Isahluko 13
Isizathu Sokuba Ukuphila Ngokuhlonela UThixo Kusizisa Ulonwabo
1. Kutheni sinokuthi indlela kaYehova izisa ulonwabo?
UYEHOVA ‘nguThixo owonwabileyo,’ yaye ufuna nawe ubunandiphe ubomi. (1 Timoti 1:11, NW) Ngokuhamba ngendlela yakhe, unokungenelwa uze ufumane uxolo olunzulu noluhlala luhleli, njengomlambo ongatshiyo. Ukuhamba ngendlela kaThixo kukwashukumisela ubani ekubeni enze ubulungisa ngokuqhubekayo, “njengamaza olwandle.” Oku kuzisa ulonwabo lokwenene.—Isaya 48:17, 18.
2. AmaKristu anokonwaba njani nangona maxa wambi ephathwa kakubi?
2 Bambi basenokulandula ngelithi, ‘Maxa wambi abantu bayabandezeleka ngenxa yokwenza okulungileyo.’ Kuyinyaniso oko, ibe kwenzeka kubapostile bakaYesu. Noko ke, nangona babetshutshiswa, babevuya ibe baqhubeka ‘beshumayela iindaba ezilungileyo zokuba uYesu unguye uKristu.’ (IZenzo 5:40-42) Sinokufunda izifundo ezibalulekileyo koku. Esinye kukuba ukuphila kwethu ubomi bokuhlonela uThixo akuqinisekisi ukuba siya kusoloko siphathwa kakuhle. Umpostile uPawulos wabhala: “Nabo bonke ke abathanda ukuhlala ngokuhlonela uThixo kuKristu Yesu baya kutshutshiswa.” (2 Timoti 3:12) Isizathu soku kukuba uSathana nehlabathi lakhe babachasile abo baphila ngokuhlonel’ uThixo. (Yohane 15:18, 19; 1 Petros 5:8) Kodwa ulonwabo lokwenene aluxhomekekanga kwizinto zangaphandle. Kunoko, lubangelwa lulweyiseko lokuba senza okulungileyo yaye ngenxa yoko uThixo uyakholiswa sithi.—Mateyu 5:10-12; Yakobi 1:2, 3; 1 Petros 4:13, 14.
3. Ukunqula uYehova kufanele kubuchaphazele njani ubomi bomntu?
3 Kukho abantu abacinga ukuba banokufumana inkoliseko kaThixo ngokwenza izenzo zokuzinikela ngamathuba athile kodwa bamlibale ngamanye amaxesha. Unqulo lokwenyaniso lukaYehova uThixo alunjalo. Luphembelela ihambo yomntu ngalo lonke ixesha ehleli, imihla ngemihla, iminyaka yonke. Kungenxa yoko lukwabizwa nangokuba ‘yiNdlela.’ (IZenzo 19:9; Isaya 30:21) Yindlela yokuphila ngokuhlonela uThixo ebangela sithethe size senze ngokuvisisana neLizwi likaThixo.
4. Kutheni kuyingenelo ukwenza iinguqulelo ukuze uphile ngokuvisisana neendlela zikaThixo?
4 Xa abafundi beBhayibhile abasebatsha bebona ukuba kufuneka benze iinguqulelo ezithile ukuze bamkholise uYehova, basenokuzibuza, ‘Ngaba ukuphila ubomi bokuhlonela uThixo kunenzuzo ngokwenene?’ Unokuqiniseka ngokuba kunayo. Ngoba? Ngenxa yokuba “uThixo uluthando,” yaye ngoko ke iindlela zakhe zenzelwe ukuba singenelwe. (1 Yohane 4:8) Kwakhona uThixo ulumkile yaye uyazi ukuba yintoni esilungeleyo. Ekubeni uYehova uThixo enamandla onke, uyakwazi ukusomeleza ukuze siphumeze umnqweno wethu wokumkholisa ngokwahlukana nomkhwa ombi. (Filipi 4:13) Makhe siqwalasele imigaqo ethile ebandakanyekileyo ekuphileni ngokuhlonela uThixo size sibone indlela ukuyisebenzisa okuzisa iingenelo ngayo.
