INgoma 191
Inyaniso Yenze Eyakho
1. Yon’ indlel’ entle ewe yeyenyaniso.
Yekuphela kwendlel’ ekhoyo.
UKristu wathi ukupha kuluyolo,
Yaye kubangel ’uvuyo.
Yenze eyakho (inyan’so).
Ube nalo ukholo (kuThixo).
Ngokuz’phatha kwakho nangehambo,
Ke woba uyenza eyakho (inyaniso).
2. Ngok’bek’ uThixo kwanangokumdumisa,
Bophel’ ub’hlobo nehlabathi.
Abangendawo oku k’yabakhwankqisa
Ngokuba ukheth’ iNkosi.
Yenze eyakho (inyan’so).
Uyishiye le nkqubo (ifayo).
Njengoko usondela kuThixo,
Ke woba uyenza eyakho (inyaniso).
3. Yena uMtyholi uyohlal’ ekhohlisa.
Kodwa unokuma uqine.
Ngekrel’ lomoya unako ukumchasa
Yaye ngalo umoyise.
Yenze eyakho (inyan’so).
Siyawaz’ lamacebo (nez’lingo).
Ngokus’nxib’ is’krweqe sikaThixo,
Ke woba uyenza eyakho (inyaniso).
4. Inyama yethu ibuthathaka gqitha
Kodwa masiyilwe le meko.
Qin’seka kodwa ukub’ unokoyisa
Kub’ uYa nguMncedi wakho.
Yenze eyakho (inyan’so).
Bupheph’ ubungendawo (besono).
Ngokulaw’la amalung’ omzimba,
Ke woba uyenza eyakho (inyaniso).