-
UBhaptizoUkuqiqa NgeZibhalo
-
-
zezomlilo, lwaolo lwahlala phezu kwabo [kodwa azizange zibagubungele okanye zibantywilisele] bonke ngabanye. Bazaliswa bonke nguMoya oyiNgcwele, baqala ukuthetha ngalwimi zimbi, njengoko uMoya wayebanika ukuba bathethe baphimisele.”
-
-
IBhayibhileUkuqiqa NgeZibhalo
-
-
IBhayibhile
Ingcaciso: LiLizwi likaYehova uThixo alibhalele uluntu. Wasebenzisa malunga nama-40 oonobhala abangabantu kwithuba elingaphezu kweenkulungwane ezili-16 ukulibhala, kodwa nguThixo ngokwakhe owakwalathisa ngenkuthalo ukubhalwa kwalo ngomoya wakhe. Ngaloo ndlela liphefumlelwe nguThixo. Icandelo elikhulu lengxelo liyilwe ngamazwi okoqobo athethwe nguYehova neenkcukacha ezingeemfundiso nemisebenzi kaYesu Kristu, uNyana kaThixo. Kwezi sifumana inkcazelo engezinto ezifunwa nguThixo kubakhonzi bakhe naya kukwenza ukuze azalisekise injongo yakhe ezukileyo ngomhlaba. Ukuze alole uxabiso lwethu ngezi zinto, uYehova wakwalondoloza eBhayibhileni, ingxelo ebonisa into eyenzekayo xa abantu ngabanye neentlanga bemphulaphula uThixo baze basebenze ngokuvisisana nenjongo yakhe, kwanomphumo xa besenza ukuzithandela kwabo. Ngale ngxelo inokuthenjwa nengokwembali uYehova usiqhelanisa neenkqubano zakhe noluntu yaye ngaloo ndlela nobuntu bakhe obumangalisayo.
Izizathu zokuqwalasela iBhayibhile
IBhayibhile ngokwayo ithi ivela kuThixo, uMdali woluntu
2 Tim. 3:16, 17: “Sonke isibhalo, siphefumlelwe nguThixo nje, sikwancedela ukufundisa, ukohlwaya, ukululeka, ukuqeqesha okusebulungiseni, ukuze umntu kaThixo afaneleke, exhobele wonke umsebenzi olungileyo.”
ISityhi. 1:1: “Isityhilelo sikaYesu Kristu, awamnika sona uThixo, ukuba ababonise abakhonzi bakhe izinto ezimele ukubakho kamsinya.”
2 Sam. 23:1, 2: “Utsho uDavide unyana kaYese, . . . umoya kaYehova uthetha ngam, ukukhuluma kwakhe kuselulwimini lwam.”
Isa. 22:15: “Yatsho iNkosi, uYehova wemikhosi, ukuthi.”
Besiya kusilindela isigidimi sikaThixo esiya kulo lonke uluntu sifumaneke ehlabathini lonke. IBhayibhile, iyonke okanye inxalenye yayo, iguqulelwe ngeelwimi ezinokuba li-1 800. Ukusasazwa kwayo kufikelele kumawaka ezigidi. Ithi iThe World Book Encyclopedia: “IBhayibhile yeyona ncwadi ifundwa ngokubanzi embalini. Mhlawumbi yeyona inempembelelo. Kusasazwe imibhalo emininzi yeBhayibhile ngaphezu kwayo nayiphi na incwadi eyiyenye. Ikwaguqulelwe izihlandlo ezininzi ngeelwimi ezininzi ngaphezu kwayo nayiphi na enye incwadi.”—(1984), Umqu. 2, iphe. 219.
Isiprofeto seBhayibhile sicacisa intsingiselo yeemeko zehlabathi
Iinkokeli ezininzi zehlabathi ziyalivuma elokuba uluntu lusemgubasini wentlekele. IBhayibhile yazixela kusengaphambili kude kudala ezi meko; icacisa intsingiselo yazo noko kuya kuba ngumphumo. (2 Tim. 3:1-5; Luka 21:25-31) Isixelela ngento emasiyenze ukuze sisinde kwintlekele esondelayo yehlabathi, nethemba lokuzuza ubomi obungunaphakade phantsi kweemeko zobulungisa nezonwabisayo apha emhlabeni.—Zef. 2:3; Yoh. 17:3; INdu. 37:10, 11, 29.