UKUNYANISEKA KUPHUMELA KULONWABO
5. Ithini iBhayibhile ngokuxoka nobusela?
5 UYehova ‘nguThixo wenyaniso.’ (INdumiso 31:5) Ngokungathandabuzekiyo, unqwenela ukulandela umzekelo wakhe uze waziwe njengomntu onenyaniso. Ukunyaniseka kukhokelela ekuzihloneleni nasekuziveni uphilile. Noko ke, ngenxa yokuba ukunganyaniseki kuxhaphake kangaka kweli hlabathi linesono, amaKristu kufuneka akhunjuzwe ngoku: “Thethani inyaniso elowo nommelwane wakhe . . . Lowo ubayo makangabi seba; kanye ke makabulaleke . . . ukuze abe nako ukwabela osweleyo.” (Efese 4:25, 28) Abaqeshwa abangamaKristu basebenza ngokunyaniseka imini yonke. Ngaphandle kokuba bavunyelwe ngumqeshi wabo, abazithabathi izinto zakhe. Enokuba kusemsebenzini, esikolweni, okanye ekhaya, umnquli kaYehova umele ‘anyaniseke ezintweni zonke.’ (Hebhere 13:18, NW) Nabani na oqhelisela ukuxoka okanye ukuba akanako ukuba nenkoliseko kaThixo.—Duteronomi 5:19; ISityhilelo 21:8.
6. Ukunyaniseka komntu ohlonela uThixo kunokumenza azukiswe njani uYehova?
6 Ukunyaniseka kuphumela kwiintsikelelo ezininzi. USelina ngumhlolokazi olihlwempu waseAfrika othanda uYehova uThixo nemigaqo yakhe yobulungisa. Ngenye imini, wafumana ibhegi eyayinencwadi yebhanki nemali eninzi. Esebenzisa incwadi yefoni, wakwazi ukumfumana umniniyo—umnini-venkile owayephangiwe. Le ndoda ayizange ikukholelwe oko yayikubona xa uSelina, nangona wayegula kakhulu, wayityelelayo waza wazibuyisa zonke izinto ezazikuloo bhegi. “Ukunyaniseka okunje kumele kuvuzwe,” yatsho njengoko yayimnika isixa semali. Okubaluleke ngakumbi kukuba le ndoda yaluncoma unqulo lukaSelina. Ewe, izenzo zokunyaniseka ziyayivathisa imfundiso yeBhayibhile, zizukisa uYehova uThixo, yaye zizisa ulonwabo kubanquli bakhe abanyanisekileyo.—Tito 2:10; 1 Petros 2:12.
ISISA SIZISA ULONWABO
7. Yintoni ephosakeleyo ngokungcakaza?
7 Ukuba nesisa kuzisa ulonwabo, ngoxa abantu ababawayo bengayi “kubudla ilifa ubukumkani bukaThixo.” (1 Korinte 6:10) Uhlobo oluqhelekileyo lokubawa kukungcakaza, okulilinge lokufumana imali ngoxa ilahleka kwabanye. UYehova akakholiswa ngabo ‘babawela inzuzo yokunganyaniseki.’ (1 Timoti 3:8, NW) Kwanalapho ukungcakaza kusemthethweni yaye umntu engcakaza ngenjongo yokuzonwabisa, unokuba likhoboka lako aze ahambisele phambili umkhwa owonakalise ubomi babantu abaninzi. Ngokufuthi ukungcakaza kuzisa ubunzima kwintsapho yalowo ungcakazayo, esenokushiywa ingenamali yaneleyo yokuthenga izinto eziyimfuneko njengokutya nempahla.—1 Timoti 6:10.
