INgoma 164
Abantwana—Izipho Ezixabisekileyo Ezivela KuThixo
1. Ke abantwana baziz’phiwo
Ezivela kuye uThixo.
Sinqwenel’ ukubaqeqesha
Bathembeke kuye uThixo (uBawo).
Ewe, zizipho (kuThixo)
Ez’xab’sek’leyo.
Xa s’banceda mas’be nothando,
Sibaqeqeshe ngomthandazo (s’nothando).
2. Ze sirhole ok’sentliz’yweni
Kofuneka sibe nob’chule.
Xa siqala xa beselula,
S’nokwenza inyanis’ izike (kakuhle).
S’ngabanceda ke (ngamandla)
Xa beselula.
Ke masayame ngay’ uThixo
Kuba yen’ ungothembek’leyo (uBawo).
3. Ngok’ncokola nabo mihla le,
Abantwana bokhululeka,
Yaye bangafihli nto konke,
Kuba sinobuhlobo thina (k’bantwana).
Mas’ngabaphuli (ngamazwi)
Ze bangaqumbi.
Masizame ukuba msulwa;
Xa ezi ntolo siz’jolisa (ngok’lumka).
4. Abantwana bethu lilifa,
Kodw’ eneneni ngabakaYa.
Basis’qhamo esinomvuzo
Xa sibafundis’ ukulunga (bolunga).
Sikwanethemba (s’yanqwena)
Lok’ba bofunda.
Masithemb’ uThixo wos’nceda.
Thina nabo siyomdumisa (ngamandla).