INgoma 217
Ukuzuza Ubuhlobo BukaYehova
1. Ngubani, Yehova, Ongumhlobo kuwe?
Oya kumhlalisa kumnquba wakho phakade?
Ngogqibeleleyo Ongek’ oyike nto,
Ngulow’ unyulu nowenza ngok’nyanisek’leyo.
Ubuhlobo bakho ub’nika bani ke?
Nguban’ oyohlala naw’ entabeni engcwele?
Ngobonis’ ukuba ukuthetha kwakhe uyakugqala.
(Chorus)
2. Ngubani, Yehova, Owohlal’ enawe?
Onok’ba nguy’ umhlobo wakho uhlale naye?
Ngogcin’ izwi lakhe, Phez’ kobunzima nje,
Ohamba ngal’ uthando ekwanyanisekile.
Ubuhlobo nawe siyabufuna Nkos’
IZwi lakho lisazisa oko uk’funayo.
Masizilungise sithobele Ze s’be nob’hlobo nawe.
(Chorus)
3. Ke thina Yehova, S’fun’ uk’ba njengawe.
Uxolo lwakho lukhulu; lukwabalasele.
NgoKristu ongcwele, Ulubuyisele
Unqul’ olunyulu ke ngok’ unqulwa ziz’hlwele.
Ngoko ke Nkos’ yethu, ngothando sogcina
Ub’hlobo nawe ukuze singaphazanyiswa.
Njengebandla lakhe masimele intaba yakh’ engcwele.
(CHORUS)
Ngamana s’nganabo Ub’hlobo noThixo.