8. UYesu wawumisela njani umzekelo omhle wesisa, yaye sinokuba nesisa njani?
8 Ngenxa yesisa sawo sothando, amaKristu ayavuyiswa kukunceda abanye, ngokukodwa amanye amakholwa asweleyo. (Yakobi 2:15, 16) Ngaphambi kokuba uYesu eze emhlabeni, wabona isisa sikaThixo ngoluntu. (IZenzo 14:16, 17) UYesu naye wanikela ngexesha lakhe, ubuchule bakhe, kwanangobomi bakhe ngenxa yoluntu. Ngenxa yoko, wayekufanelekela ukuthi: “Ukupha kunoyolo ngaphezu kokuphiwa.” (IZenzo 20:35) Kwakhona uYesu wathetha kakuhle ngomhlolokazi olihlwempu ngesisa owafaka iimalana ezincinane ezimbini kumkhumbi wokulondoloza imali etempileni, kuba wanikela “impilo yakhe iphela.” (Marko 12:41-44) AmaSirayeli amandulo namaKristu enkulungwane yokuqala ayimizekelo yokunikela ngesisa ekuxhaseni ngezinto eziphathekayo ibandla nomsebenzi woBukumkani. (1 Kronike 29:9; 2 Korinte 9:11-14) Ukongezelela ekunikeleni ngokuphathekayo ukwenzela ezi njongo, amaKristu anamhlanje ngovuyo anikela indumiso kuThixo yaye asebenzisa ubomi bawo ekumkhonzeni. (Roma 12:1; Hebhere 13:15) UYehova uyawasikelela ngokusebenzisa kwawo ixesha, amandla nobunye ubuncwane bawo, kuquka imali yawo, ukuze axhase unqulo oluyinyaniso aze ahambisele phambili umsebenzi wokushumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani emhlabeni wonke.—IMizekeliso 3:9, 10.
ABANYE OOTHUNYWASHE ABAKHULISA ULONWABO
9. Yintoni ephosakeleyo ngokusela iziselo ezinxilisayo ngokugqithiseleyo?
9 Ukuze onwabe, amaKristu akwamele ‘alondoloze amandla awo okucinga.’ (IMizekeliso 5:1, 2, NW) Oku kuthetha ukuba amele afunde aze acamngce ngeLizwi likaThixo nangoncwadi olwakhayo lweBhayibhile. Kodwa kukho izinto amele aziphephe. Ngokomzekelo, ukusela iziselo ezinxilisayo ngokugqithiseleyo kunokwenza umntu angakwazi ukuwalawula amandla akhe okucinga. Xa bekuloo meko, abantu abaninzi babandakanyeka ekuziphatheni okubi, kwizenzo zogonyamelo baze babangele iingozi ezibulalayo. Akumangalisi ke ukuba iBhayibhile ithi amanxila akayi kubudla ilifa uBukumkani bukaThixo! (1 Korinte 6:10) Ezimisele ukuhlala “ephilile engqondweni,” (NW) amaKristu okwenyaniso ayakuphepha ukunxila, yaye oku kuwanceda akhulise ulonwabo phakathi kwawo.—Tito 2:2-6.
10. (a) Kutheni amaKristu engalisebenzisi icuba? (b) Ziziphi iingenelo eziziswa kukwahlukana nemikhwa ekhobokisayo?
10 Umzimba ococekileyo unegalelo kulonwabo. Sekunjalo, abaninzi baba ngamakhoboka ezinto eziyingozi. Ngokomzekelo, khawuqwalasele ukusetyenziswa kwecuba. INtlangano Yehlabathi Yezempilo inikela ingxelo yokuba ukutshaya “kubulala abantu abazizigidi ezithathu nyaka ngamnye.” Ukwahlukana necuba kunokuba nzima ngenxa yeengxaki zokwethutyana ezibangelwa kukuyeka. Kwelinye icala, abantu abaninzi ababefudula betshaya bafumanisa ukuba basempilweni entle ngakumbi yaye banemali engakumbi yeentswelo zekhaya. Ewe, ukoyisa umkhwa wecuba okanye wokukhotyokiswa zezinye izinto eziyingozi kuya kuba negalelo kumzimba ococekileyo, isazela esicocekileyo nolonwabo lokwenene.—2 Korinte 7:1.
