Intuthuzelo Nokhuthazo—Zibubuncwane Ngeendlela Ezahlukeneyo
INKOLISO yethu iye yaziva ihlwempuzeke ngokugqithiseleyo—ingekuba iswele imali kodwa iziva ithezeke umxhelo. Sasikhathazeke gqitha, kwaye sidandatheke ngeyona ndlela. Ukanti, ngamaxesha anjalo sisenokuba siye safumana into ethile exabisekileyo eye yasenza saziva sifumene isiqabu. Obo “buncwane” lukhuthazo.
EBhayibhileni igama elifanayo lesiGrike lisetyenziswe ukuchaza elithi “ukhuthazo” nelithi “intuthuzelo.” Omabini la magama adlulisela ingcamango yokukhuthaza, ukomeleza okanye ukunik’ ithemba. Ngoko, ngokucacileyo, xa siziva sibuthathaka okanye siwe umxhelo, intuthuzelo nokhuthazo zizinto kanye esizifunayo. Zinokufunyanwa phi?
IBhayibhile iyasiqinisekisa ukuba uYehova ‘unguThixo onako konke ukuthuthuzela.’ (2 Korinte 1:3) Kwakhona isixelela ukuba ‘akakude kuthi sonke ngabanye.’ (IZenzo 17:27) Ngoko intuthuzelo nokhuthazo ziyafumaneka. Makhe siqwalasele imimandla emine eqhelekileyo athi uYehova anikele ngayo ukhuthazo.
Ngokuba Nolwalamano Lobuqu NoThixo
Owona mthombo mkhulu wentuthuzelo kukuba nolwalamano lobuqu noYehova uThixo. Kuyakhuthaza ukwazi ukuba ulwalamano olunjalo lunokubakho. Ngapha koko, nguwuphi umlawuli wehlabathi obeya kusiphulaphula xa sitsala umnxeba okanye obeya kubonakalisa umdla wobuqu kwiingxaki zethu? UYehova mkhulu ngokupheleleyo kunokuba loo madoda enjalo. Kodwa, uthobekile—enomdla omkhulu wokuqhubana nabantu abaphantsi nabangafezekanga. (INdumiso 18:35) UYehova ube ngowokuqala ukusithanda. Eyoku-1 kaYohane 4:10 ithi: “Uthando lulapha, ingekukuba samthandayo uThixo thina, ikukuba wasithandayo yena, wamthuma uNyana wakhe ukuba abe sisicamagushelo sezono zethu.” Ukongezelela, ngothando uYehova usitsalela kuNyana wakhe.—Yohane 6:44.
Ngaba uye wasabela waza wafuna intuthuzelo ngokuba ngumhlobo noThixo? (Thelekisa uYakobi 2:23.) Ngokomzekelo, ukuba unomhlobo omthandayo nosondeleyo kuwe, ngaba akuyolisi ukuchitha ixesha elithile nikunye, nithetha ngokukhululekileyo ngamaxhala enu nangezinto ezinixhalabisayo, amathemba eninawo nezinto ezinivuyisayo? UYehova ukumemela ukuba wenze okufanayo kunye naye. Akabeki mda ongobude bexesha onokulisebenzisa uthetha naye emthandazweni—kwaye ngokwenene uyaphulaphula. (INdumiso 65:2; 1 Tesalonika 5:17) UYesu wayethandaza rhoqo yaye ngokusuka entliziyweni. Enyanisweni, ngaphambi kokukhetha abapostile bakhe abali-12, wachitha ubusuku bonke ethandaza.—Luka 6:12-16; Hebhere 5:7.
Ngamaxesha athile, ngamnye wethu unako ukuba kunye noYehova. Ukuhlala nje sithe cwaka ngasefestileni okanye ukubethwa ngumoya kusinika ithuba elihle lokuphalaza imbilini yethu kuYehova ngomthandazo. Ukwenza oko kunokuba ngumthombo wesiqabu nentuthuzelo enkulu. Ukuba sinokuqwalasela into ethile eyindalo kaYehova logama sicamngca—enokuba nje sisibhakabhaka, imithi okanye iintaka—isenokusithuthuzela isikhumbuza ngothando nenkxalabo kaYehova ngathi.—Roma 1:20.
