IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w88 12/15 iphe. 25-27
  • Unokuzisusa Iintaba!

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Unokuzisusa Iintaba!
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1988
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukususa Iintaba Namhlanje
  • “Ubunokuba Nguvulindlela Ophum’ Izandla!”
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2010
  • Inkonzo Yobuvulindlela—Ngaba Ikulungele?
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1998
  • OovulindlelaBazisa Iintsikelelo Yaye Nabo Bayazifumana
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1994
  • Iintsikelelo Zobulungiseleli Bobuvulindlela
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1997
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1988
w88 12/15 iphe. 25-27

Unokuzisusa Iintaba!

UMEYI 29, 1953, wachazwa njengesihlandlo sokuqala awathi umntu wafikelela kweyona ncopho iphakamileyo yentaba elizweni—iMount Everest, eziimitha ezingama-8 848 ukuphakama ukusuka elwandle. Ngokuxhaswa ngamadoda angaphezu kwama-450, uEdmund Hillary waseNew Zealand noTenzing Norgay, umSherpa waseNepal, ngokunempumelelo bazoyisa iingozi zomkhenkce omtyibilizi, ikhephu elikwenza ungaboni, nokunqongophala komongomoya ukuze bafikelele incopho ababenosukelo lokuyifikelela kuziikhilomitha ezisi-8,8.

Ukunyukela kwincopho yeentaba eziphakamileyo ngokuqinisekileyo kukuphumeza into ekhethekileyo. Kanti akunakuthelekiswa noko uYesu wakuchazela abafundi bakhe: “Inene ndithi kuni, Beningathi, ninokholo olunjengokhozo lwemostade, nithi kule ntaba, Suka apha uye phaya, isuke, kungabikho nto iya kuninqabela.” Khawufan’ ucinge, ukususa intaba kungekhona ukuyinyuka!—Mateyu 17:20.

Yintoni eyaqhubela uYesu ukuba athethe oku kubafundi bakhe? Babesandul’ ukusilela ukuphilisa inkwenkwe eyayinedemon. UYesu wagxininisa isizathu sokuba basilele: Kwakufuneka benokholo olungakumbi. (Mateyu 17:14-20) Waluthelekisa ukholo nokhozo lwemostade, nto leyo ababeqhelene kakhulu nayo. Nangona ukhozo lwemostade ‘luphakathi kwezona zinto zincinane’, emva kweenyanga ezimbalwa lukhula lude lube sisityalo esinjengomthi. (Mateyu 13:31, 32) Ngaloo ndlela, uYesu wayegxininisa ubukhulu bento enokwenzeka xa ukholo oluncinane belunokuhlakulelwa ngendlela efanelekileyo luze lukhuliswe—into ebonakala ingenakwenzeka ibiya kuba yinto enokwenzeka.

Kodwa emva kokukhulisa ukholo olunjalo, ziintaba ezinjani abafundi bakaYesu ababeya kukwazi ukuzisusa? Kanye njengokuba intaba yokoqobo ibiya kuba ngumthwalo onzima gqitha, imiqobo enjengentaba inokuthintela inkqubela yethu kwinkonzo kaYehova. Zisenokuba yintoni ezo “ntaba” yaye ‘sinokuzisusa’ njani?

Umpostile uPawulos ungumzekelo womKristu owajamelana nemiqobo emininzi. Kweyesi-2 yabaseKorinte 6:4-10 nakweyesi-2 yabaseKorinte 11:23-28, unokufunda ngamava eenzima zakhe, ukubethwa, ukuvalelwa entolongweni, ukwaphukelwa ngumkhombe, namanye amashwa amaninzi awamehlelayo. Ukongezelela kwezi zinto, kwakukho ‘noviko lwasenyameni,’ ekusenokwenzeka ukuba lwaluyingxaki yokubona. (2 Korinte 12:7; IZenzo 14:15) Kwenzeka njani ngaye ukuba ayoyise imiqobo enjalo enjengentaba aze ngokunempumelelo aphumeze ukuthanda kukaThixo? UPawulos wabhala: “Ndinokuzenza izinto zonke, ndikulowo undomelezayo, uKristu.” Oku yayikukuze “incamisa yamandla ibe yekaThixo, ingaphumi kuthi.” (Filipi 4:13; 2 Korinte 4:7) Ngaloo ndlela, uPawulos wayekholose ngokupheleleyo ngamandla kaYehova okumomeleza kwixesha lobunzima. Wayenokholo.

