INgoma 137
Ixesha Elimisiweyo Liyasondela
1. Nkos’ Yehova uy’Ngcwele.
Wena Liwa lak’dala,
Wogquma useZiyon;
Umgwebo umsinya (s’nethemba).
Nax’ ungalibazisa
Ngeke ubambezele.
Uza ngokukhaw’leza;
Ufuna umonde (kuwe).
2. Kamsinya ngenkalipho
Uyokhupha ikrele.
Emhlaben’ abanquli
Sebebuyiselwe (namhlanje).
Ababi bangabhuda,
Ze benz’ amayelenqe,
Kodwa l’fikil’ ixesha
Lokuba uz’lwele (ewe)
3. Thix’ omkhulu, Baw’ wethu,
Unguye uYehova.
Wonk’ umntu makathi tu
Afunde ngawe Ya (Somandla).
NgoNyana uyalaw’la
Ngendlela enamandla.
Nkos’ uhlel’ etroneni
Ke uyalawula (wena).
4. S’danduluka ngelizwi
Kuwe ke Thixo wethu.
Siziselw’ usindiso
Nguwe nay’ uKristu (uYesu).
Ngangamsha yaphezulu,
Sekulixesha lakho.
Silindele uk’bona
Uloyiso lwakho (Thixo).