INgoma 93
Indawo KaYehova Ethandekayo Yonqulo
1. Im’nquba yakho ke Thixo
Ithandwa ngabantu bakho.
Ndiyayilangazelela,
Kuyo ndiya kuk’dumisa,
Kuyo ndiya kuk’dumisa.
2. Yehova xa siza kuwe
Ukuba us’vuselele,
Usondla ngeLizwi lakho,
Ukuze s’nikel’ inkonzo,
Ukuze s’nikel’ inkonzo.
3. Imin’ intle kwindlu yakho
Kunewaka kweny’ indawo.
Mas’hlale k’le ndlu yakho Nkos’
Kunok’hlala nongendawo,
Ku nok’hlala nongendawo.
4. Wena Thixo Ngweletshetshe
Kubo bonke abathe tye.
Akwali nokulung’leyo
Kubo abalungisayo,
Kubo abalungisayo.