IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 8/95 iphe. 1
  • Ihambo YamaKristu Esikolweni

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ihambo YamaKristu Esikolweni
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1995
  • Amanqaku Afanayo
  • Zigcine Womelele Ngokomoya, Hlala Ucocekile Ukwenzela Inkonzo KaYehova
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1992
  • Lutsha OlungamaKristu—Zimasekani Elukholweni
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1991
  • Luza Kuqina Kangakanani Ukholo Lwakho?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2021
  • Ngaba Ngokwenene Unokholo Kwiindaba Ezilungileyo?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2003
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1995
km 8/95 iphe. 1

Ihambo YamaKristu Esikolweni

1 Ukuba ungumKristu oselula osesesikolweni, kufuneka ube nokholo olomeleleyo ukuze ugcine ingqibelelo yakho. Uchanabeke kunxulumano olubi nakwiimeko ezinokuvavanya ukholo lwakho. Kubalulekile ukuba usebenzise isiluleko sikaPetros esithi “ihambo yenu mayibe ntle phakathi kweentlanga, ukuze . . . ngokubona imisebenzi yenu emihle, bamzukise uThixo.” (1 Pet. 2:​12) Kufuneka ube nenkalipho nokuzimisela ukuze uhlangabezane nolu celomngeni.

2 Esikolweni naxa sesiphumile, uhlaselwa ziimpembelelo ezingcolisayo zesini sangaphambi komtshato, intetho engamanyala, icuba nokusebenzisa kakubi iziyobisi. Mihla le, ufumana izilingo ezisenokonakalisa ingxelo yakho yehambo entle. Njengabantu abakhulu, umele ‘uluzamele ukholo’ ukuze unyamezele ezo mvavanyo.​—⁠Yuda 3; bona IMboniselo kaJulayi 15, 1991, iphepha 23-⁠6.

3 Esikolweni, kukho imisitho yokuthand’ ilizwe neeholide zehlabathi. Ngaba uyazazi iiholide zesizwe nezonqulo ezikhuthazwayo esikolweni sakho? Ukuba kuvela imeko ecela umngeni, ngaba ‘unganesazela esilungileyo, ukuze . . . badane abo bayigxekayo ihambo yakho’?​—⁠1 Pet. 3:⁠16.

4 Usenokulingwa ngumgibe wemidlalo yasesikolweni okanye iimbutho zokuzonwabisa. Umele ukuphaphele ukuyibona indlela ezi zinto zibonakala zinandipheka ezinokulwenzakalisa ngayo ukholo lwakho. Kufuneka ukhethe izinxulumani onokukwazi “ukukhuthazana” nazo, nakhane elukholweni.​—⁠Roma 1:​12, NW.

5 Unokunyamezela, Ngoncedo LukaYehova: USathana uyaqhubeka evavanya ukholo lwakho. Izilingo ekusenokufuneka uzinyamezele zinokuba qatha, kodwa imivuzo yoko isenokwenza kungabi lilize ukwenjenjalo. (1 Pet. 1:​6, 7) Akunakuze unyamezele ngokuphumelelayo uwedwa; umele ucele uncedo kuYehova. UYesu wabongoza abafundi bakhe wathi: “Lindani nithandaze, ukuze ningangeni ekuhendweni.” (Mat. 26:​41) Ukuziqeqesha nokuzeyisa kubalulekile.​—⁠1 Kor. 9:⁠27.

6 Ngamaxesha onke khumbula ukuba uya kuphendula kuYehova ngehambo yakho. (INtshu. 11:⁠9) Nangona okwenzayo kusenokungabonwa ngabanye, uYehova uyakwazi okwenzayo ibe uya kukugweba. (Heb. 4:​13) Umnqweno onzulu wokumkholisa ufanele ukushukumisele ukuba ‘ulusebenze usindiso lwakho unokuzoyikela nokungcangcazela.’ (Fil. 2:​12) Ukufunda iLizwi likaThixo imihla ngemihla kuluncedo kakhulu. Lizaliswe sisiluleko esibalaseleyo nemizekelo emihle esimele siyixelise.​—⁠Heb. 12:​1-⁠3.

7 Bazali, ninendima ebalulekileyo. Kufuneka nibeke iliso kubantwana benu, zazini iingxaki abajamelene nazo, nize nibancede xa kuyimfuneko. Ngaba niyavana nabantwana benu? Ngaba niye nabethelela kubo ukuyiqonda ngoxabiso imithetho nemigaqo kaThixo? Xa bejamelene neengcinezelo okanye iimvavanyo, ngaba abantwana benu bayomelela, okanye ngaba banikezela ngokulula? Ngaba bayadimazeka kuba kufuneka bahluke koontanga babo? Njengabazali, ninembopheleleko yokubanceda. (Dut. 6:​6, 7) Ukuba niwenza kakuhle umsebenzi wenu, ninokubanceda boyise kumlo wokholo.​—⁠IMize. 22:⁠6.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share