INgoma 207
Singabakabani?
1. Ungokabani na?
Uva wuph’ uThixo?
Ngokuba ke low’ umnqulayo
Yay’ umkhonza yiNkos’ yakho.
Angeke z’be mbini;
Azingedlelani.
Ngek’ ube nalo uthando kuzo
Zombini iiNkosi.
2. Ungokabani na?
Wova wuph’ uThixo?
Ingowobuxok’ nowenene.
Ke, nyula, uzikhethele.
Ke ngab’ uKesare
Ufun’ uk’thotyelwa?
Womthobela na yen’ uYehova,
Ufung’ ukumthanda?
3. Ndingokabani na?
Ndova uYehova.
Ke mna ndiyomkhonza uThixo;
Ndizalise izifungo!
Andisakhonzi mntu
Kuba ndahlaw’lelwa.
UNyana ngok’fa wandihlaw’lela;
Ubomi ndob’zuza.
4. SingabakaThixo.
Asithandabuzi.
Umanyano olwaxelwayo
Apha kulo mhlaba lukho.
Njengeoli ehla
Phez’ kombingeleli,
Ukunqul’ uYa kwabazalwana;
Kudlisa inyani.