ULONWABO EMTSHATWENI
11. Kufuneka ntoni ukuze ube nomtshato obekekileyo osemthethweni nohlala uhleli?
11 Abo bahlala kunye njengendoda nomfazi bafanele baqinisekise ukuba umtshato wabo ubhaliswe ngokufanelekileyo kwabasemagunyeni. (Marko 12:17) Bakwamele balijonge iqhina lomtshato njengembopheleleko enzulu. Liyinyaniso elokuba ukwahlukana kusenokuba yimfuneko xa kukho ukungondliwa ngabom, ukuphathwa kakubi ngokugqithiseleyo, okanye ukuba sengozini ngokupheleleyo kobumoya. (1 Timoti 5:8; Galati 5:19-21) Kodwa amazwi ompostile uPawulos kweyoku-1 kwabaseKorinte 7:10-17 akhuthaza amaqabane omtshato ukuba ahlale kunye. Kambe ke, ukuze kubekho ulonwabo lokwenene, amele athembeke omnye komnye. UPawulos wabhala: “Umtshato mawubekeke ngeendlela zonke, nesilili [“ibhedi yomtshato,” NW] masingadyojwa; ke abenza umbulo nabakrexezi uThixo uya kubagweba.” (Hebhere 13:4) Ibinzana elithi “ibhedi yomtshato” libhekisela kwiintlobano zesini phakathi kwendoda nomfazi abatshate kunye ngokusemthethweni. Azikho ezinye iintlobano zesini, ezinjengokutshata nabafazi abangaphezu komnye, ezinokuchazwa ‘njengezibekeke ngeendlela zonke.’ Ngaphezu koko, iBhayibhile iyazigweba iintlobano zesini ngaphambi komtshato nobufanasini.—Roma 1:26, 27; 1 Korinte 6:18.
12. Ziziphi ezinye zeziqhamo ezibi zokuhenyuza?
12 Ukuhenyuza kusenokuzisa uyolo okwemizuzwana embalwa, kodwa akubangeli ulonwabo lokwenene. Akumkholisi uThixo yaye kunokusikhathaza isazela somntu. (1 Tesalonika 4:3-5) Imiphumo ebuhlungu yesini esingekho mthethweni isenokuba nguGawulayo nezinye izifo ezidluliselwa ngesini. Enye ingxelo yezonyango ithi: “Kuqikelelwa ukuba nyaka ngamnye ngabantu abangaphezu kwezigidi ezingama-250 ehlabathini lonke abasulelwa lubhobhozo [gonorrhoea], yaye abamalunga nezigidi ezingama-50 basulelwa yigcushuwa.” Kukwakho nengxaki yokukhulelwa okungafunwayo. I-International Planned Parenthood Federation inikela ingxelo yokuba, ehlabathini lonke, minyaka le amantombazana angaphezu kwezigidi ezili-15 aphakathi kweminyaka eli-15 neli-19 ayakhulelwa, yaye enye kwamathathu kuwo iyaqhomfa. Uhlolisiso lwabonisa ukuba kwelinye ilizwe laseAfrika, iingxaki zokuqhomfa zingunobangela wokufa kwama-72 ekhulwini kumantombazana akwishumi elivisayo kwelo. Bambi abantu abahenyuzayo basenokungazifumani izifo yaye bangakhulelwa kodwa abasindi ekwenzakaleni kweemvakalelo. Abaninzi bayaphelelwa kukuzithemba bade bazithiye.
13. Ziziphi iingxaki ezongezelelekileyo ezibangelwa kukukrexeza, ibe kuya kwenzeka ntoni kwabo baqhubeka behenyuza yaye bekrexeza?
13 Nangona umntu esenokuxolelwa xa ekrexezile, sisizathu esivumelekileyo eZibhalweni sokuba elo qabane limsulwa lingaqhawula umtshato. (Mateyu 5:32; thelekisa uHoseya 3:1-5.) Xa oko kuziphatha kakubi kubangela ukuqhekeka komtshato, oku kunokushiya amanxeba anzulu ngokweemvakalelo kwiqabane elimsulwa nasebantwaneni. Ukwenzela ingenelo yentsapho engabantu, iLizwi likaThixo libonisa ukuba umgwebo oqatha uya kufikela abo bahenyuzayo nabo bakrexezayo bengaguquki. Ngaphezu koko, libonisa ngokucacileyo ukuba abo baziphatha kakubi ngokwesini “abayi kubudla ilifa ubukumkani bukaThixo.”—Galati 5:19, 21.
‘ABANGABO ABEHLABATHI’
14. (a) Ziziphi ezinye zeentlobo zokunqula izithixo eziphetshwayo ngumntu ohlonela uThixo? (b) Luluphi ukhokelo olunikelwayo kuYohane 17:14 nakuIsaya 2:4?
