INgoma 102
Uvuyo Lovuko
1. Ulele kwingcwaba
Yen’ uLazaro.
Engafumaneki
Ongamvusayo.
Uk’ba wayelapho
Yen’ uMesiya
Ngekuba wal’nceda
Elo lungisa.
Engcwaben’ uYesu
Xa evusa lo,
Ke wambiz’ esithi:
‘Phuma Lazaro!’
Esongelwe yena
Waphuma apho.
Hayi imincili
Kuz’ izihlobo!
2. Iz’hlobo z’kaYesu
Z’fun’ uk’sindiswa;
Ngoko ke, zatyhafa
Xa wathi wafa.
Zamngcwaba uYesu
Zisentlungwini.
Iintliziyo zazo
Zazilihlwili!
Amasangw’ eHades
Amkhupha yena
Ngowes’thathu umhla,
Wathi wavuswa.
Abafundi bakhe
Bambona yena.
Iz’tshixo zeHades
Zinikw’ uNyana.
3. Isono s’kaAdam
Sazis’ ukufa;
Kodw’ abafileyo
Boza ngoNyana.
Abasengcwabeni
Boliv’ ilizwi
Ze ngex’ elililo
Bez’ ebomini.
Ze nabo bagwetywe
Ngok’sesikweni
Ngokwezenzo zabo
KuBukumkani.
Ababhaliweyo
Encwadin’ kaYa
Bophila phakade
Kuwo lo mhlaba.