Ngofundisiso Lobuqu LweLizwi LikaThixo
Noko ke, kungofundisiso lweBhayibhile lobuqu, ezithi iimpawu zikaYehova zityhileke ngokwenene kuthi. Ngokuphindaphindiweyo iBhayibhile imtyhila uYehova ‘enguThixo onemfesane, onobabalo, ozeka kade umsindo, omninzi ngenceba.’ (Eksodus 34:6; Nehemiya 9:17; INdumiso 86:15) Umnqweno wokuthuthuzela abakhonzi bakhe abasemhlabeni uyinxalenye ebalulekileyo yobuntu bukaYehova.
Ngokomzekelo, khawuqwalasele, amazwi kaYehova akuIsaya 66:13 athi: “Njengomntu othuthuzelwa ngunina, ndiya kwenjenjalo mna ukunithuthuzela.” UYehova walwenza uthando lukamama ngabantwana bakhe lwaba lolokuzincama nolunyanisekileyo. Ukuba ukhe wambona umama onothando ethuthuzela umntwana wakhe owenzakeleyo, uyakwazi oko akutshoyo uYehova xa esithi uya kubathuthuzela abantu bakhe.
Iingxelo ezininzi zeBhayibhile zibonisa le ntuthuzelo isenzeka ngokoqobo. Xa umprofeti uEliya wayesongelwa ngokufa nguKumkanikazi uIzebhele, woyika waza wabaleka esindisa ubomi bakhe. Wayekhathazeke gqitha kangangokuba wahamba entlango imini yonke, kubonakala ukuba wayengaphathanga manzi okanye ukutya. Ebuhlungu uEliya waxelela uYehova ukuba wayefuna ukufa. (1 Kumkani 19:1-4) Wenza ntoni uYehova ukuthuthuzela nokukhuthaza umprofeti wakhe?
UYehova akazange amkhalimele uEliya ngokuziva elilolo, engaxabisekanga kwaye esoyika. Ngokwahlukileyo koko, lo mprofeti weva “ilizwi elizolileyo, nelitsholo phantsi.” (1 Kumkani 19:12, NW) Ukuba ufunda eyoku-1 yooKumkani isahluko 19, uya kuphawula indlela uYehova awathi wamthuthuzela ngayo uEliya, wamthomalalisa, waza wakha ukholo lwakhe. Le ntuthuzelo yayingekokudlulisa nje usana kunina. Yatsho emanxebeni entliziyo ekhathazekileyo kaEliya, ikhuthaza lo mprofeti ukuba aqhubeke. (Thelekisa Isaya 40:1, 2.) Kungekudala, wabuyela kumsebenzi wakhe.
Ngokufanayo uYesu Kristu uyabathuthuzela aze abakhuthaze abalandeli bakhe abanyanisekileyo. Enyanisweni, uIsaya waprofeta ngoMesiya esithi: ‘INkosi uYehova indithume ukubopha abantliziyo zaphukileyo, ukuthuthuzela bonke abanesijwili.’ (Isaya 61:1-3) Ngexesha lokuphila kwakhe, uYesu wakwenza kwacaca ukuba la mazwi ayesebenza kuye. (Luka 4:17-21) Ukuba uziva ufuna ukuthuthuzelwa, camngca ngendlela uYesu awaphatha ngobubele nangothando ngayo abantu ababekhathazekile nababexhwalekile. Ngokwenene, ukuyifunda ngenyameko iBhayibhile kungumthombo omkhulu wentuthuzelo nokhuthazo.
Ngebandla
Kwibandla lamaKristu, ubuncwane obuyintuthuzelo nokhuthazo obuziindlela ezahlukeneyo buyintabalala. Umpostile uPawulos waphefumlelwa ukuba abhale athi: “Thuthuzelanani, nakhane.” (1 Tesalonika 5:11) Inokufunyanwa njani intuthuzelo nokhuthazo kwiintlanganiso zebandla?
Kambe ke, ngokuyintloko, siya kwiintlanganiso zamaKristu ukuze ‘sifundiswe nguYehova,’ sifumane imiyalelo yakhe neendlela zakhe. (Yohane 6:45) Le miyalelo yenzelwe ukuba ibe yekhuthazayo nethuthuzelayo. KwiZenzo 15:32, sifunda oku: “OoYuda noSilas . . . babathuthuzela abazalwana ngokuthetha okukhulu, babomeleza.”
