTIZWA

      UYesu wathi sifanele senze abafundi—sibabhaptize yaye sibafundise. (Mat. 28:19, 20) Imfundiso eninzi yabafundi yenziwa emva kobhaptizo. Ulwazi ubani anokulufumana kwincwadi enye ngokuqhelekileyo alwanele ukuphelelisa uqeqesho lwakhe olungokomoya. Uqeqesho olungakumbi luyafuneka ukuze afanelekele umsebenzi wobulungiseleli nokumxhobisela ukuxhathisa iingcinezelo ezifikela abo bakhonza uYehova kule mihla yokugqibela. Ukusilela ukulungiselela uqeqesho olufanelekileyo kusenokumshiya umfundi engaxhobanga ngokwaneleyo ngokomoya ukuze akwazi ukuzimela. Emva kokuba uthile omtsha ebhaptiziwe, siyaqhubeka simnceda ukuze enze inkqubela engakumbi enoba uzigqibile iincwadi ezimbini okanye akunjalo. Impapasho yokuqala efundisisiweyo ilungiselela ukuqonda iinyaniso ezisisiseko. Impapasho yesibini igubungela iimpawu zobuKristu. Ezi mpapasho zisenokuba yincwadi ethi Unokuphila Ngonaphakade kwandule kube yincwadi ethi Ukumanyana Ekunquleni okanye ethi Uxolo Nonqabiseko. Ukuba ezi ncwadi azifumaneki, kusenokusetyenziswa ezinye ezinenkcazelo efanayo. Ukuqhubeka nesifundo seBhayibhile de kugqitywe incwadi yesibini kunikela imfundiso eluqilima yeenjongo zikaYehova nemilinganiselo ephakamileyo neemfuneko zobuKristu. Oku kuyamnceda lowo mtsha ukuze ayiqonde imigaqo yobuKristu aze ahlale omelele elukholweni. (Kol. 2:7) Ukuze ufumane iinkcukacha nenkcazelo engakumbi ngokunikela ingxelo ngezo zifundo, bona Isingxobo Semibuzo kuBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaNovemba 1987.

      Kambe ke, emva kokubhaptizwa kulindeleke ukuba abo batsha benze inkqubela engokomoya. (Heb. 6:1-3) Kwiimeko ezininzi akuthabathi xesha lingako ukugqiba incwadi yesibini. Ngaloo ndlela umntu omtsha wakhelwa isiseko esiqinileyo.

  • Ukunikela Iindaba Ezilungileyo—Ngeeholide
    Ubulungiseleli BoBukumkani—1990 | Disemba
    • Ukunikela Iindaba Ezilungileyo—Ngeeholide

      1 Nangona imibhiyozo emininzi yeKrismesi neyoNyaka Omtsha inemvelaphi yobuhedeni, ngaphezu kwewaka lesigidi labo bathi bangamaKristu bayazibhiyozela ezi holide nyaka ngamnye. Abantu abaninzi bakholelwa ngokunyanisekileyo kwelokuba ukubhiyozela le mihla kukholekile kuThixo. Sinokuzifikelela njani iintliziyo zabantu abanjalo ngeendaba ezilungileyo ebudeni beeeholide?

      YIBA NOLWAZELELELO NENTLONELO

      2 Abadala benza amalungiselelo akhethekileyo okunikela ubungqina ngeeholide, ekubeni uninzi lwethu lufumene ikhefu kumsebenzi wempangelo. Ixesha lokuqalisa umsebenzi wendlu ngendlu lifanele lihlengahlengiswe kucingelwa abaninimzi abasenokuba balala kude kube semini ngezi ntsuku.

      3 Njengoko siqhubeka nobulungiseleli bethu, sisenokubafumana abantu abaninzi bexakeke ziindwendwe kwaye belungiselela izidlo. Ekubeni siqonda ukuba eli lixesha elikhethekileyo kubo, ngentlonelo sinokubetha koomofu kwaye singagwegwelezi. Intlonelo yobuKristu kwelethu icala isenokuvul’ ithuba lokunikela ubungqina obungakumbi kwixesha elizayo.

      4 Asingeneleli kwimibhiyozo yonqulo yehlabathi, yaye asibulisani nabantu ngemibuliso yeeholide ezingokwesithethe. Ngoko ke, kufuneka ubuchule bokusabela kwimibuliso enjalo. Akukho sizathu sakwenza mbambano ngombuliso onjalo, kodwa kwezona meko zininzi sinokusuka nje simbulele umninimzi ngeminqweno yakhe emihle. Ukuba abantu bafuna ukwazi ngenkolelo yethu, sinokubaqinisekisa ukuba siyamzukisa uKristu Yesu, ekubeni oko kufuneka kwabo bazukisa uThixo. (Yoh. 5:23) Noko ke, amasiko amaninzi eeholide awamzukisi uKristu kwanoThixo. Ukuba abantu bafuna inkcazelo engakumbi ngelo xesha okanye kwixesha elizayo, sinokwabelana nabo ngombandela okwincwadi ethi Ukuqiqa kwiphepha 152-4 nele-156.

