INgoma 223
Abanyanisekileyo Kuwe Baya Kukubonga
1. Abo banyanisek’leyo
Bokubonga, Thixo.
Bathetha ngezakh’ izenzo
Nangozuko lwakho.
Wongame kakhulu,
Bawo masik’dumise,
Ay’gocagoceki
Eyakh’ im’sebenzi yonke.
Abo banyanisek’leyo
Baya kudumisa.
Ezi zinto bazaziyo
Bafun’ uk’zazisa.
2. Kwanyulwa isizuk’lwana
Uk’ba s’shumayele.
Sikho eso sizuk’lwana
Sikwindlela yakhe.
Lo mkhonz’ uqondayo
Wondla ‘eziny’ izimvu’
Xa beshiy’ umhlaba,
Uyobakhokel’ uYesu.
Bazukisa wena, Thixo,
Nolwakh’ ulongamo.
Bayachwayita kuk’thetha
Ngokuzuka kwakho.
3. UYehova ulungile;
Asithandabuzi.
NgoYesu losind’ uluntu.
Masingamnyelisi.
Uza kad’ umsindo;
Bazi kak’hle abakhe.
Masimbulele ke
Ngokuba sikunye naye!
Uyasivusa sakuwa ze asanelise.
Ngenxa yoku siyambonga
Kuba elungile.