IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Isondele Ipasika KaYesu Yokugqibela
    Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila
    • Isahluko 112

      Isondele Ipasika KaYesu Yokugqibela

      NJENGOKO uLwesibini, uNisan 11, ephela, uYesu ugqibezela ukufundisa abapostile kwiNtaba yemiNquma. Olunjani lona ukuxakeka nokuba nzima olube lulo olu suku! Ngoku, mhlawumbi ngoxa bebuyela eBhetani ukuya kuchithela ubusuku khona, uxelela abapostile bakhe oku: “Niyazi ukuba emveni kweentsuku ezimbini kukho ipasika, aze uNyana woMntu anikelwe ukuba abethelelwe [kumthi wentuthumbo, NW].”

      Ngosuku olulandelayo, ngoLwesithathu, ngoNisan 12, kuyabonakala ukuba uYesu uphumla ngasese nabapostile bakhe. Ngosuku olungaphambi kolo, uye wazikhalimela ekuhleni iinkokeli zonqulo, ibe uyaqonda ukuba zifuna ukumbulala. Ngoko ngoLwesithathu akazibonakalisi ekuhleni, ekubeni engafuni kwenzeke nantoni na eza kuphazamisa ukubhiyozela kwakhe iPasika kunye nabapostile bakhe ngengokuhlwa elandelayo.

      Okwangoku, ababingeleli abakhulu namadoda amakhulu ebantwini baye bahlanganisana entendelezweni yombingeleli omkhulu, uKayafa. Bebuhlungu ngenxa yokuhlaselwa nguYesu ngezolo, baceba iyelenqe lokumbamba ngenkohliso ukuze bambulale. Ukanti baqhubeka besithi: “Makungabi khona ngomthendeleko, ukuze kungehli saqunge phakathi kwabantu.” Bayaboyika abantu, ekubeni bemthanda uYesu.

      Ngoxa iinkokeli zonqulo zisenza iyelenqe elingendawo lokubulala uYesu, zifikelwa lundwendwe. Into ezimangalisayo kukuba, lungomnye wabapostile bakaYesu, uYuda Sikariyoti, lowo uSathana aye watyala kuye ingcamango embi yokungcatsha iNkosi yakhe! Hayi indlela ezivuya ngayo xa uYuda ezibuza oku: “Ningandinika ntoni na, ndimnikele kuni?” Ngovuyo ziyavuma ukumhlawula amaqhosha esilivere angama-30, ixabiso elalithengwa ngalo ikhoboka ngokomnqophiso woMthetho kaMoses. Ukususela ngoko ukusa phambili, uYuda ufuna ithuba elifanelekileyo ukuze angcatshe uYesu engajikelezwanga sisihlwele.

      NgoLwesithathu ekutshoneni kwelanga kuqalisa uNisan 13. UYesu ebesele efikile ngoLwesihlanu evela eYeriko, ngoko obu bubusuku besithandathu nobokugqibela abuchithela eBhetani. Ngomhla olandelayo, ngoLwesine, kuya kufuneka kwenziwe amalungiselelo okugqibela ePasika, eqalisa ekutshoneni kwelanga. Elo lixesha laxa ixhwane lePasika liya kuxhelwa lize ke losiwe lonke. Baza kuwenzela phi lo msitho, ibe ngubani oza kwenza amalungiselelo?

      UYesu akazichazanga ezo nkcukacha zinjalo, mhlawumbi ukuthintela uYuda ekuxeleleni ababingeleli abakhulu ukuze bambambe uYesu ebudeni bomsitho wePasika. Kodwa ngoku, ngokunokwenzeka ekuqalekeni kwemva kwemini yangoLwesine, uYesu undulula uPetros noYohane eBhetani, esithi: “Hambani niye kusilungisela ipasika, ukuze sidle.”

      Bayabuza besithi, “Ufuna ukuba siyilungise phi na?”

      UYesu uyacacisa, “Nakungena kuwo umzi lo, nohlangatyezwa ngumntu ethwele umphanda wamanzi; mlandeleni, niye endlwini angena kuyo. Nothi kumninindlu, Uthi uMfundisi kuwe, Liphi na igumbi labahambi, apho ndingadlela khona ipasika nabafundi bam? Kwayena wonibonisa igumbi eliphezulu elikhulu, landlelwe; lungisani apho ke.”

      Ngokungathandabuzekiyo umninindlu ngumfundi kaYesu mhlawumbi osilindeleyo isicelo sikaYesu sokusebenzisa indlu yakhe ngesi sihlandlo sikhethekileyo. Kakade ke, xa uPetros noYohane befika eYerusalem, bafumana yonke into injengoko uYesu ebebaxelele. Ngoko bobabini bayaqinisekisa ukuba ixhwane lilungiselelwe nokuba onke amanye amalungiselelo enziwe ukunyamekela iintswelo zabo beze ePasikeni abali-13, uYesu nabapostile bakhe abali-12. Mateyu 26:1-5, 14-19; Marko 14:1, 2, 10-16; Luka 22:1-13; Eksodus 21:32.

      ▪ Kubonakala ukuba uYesu wenza ntoni ngoLwesithathu, ibe ngoba?

      ▪ Kuhlanganisenwe ngantoni kwikhaya lombingeleli omkhulu, ibe uYuda uzityelela ngayiphi injongo iinkokeli zonqulo?

      ▪ UYesu uthuma oobani ngoLwesine eYerusalem, yaye ngayiphi injongo?

      ▪ Yintoni efunyanwa ngabo bathunyiweyo ethi kwakhona ityhile amandla kaYesu amangalisayo?

  • Ukuthobeka KwiPasika Yokugqibela
    Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila
    • Isahluko 113

      Ukuthobeka KwiPasika Yokugqibela

      UPETROS noYohane, ngokuyalelwa nguYesu, sele befikile eYerusalem ukuza kulungiselela iPasika. UYesu, ekubonakala ukuba wayekunye nabanye abapostile abalishumi, ufika matshona. Ilanga liyangcangca elundini phayaa njengoko uYesu neqela lakhe besehla kwiNtaba yemiNquma. UYesu uyagqibelisa ukusibona emini eso sixeko ekule ntaba de kube semva kokuvuka kwakhe.

      Ngokukhawuleza uYesu neqela lakhe bayafika kweso sixeko baze benjenjeya ukuya kwikhaya abaza kubhiyozela kulo iPasika. Benyuka ngezinyuko ukuya kwigumbi elikhulu eliphezulu, apho bafika sele enziwe onke amalungiselelo ombhiyozo wabo wangasese wePasika. UYesu ebekhangele phambili kwesi sihlandlo, njengoko esithi: “Asikuko nokuba ndinqwenile ukuyidla nani le pasika, ndingekabuva ubunzima.”

