Isahluko 5
Lunqulo Loobani UThixo Alwamkelayo?
1. UmSamariyakazi wayefuna ukwazi ntoni ngonqulo?
NGABA wakha wazibuza ukuba, ‘Lunqulo loobani uThixo alwamkelayo?’ Ibhinqa elithile kusenokwenzeka ukuba lalizibuza loo mbuzo xa lalithetha noYesu Kristu kufutshane neNtaba iGerizim kwaSamari. Lisalathisela ingqalelo kumahluko owawukho phakathi konqulo lwamaSamariya nolwamaYuda, lathi: “Oobawo bethu babenqula kule ntaba; nina ke nithi iseYerusalem indawo apho abantu bamelwe kukunqula khona.” (Yohane 4:20) Ngaba uYesu waxelela lo mSamariyakazi ukuba uThixo wamkela lonke unqulo? Okanye ngaba wathi kufuneka izinto ezithile ukuze sikholise uThixo?
2. Ephendula umSamariyakazi, wathini uYesu?
2 Impendulo kaYesu eyothusayo yathi: “Kuza ilixa, eningasayi kuthi nakule ntaba, naseYerusalem, nimnqule uBawo.” (Yohane 4:21) Kwakukudala amaSamariya emoyika uYehova yaye enqula abanye oothixo kwiNtaba yeGerizim. (2 Kumkani 17:33) Ngoku uYesu Kristu wayesithi loo ndawo okanye iYerusalem yayingayi kubaluleka kunqulo oluyinyaniso.
UKUNQULA NGOMOYA NANGENYANISO
3. (a) Kutheni amaSamariya ayengamazi ngokwenene uThixo? (b) AmaYuda athembekileyo nabanye babenokumazi njani uThixo?
3 UYesu wahlabela mgama wamxelela oku loo mSamariyakazi: “Nina ninqula eningakwaziyo; thina sinqula esikwaziyo; ngokuba usindiso luphuma kumaYuda.” (Yohane 4:22) AmaSamariya ayeneengcamango eziphosakeleyo zonqulo ibe ayesamkela iincwadi ezintlanu zokuqala zeBhayibhile kuphela njengeziphefumlelweyo—ibe esamkela ezi kuphela kuhlaziyo lwawo olwalusaziwa ngokuba yiPentatiki yamaSamariya. Ngoko ke, ayengamazi ngokwenene uThixo. Noko ke, amaYuda ayenikwe ulwazi lweZibhalo. (Roma 3:1, 2) IZibhalo zazinika amaYuda athembekileyo nabo nabaphi na abanye ababephulaphula oko kwakufuneka ukuze bamazi uThixo.
4. Ngokutsho kukaYesu, amaYuda namaSamariya kwakuya kufuneka enze ntoni ukuba unqulo lwawo lwaluza kwamkeleka kuThixo?
4 Eneneni, uYesu wabonisa ukuba amaYuda namaSamariya kwakuza kufuneka alungise indlela ayenqula ngayo ukuze amkholise uThixo. Wathi: “Kuza ilixa, nangoku selikho, xa abanquli abayinyaniso baya kumnqula uBawo ngoMoya nangenyaniso; kuba uBawo ufuna abanjalo ukumnqula. UThixo unguMoya; abo ke bamnqulayo bamelwe kukumnqula ngoMoya nangenyaniso.” (Yohane 4:23, 24) Kufuneka sinqule uThixo “ngomoya,” sishukunyiswa ziintliziyo ezizaliswe lukholo nothando. Sinako ukumnqula uThixo “ngenyaniso” ngokufundisisa iLizwi lakhe, iBhayibhile, nangokumnqula ngokuvisisana nenyaniso yakhe etyhiliweyo. Ngaba ulangazelela ukwenjenjalo?
5. (a) Kuthetha ukuthini “ukunqula”? (b) Simele senze ntoni ukuba sifuna uThixo amkele unqulo lwethu?
5 UYesu wabethelela ukuba uThixo ufuna unqulo oluyinyaniso. Oku kubonisa ukuba kukho iintlobo zonqulo ezingamkelekanga kuYehova. Ukunqula uThixo kuthetha ukumhlonela ngokunzulu nokunikela kuye inkonzo engcwele. Ukuba ubufuna ukubonisa intlonelo kumlawuli onamandla, mhlawumbi umele ukuba ubuya kulangazelela ukumkhonza nokwenza oko kuya kumkholisa. Ngokuqinisekileyo ke ngoko, sifuna ukumkholisa uThixo. Ngoko ke kunokusuka nje sithi, ‘Unqulo lwam luyandanelisa mna,’ kufuneka siqinisekise ukuba unqulo lwethu luyakufikelela oko uThixo akufunayo.
