INgoma 123
Qhubela Phambili!
1. Qhubekani nihamb’ elukholweni!
UYehova uthanda sikhul’ eb’chuleni.
Masizam’ ukuphucul’ enkonzweni;
Wos’sikelel’ uYehova!
Ikho indawo yeth’ enkonzweni;
NguKrist’ owenzayo lo msebenzi.
Mas’kholose ngoYa size singawi.
Sibumel’ ubulungisa.
2. Qhubekani nimela uYehova!
Kubo bonke abantu nixel’ ub’lungisa!
Ngemihlali nidumis’ uYehova
Ngok’tyelela indlu ngendlu.
Nakub’ iintshaba zisoyikisa,
Masiqine ze sixel’ iindaba,
Zokub’ uBukumkani b’yasondela.
Sishumayele kubantu.
3. Qhubekani ke ekubuyeleni!
Nibe nobuchule kuba mkhul’ umsebenzi.
Umoya unenze niye phambili,
Nibe noyolo lob’thixo.
KumaKristu nibonis’ uthando;
Nihlale nawo kwiintlanganiso.
Ze aqhubeke niwanik’ uncedo,
Luhlale lukho ukhanyo.