      Ngokuqhelekileyo, abo banenxaxheba kwiPasika basela iindebe ezine zewayini. Emva kokwamkela indebe ekucacileyo ukuba yeyesithathu, uYesu uyabulela aze athi: “Yithabatheni, nabelane ngayo. Kuba ndithi kuni, Andisayi kusela kwisiqhamo somdiliya, bude bufike ubukumkani buka-Thixo.”

      Ebudeni besidlo, uYesu uyaphakama, akhulule iingubo zakhe zokwaleka, athabathe itawuli, aze agalele amanzi esityeni. Ngokuqhelekileyo, umamkeli-ndwendwe ebedla ngokuqinisekisa ukuba iinyawo zondwendwe lwakhe zihlanjiwe. Kodwa ekubeni ngesi sihlandlo kungekho mamkeli-ndwendwe, uYesu uwenza ngokwakhe lo msebenzi. Nawuphi na kubapostile wayenokulixhakamfula eli thuba lokwenza oko; kodwa, ekubeni kubonakala ukuba kusekho ukungavisisani phakathi kwabo, akukho mntu uwenzayo lo msebenzi. Ngoku baziva bephoxekile xa uYesu eqalisa ukuhlamba iinyawo zabo.

      Xa uYesu esiza kuPetros, yena uyalandula esithi: “Akusayi kuzihlamba iinyawo zam, naphakade.”

      UYesu uthi, “Ukuba andithanga ndikuhlambe, akunasabelo nam.”

      Uyaphendula uPetros athi, “Nkosi, mazingabi ziinyawo zam zodwa, mazibe zizandla nentloko.”

      Uyaphendula uYesu esithi, “Kulowo uhlanjiweyo akusafuneki nto, selikukuhlanjwa kweenyawo zodwa; uhlambulukile kwaphela; nani ke nihlambulukile, kodwa aninjalo nonke.” Ukuthetha oku ngenxa yokuba esazi ukuba uYuda Sikariyoti uceba ukumngcatsha.

      Akuba uYesu ezihlambile iinyawo zabo bonke abali-12, kuquka neenyawo zomngcatshi wakhe, uYuda, wambatha iingubo zakhe zokwaleka aze ahlale etafileni kwakhona. Wandula ke abuze oku: “Niyayazi na into endiyenzileyo kuni? Nina ukundibiza nithi ndinguMfundisi, nithi ndiyiNkosi; niyalungisa ukutsho, kuba kunjalo. Ngoko ke, ukuba ndizihlambile iinyawo zenu mna, ndiyiNkosi, ndinguMfundisi, nani nifanele ukuhlambana iinyawo. Kuba ndininike umzekelo, ukuze nani nenze, njengoko ndenze ngako mna kuni. Inene, inene, ndithi kuni, Akukho namthunywa umkhulu kunalowo umthumileyo. Ukuba niyazazi ezi zinto, ninoyolo ukuba nithi nizenze.”

      Esinjani sona ukufaneleka isifundo esingokwenza inkonzo ngokuthobekileyo! Abapostile abafanele bafune indawo yokuqala, becinga ukuba babaluleke ngohlobo lokuba abanye bafanele basoloko bebenzela izinto. Bafanele balandele umzekelo omiselwe nguYesu. Oku akusiso esinye sezithethe zokuhlamba iinyawo. Akunjalo, kodwa kukuzinikela ekukhonzeni abanye ngokungenamkhethe, kungakhathaliseki ukuba umsebenzi lowo usenokujongelwa phantsi okanye ungathandeki kangakanani na. Mateyu 26:20, 21; Marko 14:17, 18; Luka 22:14-18; 7:44; Yohane 13:1-17.

      ▪ Yintoni ekhethekileyo kwindlela uYesu ayijonga ngayo iYerusalem njengoko efika kwesi sixeko ukuza kubhiyozela iPasika?

      ▪ Ebudeni bePasika, ngokucacileyo yiyiphi indebe uYesu ayidlulisela kubapostile abali-12 emva kokuba ebulele?

      ▪ Ngokuqhelekileyo yintoni eyayisenziwa kwiindwendwe xa uYesu wayesemhlabeni, yaye kutheni ingazange yenziwe nje ebudeni bePasika eyabhiyozelwa nguYesu nabapostile?

      ▪ Yayiyintoni injongo kaYesu yokwenza umsebenzi owawujongelwa phantsi wokuhlamba iinyawo zabapostile bakhe?

  • Isidlo Sangokuhlwa Sesikhumbuzo
    Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila
    • Isahluko 114

      Isidlo Sangokuhlwa Sesikhumbuzo

      EMVA kokuba uYesu ehlambe iinyawo zabafundi bakhe, ucaphula isibhalo esikwiNdumiso 41:9, esithi: “Lowo udla isonka nam, undiphakamisele isithende sakhe.” Uyandula ke, ekhathazekile emoyeni, acacise esithi: “Omnye kuni aba uya kundingcatsha.”

      Abapostile baqalisa ukuba buhlungu baze bathi kuYesu ngabanye: “Ingaba ndim yini na?” KwanoYuda Sikariyoti uyathelela ekubuzeni. UYohane, ongqengqe ngakuYesu esithebeni, wayama esifubeni sikaYesu aze abuze esithi: “Nkosi, nguwuphi na?”

      UYesu uphendula athi: “Ngomnye kwabeshumi elinababini, lowo ke uthi nkxu nam esityeni. UNyana woMntu uyemka okunene, njengoko kubhalwe ngaye; yeha ke, loo mntu uNyana woMntu angcatshwa nguye! Ngekumlungele ukuba ebengazalwanga loo mntu.” Emva koko, uSathana ungena kuYuda kwakhona, esebenzisa ithuba lokuba eyivulile intliziyo yakhe, eye yaba yengendawo. Kamva ngobo busuku, uYesu ngokufanelekileyo umbiza uYuda ngokuthi “lowo wentshabalalo.”

      Ngoku uYesu uxelela uYuda oku: “Okwenzayo, kwenze kamsinya.” Akukho namnye kubapostile oyiqondayo intsingiselo yoko uYesu akuthethayo. Bambi bacingela ukuba ekubeni uYuda egcina ingxowa yemali, uYesu uthi kuye: “Thenga ezo zinto sizifunela umthendeleko,” okanye wayefanele ahambe aze anike amahlwempu okuthile.

