Imilinganiselo Yokuziphatha Efanele Ihlonelwe
Ukutyhubela imbali, amadoda namabhinqa akhaliphileyo aye ema engajiki ephikisa indlela eyayixhaphakile yokucinga kumaxesha abo. Aye axolela ukuphathwa kakubi ngabezopolitiko, abezonqulo noozwilakhe abanobuhlanga, ngokufuthi encama ubomi bawo ngenxa yoko akumelayo.
AMAKRISTU okuqala ayekhaliphe ngendlela ekhethekileyo. Ebudeni beentshutshiso zeenkulungwane ezintathu zokuqala, amaninzi kuwo abulawa ngabahedeni bamaRoma kuba ayengafuni kunqula umlawuli. Ngamanye amaxesha, kwakuye kubekwe isibingelelo ebaleni lemidlalo. Ukuze akhululwe, yayinye nje into eyayifuneka kumaKristu yayikukuba alumeke intwana yesiqhumiso ebonisa ukuba ayavuma ukuba umlawuli unguthixo othile. Noko ke, ambalwa alalanisa. Uninzi lwawo lwakhetha ukufa kunokuba lulahle ukholo lwalo.
Kula maxesha, amaNgqina kaYehova angamaKristu enza kanye oko xa kufuneka engathabath’ icala kwezobupolitika. Ngokomzekelo, ukuma kwawo engajiki phantsi kobuNazi imbali iyakungqinela. Ngaphambi nasebudeni bemfazwe yesibini yehlabathi, malunga nekota yamaNgqina aseJamani yaphulukana nobomi bayo, ingakumbi kwiinkampu zoxinaniso, kuba yayingafuni kuthabath’ icala yaza yala ukuthi “Heil Hitler.” Abantwana abancinane babesahlulwa ngenkani kubazali babo abangamaNgqina. Betshutshiswa benjalo, abaselula bema abajika baza abafuna kwaphela ukungcoliswa ziimfundiso ezingekho zibhalweni abanye ababezama ukubakakasa ngazo.
Ukukhahlela Indwe
Namhlanje akusaqhelekanga kangako ukuba amaNgqina kaYehova atshutshiswe ngokuqatha ngolo hlobo. Se-kunjalo, maxa wambi kubakho ukubhidana okubangelwa kukuba amaNgqina aselula esenza isigqibo esicingisiswe kakuhle sokungangeneleli kwimisitho yokudumisa isizwe, njengokukhahlel’ indwe.
Abantwana bamaNgqina kaYehova bafundiswa ukuba bangabanqandi abanye xa bekhahlel’ indwe; eso sisigqibo somntu ngamnye. Noko ke, amaNgqina akanakujika kwindlela enza ngayo: Akayikhahleli indwe yalo naliphi na ilizwe. Ngokuqinisekileyo oku akakwenzi kuba edelela. Ayayihlonela indwe yalo naliphi na ilizwe ahlala kulo, ibe ukuyihlonela kwawo akubonisa ngokuthobela imithetho yelizwe elo. Akunakuze uwabone ekho kuzo naziphi na izenzo zokuvukela urhulumente. Enyanisweni, amaNgqina akholelwa ukuba oorhulumente abakhoyo ‘bangummiselo kaThixo’ awuvumeleyo ukuba uqhubeke. Ngoko avakalelwa kukuba abotshelelwe ngumthetho kaThixo wokuba ahlawule iirhafu aze awahlonele “amagunya awongamileyo.” (Roma 13:1-7) Oku kuvisisana namazwi kaKristu adumileyo athi: “Nikelani kaloku izinto zikaKesare kuKesare, neento zikaThixo kuThixo.”—Mateyu 22:21.
Abanye basenokubuza, ‘Kutheni ke ngoko amaNgqina kaYehova engenakuyihlonela indwe ngokukhahlela?’ Kungenxa yokuba akujonga ukukhahlela indwe njengokuyinqula, ibe nguThixo kuphela omele anqulwe; akanakuze ngabom anqule nawuphi na umntu okanye nayiphi na enye into ngaphandle kukaThixo. (Mateyu 4:10; IZenzo 5:29) Ngoko ke, ayakuxabisa ukuba abafundisi-ntsapho bayihlonele le nkolelo baze bavumele abantwana abangamaNgqina baphile ngokuvisisana neenkolelo zabo.
Alothusi ke kambe nelokuba asingomaNgqina kaYehova kuphela akholelwa ukuba ukukhahlela indwe kunento yokwenza nonqulo, njengokuba amagqabaza alandelayo ebonisa:
“Iindwe zokuqala zaziphantse zibe yinto enye nonqulo. . . . Kubonakala ukuba akungoku kwafunwa uncedo lonqulo ukuze indwe yesizwe yenziwe ibe ngcwele.” (Akekeliswe sithi.)—Encyclopædia Britannica.
