INgoma 100
Dumisani UYehova UThixo Wethu!
1. UThixo OnguMongami!
Ubukhul’ bakhe baziseni! Nivume!
Ngokuchwayita!
Lelakhe izulu nomhlaba.
Zonk’ izinto az’dalileyo
Zingqina ukub’ unamandla
Ubulumko nok’sesikweni;
Ezo ziimpaw’ zakhe uYa!
UThixo OnguMongami!
Bazisen’ ub’khulu bakhe!
2. UThixo OnguMongami!
Okwakh’ uk’lunga kwaziseni!
Nivuye Ngenxa yenceba!
Bonke mabay’bone le nceba.
Nakub’ engumlwi emfazweni
Uyawathand’ amalungisa.
Abo bakhe wobakhusela;
Yaye abenzel’ inceba.
UThixo OnguMongami!
Kwazisen’ uk’lunga kwakhe!
3. UThixo OnguMongami!
Ulaw’lo lwakhe lwaziseni!
Ngehlombe Dumisan’ uYa!
Kuzo zonk’ iimbombo zomhlaba!
Ngoku sele kulaw’l’ uKristu.
Makadunyiswe uYehova.
Sivum’ ingoma yoloyiso
Kuy’ uThixo ngok’nyan’seka.
UThixo OnguMongami!
Lwazisen’ ulaw’lo lwakhe!