INgoma 3
Ukoyisa Ihlabathi
1. Ngoxa s’qhubela phambili
Ngokuxhaswa nguThixo,
Usiph’ uloyiso njalo
Emfazweni ekhoyo.
Sivus’intiyo yeentlanga
Ngokwazisa iLizwi.
Sizaliswe yintembelo,
Soqhubeka singoyiki.
2. Noko s’yaqonda ukuba
Los’ khathaz’ ihlabathi.
Kodw’ uYesu was’khuthaza
Wathi: “Yomelelani!”
Sinokuzuz’ uloyiso,
Kub’ idab’ as’lolethu.
NguYehov’ oqhuba umlo;
Wobhubhisa ngokukhulu.
3. Ihlabathi s’yaloyisa
Ngokukholwa kuKristu.
Nguy’ okhuph’ ikrele lomlo,
Kuba ulaw’la ngoku.
Waloyisa ihlabathi;
Nathi siya kwenz’ oko.
Ngok’ kholosa ngoYehova,
Sofumana uloyiso.