INgoma 32
“Kwizindlu Ngezindlu”
1. Sivakalisa iLizwi
Kwizindlu ngezindlu.
Kwiidolophu, ezifama,
Kondliwa “izimvu.”
Sivakalisa ngolaw’lo
Olusezulwini
Kwelimiweyo liphela,
Ngokwamazw’ eNkosi.
2. Kwizindlu ngezindlu, zonke,
Sazis’ usindiso.
Luyofikel’ abanqula
Igama l’kaThixo.
Ke banokumnqula njani
Abangamaziyo?
Ke malaziswe iGama
Kwizindlu nem’nyango.
3. Abakho kwizindlu zonke
Abamamelayo;
Bakhona abachasayo
Nabaphikisayo.
Kwakunjalo nakuYesu,
Babengeva bonke.
Wath’ “izimvu” zova izwi;
Ngeke s’phazanyiswe.
4. Masiye ke kwindlu ngendlu
Sazise iindaba.
‘Bezizimvu’ nob’ “iibhokwe,”
Bangazikhethela.
Thina sonqul’ uYehova,
Sifundis’ abantu.
Ngokuya endlwini ngendlu,
Sofuman’ “izimvu.”