14 Abo banqwenela ukukholisa uYehova baze banandiphe iintsikelelo zoBukumkani bayaluphepha naluphi na uhlobo lonqulo-zithixo. IBhayibhile ibonisa ukuba kuphosakele ukwenza imifanekiso uze uyinqule, kuquka naleyo kaKristu, okanye kanina kaYesu, uMariya. (Eksodus 20:4, 5; 1 Yohane 5:21) Ngoko, amaKristu okwenyaniso akayihloneli imifanekiso engcwele, iminqamlezo nemifanekiso. Ayaziphepha neentlobo ezingacacanga zonqulo-zithixo, ezinjengezenzo zokuhlonela indwe nokucula iingoma ezizukisa isizwe esithile. Xa enyanzelelwa ukwenza izenzo ezinjalo, akhumbula amazwi kaYesu kuSathana: “YiNkosi uThixo wakho oya kuqubuda kuyo, ukhonze yona yodwa.” (Mateyu 4:8-10) UYesu wathi abalandeli bakhe ‘abangabo abehlabathi.’ (Yohane 17:14) Oku kuthetha ukuba ngoondilele kwimicimbi yezobupolitika nokuphila ngoxolo ngokuvisisana noIsaya 2:4, othi: “[UYehova uThixo] uya kugweba phakathi kweentlanga, ohlwaye izizwe ezininzi; ziwakhande amakrele azo abe ngamakhuba, nezikhali zazo zibe zizitshetshe zeediliya; uhlanga lungaphakamiseli uhlanga ikrele, nezizwe zingaphindi zifunde ukulwa.”
15. Yintoni iBhabhiloni Enkulu, yaye abafundi beBhayibhile abaninzi abasebatsha benza ntoni ukuze baphume kuyo?
15 ‘Ukungabi ngabehlabathi’ kukwathetha ukuqhawula lonke unxibelelwano ‘neBhabhiloni Enkulu,’ ubukhosi behlabathi bonqulo lobuxoki. Unqulo olungacocekanga lwasasazeka ukusuka kwiBhabhiloni yamandulo de lwanempembelelo eyingozi ngokomoya ebantwini emhlabeni wonke. ‘IBhabhiloni Enkulu’ iquka zonke iinkonzo ezineemfundiso nezenzo ezingavisisaniyo nolwazi ngoThixo. (ISityhilelo 17:1, 5, 15) Akukho namnye umnquli kaYehova othembekileyo oya kubandakanyeka kwimisebenzi kazwelonke ngokuba nenxaxheba ekunquleni kwiinkonzo ezahlukahlukeneyo okanye ngokuba nobudlelane ngokomoya nayo nayiphi na inxalenye yeBhabhiloni Enkulu. (Numeri 25:1-9; 2 Korinte 6:14) Ngenxa yoko, abafundi beBhayibhile abatsha abaninzi babhalela intlangano yonqulo abangamalungu ayo ileta yokurhoxa. Oku kuye kwabasondeza ngakumbi kuThixo oyinyaniso, njengokuba kwakuthenjisiwe: “Phumani phakathi kwabo, nizahlule, itsho iNkosi, nento engcolileyo ningayichukumisi; ndandiya kunamkela.” (2 Korinte 6:17; ISityhilelo 18:4, 5) Ngaba akukunqweneli ngolangazelelo ukwamkelwa ngolo hlobo nguBawo wethu wasezulwini?