      Emva kokuba uYuda emkile, uYesu usungula umsitho omtsha ngokupheleleyo, okanye isikhumbuzo, nabapostile bakhe abathembekileyo. Uthabatha isonka, enze umthandazo wokubulela, asiqhekeze, aze abanike, esithi: “Thabathani nidle.” Uyacacisa esithi: “Ngumzimba wam lo, onikelwa ngenxa yenu; oku kwenzeleni ukundikhumbula.”

      Akuba ngamnye esidlile isonka, uYesu uthabatha indebe yewayini, kubonakala ukuba yindebe yesine esetyenziswa kwinkonzo yePasika. Kwakhona wenza umthandazo wokubulela, aze ayidlulisele kubo, abacele ukuba bayisele, aze athi: “Le ndebe ingumnqophiso omtsha osegazini lam, eliphalalela nina.”

      Ngoko esi, enyanisweni, sisikhumbuzo sokufa kukaYesu. Nyaka ngamnye ngoNisan 14 simele siphindaphindwe, njengoko uYesu esitsho, ukwenzela ukumkhumbula. Abo basenzayo siya kubakhumbuza oko uYesu noYise wasezulwini bakwenzileyo ukulungiselela indlela yokusaba koluntu kumgwebo wokufa. KumaYuda athi abe ngabalandeli bakaKristu, lo msitho uya kuthabathel’ indawo iPasika.

      Umnqophiso omtsha, owenziwe wasebenza ngegazi elaphalalayo likaYesu, uthabathel’ indawo umnqophiso omdala woMthetho. Uzakuzelelwa nguYesu Kristu phakathi kwamaqela amabini—kwelinye icala, nguYehova uThixo, yaye kwelinye, ngamaKristu azelwe ngomoya ali-144 000. Ngaphandle kokulungiselela ukuxolelwa kwezono, lo mnqophiso uvumela ukuba kusekwe uhlanga olutsha lwasezulwini lookumkani abangababingeleli. Mateyu 26:21-29; Marko 14:18-25; Luka 22:19-23; Yohane 13:18-30; 17:12; 1 Korinte 5:7.

      ▪ Sisiphi isiprofeto seBhayibhile esicatshulwayo nguYesu ngokuphathelele iqabane, ibe usisebenzisa ngayiphi indlela?

      ▪ Kutheni abapostile beba buhlungu ngokunzulu nje, ibe yintoni ngamnye wabo ayibuzayo?

      ▪ UYesu uthi makenze ntoni uYuda, kodwa abanye abapostile bayitolika njani le miyalelo?

      ▪ Nguwuphi umsitho awusungulayo uYesu emva kokumka kukaYuda, ibe yiyiphi injongo oyiphumezayo?

      ▪ Ngawaphi amaqela akumnqophiso omtsha, yaye yintoni efezwa ngulo mnqophiso?

  • Kuvela Impikiswano
    Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila
    • Isahluko 115

      Kuvela Impikiswano

      NGAPHAMBILANA kule ngokuhlwa, uYesu wafundisa isifundo esifanelekileyo esingokuthobeka ngokuhlamba iinyawo zabapostile bakhe. Emva koko, wasungula iSikhumbuzo sokufa kwakhe okwakusondela. Ngoku, ngokukodwa ngenxa yoko kusandul’ ukwenzeka, kwenzeka esinye isiganeko esimangalisayo. Abapostile bakhe baphikisana ngelokuba nguwuphi kubo obonakala engoyena mkhulu! Kuyabonakala ukuba, le yinxalenye yembambano eqhubekayo.

      Khumbula ukuba ngemva kokwenziwa kumila kumbi kukaYesu entabeni, abapostile bakhe baphikisana ngelokuba nguwuphi owayengoyena mkhulu kubo. Ngaphezu koko, uYakobi noYohane babecele izikhundla eziphambili eBukumkanini, nto leyo eyabangela ukusukuzana okungakumbi phakathi kwabapostile. Ngoku, ngobusuku bokugqibela enabo, hayi indlela ekumele ukuba ubuhlungu ngayo uYesu xa ebabona bexambulisana kwakhona! Wenza ntoni?

      Kunokubangxolisa abapostile ngenxa yendlela abaziphethe ngayo, kwakhona uYesu ngomonde uqiqa nabo esithi: “Ookumkani beentlanga bayazigagamela; kwanabo benza ngegunya kuzo; kuthiwa ngabancedi. Ke nina zeningabi njalo . . . Kuba nguwuphi na omkhulu: Ngulowo uhleli esithebeni, ngulowo ulungiselelayo, kusini na? Asingulowo uhleli esithebeni na?” Wandula ke, ebakhumbuza ngomzekelo wakhe, athi: “Ke mna phakathi kwenu ndinjengomlungiseleli.”

      Phezu kwako nje ukungafezeki kwabo, abapostile baye banamathela kuYesu ebudeni bokulingwa kwakhe. Ngoko uthi: “Ndenza umnqophiso nani, kanye njengoko uBawo enze kunye nam, umnqophiso wobukumkani.” (NW) Lo mnqophiso wobuqu ophakathi koYesu nabalandeli bakhe abanyanisekileyo ubamanyanisa naye ukuze babelane ngolawulo lwakhe lwasebukhosini. Linani elilinganiselweyo kuphela labali-144 000 elithi ekugqibeleni lingeniswe kulo mnqophiso woBukumkani.

      Nangona abapostile benikwa eli themba limangalisayo lokulawula noKristu eBukumkanini, okwangoku basebuthathaka ngokomoya. UYesu uthi kubo, “Nina nonke niya kukhubeka ngobu busuku.” Exelela uPetros ukuba umthandazele, uYesu uyambongoza esithi: “Xa ubuye wabuya, uze ubazimase abazalwana bakho.”

      UYesu uyabacacisela esithi, “Bantwana bam, liselilifutshane ixesha lokuba ndibe nani. Niya kundifuna; njengoko sendithe kumaYuda, Apho ndiya khona mna, aninako ukufika nina: nditsho nakuni ngoku. Ndiniwisela umthetho omtsha, wokuba nithandane, njengoko ndinithandileyo nina, ukuze nani nithandane. Ngayo le nto baya kwazi bonke, ukuba ningabafundi bam, ukuba nithe nathandana.”

      UPetros uyambuza esithi: “Nkosi, uya ngaphi na wena?”

      UYesu umphendula ngelithi, “Apho ndiya khona, akunakundilandela kalokunje; wondilandela ke kamva.”