UKWENZA UKUTHANDA KUKABAWO
6, 7. Kutheni uYesu engabamkeli abathile abazibanga bengabafundi bakhe?
6 Makhe sifunde uMateyu 7:21-23 size sibone ukuba asinakuyibona na eyona nkalo ibalulekileyo ebonisa enoba lonke unqulo lwamkelekile kusini na kuThixo. UYesu wathi: “Asingabo bonke abathi kum, Nkosi, Nkosi, abaya kungena ebukumkanini bamazulu; ngokwenzayo ukuthanda kukaBawo osemazulwini. Baninzi abaya kuthi kum ngaloo mini, Nkosi, Nkosi, sasingathe na egameni lakho saprofeta, sathi egameni lakho sakhupha iidemon [izidalwa ezingoomoya abangendawo], sathi egameni lakho senza imisebenzi yamandla emininzi? Ndandule ndibaxelele, ndithi, Andizanga ndinazi; mkani kum, nina nenza okuchasene nomthetho.”
7 Ukwamkela uYesu Kristu njengeNkosi kubalulekile kunqulo lokwenyaniso. Kodwa kwakuya kubakho okuthile okusilelayo kunqulo lwenkoliso yabo bazibanga bengabafundi bakaYesu. Wathi abanye babeya kwenza “imisebenzi yamandla,” njengaleyo kuthiwa kukuphilisa ngokungummangaliso. Noko ke, babeya kusilela ukwenza oko uYesu wathi kubalulekile. Babeya kuba bengakwenzi ‘ukuthanda kukaYise.’ Ukuba sifuna ukukholisa uThixo, simele sifunde oko kukuko ukuthanda kukaBawo size sikwenze.
ULWAZI OLUCHANILEYO—LUYAKHUSELA
8. Ukuba siza kwenza ukuthanda kukaThixo, kufuneka ntoni, ibe ziziphi iimbono eziphosakeleyo esimele siziphephe?
8 Ukwenza ukuthanda kukaThixo kuthetha ukuba simele sibe nolwazi oluchanileyo ngoYehova uThixo noYesu Kristu. Ulwazi olunjalo lukhokelela kubomi obungunaphakade. Ngokuqinisekileyo ke ngoko, sonke sifuna ukuwuthabatha njengonzulu umcimbi wokuzuza ulwazi oluchanileyo oluseLizwini likaThixo, iBhayibhile. Bambi bathi akuyomfuneko ukuzixhalabisa logama nje sinyanisekile yaye sinenzondelelo elunqulweni lwethu. Abanye bathi, ‘Xa ungenalwazi lungako, akuyi kulindelwa lukhulu kuwe.’ Ukanti, iBhayibhile isikhuthaza ukuba sandise ulwazi ngoThixo nangeenjongo zakhe.—Efese 4:13; Filipi 1:9; Kolose 1:9.
9. Ulwazi oluchanileyo lusikhusela njani, ibe kutheni kufuneka sikhuselwe ngolo hlobo?
9 Ulwazi olunjalo luyayikhusela indlela esinqula ngayo ingangcoliswa. Umpostile uPawulos wathetha ngesidalwa esithile somoya esizimilisa “okwesithunywa sokukhanya.” (2 Korinte 11:14) Ekubeni sizibonakalisa ngaloo ndlela, esi sidalwa somoya—uSathana—sizama ukusilahlekisela ekubeni senze izinto ezichaseneyo nokuthanda kukaThixo. Ezinye izidalwa zomoya ezinxulumene noSathana nazo ziye zayingcolisa indlela abanqula ngayo abantu, kuba uPawulos wathi: “Amadini eziwenzayo iintlanga, ziwenzela iidemon, aziwenzeli uThixo.” (1 Korinte 10:20) Kusenokwenzeka ukuba abaninzi bebecinga ukuba banqula ngendlela efanelekileyo, nangona bebengenzi oko uThixo akufunayo. Bebelahlekiselwa kunqulo olungahlambulukanga lobuxoki. Siza kufunda okungakumbi ngoSathana needemon kamva, kodwa ezi ntshaba zikaThixo ngokuqinisekileyo bezilungcolisa unqulo loluntu.