UKUJONGA UKUBALULEKA KWEZIKHUMBUZO ZAMINYAKA YONKE
16. Kutheni amaKristu okwenyaniso engayibhiyozeli iKrismesi?
16 Ubomi bokuhlonela uThixo buyasikhulula ekubhiyozeleni iiholide zehlabathi ngokufuthi okuluxanduva. Ngokomzekelo, iBhayibhile ayiwuchazi umhla ongqalileyo wokuzalwa kukaYesu. Bambi basenokukhuza bathi, ‘Bendicinga ukuba uYesu wazalwa ngoDisemba 25!’ Akunakwenzeka oko kuba wafa entwasahlobo ngowama-33 C.E. eneminyaka engama-33 1/2 ubudala. Ngaphezu koko, ngexesha lokuzalwa kwakhe, abalusi ‘babehlala ezindle, belinda ebusuku imihlambi yabo.’ (Luka 2:8) Kwilizwe lakwaSirayeli, ngasekupheleni kukaDisemba, lixesha elibandayo nelineemvula, ebudeni balo izimvu zigcinwa kwindawo enekhusi ebusuku ukuze zikhuseleke kwimozulu yasebusika. Eneneni, uDisemba 25 wayebekelwe bucala ngamaRoma njengomhla wokuzalwa kothixo wawo welanga. Kwiinkulungwane emva kokuba uYesu wayephile emhlabeni, amaKristu awexukileyo amkela lo mhla njengowokubhiyozela ukuzalwa kukaKristu. Ngenxa yoko, amaKristu okwenyaniso akayibhiyozeli iKrismesi okanye nayiphi na enye iholide esekelwe kwiinkolelo zonqulo lobuxoki. Ngenxa yokuba enikela inkonzo epheleleyo kuYehova, kwakhona akazibhiyozeli iiholide ezinqula abantu abanesono okanye izizwe.
17. Kutheni abantu abahlonela uThixo bengayibhiyozeli imihla yokuzalwa, yaye kutheni abantwana bamaKristu bonwabile nangona kunjalo?
17 Zibini kuphela izikhumbuzo zemihla yokuzalwa ezikhankanywe ngokungqalileyo eBhayibhileni, zozibini zibandakanya amadoda awayengamkhonzi uThixo. (Genesis 40:20-22; Mateyu 14:6-11) Ekubeni iZibhalo zingawuchazi umhla wokuzalwa komntu ofezekileyo uYesu Kristu, kutheni sifanele sinikele ingqalelo ekhethekileyo kwimihla yokuzalwa yabantu abangafezekanga? (INtshumayeli 7:1) Kakade ke, abazali abahlonela uThixo abalindi imihla ekhethekileyo ukuze babonise uthando kubantwana babo. Enye intombazana engumKristu eneminyaka eli-13 ubudala yathi: “Siyonwaba kakhulu nentsapho yakowethu. . . . Ndisondelelene kakhulu nabazali bam, yaye xa abanye abantwana bebuza isizathu sokuba ndingazibhiyozeli iiholide, ndibaxelela ukuba ndibhiyoza yonke imihla.” Omnye umKristu oselula oneminyaka eli-17 ubudala wathi: “Ekhaya sinikana izipho unyaka wonke.” Kubakho ulonwabo ngakumbi xa izipho uzifumana ungazilindelanga.
18. Sisiphi ekuphela kwesikhumbuzo sakanye ngonyaka uYesu awayalela abalandeli bakhe ukuba basigcine, yaye sisikhumbuza ntoni?
18 Kwabo baphila ubomi bokuhlonela uThixo, nyaka ngamnye kukho usuku abaluhlonela ngokukhethekileyo. SiSidlo seNkosi Sangokuhlwa, ngokufuthi esibizwa ngokuba siSikhumbuzo sokufa kukaKristu. Ngokuphathelelene naso, uYesu wayalela abafundi bakhe wathi: “Oku kwenzeleni ukundikhumbula.” (Luka 22:19, 20; 1 Korinte 11:23-25) Xa uYesu wasungula esi sidlo ngobusuku bangoNisan 14, 33 C.E., wasebenzisa isonka esingenagwele newayini ebomvu, ezifanekisela umzimba wakhe ongenasono njengomntu negazi lakhe elifezekileyo. (Mateyu 26:26-29) Le mifuziselo idliwa ngamaKristu athanjiswe ngomoya oyingcwele kaThixo. Angeniswe kumnqophiso omtsha nomnqophiso woBukumkani, yaye anethemba lasezulwini. (Luka 12:32; 22:20, 28-30; Roma 8:16, 17; ISityhilelo 14:1-5) Sekunjalo, bonke abakhoyo ngengokuhlwa engqamana noNisan 14 kwikhalenda yamaYuda yamandulo bayangenelwa. Bakhunjuzwa ngothando olwaboniswa nguYehova uThixo noYesu Kristu kwidini lentlawulelo lokuxolela izono elenza abo banenkoliseko kaThixo bakwazi ukufumana ubomi obungunaphakade.—Mateyu 20:28; Yohane 3:16.