      UPetros ufuna ukwazi oku, “Nkosi, kungani na ukuba ndingabi nako ukukulandela ngoku? Ndiya kuwuncamela wena umphefumlo wam.”

      UYesu uyambuza esithi: “Wowuncamela mna na umphefumlo wakho? Inene, inene, ndithi kuwe, Ayisayi kulila inkuku, ungathanga undikhanyele kathathu.”

      UPetros akakuvumi oko esithi: “Ndingafanelana ndimelwe kukuba ndife nawe, andingekhe ndikukhanyele.” Kwaye ngoxa abanye abapostile bethetha into efanayo, uPetros uqhayisa ngokuthi: “Nokuba bonke baya kukhubeka ngawe, andisayi kukha ndikhubeke mna.”

      Ebhekisela kwixesha lokuthuma kwakhe abapostile kuhambo lokuya kushumayela eGalili bengenangxowa yamali nangxowa yamphako, uYesu uyababuza esithi: “Khe naswela nto na?”

      Bamphendula ngelithi, “Nento le.”

      Uthi: “Kungokunje, lowo unengxowa yemali makayithabathe, enjenjalo nonengxowa yomphako; nalowo usweleleyo, makathengise ngengubo yakhe, athenge ikrele. Kuba ndithi kuni, Oko kubhaliweyo kusamele ukufezeka kum, khona oku: Wabalwa nabachasi-mthetho; kuba kananjalo izinto ezingam zinemfezeko.”

      UYesu walatha kwixesha lokubethelelwa kwakhe naboni, okanye abachasi-mthetho. Ukwabonisa ukuba emva koko abalandeli bakhe baya kujamelana nentshutshiso ekrakra. Bathi, “Nkosi, uyabona, nanga amakrele amabini.”

      Uphendula ngelithi, “Kwanele.” Njengokuba siza kubona, ukuba nala makrele kwabo kungekudala kuza kumbangela uYesu akwazi ukubafundisa esinye isifundo esibalulekileyo. Mateyu 26:31-35; Marko 14:27-31; Luka 22:24-38; Yohane 13:31-38; ISityhilelo 14:1-3.

      ▪ Kutheni le nto impikiswano yabapostile isothusa kangaka nje?

      ▪ UYesu uyisingatha njani le mpikiswano?

      ▪ Yintoni ephunyezwa ngumnqophiso uYesu awenza nabafundi bakhe?

      ▪ Nguwuphi umthetho omtsha uYesu awunikelayo, yaye ubaluleke kangakanani?

      ▪ UPetros ukubonisa njani ukuzithemba ngokugqithiseleyo, yaye uthini uYesu?

      ▪ Kutheni imiyalelo kaYesu engokuphatha ingxowa yemali neyomphako yahlukile nje kuleyo wayinikela ngaphambilana?

  • Uxhobisa Abapostile Ngaphambi Kokwahlukana Nabo
    Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila
    • Isahluko 116

      Uxhobisa Abapostile Ngaphambi Kokwahlukana Nabo

      KUSEMVA kwesidlo sesikhumbuzo, kodwa uYesu nabapostile bakhe basekwigumbi eliphezulu. Nangona uYesu eza kuthi kwakamsinya ahambe, usenezinto ezininzi afuna ukuzithetha. Uyabathuthuzela esithi: “Intliziyo yenu mayingakhathazeki; kholwani kuThixo.” Kodwa wongezelela ngokuthi: “Nikholwe nakum.”

      UYesu uhlabela mgama esithi: “Endlwini kaBawo zininzi iindawo zokuhlala. . . . Ndiyemka, ndiya kunilungiselela indawo . . . ukuze apho ndikhona mna, nibe khona nani. Apho ke ndiya khona mna niyakwazi, nendlela niyayazi.” Abapostile abaqondi ukuba uYesu uthetha ngokuya ezulwini, ngoko uTomas uyabuza: “Nkosi, asazi apho uya khona; singathini na ke ukuyazi indlela?”

      UYesu uphendula esithi: “Ndim indlela, ndim inyaniso, ndim ubomi.” Ewe, kuphela kungokukholwa kuye nokuxelisa ikhondo lakhe lokuphila anokuthi ubani angene kwindlu yasezulwini kaYise kuba, njengokuba uYesu esitsho: “Akukho namnye uzayo kuBawo, engezi ngam.”

      UFilipu unesi sicelo kuye: “Nkosi, sibonise uYihlo, kosanelisa.” Ngokucacileyo uFilipu ufuna uYesu ababonise umbono obonakalayo kaThixo, njengoko oko kwenzeka kumaxesha amandulo kumbono owaboniswa uMoses, uEliya noIsaya. Kodwa, enyanisweni, abapostile banento elunge ngakumbi kunemibono elolo hlobo, njengokuba uYesu esithi: “Ndinaxesha lingakanana ndinani nje, akukandazi na, Filipu? Lowo undibonileyo mna umbonile uBawo.”

      UYesu ububonakalisa ngokugqibeleleyo ubuntu bukaYise kangangokuba ukuhlala naye nokuqwalasela iindlela zakhe, ngokungathi kunjalo, kunjengokubona uBawo ngokoqobo. Ukanti, uBawo mkhulu kunoNyana, njengokuba uYesu ekuvuma oko ngokuthi: “Amazwi endiwathethayo mna kuni, andiwathethi ephuma kum.” Ngokufanelekileyo uYesu ulunikela lonke uzuko lwemfundiso zakhe kuYise wasezulwini.

      Hayi indlela ekumele ukuba kukhuthaza ngayo kubapostile ukumva ngoku uYesu ebaxelela oku: “Lowo ukholwayo kum, imisebenzi endiyenzayo mna, uya kuyenza naye yena; nemikhulu kunale uya kuyenza”! UYesu akathethi ukuba abalandeli bakhe baya kuba namandla okwenza imimangaliso emikhulu kunaleyo wayenzayo. Akunjalo, kodwa uthetha ukuba baya kuqhubeka nobulungiseleli ixesha elide ngakumbi, beya kugubungela ummandla omkhulu ngakumbi nakubantu abaninzi ngakumbi.

      UYesu akasayi kubalahla abafundi bakhe emva kokumka kwakhe. Ubathembisa esithi: “Nento enithe nayicela egameni lam, ndoyenza yona.” Esongezelela, uthi: “Mna ndiya kucela kuBawo, aze aninike omnye uMthetheleli, ukuze ahlale nani ngonaphakade: uMoya wenyaniso.” Kamva, emva kokunyukela kwakhe ezulwini, uYesu uthulula umoya oyingcwele, ongomnye umthetheleli, phezu kwabafundi bakhe.