“Indwe, njengomnqamlezo, ingcwele. . . . Kwimithetho nemimiselo ehlobene nesimo sengqondo sabantu ngemigaqo yesizwe kusetyenziswa amazwi anzulu, nanentsingiselo, anjengala, ‘Ukukhonza Indwe,’ . . . ‘Ukuhlonela Indwe,’ ‘Ukuzinikela Kwindwe.’” (Akekeliswe sithi.)—The Encyclopedia Americana.
“AmaKristu akazange avume . . . ukunikela umbingelelo kwirhuluneli [yamaRoma]—nto leyo namhlanje eyelele kukungavumi ukukhahlela indwe okanye ukuphinda isifungo sokunyaniseka kuyo.”—Those About to Die (1958), nguDaniel P. Mannix, iphepha 135.
Kwakhona, asikuko ukuba amaNgqina kaYehova azimisele ukungahloneli nawuphi na urhulumente okanye abalawuli bakhe xa esala ukukhahlela indwe. Kuphela abangelwa kukuba akanakuze, ngenjongo yokunqula, aqubude okanye akhahlele umfanekiso omela iLizwe. Akujonga oko kufana noko kwenziwa ngabafana abathathu abangamaHebhere ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile abangazange bavume ukuqubuda phambi komfanekiso owawukwithafa laseDura owamiswa nguKumkani waseBhabhiloni uNebhukadenetsare. (Daniyeli, isahluko 3) Ngoko ke, ngoxa abanye bekhahlela yaye besenza isifungo sokunyaniseka kuyo, abantwana bamaNgqina kaYehova bafundiswa ukuthobela izazela zabo eziqeqeshwe yiBhayibhile. Ngaloo ndlela, bezolile yaye benentlonelo bayala ukuba nenxaxheba. Ngenxa yezizathu ezifanayo, abantwana bamaNgqina bakhetha ukungabi nanxaxheba xa kuculwa okanye kudlalwa imihobe yesizwe.
Ilungelo Labazali
Kule mihla, amazwe amaninzi ayalihlonela ilungelo labazali lokufundisa abantwana babo ngonqulo ngokuvisisana neenkolelo zabo. Zonke iinkonzo ziyalixhasa eli lungelo, njengokuba oko unokukubona kwicanon (umthetho olawula icawa) esasebenzayo kwiCawa yamaKatolika: “Ekubeni bebanike ubomi abantwana babo, abazali banomthwalo ongqongqo wokufundisa abantwana babo, ibe banelungelo lokwenjenjalo; kungenxa yoko kufanele kube ngabazali abafundisa abantwana babo imfundo yobuKristu ngokwemfundiso yeCawa.”—Canon 226.
NamaNgqina kaYehova afuna loo nto kuphela. Njengabazali abanenkathalo, azama ukubethelela imilinganiselo yobuKristu bokwenyaniso kubantwana babo aze abethelele kubo ukuba bathande abamelwane baze bahlonele izinto zabanye abantu. Afuna ukulandela isiluleko sompostile uPawulos awasinika amaKristu ase-Efese: “Bazali, musani ukubaphatha abantwana benu ngendlela eya kubacaphukisa. Kunoko, bakhuliseni ngoqeqesho nemfundiso yobuKristu.”—Efese 6:4, Today’s English Version.
Iintsapho Ezinamalungu Angekho Kunqulo Olunye
Kwezinye iintsapho, ngumzali omnye kuphela oliNgqina likaYehova. Kwimeko enjalo, umzali oliNgqina ukhuthazwa ukuba alihlonele ilungelo lomzali ongeloNgqina aze afundise abantwana ngokweenkolelo zakhe zonqulo. Abantwana abachanabeke kwiimbono ezahlukeneyo zonqulo abadli ngakuba nazingxaki kangako, ukuba zibakho kwaukubakho.a Eneneni, bonke abantwana bamele bazenzele isigqibo ngonqulo abaza kululandela. Ngokwemvelo, asilulo lonke ulutsha olukhetha ukulandela yonke imigaqo yonqulo lwabazali balo, enoba lungamaNgqina kaYehova okanye alungawo.
Ilungelo Labantwana Lenkululeko Yokulandela Isazela
Kwakhona ufanele wazi ukuba amaNgqina kaYehova asixabise gqitha isazela sobuKristu somntu ngamnye. (Roma, isahluko 14) IConvention on the Rights of the Child, eyamkelwa yiGeneral Assembly of the United Nations ngowe-1989, yalivuma ilungelo labantwana lokuba “nenkululeko yokuzicingela, yokulandela isazela neyonqulo” kunye nelungelo “lokuphalaza izimvo zakhe ngokukhululekileyo nokuba loo mbono ihlonelwe kuwo nawuphi na umbandela okanye kwinkqubo ebandakanya umntwana.”
