Wayenyanzelekile Ukuba Azi Ngayo
Intombazana eneminyaka eli-15 ubudala yaseMobile, eAlabama, ibhala yenjenje: “Xa nakhupha incwadi ethi ISityhilelo—Incopho Yaso Ezukileyo Isondele! ndandisazi ukuba ndandingayi kukubekel’ amangomso ukuyifunda.
“Ngobunye ubusuku xa ndandiphuthelwe, ndayithabatha le ncwadi ndaza ndajonga nje imifanekiso. Kwiphepha 75, 78 nelama-86, ndafumana imifanekiso eyandinik’ umdla. Ndandingayazi intsingiselo yayo, kodwa ndandinyanzelekile ukuba ndiyazi. Ndandingenakusuka nje ndiyiqale phakathi kuba kwakungekho nto ndinokuyiqonda emva koko. Ngoko kwangobo busuku ndafunda isahluko sokuqala.
“Ngobusuku obulandelayo ndafunda isahluko esilandelayo ndaza ndeva kungavumi ukuba ndiyibeke phantsi. Ngoko ndaqhubeka ndafunda nesilandelayo.
“Le yenye yezona ncwadi zimangalisayo kwendakha ndazifunda! Ngoku ndikwenze umkhwa ukuyifunda rhoqo ubuncinane isahluko esinye ngosuku. Maxa wambi ndiye ndihlale de kubethe intsimbi yokuqala ekuseni ndifunda! . . . Ndinqwenela ukuba bonke abantu abaselula babe bebeya kuyifunda le ncwadi.”
Siziva siqinisekile ukuba nawe uya kuvuyiswa zizinto ozifunda kwincwadi ethi ISityhilelo—Incopho Yaso Ezukileyo Isondele! Le ncwadi ineqweqwe elilukhuni inamaphepha alinganayo naweli phephancwadi. Iqwalasela indinyana nganye yayo yonke incwadi yeBhayibhile yeSityhilelo, inikela inkcazelo ecacileyo yemibono yaso emininzi nemifuziselo. Yenza isicelo sokuba uthunyelelwe le ncwadi namhlanje. Zii-R6 kuphela, iposi ihlawulelwe.
Khanindithumelele incwadi enamaphepha angama-320 ethi ISityhilelo—Incopho Yaso Ezukileyo Isondele! Ndithumela ii-R6.