      Lisondele ixesha lokuba uYesu abashiye, njengoko esithi: “Liselilifutshane ixesha, ukuze ihlabathi lingabi sandibona.” UYesu uza kuba sisidalwa somoya ekungekho mntu unokusibona. Kodwa kwakhona uYesu uthembisa abapostile bakhe abathembekileyo oku: “Ke nina niyandibona; ngokuba ndisidla ubomi mna, nani niya kudla ubomi.” Ewe, uYesu akayi kubonakala kuphela kubo engumntu emva kokuvuswa kwakhe kodwa ngexesha elifanelekileyo uya kubavusela ebomini ndawonye naye ezulwini njengezidalwa zomoya.

      Ngoku uYesu uvakalisa umthetho olula othi: “Lowo unayo imithetho yam ayigcine, nguye ondithandayo; lowo ke undithandayo, uya kuthandwa nguBawo; nam ndiya kumthanda, ndizibonakalise kuye.”

      Xa ethetha oku umpostile uYuda, okwabizwa ngokuba nguTadeyu, ungenelela ngokuthi: “Nkosi, kutheni na, le nto uza kuzibonakalisa kuthi, ungazibonakalisi kulo ihlabathi?”

      UYesu uphendula esithi: “Ukuba umntu uyandithanda, woligcina ilizwi lam; wothi uBawo amthande . . . Lowo ungandithandiyo akawagcini amazwi am.” Ngokwahlukileyo kubalandeli bakhe abathobelayo, ihlabathi liyazigatya iimfundiso zikaKristu. Ngoko akazibonakalisi kulo.

      Ebudeni bobulungiseleli bakhe basemhlabeni, uYesu ubafundise izinto ezininzi abapostile bakhe. Baza kuzikhumbula njani zonke, ingakumbi ekubeni, kude kube ngoku, belibala kangaka? Okuvuyisayo kukuba, uYesu ubathembisa oku: “Ke uMthetheleli, uMoya oyiNgcwele, aya kumthuma uBawo egameni lam, yena uya kunifundisa zonke izinto, anikhumbuze zonke izinto endizithethe kuni.”

      Kwakhona ebathuthuzela, uYesu uthi: “Ndishiya uxolo kuni; ndininika uxolo lwam . . . Mayingakhathazeki intliziyo yenu.” Enyanisweni, uYesu uyemka, kodwa ubacacisela esithi: “Ukuba benindithanda, ngenavuyayo kuba ndathi, Ndiya kuBawo; ngokuba uBawo mkhulu kunam.”

      Lincinane ixesha eliseleyo uYesu esenabo. Uthi: “Andisayi kuba sathetha zinto zininzi nani; kuba esiza umphathi weli hlabathi, engenanto nam.” USathana uMtyholi, owathi wakwazi ukungena kuYuda waza wamlawula, ungumlawuli wehlabathi. Kodwa uYesu akanabo ubuthathaka besono uSathana anokubusebenzisa ukuze amkhukulise ekukhonzeni uThixo.

      Ukunandipha Ulwalamano Olusenyongweni

      Emva kwesidlo sesikhumbuzo, uYesu ebekhuthaza abapostile bakhe ngencoko engacwangciswanga nesuka entliziyweni. Kusenokwenzeka ukuba kusemva kwasezinzulwini zobusuku. Ngoko uYesu uyabongoza: “Vukani, simke apha.” Noko ke, ngaphambi kokuba bahambe, uYesu, eshukunyiswe luthando lwakhe ngabo, uyaqhubeka ethetha, esenza umzekeliso okhuthazayo.

      Uqalisa ngokuthi: “Mna ndingumdiliya wenyaniso, umlimi wawo ke nguBawo.” UMlimi Omkhulu, uYehova uThixo, wawulima lo mdiliya wokomfuziselo xa wathambisa uYesu ngomoya oyingcwele ekubhaptizweni kwakhe ekwindla ngowama-29 C.E. Kodwa uYesu uhlabela mgama ebonisa ukuba umdiliya ufanekisela okungakumbi kunaye nje, esithi: “Amasebe onke akum angathwali siqhamo, uyawasusa; onke athwala isiqhamo uyawathena, ukuze athwale isiqhamo ngakumbi. . . . Njengokuba isebe lingenako ukuthwala isiqhamo ngokwalo, lingahlalanga emdiliyeni, ngokunjalo aninako nani, ningahlalanga kum. Umdiliya ndim, nina ningamasebe.”

      Kwiintsuku ezingama-51 kamva, ngePentekoste, abapostile nabanye baba ngamasebe alo mdiliya xa umoya oyingcwele uthululelwa phezu kwabo. Ekugqibeleni, abantu abali-144 000 baba ngamasebe alo mdiliya wokomfuziselo. Bekunye nesiqu somdiliya, uYesu Kristu, aba babumba umdiliya wokomfuziselo ovelisa iziqhamo zoBukumkani bukaThixo.

      UYesu ucacisa indlela yokuvelisa isiqhamo: “Lowo uhleli kum, ndibe mna ndihleli kuye, yena uthwala isiqhamo esininzi; ngokuba, ningekum, aninakwenza nto.” Noko ke, ukuba umntu uyasilela ukuvelisa isiqhamo, uYesu uthi, “Ulahlelwa phandle njengesebe, ome; baze abantu bawabuthe, bawaphose emlilweni, atshiswe.” Kwelinye icala, uYesu uthembisa oku: “Ukuba nithe nahlala kum, namazwi am ahlala kuni, nocela into enisukuba niyithanda niyenzelwe.”

      Ehlabela mgama uYesu uthi kubapostile bakhe: “Uzukiswa uBawo ngale nto, yokuba nithwale isiqhamo esininzi; niya kuba ngabam abafundi ke.” Isiqhamo uThixo asinqwenelayo kumasebe kukuvelisa kwawo iimpawu ezifana nezikaKristu, ingakumbi uthando. Ngaphezu koko, ekubeni uKristu wayengumvakalisi woBukumkani bukaThixo, isiqhamo esinqwenelwayo sikwaquka umsebenzi wabo wokwenza abafundi njengoko wenzayo.

      Ngoku uYesu uyabongoza, “Hlalani ke eluthandweni lwam.” Ukanti, banokukwenza njani oko abapostile bakhe? Uthi, “Ukuba nithi niyigcine imithetho yam, hlalani eluthandweni lwam.” Ehlabela mgama, uYesu uyacacisa: “Nguwo lo umthetho wam, wokuba nithandane, njengoko ndanithandayo nina. Akukho namnye unalo uthando olungaphezu kolu, lokuba ubomi bakhe abuncamele izihlobo zakhe.”