Abantwana abafani. Ngoko ke, ngokusengqiqweni usenokulindela ukuba izigqibo ezenziwa ngamaNgqina aselula okanye ngabanye abantwana obafundisayo zingafani ngokuphathelele izinto ezithile nezabelo abazinikwa esikolweni. Sinethemba lokuba nawe uyawamkela umgaqo wenkululeko yokulandela isazela.
[Umbhalo osemazantsi]
a Ethetha ngabantwana abanabazali abakwiinkonzo ezahlukeneyo, uSteven Carr Reuben, onguGqirha Wentanda-bulumko, kwincwadi yakhe ethi Raising Jewish Children in a Contemporary World, uthi: “Abantwana bayabhideka xa abazali bezenza into abangeyiyo, bebhidekile, bezifihla naxa bengafuni kuthetha ngemibandela yonqulo. Xa abazali bethetha ngokukhululekileyo, ngokunyanisekileyo nangokucacileyo ngeenkolelo zabo, ngemilinganiselo nangemibhiyozo abayigcinayo, abantwana bakhula beziva benqabisekile yaye beziva bexabisekile kuloo meko yonqulo efuneka kakhulu ukuze bazive bexabisekile nangokwazi indawo yabo ehlabathini.”
[Ibhokisi ekwiphepha 20]
Ayayihlonela, Kodwa Akayinquli
Ngenye intsasa kwisikolo saseKhanada, intwazana eliNgqina eneminyaka eli-11 ubudala egama linguTerra yabona umfundisi-ntsapho ephuma nomnye umntwana efunda naye kangangemizuzwana embalwa. Kwithuba elifutshane emva koko, lo mfundisi-ntsapho wabiza uTerra ngokuzolileyo emcela ahambe naye baye eofisini yenqununu.
Xa engena eofisini, uTerra wathi ntlaa ngendwe yaseKhanada eyayibekwe edesikeni yenqununu. Lo mfundisi-ntsapho wayalela uTerra ukuba atshicele le ndwe. Wayecinga ukuba ekubeni uTerra engazange awucule umhobe wesizwe okanye akhahlele indwe, kwakungekho nto inokumnqanda angayitshiceli indwe. UTerra wala, echaza ukuba nangona amaNgqina kaYehova engayinquli indwe, ayayihlonela.
Xa bebuyela egumbini lokufundela, lo mfundisi-ntsapho wachaza ukuba usandul’ ukulinga abantwana ababini, ebayalela ukuba batshicele indwe. Nangona omnye umfundi wazenza zonke izithethe zokunqula isizwe, sekunjalo wavuma ukutshicela indwe akuba eyalelwe ukuba enjenjalo. Noko ke, nangona uTerra engazange awucule umhobe wesizwe okanye akhahlele indwe, wala ukungayihloneli ngokwenza oku. Lo mfundisi-ntsapho wabonisa ukuba kwaba bantwana babini, nguTerra oyena wayeyihlonela ngokwenene indwe.
[Ibhokisi ekwiphepha 24]
Eminye Imigaqo Yokuziphatha AmaNgqina KaYehova Ayithobelayo
Kumba wokuziphatha, amaNgqina kaYehova afundisa abantwana bawo ukuba bangalandeli isimilo, imikhwa okanye isimo sengqondo esithile esinokubenzakalisa okanye senzakalise abanye, nangona sisenokuba siqhelekile ehlabathini namhlanje. (Yakobi 1:27) Ngoko ayabafundisa abantwana bawo ngeengozi zeziyobisi neminye imikhwa, njengokutshaya nokusebenzisa kakubi utywala. (IMizekeliso 20:1; 2 Korinte 7:1) Akholelwa kwelokuba ukunyaniseka nokukhuthala kubalulekile. (Efese 4:28) Afundisa abantwana bawo bangayisebenzisi intetho engcolileyo. (Efese 5:3, 4) Kwakhona afundisa abantwana bawo baphile ngokuvisisana nemigaqo yeBhayibhile ekuziphatheni ngokwesini nasekuhloneleni igunya nabantu nezinto zabo. (1 Korinte 6:9, 10; Tito 3:1, 2; Hebhere 13:4) Ngokunyanisekileyo akholelwa kwelokuba ukuphila ngaloo migaqo kuluncedo gqitha ebantwaneni bawo.
[Umfanekiso okwiphepha 19]
AmaNgqina kaYehova azama ukubethelela imigaqo yobuKristu yokwenyaniso kubantwana bawo
[Umfanekiso okwiphepha 21]
“Nikelani kaloku izinto zikaKesare kuKesare, neento zikaThixo kuThixo.”—Mateyu 22:21
[Umfanekiso okwiphepha 22]
Abafana abathathu abangamaHebhere bala ukuqubuda kumfanekiso kaKumkani waseBhabhiloni uNebhukadenetsare
[Umfanekiso okwiphepha 25]
Abantwana bakhuthazwa ukuba babe nomdla kwabanye