INgoma 72
Imihlali Neziqhamo Zenkonzo YoBukumkani
1. Ekukhonzen’ iNkos’ uYehova
S’novuy’ olukhethekileyo
Kuba s’shumayela ngok’ngazingci
S’nik’ abanye intuthuzelo (novuyo).
Kunjengokuba uYesu wathi:
Ukupha luyolo ngakumbi.
Yinton’ esinokuphisa ngayo
Ngaphandle kwenyani esa kubomi.
2. Naxa s’shumayela kwindlu ngendlu
S’yanyeliswa yaye sithiywe,
Kodwa s’hlala siz’misele njalo
Yaye s’hlale sigqibelele (kunene).
Ukuba sinokutshutshiselwa
Ukuthwal’ igama likaYa,
Ngoko s’mele sibe nemincili,
Kuba nabaprofeti batshutshiswa.
3. Hay’ uvuyo lwenkonzo engcwele
Njengoko silandel’ iNkosi;
S’shumayela silumkis’ ababi
Zesizukis’ uYa iNkosi (kwababi)!
Sisa ithemba kwabo bafuna
Ihlabathi el’nobungcwele
Ke s’yavuya, sisaneliseka;
Eli themba lelok’phila phakade.