      Kwiiyure ezingephi, uYesu uza kubonisa olu thando lugqithiseleyo ngokunikela ngobomi bakhe ngenxa yabapostile bakhe, nangenxa yabo bonke abanye abaya kukholwa kuye. Umzekelo wakhe ufanele ubashukumise abalandeli bakhe ukuba babe nothando lokuzincama olufanayo omnye ngomnye. Olu thando luya kuba luphawu olubafanisayo, njengokuba uYesu echazile ngaphambilana: “Ngayo le nto baya kwazi bonke, ukuba ningabafundi bam, ukuba nithe nathandana.”

      Efanisa abahlobo bakhe, uYesu uthi: “Nizizihlobo zam nina, ukuba nithi nikwenze konke endinimisele khona mna. Andisatsho ukuthi ningabakhonzi; ngokuba umkhonzi akakwazi okwenziwa yinkosi yakhe; mna ke ndithe nizizihlobo; ngokuba zonke izinto endaziva kuBawo, ndanazisa zona.”

      Olunjani lona ukuxabiseka ulwalamano abanalo—ukuba ngabahlobo abasenyongweni bakaYesu! Kodwa ukuze baqhubeke benandipha olu lwalamano, abalandeli bakhe bamele ‘baqhubeke bethwala isiqhamo.’ Ukuba benjenjalo, uYesu uthi, “oko enithe nakucela kuBawo egameni lam, [uya kuninika].” Ngokuqinisekileyo, lowo ngumvuzo ozukileyo wokuthwala isiqhamo soBukumkani! Emva kokubabongoza kwakhona abapostile bakhe ukuba ‘bathandane,’ uYesu ucacisa ukuba ihlabathi liya kubathiya. Sekunjalo, uyabathuthuzela esithi: “Ukuba ihlabathi linithiyile, yazini ukuba lindithiye kuqala kunani.” Ngokulandelayo uYesu utyhila isizathu sokuba ihlabathi libathiyile abalandeli bakhe, esithi: “Ngokuba ningengabehlabathi, ndaninyulayo mna kulo ihlabathi, ngenxa yoko linithiyile ihlabathi.”

      Echaza ngokubhekele phaya isizathu sokuthiywa lihlabathi, uYesu uhlabela mgama esithi: “Ke ezi zinto baya kuzenza kuni ngenxa yegama lam ngokuba bengamazi [uYehova uThixo] owandithumayo.” Eneneni, imimangaliso uYesu awayenzayo, iyabagweba abo bamthiyileyo, njengoko esithi: “Ukuba bendingenzanga phakathi kwabo imisebenzi engenziwanga mntu wumbi, ngebengabanga nasono; kaloku ke babonile; noko bandithiyile mna noBawo.” Ngaloo ndlela, njengoko uYesu esitsho, sizalisekile isibhalo esithi: “Bandithiya kungekho sizathu.”

      Njengoko enzile ngaphambilana, kwakhona uYesu uyabathuthuzela ngokuthembisa ukuthumela umthetheleli, umoya oyingcwele, ongamandla kaThixo asebenzayo. “Yena wongqina ngam. Nani ke niyangqina.”

      Isiluleko Esingakumbi Ngaphambi Kokwahlukana

      UYesu nabapostile bakhe balungele ukuphuma kwigumbi eliphezulu. Uhlabela mgama esithi: “Ezi zinto ndizithethile kuni, ukuze ningakhutyekiswa.” Ngoko unikela isilumkiso esoyikisayo esithi: “Baya kunigxotha esikhungwini; ewe, kuza ilixa lokuba bonke abanibulalayo, babe bona bakhonza uThixo.”

      Kubonakala ukuba abapostile baphazamiseka ngokunzulu sesi silumkiso. Nangona uYesu wayetshilo ngaphambili ukuba ihlabathi laliya kubathiya, akazanga atsho ukuba babeya kubulawa. UYesu ucacisa athi: “ [Ezi] zinto ke andinixelelanga kwasekuqaleni, ngokuba bendinani.” Ukanti, hayi indlela ekukuhle ngayo ukuba abaxhobise ngale nkcazelo ngaphambi kokuba ahlukane nabo!

      UYesu uhlabela mgama esithi: “Ngoku ke ndiyemka, ndiya kowandithumayo; akukho namnye kuni undibuzayo, athi, Uya phi na?” Ngaphambilana kobu busuku, babebuzile ukuba wayesiya phi na, kodwa ngoku bothuswe kakhulu koko ebebaxelela kona kangangokuba bayasilela ukubuza okungakumbi ngoku. Njengokuba uYesu esithi: “Ngokuba ke ezi zinto ndizithethile kuni, iintlungu ziyizalisile intliziyo yenu.” Abapostile abakho buhlungu kuphela ngenxa yokuba beve ukuba baza kutshutshiswa ngokukrakra baze babulawe kodwa ngenxa yokuba iNkosi yabo iyabashiya.

      Ngoko uYesu uyabacacisela: “Kunilungele ukuba ndimke; kuba, ndingemkanga, uMthetheleli akayi kuza kuni; ke, ndithe ndemka, ndiya kumthumela kuni.” Njengomntu, uYesu unokuba kwindawo enye kuphela ngexesha, kodwa xa esezulwini, unokumthumela umthetheli, umoya oyingcwele kaThixo kubalandeli bakhe nokuba baphi na emhlabeni. Ngoko ukumka kukaYesu kuza kuba yingenelo.

      UYesu uthi, umoya oyingcwele “uya kulohlwaya ihlabathi lidane, ngenxa yesono, nangenxa yobulungisa, nangenxa yomgwebo.” Isono sehlabathi, ukusilela kwalo ukuba nokholo kuNyana kaThixo, siya kubhencwa. Ukongezelela, ubungqina obeyisayo bobulungisa bukaYesu buya kubonakaliswa ngokunyukela kwakhe kuYise. Yaye ukusilela kukaSathana nehlabathi lakhe elingendawo ukwaphula ingqibelelo kaYesu kububungqina obeyisayo bokuba umphathi weli hlabathi ugwetywe ngokuqatha.

      UYesu uhlabela mgama esithi: “Ndisenezinto ezininzi zokuthetha kuni, kodwa aninako ukuzithwala ngoku.” Ngoko ke uYesu uthembisa ukuba xa athulula umoya oyingcwele, ongamandla kaThixo asebenzayo, uya kubakhokelela ekuziqondeni ezi zinto ngokwamandla abo okuqonda.