IBhayibhile isinceda siqonde injongo yobomi
Iphendula imibuzo enjengale: Babuvelaphi ubomi? (Ize. 17:24-26) Kungani silapha? Ngaba kukuba nje sidle ubomi iminyaka embalwa, sifumane esingakufumanayo ebomini, sandule ke sife?—Gen. 1:27, 28; Roma 5:12; Yoh. 17:3; INdu. 37:11; INdu. 40:8.
IBhayibhile isibonisa indlela esinokuba nazo ngayo izinto kanye abathandi bobulungisa abazinqwenela gqitha.
Isixelela ngendawo esinokufumana kuyo izinxulumani ezihle ezithandana ngokwenene (Yoh. 13:35), into enokusiqinisekisa ukuba siya kuba nokutya okwanele thina neentsapho zethu (Mat. 6:31-33; IMize. 19:15; Efe. 4:28), indlela esinokonwaba ngayo phezu kwazo nje iimeko ezinzima ezisijikelezileyo.—INdu. 1:1, 2; 34:8; Luka 11:28; Ize. 20:35.
Icacisa ukuba uBukumkani bukaThixo, urhulumente wakhe, buya kushenxisa inkqubo engendawo ekhoyo (Dan. 2:44), yaye phantsi kolawulo lwabo siya kukwazi ukunandipha impilo efezekileyo nobomi obungunaphakade.—ISityhi. 21:3, 4; thelekisa uIsaya 33:24.
Ngokuqinisekileyo incwadi ethi ivela kuThixo, ecacisa intsingiselo yeemeko zehlabathi kwanenjongo yobomi, nebonisa indlela eziya kuconjululwa ngayo iingxaki zethu ikufanelekele ukuqwalaselwa.
Ubungqina bokuphefumlelwa
Izaliswe ziziprofeto ezibonisa ulwazi olungokweenkcukacha ngexesha elizayo—into engenakwenzeka kuluntu
2 Pet. 1:20, 21: “Sonke isiprofeto sesibhalo asibikho ngokuzicombulela. Kuba akukhanga kubekho siprofeto ngokuthanda komntu; bathi abantu abangcwele bakaThixo bathetha beqhutywa nguMoya oyiNgcwele.”
◼ Isiprofeto: Isa. 44:24, 27, 28; 45:1-4: “UYehova, . . . uNdithi kumanzi enzonzobila, Yitshani, ndiyomise imilambo yakho; uNdithi kuKoreshi, Ngumalusi wam, oya kukuzalisa konke ukuthanda kwam; athi kwiYerusalem, Mayakhiwe; nakwitempile, Mayisekwe. Utsho uYehova kumthanjiswa wakhe, kuKoreshi, endimbambe ngesandla sokunene, ukuba ndizinyathele iintlanga phambi kwakhe; ndikhulule amanqe ookumkani, ukuba ndizivule iingcango ezingambini, namasango angabi nakuvalwa: ukuthi, Ndiya kuhamba phambi kwakho, ndilungelelanise iindawo ezinamaqhubu, ndiqhekeze iingcango zobhedu, ndixakaxe nemivalo yesinyithi; . . . Ngenxa yomkhonzi wam uYakobi, uSirayeli umnyulwa wam, ndakubiza ngegama lakho.” (Umbhalo kaIsaya owagqitywa malunga nowama-732 B.C.E.)
◻ Inzaliseko: UKoreshi wayengekazalwa xa esi siprofeto sabhalwayo. AmaYuda akazange asiwe ekuthinjweni eBhabhiloni de kwangunyaka wama-617-607 B.C.E. ibe iYerusalem netempile yayo zatshatyalaliswa ngowama-607 B.C.E. Isiprofeto sazalisekiswa ngokweenkcukacha ukususela ngowama-539 B.C.E. UKoreshi wajika amanzi oMlambo umEfrati aba lichibi elenziwe ngumntu, amasango omlambo aseBhabhiloni ngokungakhathali ayeshiywe evulekile ebudeni bomsitho owawusesixekweni, yaye iBhabhiloni yawela kumaMedi namaPersi
-