Ngaba wakha waya kwiintlanganiso zamaKristu ukhathazekile waza wagoduka uziva bhetele gqitha? Mhlawumbi okuthile okwathethwa entethweni, kumagqabaza, okanye emthandazweni kwayichukumisa intliziyo yakho kwaza kwanikela intuthuzelo nokhuthazo owawulufuna. Ngoko ungaze uphoswe ziintlanganiso zamaKristu.—Hebhere 10:24, 25.
Ukunxulumana nabazalwana bethu noodade kubulungiseleli nakwezinye izihlandlo kunokuba nomphumo ofanayo. KwisiHebhere izenzi ezininzi ezithetha “ukubopha” kwakhona ziye zabhekisela “kukomelela” okanye “ukomeleza”—ingcamango ecacileyo yeyokuba izinto ziba luqilima ngakumbi xa zidityanisiwe. Lo mgaqo uyasebenza ebandleni. Siyathuthuzelwa, sikhuthazwe, ewe, somelezwe kukunxulumana nabanye. Yaye sibotshwa luthando, eyona ntambo yomeleleyo.—Kolose 3:14.
Maxa wambi iba kukuthembeka kwabazalwana okanye oodade bethu bokomoya okusikhuthazayo. (1 Tesalonika 3:7, 8) Maxa wambi iba luthando abalubonakalisayo. (Filemon 7) Kwaye maxa wambi iba nje kukuba sisebenza kunye, ngaxhatha linye, njengoko sithetha nabanye ngoBukumkani bukaThixo. Ukuba uziva ubuthathaka kwaye ufuna ukhuthazo xa kufikelelwa kubulungiseleli, kutheni ungenzi ilungiselelo lokusebenza nomvakalisi woBukumkani okhulileyo okanye onamava ngakumbi? Usenokufumana intuthuzelo engakumbi ekwenzeni oko.—INtshumayeli 4:9-12; Filipi 1:27.
‘Ngomkhonzi Othembekileyo Noqondayo’
Ngubani olungiselela iinkalo ezithuthuzelayo zonqulo lwethu? UYesu wamisela udidi awaluchaza ‘njengomkhonzi othembekileyo noqondayo’ ukuze ludlulisele ‘ukudla ngexesha elifanelekileyo.’ (Mateyu 24:45) Ngenkulungwane yokuqala yeXesha lethu Eliqhelekileyo, eli qumrhu lamaKristu athanjiswe ngomoya lalisele likho. Iqumrhu elilawulayo labadala eYerusalem lathumela iincwadi ezinemiyalelo nokhokelo emabandleni. Ngawuphi umphumo? IBhayibhile inikela ingxelo ngendlela amabandla awasabela ngayo kwenye yeencwadi ezinjalo: “Beyilesile ke bona, baluvuyela uthuthuzelo olu.”—IZenzo 15:23-31.
Ngokufanayo, kule mihla yokugqibela inomngcipheko, umkhonzi othembekileyo noqondayo udlulisela ukudla kokomoya okunikela intuthuzelo nokhuthazo olukhulu ebantwini bakaYehova. Ngaba uyakusebenzisa oko kudla? Kufumaneka lula kuncwadi olushicilelweyo olwenziwa lufumaneke ehlabathini lonke lolu didi lomkhonzi. Amaphephancwadi IMboniselo noVukani! kwakunye neencwadi, iincwadana ezinemifanekiso namaphecana apapashwe yiWatch Tower Society aye anikela intuthuzelo kubafundi abaninzi gqitha.
Omnye umveleli ohambahambayo wabhala wathi: “Inkoliso yabazalwana noodade wethu bafuna ukwenza okufanelekileyo, kodwa basoloko belwisana nokatyo, uloyiko kunye nemvakalelo yokungabi nakuzinceda. Amanqaku akoolindixesha bethu anceda abaninzi bakwazi kwakhona ukulawula ubomi neemvakalelo zabo. Kwakhona, la manqaku anika abadala okuthile okungakumbi kokukudlulisela kunokudlulisa nje usana kunina.”