      Abapostile abaqondi ukuba uYesu uza kufa aze aphinde abonakale kubo emva kokuba evusiwe. Ngoko bayabuzana: “Yintoni na le ayithethayo kuthi, athi, Liselilixesha elifutshane, nibuye ningandiboni; kubuye kube lixesha elifutshane, nize nindibone; nokuthi, Mna ndiya kuBawo?”

      UYesu uyaqonda ukuba bafuna ukumbuza, ngoko uyabacacisela: “Inene, inene, ndithi kuni, niya kulila nihlahlambe, ke lona ihlabathi liya kuvuya; niya kuxhalaba nina, ke ukuxhalaba kwenu kuya kuba luvuyo.” Kamva ngolo suku emva kwemini, xa uYesu ebulawa, iinkokeli zonqulo zehlabathi ziyavuya, kodwa abafundi babuhlungu. Noko ke, intlungu yabo iba luvuyo xa uYesu evuswa! Yaye bayaqhubeka bevuya xa ebanika amandla ngePentekoste ukuba babe ngamangqina akhe ngokuthululela phezu kwabo umoya oyingcwele kaThixo!

      Ethelekisa imeko yabapostile naleyo yomfazi onemimba, uYesu uthi: “Umfazi xa aza kuzala, uyaxhalaba, ngokuba ilixa lakhe lifikile.” Kodwa uYesu uphawula ukuba uyayilibala imbandezelo yakhe xa athe umntwana wazalwa, ibe ukhuthaza abapostile bakhe, esithi: “Nani ke ngoko nixhalabile ngokunje; kodwa ndobuya ndinibone [xa ndivusiwe]; yaye iya kuvuya intliziyo yenu, novuyo lwenu akukho namnye uya kuluhlutha kuni.”

      Ukuza kuthi ga ngoku, abapostile abakaze bacele nto egameni likaYesu. Kodwa ngoku uthi: “Zonke izinto enithe nazicela kuBawo egameni lam, woninika. . . . Kuba uBawo ngokwakhe uyanithanda; ngokuba nina nindithandile, nakholwa ukuba mna ndaphuma kuThixo. Ndaphuma kuBawo, ndeza ehlabathini; ndibuya ndilishiye ihlabathi, ndiye kuBawo.”

      Amazwi kaYesu alukhuthazo olukhulu kubapostile. Bathi: “Ngaloo nto siyakholwa ukuba waphuma kuThixo.” UYesu ubuza athi: “Niyakholwa na ngoku? Yabonani kuza ilixa, nakaloku lifikile, lokuba nichithwe, elowo aye kowabo, nindishiye ndedwa.” Nangona oko kuvakala kungakholeleki, kwenzeka kanye ngaphambi kokuba kudlule ubusuku!

      UYesu uqukumbela ngokuthi: “Ezi zinto ndizithethile kuni, ukuze nibe noxolo kum. Ehlabathini niya kuba nembandezelo; yomelelani, mna ndiloyisile ihlabathi.” UYesu waloyisa ihlabathi ngokuphumeza ngokuthembeka ukuthanda kukaThixo phezu kwako konke uSathana nehlabathi lakhe abazama ukukwenza ukuze baphule ingqibelelo kaYesu.

      Umthandazo Wokuqukumbela Kwigumbi Eliphezulu

      Eshukunyiswe luthando olunzulu ngabapostile bakhe, uYesu ubebaxhobisela ukubashiya kwakhe okusondelayo. Ngoku, emva kokubaluleka nokubathuthuzela ixesha elide, uphakamisela amehlo akhe ezulwini aze abongoze uYise esithi: “Mzukise uNyana wakho, ukuze noNyana wakho akuzukise; njengokuba wamnika igunya kubantu bonke, ukuze bonke omnike bona, abanike ubomi obungunaphakade.”

      Onjani wona ukuchukumisa umbandela uYesu awukhankanyayo—ubomi obungunaphakade! Ekubeni enikwe “igunya kubantu bonke,” uYesu unokudlulisela iingenelo zedini lakhe lentlawulelo kulo lonke uluntu olufayo. Ukanti, unika “ubomi obungunaphakade” kuphela abo uYise akholiswayo ngabo. Etyatyadula ngalo mbandela wobomi obungunaphakade, uYesu uhlabela mgama nomthandazo wakhe esithi:

      “Bubo ke obu ubomi obungunaphakade, ukuba mabakwazi, wena ukuphela koThixo oyinyaniso, naye uYesu Kristu omthumileyo.” Ewe, usindiso luxhomekeke ekungeniseni kwethu ulwazi ngoThixo noNyana wakhe. Kodwa kufuneka okungakumbi kunokuba nolwazi nje lwasentloko.

      Umntu umele abazi kakuhle, ekhulisa ubuhlobo obusondeleyo nabo. Ubani umele avakalelwe ngendlela abavakalelwa ngayo ngezinto aze azibone izinto ngendlela abazibona ngayo. Yaye ngaphezu kwako konke, umntu umele azame ngamandla ukuxelisa iimpawu zabo ezingenakulinganiswa nanto ekuqhubaneni nabanye.

      Ngokulandelayo uYesu uthandaza athi: “Mna ndikuzukisile emhlabeni, ndiwufezile umsebenzi obundinikile ukuba ndiwenze.” Ekubeni ngaloo ndlela esifezile isabelo sakhe ukuza kuthi ga kweli nqanaba yaye eqinisekile ngempumelelo yakhe kwixesha elizayo, uyambongoza esithi: “Ndizukise ke ngoku, wena Bawo, kuwe ngokwakho, ngozuko ebendinalo kuwe, lingekabikho ihlabathi.” Ewe, ngoku ucela ukuba abuyiselwe kuzuko lwakhe lwasezulwini lwangaphambili ngokuvuswa.

      Eshwankathela umsebenzi wakhe oyintloko emhlabeni, uYesu uthi: “Ndilibonakalisile igama lakho kubo abantu obundinike bona, bephuma ehlabathini; babengabakho, wabanika mna; ilizwi lakho balibambile ke.” UYesu wasebenzisa igama likaThixo, uYehova, kubulungiseleli bakhe waza wafundisa indlela echanileyo yokubizwa kwalo, kodwa wenza okungakumbi kunoko ukuze abonakalise igama likaThixo kubapostile bakhe. Walwandisa ulwazi noxabiso lwabo ngoYehova, ngobuntu bakhe nangeenjongo zakhe.