10. Ubuya kwenza ntoni ukuba umntu othile ngabom ebegalele ityhefu emanzini akho, yaye ulwazi oluchanileyo lweLizwi likaThixo lusixhobisela ukwenza ntoni?
10 Ukuba ubusazi ukuba umntu othile ngabom ugalele ityhefu emanzini akho, ngaba ubuya kuqhubeka uwasela? Ngokuqinisekileyo, ngoko nangoko ubuya kufuna amanzi ekungeyongozi ukuwasela, nacocekileyo. Ngoko ke, ulwazi oluchanileyo lweLizwi likaThixo lusixhobisela ukubona unqulo oluyinyaniso nokugatya izinto ezingcolisayo ezenza unqulo lungamkeleki kuThixo.
IMITHETHO YABANTU NJENGEEMFUNDISO
11. Yintoni eyayiphosakele ngonqulo lwamaYuda amaninzi?
11 Xa uYesu wayesemhlabeni, amaYuda amaninzi aye-ngenzi ngokuvisisana nolwazi oluchanileyo ngoThixo. Ngenxa yoko alahlekelwa lithuba lokuba ngacocekileyo phambi koYehova. Ethetha ngawo, uPawulos wabhala: “Ndiyabangqinela ukuba banokumzondelela uThixo, koko bengamzondeleli ngokokwazi okukuko [“okuchanileyo,” NW].” (Roma 10:2) Ayezigqibela ngendlela yokunqula uThixo kunokuphulaphula oko wayekutsho.
12. Lwalungcoliswe yintoni unqulo lwamaSirayeli, ibe waba yintoni umphumo?
12 Ekuqaleni amaSirayeli ayenqula ngendlela ehlambulukileyo eyayichazwe nguThixo, kodwa le ndlela yangcoliswa ziimfundiso neentanda-bulumko zabantu. (Yeremiya 8:8, 9; Malaki 2:8, 9; Luka 11:52) Nangona iinkokeli zonqulo zamaYuda ezazisaziwa njengabaFarisi zazicinga ukuba unqulo lwazo lwalwamkelekile kuThixo, uYesu wazixelela oku: “Watyapha uIsaya ukuprofeta ngani, bahanahananisi, njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Aba bantu bandibeka ngomlomo, kanti yona intliziyo yabo ikude lee kum. Bafumana ke bendihlonela, befundisa [“imithetho yabantu njengeemfundiso,” NW].”—Marko 7:6, 7.
13. Sinokukwenza njani oko kwenziwa ngabaFarisi?
13 Ngaba kungenzeka ukuba nathi senze njengokuba benzayo abaFarisi? Oku kusenokwenzeka ukuba silandela izithethe zonqulo esazombulelwayo kunokuhlolisisa oko uThixo akutshoyo ngonqulo. Elumkisa ngale ngozi yokwenene, uPawulos wabhala: “UMoya uthi ngokucacileyo inxenye iya kumka elukholweni, ngamaxesha asemva, inyamekele oomoya abalahlekisayo, neemfundiso zeedemon.” (1 Timoti 4:1) Ngoko akwanele ukucinga nje ukuba unqulo lwethu luyamkholisa uThixo. NjengomSamariyakazi owadibana noYesu, kusenokwenzeka ukuba unqulo lwethu salufumana kubazali bethu. Kodwa kufuneka siqiniseke ukuba senza izinto ezimkholisayo uThixo.
KULUMKELE UKUMCAPHUKISA UTHIXO
14, 15. Kwanokuba sinolwazi oluthile ngokuthanda kukaThixo, kutheni kufuneka silumke?
14 Ngaphandle kokuba silumkile, sisenokwenza into engamkelekanga kuThixo. Ngokomzekelo, umpostile uYohane wawa ezinyaweni zesithunywa sezulu ‘ukuba aqubude kuso [“asinqule”].’ Kodwa isithunywa sezulu samlumkisa sathi: “Lumka, ungenjenjalo; ndingumkhonzi kunye nawe, nabazalwana bakho abanobungqina bukaYesu; qubuda kuThixo [“nguThixo omakanqulwe”].” (ISityhilelo 19:10, thelekisa ne-TE.) Ngoko ke ngaba uyayibona imfuneko yokuqinisekisa ukuba unqulo lwakho alungcoliswanga naluluphi na uhlobo lonqulo-zithixo?—1 Korinte 10:14.
