INgoma 216
“Yenzelanani Ububele”
1. UThixo ubonise ububele bakhe
Kwabo bamfunayo yena!
Inceba nok’lunga ziimpaw’ ezintle zakhe;
Kuye sinendaw’ yokuphumla.
2. Kuthando lowethu masibe nobubele,
Ngoxa sinikel’ inkonzo.
Sixelis’ uThixo wethu ngay’ ihamb’ entle
Ukuze sibe nomanyano.
3. Ekubeni omnye exhomekeke komnye,
Simele sifudumale.
Xa sithobelana, s’baxhalabela bonke
As’ngeze sibakhubekise.
4. Ububele sibunikela ingqalelo,
Kub’ uYes’ wasifundisa.
Ukuba nothando nentliziy’ elung’leyo
Kwabanye, oko k’yavuyisa.