      Emgqala uYehova njengoMkhulu kunaye, Lowo akhonza phantsi kwakhe, uYesu uvuma ngokuzithoba esithi: “Amazwi ondinike wona, ndiwanike bona; bona bawathabatha, baqonda ngokwenyaniso ukuba ndaphuma kuwe; bakholwa ukuba wena wandithuma.”

      Esenza umahluko phakathi kwabalandeli bakhe noluntu luphela, uYesu ngokulandelayo uthandaza athi: ‘Mna ndicelela bona; andiceleli lona ihlabathi, ndicelela abo undinike bona. Oko bendinabo ehlabathini mna, bendibalondolozile, ndibagcinile; akukho namnye kubo utshabaleleyo, ingenguye lowo wentshabalalo,’ obizwa ngokuba, nguYuda Sikariyoti. Kanye ngeli thuba, uYuda ukwiphulo lakhe elibi lokungcatsha uYesu. Ngaloo ndlela, uYuda engazi uzalisekisa iZibhalo.

      UYesu uhlabela mgama ethandaza aze athi, “Ihlabathi labathiya . . . Andiceli ukuba ubasuse ehlabathini; ndicela ukuba ubagcine kuyo inkohlakalo. Abangabo abehlabathi, njengokuba nam ndingenguye owehlabathi.” Abalandeli bakaYesu basehlabathini, eli butho labantu lilungelelanisiweyo nelilawulwa nguSathana, kodwa bahlukile yaye bamele ngamaxesha onke bahlale bahlukile kulo nakubungendawo balo.

      UYesu uhlabela mgama esithi: “Bangcwalise ngayo inyaniso yakho; ilizwi lakho liyinyaniso.” Apha uYesu uzibiza iZibhalo zesiHebhere eziphefumlelweyo, ebesoloko ecaphula kuzo ngokuthi, “inyaniso.” Kodwa oko wakufundisa abafundi bakhe noko bathi kamva bakubhala phantsi kokuphefumlelwa njengeZibhalo zesiGrike zamaKristu ngokufanayo ‘kuyinyaniso.’ Le nyaniso inokumngcwalisa umntu, ibuguqule ngokupheleleyo ubomi bakhe, ize imenze umntu owahlukileyo ehlabathini.

      Ngoku uYesu uyathandaza ‘engaceleli aba bodwa, kodwa ecelela nabo baya kukholwa kuye ngelizwi labo.’ Ngoko uYesu uthandazela abo baya kuba ngabalandeli bakhe abathanjisiweyo nabanye abafundi bexesha elizayo abaseza kuhlanganiswa babe “mhlambi mnye.” Yintoni ayicelela bonke aba?

      “Ukuze bonke babe banye; njengokuba wena, Bawo, ukum, mna ndikuwe, . . . ukuze babe banye, njengokuba thina sibanye.” UYesu noYise abangomntu omnye ngokoqobo, kodwa bayavumelana ngazo zonke izinto. UYesu uthandazela ukuba abalandeli bakhe banandiphe obu bunye bufanayo ukuze “liqonde ihlabathi ukuba wena undithumile, wabathanda, njengokuba wandithandayo nam.”

      Ngenxa yabo babeza kuba ngabalandeli bakhe abathanjisiweyo, uYesu ngoku ubacelela okuthile kuYise osezulwini. Ubacelela ntoni? “Babe nam, apho ndikhona mna; ukuze balubone uzuko lwam owandinika lona; ngokuba wandithanda kwaphambi kokusekwa kwehlabathi,” oko kukuthi, ngaphambi kokuba uAdam noEva babe nenzala. Kude kudala ngaphambi koko, uThixo wamthanda uNyana wakhe okuphela kwamzeleyo, owaba nguYesu Kristu.

      Equkumbela umthandazo wakhe, uYesu kwakhona ugxininisa oku: “Ndabazisa igama lakho, ndandiya kubazisa; ukuze uthando ondithande ngalo lube kubo, nam ndibe kubo.” Kubapostile, ukulazi igama likaThixo kuye kwabandakanya ukulazi ngokobuqu uthando lukaThixo. Yohane 14:1–17:26; 13:27, 35, 36; 10:16; Luka 22:3, 4; Eksodus 24:10; 1 Kumkani 19:9-13; Isaya 6:1-5; Galati 6:16; INdumiso 35:19; 69:4; IMizekeliso 8:22, 30.

      ▪ UYesu uya phi, yaye uTomas ufumana yiphi impendulo ngokuphathelele indlela yokuya apho?

      ▪ Ngokwesicelo sakhe, kubonakala ukuba uFilipu ufuna ukuba uYesu ababonise ntoni?

      ▪ Kutheni lowo ubone uYesu ekwabone noYise?

      ▪ Abalandeli bakaYesu baya kuyenza njani imisebenzi emikhulu kunaleyo wayenzayo?

      ▪ USathana akananto noYesu ngayiphi ingqiqo?

      ▪ UYehova wawutyala nini umdiliya wokomfuziselo, yaye abanye baba yinxalenye yalo mdiliya nini yaye njani?

      ▪ Ekugqibeleni, umdiliya wokomfuziselo uba namasebe amangaphi?

      ▪ Sisiphi isiqhamo uThixo asinqwenelayo kumasebe?

      ▪ Sinokuba zizo njani izihlobo zikaYesu?

      ▪ Kutheni ihlabathi libathiyile nje abalandeli bakaYesu?

      ▪ Sisiphi isilumkiso esinikelwa nguYesu esiphazamisa abapostile bakhe?

      ▪ Kutheni abapostile bengambuzi uYesu ukuba uya phi?

      ▪ Yintoni le bangayiqondiyo abapostile?

      ▪ UYesu ubonisa njani ukuba imeko yabapostile iya kuguquka isusela ekuxhalabeni ibe luvuyo?

      ▪ Yintoni uYesu athi iza kwenziwa ngabapostile kungekudala?

      ▪ UYesu uloyisa njani ihlabathi?

      ▪ UYesu ulinikwe ngokwayiphi ingqiqo “igunya kubantu bonke”?

      ▪ Kuthetha ukuthini ukungenisa ulwazi ngoThixo nangoNyana wakhe?

      ▪ UYesu ulibonakalisa ngaziphi iindlela igama likaThixo?

      ▪ Iyintoni “inyaniso,” yaye ‘imngcwalisa’ njani umKristu?

      ▪ UThixo, uNyana wakhe, nabo bonke abanquli bokwenyaniso banye njani?

      ▪ Kwakunini ‘ukusekwa kwehlabathi’?

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share