15 Xa amaKristu athile aqalisa ukwenza amasiko onqulo awayengamkholisi uThixo, uPawulos wabuza: “Nenza ntoni na ukubuya niguqukele kwiziqalelo ezingenamandla, ezingenaluncedo, enithanda ukubuya nikhonze zona ngokutsha? Nimana nigcina imihla, neenyanga, namaxesha, neminyaka. Ndiyanoyikela, hleze ndibe ndifumane ndabulaleka ngenxa yenu.” (Galati 4:8-11) Abo bantu babelufumene ulwazi ngoThixo kodwa kamva bona ngokugcina amasiko onqulo nemihla engcwele eyayingamkelekanga kuYehova. Njengokuba uPawulos watshoyo, kufuneka siqhubeke ‘sicikida ukuba yintoni na ekholekileyo kakuhle kwiNkosi.’—Efese 5:10.
16. UYohane 17:16 neyoku-1 kaPetros 4:3 zisinceda njani sigqibe enokuba iiholide namasiko athile ayamkholisa na uThixo?
16 Simele siqiniseke ukuba siyaziphepha iiholide zonqulo namanye amasiko aphula imigaqo kaThixo. (1 Tesalonika 5:21) Ngokomzekelo, uYesu wathi ngabalandeli bakhe: “Abangabo abehlabathi, njengokuba nam ndingenguye owehlabathi.” (Yohane 17:16) Ngaba unqulo lwakho lubandakanyeke kwimibhiyozo neeholide ezaphula umgaqo wobundilele ngakwimicimbi yeli hlabathi? Okanye ngaba abo babambelele kunqulo lwakho maxa wambi baba nesabelo kumasiko nemisitho esenokubandakanya ihambo efana naleyo yachazwa ngumpostile uPetros? Wabhala: “Lisanele ixesha elidluleyo lokuphila kwethu, esasisenza ukuthanda kweentlanga, sasihamba nje eburheletyweni, ezinkanukweni, ekutshisweni yiwayini, ezindywaleni, emithayini, nasekukhonzeni izithixo, okungekhona esikweni.”—1 Petros 4:3.
17. Kutheni sifanele siphephe nantoni na ebonisa umoya wehlabathi?
17 Umpostile uYohane wabethelela imfuneko yokuphepha zonke izenzo ezibonisa umoya wehlabathi elingahloneli Thixo elisingqongileyo. UYohane wabhala: “Musani ukulithanda ihlabathi, kwanezinto ezisehlabathini. Ukuba kukho othi alithande ihlabathi, uthando lukaYise alukho kuye. Ngokuba konke okusehlabathini, inkanuko yenyama, nenkanuko yamehlo, noqhankqalazo lobu bomi, asikokuphuma kuye uYise, kokuphuma ehlabathini. Ihlabathi ke liyadlula, nenkanuko yalo; ke yena owenza ukuthanda kukaThixo uhleli ngonaphakade.” (1 Yohane 2:15-17) Ngaba uphawulile ukuba abo benza “ukuthanda kukaThixo” baya kuhlala ngonaphakade? Ewe, ukuba senza ukuthanda kukaThixo size siphephe izenzo ezibonisa umoya weli hlabathi, sinokuba nethemba lobomi obungunaphakade!
GCINA IMILINGANISELO KATHIXO EPHAKAMILEYO
18. Abathile eKorinte babephazama njani kumbandela wehambo, ibe sifanele sifunde ntoni koku?
18 Abantu uThixo afuna babe ngabanquli bakhe ngabo bavumelana nemilinganiselo yakhe ephakamileyo yokuziphatha. Bambi eKorinte mandulo bephazama babecinga ukuba uThixo wayeya kukunyamezela ukuziphatha okubi. Sinokubona indlela ababengachananga ngayo ngokufunda eyoku-1 kwabaseKorinte 6:9, 10. Ukuba siza kunqula uThixo ngendlela eyamkelekileyo, simele simkholise ngamazwi nangezenzo. Ngaba unqulo lwakho lukwenza ukwazi ukwenjenjalo?—Mateyu 15:8; 23:1-3.