      IINTSHAYELELO

      5 Ekubeni iiholide zeKrismesi zizezonqulo, sisenokufumana abantu abaninzi abatyekele ekuthetheni ngoThixo ngeli xesha kunalo naliphi na elinye ixesha enyakeni. Sinokusisebenzisa ngokunengenelo esi sibakala kwintshayelelo yethu. Ngokomzekelo, sisenokuthi: “Izigidi zabantu emhlabeni wonke zibhiyozela iKrismesi nomhla woNyaka Omtsha. Ngaba ucinga ukuba le mibhiyozo ibasondeza abantu kufuphi noThixo?” Enoba umninimzi uvakalelwa kukuba ukwenziwa kwale mibhoyozo kuhle okanye kubi, emva kokuba siwaphulaphule amagqabaza akhe, sisenokuthi: “Abantu abaninzi banqwenela ukuba babe nolwalamano olusondeleyo noThixo, mhlawumbi bevakalelwa kukuba uThixo ukude kubo. Ngaba ucinga ukuba uThixo unenkathalo ngokwenene ngathi nangomhlaba?” Ngoko hlabela mgama uthethe ngoMxholo Wencoko.

      6 Ukuba sisebenzisa enye indlela yokungena, sisenokuthi: “Ebudeni beli xesha leKrismesi, ngokufuthi sibeva abantu bevakalisa iminqweno yabo yokuba kuza kubakho uxolo emhlabeni neminqweno emihle abantwini. Ngaba ucinga ukuba uThixo uza kuzisa uxolo emhlabeni kwixesha lethu?” Emva koko sinokuqhubeka sibonisa ukuba uYesu Kristu “nguMthetheli woxolo” owaxelwa kwangaphambili. (Isa. 9:6, 7) NjengoMlawuli onyuliweyo worhulumente kaThixo, kungekudala uKristu uza kuthabatha inyathelo lokuzisa uxolo olusisigxina emhlabeni.—Dan. 2:44; ISityhi. 21:3-5.

      7 Nangona inkoliso yabantu ingenankathalo ngesigidimi soBukumkani yaye isonwatyiswa ziiholide zayo zonqulo lobuxoki, ngokuqinisekileyo uYehova uya kuyisikelela imigudu yethu yokuzingela abo bafuna inyaniso, kuba yena “ufuna abanjalo ukumnqula,” yaye uya kubakhokelela kwintlangano yakhe.—Yoh. 4:23, 24.

  • Iindaba Ezingokobuthixo
    Ubulungiseleli BoBukumkani—1990 | Disemba
    • Iindaba Ezingokobuthixo

      ◆ IAlaska ifikelele incopho entsha yabavakalisi abangama-2053 ngoJulayi, ulwando lwe-12 ekhulwini ngaphezu komlinganiselo wonyaka ophelileyo. Incopho yabo bebekho kwiNdibano Yesithili “Yentetho Enyulu” ngoJulayi babengama-2929 kwabhaptizwa abangama-50.

      ◆ NgoJulayi, iBrazil ifikelele eyona ncopho yayo iphakamileyo yabavakalisi abangama-293 466, incopho yayo yesithoba kulo nyaka wenkonzo. Kwakhona kuye kwabikwa incopho entsha yezifundo zeBhayibhile ezingama-369 999.

      ◆ IFiji iye ngoJulayi yanikela ingxelo yencopho yama-67 kwezilandelelanayo yabavakalisi abali-1534 ababikayo. Ulwando lwezifundo zeBhayibhile lufikelele kuma-2605.

      ◆ Ukususela ngoSeptemba 1990, ilizwe laseFrench Guiana kumantla oMzantsi Merika lineofisi yesebe yeWatch Tower Society. Libe nencopho entsha yabavakalisi abangama-660 ngoJulayi, yaye kwindibano yalo yesithili kwakuze abantu abali-1479 kwaza kwabhaptizwa abangama-41.

      ◆ Kwiindibano zesithili ezine zaseGuadeloupe kwakuze abantu abangama-13 021 kwaza kwabhaptizwa abantu abangama-259. Incopho yalapho yabavakalisi yayingama-6233.

      ◆ INew Caledonia yaba nencopho entsha yabavakalisi abali-1134 ngoJulayi, ulwando lwe-12 ekhulwini.

      ◆ IPapua New Guinea yanikela ingxelo yesithandathu kwezilandelelanayo yabavakalisi abangama-2471 ababa nesabelo kubulungiseleli ngoJulayi, nto leyo elulwando lwe-18 ekhulwini.

      ◆ NgoJulayi iTahiti yaba nolwando lwe-17 ekhulwini ngencopho entsha yabavakalisi abali-1133, incopho yabo entsha yama-33 kwezilandelelanayo.

      ◆ NgoJulayi, iThailand ibe nencopho yesithandathu yabavakalisi kulo nyaka wenkonzo ye-1142 yababikayo, ulwando lwe-10 ekhulwini kumlinganiselo wonyaka ophelileyo.

      ◆ IVanuatu ibe nolwando lwama-36 ekhulwini ngoJulayi ngencopho entsha yabavakalisi abali-140. Baye baqhuba izifundo ezingama-360, nto leyo nayo eyincopho entsha.

  • Ingxelo Yenkonzo KaSeptemba
    Ubulungiseleli BoBukumkani—1990 | Disemba
    • Ingxelo Yenkonzo KaSeptemba

      Isimbuku Oovu. Oovu.

      Sabava. Baba. Abathe.

      Botswana 518 13 27

      Lesotho 1,491 90 159

      Namibia 559 13 29

      St. Helena (Aug.) 103 1 -

      Swaziland 1,255 27 137

      South Africa 47,757 1,787 3,596

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share