Yibani Ngabafundisi BeLizwi LikaThixo—Ngokusebenzisa Iincwadana Ezinemifanekiso
1 Wonke umkhonzi ozahluleleyo kaYehova unembopheleleko yokuba nesabelo kumsebenzi wokufundisa abanye iLizwi likaThixo. Ubunzulu bale mbopheleleko bucaca xa siqonda ukuba ngulowo unegunya lonke ezulwini nasemhlabeni osithume ukuba ‘sizenze abafundi zonke iintlanga, . . . sizifundisa.’ (Mat. 28:18-20) Ngoko, ukuba nesabelo ekushumayeleni iindaba ezilungileyo kufuna sibe ngabafundisi!—2 Tim. 2:2.
2 Ebudeni buka-Agasti sinokusebenzisa ubuchule bethu bokufundisa xa sinikela iincwadana ezinemifanekiso. Sinokukhetha iingongoma zeZibhalo ezibangel’ umdla kuzo size silungiselele amagqabaza ambalwa aya kusinceda siqalise incoko.
3 Xa unikela incwadana enemifanekiso ethi “Ngaba Ngokwenene UThixo Usikhathalele?” unokuthi:
◼ “Siye satyelela inkoliso yabamelwane bakho saza safumanisa ukuba baxhalatyiswe kukwanda okumangalisayo kolwaphulo-mthetho, ubugrogrisi nogonyamelo. Ngokokubona kwakho, kutheni oku kuyingxaki kangaka? [Vumela impendulo.] Kubangel’ umdla ngokukhethekileyo kuthi ukuba iBhayibhile yaxela kwangaphambili ukuba oku kwakuya kwenzeka. [Funda eyesi-2 kuTimoti 3:1-3.] Phawula ukuba oku kumele kwenzeke ‘ngemihla yokugqibela.’ Oku kubonisa ukuba kukho nto ithile eza kufikelela esiphelweni. Ucinga ukuba yintoni leyo?” Vumela impendulo. Tyhila kwiphepha 22, mbonise umfanekiso, uze uxubushe isibhalo esinye okanye ezibini ezicatshulwe kwelo phepha. Nikela le ncwadana inemifanekiso nge-R1,00 uze ulungiselele ukubuyela kamva ukuze ucacise isizathu sokuba sikholelwa ukuba ezi ntsikelelo zisondele.
4 Usengathanda ukusebenzisa le ntshayelelo xa unikela incwadana enemifanekiso ethi “Iyintoni Injongo Yobomi—Unokuyifumana Njani?”:
◼ “Abantu abaninzi bakufumanisa kunzima ukufumana injongo yobomi. Ngoxa abambalwa benandipha ulonwabo olulinganiselweyo, abaninzi baphila ubomi obuzaliswe kukudimazeka nokubandezeleka. Ngaba ucinga ukuba le yindlela uThixo awayefuna siphile ngayo? [Vumela impendulo.] IBhayibhile ibonisa ukuba uThixo ufuna siphile kwihlabathi elifana neli.” Mbonise umfanekiso okwiphepha 21, uze utyhile kwiphepha 25 nelama-26, isiqendu 4-6, uze ucacise oko akuthembisileyo. Buza lo mbuzo eniza kuwuxubusha xa ubuyela: “Sinokuqiniseka njani ukuba uThixo uya kuwazalisekisa amadinga akhe?”
5 Usenokunikela incwadana enemifanekiso ethi “Bunandiphe Ubomi Emhlabeni Ngonaphakade!” ngokumbonisa wonke umfanekiso ongaphandle kuyo uze ubuze oku:
◼ “Ngaba ubungathanda ukuphila kwihlabathi elizaliswe ngabantu abonwabileyo abafana naba? [Vumela impendulo.] IBhayibhile isixelela ukuba uThixo uyabathanda abantu yaye ufuna baphile ngonaphakade elonwabeni kulo mhlaba.” Tyhila kumfanekiso 49, uze ufunde iSibhalo sibe sinye kwezibonisiweyo. Yandula ke, umbonise umfanekiso 50, uze ucacise oko simele sikwenze ukuba sifuna ukuphila kule Paradisi. Thembisa ukubuyela nize nixubushe isizathu sokuba ukholo kuYesu Kristu lubalulekile.
6 UYehova uyakholwa xa sisenza ‘ukuhambela kwethu phambili kubonakale ngokunyamekela imfundiso yethu.’ (1 Tim. 4:15, 16) Iincwadana zethu ezinemifanekiso zinokusinceda ngokwenene kwimigudu yethu yokunceda abo balangazelela ukuva “iindaba ezilungileyo.”—Isa. 52:7.