Lusebenzise ngokuzeleyo uncwadi oluvela kudidi lomkhonzi othembekileyo. Amaphephancwadi asexesheni, iincwadi nezinye iimpapasho zinokusinceda sifumane intuthuzelo ngamaxesha anzima. Kwelinye icala, ukuba unako ukunikela ukhuthazo kubani odandathekileyo, sebenzisa inkcazelo yeZibhalo ekwaba lindixesha. La manqaku abhalwe ngenyameko enkulu, ngokufuthi emva kweeveki okanye iinyanga ezininzi zophando olunzulu, ufundisiso, nomthandazo. Isiluleko sawo sisekelwe eBhayibhileni, siye sasetyenziswa kwaye siyinyaniso. Bambi baye bakufumanisa kuluncedo ukufunda inqaku okanye amabini afanelekileyo nalowo uziva ewe umxhelo. Oku kunokumthuthuzela kuze kumkhuthaze gqitha.
Ukuba ubufumene ubuncwane, ngaba ubuya kubugcina kuwe, okanye ubuya kwabelana ngesisa nabanye ngenxalenye yabo? Kwenze usukelo ukuba ngumthombo wentuthuzelo nokhuthazo kubazalwana bakho noodade ebandleni. Ukuba uyakha kunokuba udilize, uncome kunokuba ugxeke, uthethe ‘ngolwimi lwabafundileyo’ ‘kunokuba uphololoze njengokuhlaba kwekrele,’ unokwenza umahluko ebomini babanye. (Isaya 50:4; IMizekeliso 12:18) Ngokwenene, usenokujongwa njengobuncwane—umthombo wentuthuzelo nokhuthazo lokwenene!
[Ibhokisi ekwiphepha 20]
Intuthuzelo Kwabo Bayifunayo
ABANINZI baye bagqabaza ngendlela amanqaku eMboniselo okanye kaVukani! aye alwenza nzulu ngayo ulwalamano lwabo lobuqu noYehova. Omnye wathi: “Emva kokufunda eli nqaku, kwaba ngathi uYehova nawo onke amandla nozuko lwakhe wayehleli nam. Ndavakalelwa kukuba ungumntu wokwenene.” Enye ileta yathi: “Iintliziyo neengqondo zethu ziye zatshintshwa ngokuphawulekayo kwimbono yethu ngoYehova yokuba asifani naye. Kube ngathi kuye kwasuswa urhatyazo emehlweni ethu, kwaye ngoku sinokubona yonke into ngokucacileyo.”
Bambi bayabhala ukuze bachaze indlela la maphephancwadi abanceda ngayo ekuhlangabezaneni neengxaki ezithile okanye ucelomngeni, ngaloo ndlela ebaqinisekisa ngomdla wobuqu uYehova anawo ngabo. Omnye umfundi ukubeka ngolu hlobo oku: “Ndinibulela gqitha ngokuthi kwakhona nisenze sibone indlela uYehova abakhathalela nabathanda ngayo abantu bakhe.” Elinye ibhinqa laseJapan elafelwa ngumntwana lathetha oku ngamanqaku kaVukani! athetha ngaloo mbandela: ”La manqaku andibonisa ngobunzulu benceba kaThixo, ibe ndalila ngathi ndiyagqibelisa. Ndiye ndawabeka kwindawo apho ndinokukwazi ukuwafunda kakuhle nanini na ndiziva ndingonwabanga kwaye ndililolo.” Elinye ibhinqa elizilileyo labhala: “Amanqaku eMboniselo noVukani! nencwadana enemifanekiso ethi “Xa Umntu Omthandayo Esifa” aye andinika amandla ebendiwafuna ukuze ndinyamezele amaxesha endiye ndibe selusizini ngawo.”
IZibhalo Ezingcwele zingowona mthombo uyintloko wentuthuzelo. (Roma 15:4) IMboniselo inamathela eBhayibhileni njengegunya layo, kwaye kunjalo nangeqabane leli phephancwadi, uVukani! Ngenxa yoku, aba lindixesha baye bangqineka beyintuthuzelo nokhuthazo kubafundi babo.
[Umfanekiso okwiphepha 23]
UThixo onako konke ukuthuthuzela ukwanguMphulaphuli wemithandazo