Ukususa Iintaba Namhlanje

Ngaba kungumnqweno wakho ukwandisa inkonzo yakho kuYehova? Njengamakhulu amawaka athe angenelela kwizintlu ezandayo zabashumayeli bexesha elizeleyo (oovulindlela), kwanawe usenokuba uyalubona ungxamiseko lwamaxesha yaye usenokuba ucinga nzulu ngokwandisa ubulungiseleli bakho. Noko ke, ngaba phambi kwakho kukho umqobo obonakala ungenakuwoyisa njengentaba ephakame kakhulu? Ukuba kunjalo, ngaba wena ungazisusa iintaba? Abangamawaka bakwenzile oko kwimigudu yabo yokwandisa inkonzo yabo kuYehova. Nanga amava nje ambalwa abo.

Omnye udade oselula owayeza kufumana isidanga esikolweni nowayebagqwesa bonke abantwana awayefunda nabo waba nomdla wokuba nguvulindlela, kodwa ukunqongophala komsebenzi kwakuyintaba yakhe. Ubalisa esithi:

“Ukucinga kwam okungakhuthaziyo namathandabuzo endandinawo mayela nobuvulindlela bam kwaba ngumqobo ekwafuneka ukuba ndiwoyise. Njengoko ndandikuxhalabele gqitha ukufumana umsebenzi ngaphambi kokuba ndiqalise ubuvulindlela, ndandingathembeli ndize ndikholose ngokupheleleyo ngoYehova nasemandleni akhe okulungiselela abo babeka unqulo lwakhe kuqala. Ndandisoloko ndicinga ukuba, ‘Kuqala ndiza kufumana umsebenzi, emva koko ndifake isicelo sam sobuvulindlela.’ Ndandingenguye uvulindlela; eneneni ndandidlalisa ngexesha elibalulekileyo. Noko ke, omnye wabadala bebandla wabonisa ukuba okukhona ndandilinda ixesha elide ngaphambi kokuba ndiqalise ubuvulindlela, kokukhona yayiya kubonakala ifaneleke ngakumbi imisebenzi yempangelo esisigxina, njengoko kwakungekho nto indithintelayo ukuba ndingayamkeli.”

Wenza ntoni? “Ngokuzingisileyo ndathandazela ukuba umoya oyingcwele kaYehova undikhokele yaye walathise oko ndikwenzayo noko ndikucingayo.” Emva kokufumana isidanga sakhe lo dade waba nguvulindlela ongumncedani, waza emva koko wangenela ubulungiseleli bobuvulindlela obuthe ngxi. Kungekudala emva koko, wafumana umsebenzi wengqesho owawuvumelana nocwangciso lwakhe lobuvulindlela.

Omnye umdala, owayenomfazi owayekwinkonzo yobuvulindlela nowayenabantwana ababini ekwakufuneka ebakhulisile, wavakalelwa kukuba kukho okungakumbi okwakufuneka ekwenzile kunokuyixhasa nje kuphela ngokwemali intsapho yakhe. Kwabanye, iimeko ezazimthintela kwinkonzo yobuvulindlela zabonakala engenakuzoyisa, ukanti wayenomnqweno wokwandisa ubulungiseleli bakhe. Yayiyintoni ekwakufuneka eyiguqulile?

Uthi: “Ndicinga ukuba eyona ngxaki inkulu ekwakufuneka ndiyoyise eneneni yayisisiqu sam. Inkonzo yasentsimini yayiyinto endandisoloko ndiyinandipha, yaye ngokuncokola nabo babekubulungiseleli bexesha elizeleyo nokubona iintsikelelo ababezifumana, ndafumanisa ukuba umoya ofanelekileyo ababewubonakalisa wawunempembelelo. Ndandinokuzibona ngenye imini ndikubulungiseleli bexesha elizeleyo. Ingxaki kwindlela endandicinga ngayo yayikukuba ubuvulindlela baba yinto endandicinga nje ngayo kuphela. Kodwa andizange ndizimisele usuku endandiya kuthanda ukubona ngalo usukelo lwam luzaliseka.”

Emva kokuziqwalasela iimeko ngomthandazo, lo mzalwana waqalisa ukusebenzela kusukelo lwakhe lwenkonzo yexesha elizeleyo. Wathetha nalowo wongameleyo emsebenzini wakhe, wazichaza iinjongo zakhe, waza wacela ukuba avunyelwe ukuba asebenze iiyure ezimbalwa veki nganye. Ngokomgaqo waloo nkampani, uhlobo locwangciso awayelufuna lwalungazange lulungiselelwe ngaphambili.

