INgoma 215
Ukubonisa Inceba Kwabanye
1. Xa uYa wathi wamisel’ uk’ba
Is’zuk’lwana s’kaNowa s’phele,
Yena wayalel’ uNow’ esithi:
‘Yakh’ umkhombe ushumayele!
’Ngaba walwala na olo thumo,
Kuba engazang’ akwenz’ oko?
Hay’ wawakha waz’ washumayela
Engayek’ inceba kaThixo.
2. Kwanale nkqub’ indal’ iyaphela,
Ngenceb’ uThixo umisele
Ukwaziswa kwesiphelo sayo
Kuncedw’ abanye bathobele
Noko ngab’ uthi: ‘Mna andikwazi;
And’fundanga, ndilithintitha’?
Kodwa xa ufumene inceba,
Wok’shukumis’ umoya kaYa.
3. Yena uThix’ ubonis’ inceba.
Ulonwabo lwethu lukhulu,
Lokuba singcaml’ uBukumkani
Obuvela kuThixo wethu!
Mas’bonis’ inceba nakwabanye
S’bavuselele bonke sithi:
‘Sukumani nize niz’ nikele
Nibumele uBukumkani.