19. Unqulo oluyinyaniso luyichaphazela njani indlela esibaphatha ngayo abanye?
19 Indlela esiqhubana ngayo nabanye abantu ikwafanele ibonise imilinganiselo kaThixo. UYesu Kristu wasikhuthaza ukuba sibaphathe abanye ngendlela ebesiya kuthanda basiphathe ngayo nabo, kuba oku yinxalenye yonqulo oluyinyaniso. (Mateyu 7:12) Phawula ukuba kwakhona wathini ngokubonisa uthando lobuzalwana: “Ngayo le nto baya kwazi bonke, ukuba ningabafundi bam, ukuba nithe nathandana.” (Yohane 13:35) Abafundi bakaYesu bamele bathandane baze benze okulungileyo kwabo banqula nabo nakwabanye.—Galati 6:10.
UKUNQULA NGOMPHEFUMLO UPHELA
20, 21. (a) UThixo ufuna ukunqulwa njani? (b) Kwakutheni ukuze uYehova angalwamkeli unqulo lwamaSirayeli ngomhla kaMalaki?
20 Entliziyweni yakho, usenokuba ufuna ukunqula uThixo ngokwamkelekileyo. Ukuba kunjalo, umele ube nembono kaYehova ngonqulo. Umfundi uYakobi wabethelela ukuba yimbono kaThixo ebalulekileyo, kungekhona eyethu. UYakobi wathi: “Unqulo lona oluhlambulukileyo, olungadyobhekileyo phambi koThixo uBawo, lulo olu: kukuvelela iinkedama nabahlolokazi embandezelweni yabo; kukuzigcina engenabala kulo ihlabathi.” (Yakobi 1:27) Sinomnqweno wokukholisa uThixo, ngamnye wethu kufuneka ahlolisise unqulo lwakhe ukuze aqinisekise ukuba alungcoliswanga zizenzo zokungahloneli Thixo okanye asityesheli into ayigqala njengebalulekileyo.—Yakobi 1:26.
21 Kuphela lunqulo olucocekileyo, nolomphefumlo uphela olumkholisayo uYehova. (Mateyu 22:37; Kolose 3:23) Xa uhlanga lwakwaSirayeli lwanikela kuThixo okungaphantsi koko, wathi: “Unyana uyambeka uyise, umkhonzi uyayihlonela inkosi yakhe; ukuba ndinguyihlo, kuphi na ke ukubekwa kwam? ukuba ndiyinkosi, kuphi na ukoyikwa kwam?” Babemcaphukisa uThixo ngokunikela kuye amadini ngezilwanyana eziziimfama, izilima nezigulayo, yaye akazange azamkele ezo zenzo zonqulo. (Malaki 1:6-8) UYehova ufanelwe lolona nqulo luhlambulukileyo yaye akamkeli nantoni na engaphantsi kokuzinikela ngokupheleleyo.—Eksodus 20:5; IMizekeliso 3:9; ISityhilelo 4:11.
22. Ukuba sifuna uThixo amkele unqulo lwethu, yintoni esiya kuyiphepha, ibe yintoni esiya kuyenza?
22 UmSamariyakazi owathetha noYesu kubonakala ukuba wayenomdla wokunqula uThixo ngendlela eyamkelekileyo kuThixo. Ukuba sinomnqweno ofanayo, siya kuziphepha zonke iimfundiso nezenzo ezingcolisayo. (2 Korinte 6:14-18) Kunoko, siya kuzibhokoxa ekufuneni ulwazi oluchanileyo ngoThixo size senze ukuthanda kwakhe. Siya kubambelela ngokuqinileyo koko akufunayo ukuze unqulo lwethu lwamkeleke. (1 Timoti 2:3, 4) AmaNgqina kaYehova azabalazela ukwenza oko kanye, ibe akubongoza ngokufudumeleyo ukuba ube nesabelo kunye nawo ekunquleni uThixo “ngomoya nangenyaniso.” (Yohane 4:24) UYesu wathi: “uBawo ufuna abanjalo ukumnqula.” (Yohane 4:23) Siyathemba ukuba ungumntu onjalo. NjengomSamariyakazi, ngokungathandabuzekiyo ungathanda ukufumana ubomi obungunaphakade. (Yohane 4:13-15) Kodwa ubona abantu besaluphala baze bafe. Isahluko esilandelayo sichaza isizathu soko.
HLOLA ULWAZI LWAKHO
Njengoko kuboniswe kuYohane 4:23, 24, lunqulo olunjani uThixo alwamkelayo?
Sinokufumanisa njani enoba uThixo uyakholiswa ngamasiko nemibhiyozo ethile kusini na?
Ziziphi ezinye zezinto ezifunekayo kunqulo olwamkelekileyo?
[Umfanekiso ozalise iphepha, kwiphepha 44]