INgoma 156
“Ndiyathanda”
1. Hay’ uthando lukaKristu (owayenguYesu)
Ngokulishiya izulu (ukuz’ abe ngumntu),
Ze ahlale nathi Asinik’ inyani.
Kumlomo wakhe yampompoza (ngamandla).
Uluntu wal’thuthuzela (yena elunceda),
Enyang’ iz’qhwala neemfama (ez’nceda).
Kuthumo lwakhe wanyaniseka,
Ngothando esithi: “Nd’yathanda” (ke mna).
2. Hay’ uncedo lukaThixo (wabonis’ uthando)
Ngo-“mkhonz’ othembekileyo” (lowo uqondayo)!
Kunye siyakhonza Yaye sisebenza,
Ze sincede abasweleyo (ngenene).
Aba bangatsho ukuba (ngokuzimisela)
Thina sibathanda gqitha (ngamandla).
Ngoko xa ucelwa ziinkedama,
Ngaba uya kuthi: “Nd’yathanda” (ke mna)?
3. Thina siqhutywa luthando (ol’vela kuThixo),
S’shumayez’ abalung’leyo (siqhub’ izifundo)
Abo bancwinayo Nabangamalolo;
Bonke abo masiye kubo (s’bancede).
Hay’ uvuyo xa beqonda (kuba befundiswa)
Inyaniso namathemba (ok’lunga),
Xa bekhonza ngokunyaniseka!
Ngenxa yok’ba sithe: “Nd’yathanda” (thina).