Uhlabela mgama esithi: “Ondongamelayo emsebenzini wayiphetha incoko ngokuthi ubukhulu becala kusenokwenzeka ukuba ndandingasayi kulufumana olu cwangciso ndandilucela. Ndandiqiniseke gqitha kukuba ukuba ibinguye kuphela obeya kwenza isigqibo, impendulo yakhe yayiya kuba nguhayi. Yaye ngoko ke ukwamkeleka kwesi sicelo kwakuya kuza kuphela ngendlela yokuxhaswa nguYehova. Kwiveki enesiqingatha kamva, ukwamkelwa kwesicelo socwangciso lwam olutsha kwafumaneka kubaphathi. Emva kokubulela kulowo undongameleyo, ndaphuma ndaya kwinqwelo-mafutha yam, ndaqhuba nje ukudlula kwizindlu ezimbalwa, ndathi cebu ecaleni, ndaza ndavakalisa umbulelo noxabiso lwam kuYehova. Ewe, usukelo lwam lwenkonzo yexesha elizeleyo lwalunokuba yinto yokwenene.”

Udade owayetshatile ‘wayisusa’ njani eyakhe intaba? Ubalisa esithi: “Ndinabantwana abane nomyeni ongakholwayo. Xa ndathi ndaqalisa ukucinga ngobuvulindlela, ndandineengxaki eziliqela. Phakathi kwezinye izinto, umyeni wam wayengaqeshwanga okwexeshana, njengoko umsebenzi wakhe wawungowamaxesh’ athile, yaye mna ndandikumsebenzi wesingxungxo ukuze ndincedise ekuhlawuleni amatyala. Ngoko ke ndazixelela ukuba nangona ndandinomnqweno, ndandingenako ukuba nguvulindlela ngenxa yeemeko zam. Noko ke, kulapha apho kwafuneka ndihlengahlengise indlela endicinga ngayo. Ndaqonda okokuba ukuba ndandisoloko ndicinga ukuba andinako, ndandingasayi kuze ndenze mgudu wokuzama. Omnye umbuzo obalulekileyo ekwakufuneka ndiwuphendule yayingulo, Ndiza kuwafumana phi amandla okuba nguvulindlela? Ndafumana impendulo kumaFilipi 4:13. Andizange ndithandaze nje kuYehova kuphela ngalo mcimbi kodwa ndaqalisa ukwayama ngaye ngakumbi nangakumbi. Kwakhona ndathabatha amanyathelo asebenzisekayo ukufikelela usukelo lwam ngokulungiselela ucwangciso olufanelekileyo nokubhalisa njengovulindlela ongumncedani. Ekuhambeni kwexesha, uYehova waqhubeka endivulela indlela ukuze ndingenele inkonzo yobuvulindlela. Umyeni wam wakwazi ukubuyela emsebenzini, yaye ndakwazi ukulinciphisa ixesha lomsebenzi wam wesingxungxo ekubeni libe lusuku olunye ngeveki. Kungekudala emva koku, ndaba nguvulindlela othe ngxi.

Ukongezelela, wavulekelwa lilungelo lokubakho kwiSikolo SeNkonzo Soovulindlela, esangqineka siluncedo olukhulu kubulungiseleli bakhe. Uthi: “Ndifuna nje ukuxelela nabani na ocinga ngobuvulindlela ukuba athandaze kuYehova aze ayekele kuye. Emva koko yenza umgudu, yaye uya kukusikelela ngenxa yokulinga.”—INdumiso 37:5.

Ngaba la mava awakuncedi ubone ukuba xa umKristu enokholo lunokumnceda ukuze oyise iingxaki ezinjengentaba? Ngaloo ndlela, ukuba unqwenela ukuba nguvulindlela, zihlolisise iimeko zakho. Ncokola nabanye abangoovulindlela, uze ufunde kumava abo. Thabatha amanyathelo asebenzisekayo ekufikeleleni usukelo lwakho. Yaye ngaphezu kwako konke, thandaza kuYehova ngomnqweno wakho; emva koko wayame ngaye ukuze asikelele imigudu yakho. Ewe, kwanawe unokuzisusa iintaba!

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share