INGQESHO NOKUZONWABISA
19. Luluphi ucelomngeni amaKristu ajamelana nalo ekuzameni ukuziphilisa?
19 AmaKristu okwenyaniso anembopheleleko yokusebenza nzima ukuze alungiselele iintswelo zawo. Ukufeza oku kubangela iintloko-ntsapho zizive zanelisekile. (1 Tesalonika 4:11, 12) Kakade ke, ukuba umsebenzi womKristu uyangqubana neBhayibhile, oku bekuya kumbangela angonwabi. Sekunjalo, maxa wambi kuba nzima ukuba umKristu afumane ingqesho evumelanayo nemilinganiselo yeBhayibhile. Ngokomzekelo, abanye abaqeshwa kufuneka bakhohlise abathengi. Kwelinye icala, abaqeshi abaninzi baya kwenza uhlengahlengiso ukuze balungiselele isazela somsebenzi onyanisekileyo, bengafuni ukulahlekelwa ngumqeshwa onokuthenjwa. Noko ke, nokuba kwenzeka ntoni na, unokuqiniseka ukuba uThixo uya kuyisikelela imigudu yakho yokufumana umsebenzi okushiya unesazela esicocekileyo.—2 Korinte 4:2.
20. Kutheni sifanele sibe ngabakhethayo kwiindlela esizonwabisa ngazo?
20 Ekubeni uThixo efuna abakhonzi bakhe bonwabe, kufuneka silungelelanise ukusebenza nzima namathuba ahlaziyayo okuzonwabisa nokuphumla. (Marko 6:31; INtshumayeli 3:12, 13) Ihlabathi likaSathana likhuthaza ukuzonwabisa okungabonisi ntlonelo ngoThixo. Kodwa ukuze sikholise uThixo, simele sizikhethe iincwadi esizifundayo, iinkqubo zikanomathotholo nomculo esiwuphulaphulayo, iminyhadala yomculo, imifanekiso eshukumayo, imidlalo, iinkqubo zikamabonwakude neevidiyo esizibukelayo. Ukuba ukuzonwabisa esasikuthanda ngaphambili kuyangqubana nezilumkiso ezikwizibhalo ezifana neDuteronomi 18:10-12, INdumiso 11:5, namaEfese 5:3-5, siya kumkholisa uYehova ibe siya konwaba ngakumbi ukuba senza uhlengahlengiso.
UKUHLONELA UBOMI NEGAZI
21. Intlonelo ngobomi ifanele iyichaphazele njani imbono yethu ngokuqhomfa, kwanemikhwa nehambo yethu?
21 Ukuze sonwabe ngokwenene, kufuneka sibujonge ubomi njengobungcwele, kanye njengokuba uYehova esenza. ILizwi lakhe alisivumeli ukuba sibulale. (Mateyu 19:16-18) Eneneni, uMthetho kaThixo kumaSirayeli ubonisa ukuba kwanemveku engekazalwa uyijonga njengobomi obuxabisekileyo—into engamele itshatyalaliswe. (Eksodus 21:22, 23) Ngenxa yoko, ubomi asimele sibuphathe njengento engaxabisekanga ngokusebenzisa icuba, ngokuphatha kakubi imizimba yethu ngeziyobisi okanye ngotywala, okanye ngokubeka ubomi bethu emngciphekweni ngokungeyomfuneko. Yaye asifanele sibandakanyeke kulo naluphi na usukelo olubeka ubomi engozini yaye asifanele siwatyeshele amanyathelo okusikhusela, nto leyo esenokuphumela kwityala legazi.—Duteronomi 22:8.
22. (a) Yiyiphi imbono yomntu ohlonela uThixo ngegazi nokusetyenziswa kwalo? (b) Lelikabani ekuphela kwegazi elisindisa ubomi ngokwenene?
22 UYehova waxelela uNowa nentsapho yakhe ukuba igazi limela umphefumlo, okanye ubomi. Ngoko ke, uThixo wabalela ukutya igazi layo nantoni na. (Genesis 9:3, 4) Ekubeni siyinzala yabo, loo mthetho uyasebenza kuthi sonke. UYehova waxelela amaSirayeli ukuba igazi lalimele lichithelwe emhlabeni yaye abantu bangalisebenziseli iinjongo zabo. (Duteronomi 12:15, 16) Yaye umthetho kaThixo ngegazi waphindwa xa amaKristu enkulungwane yokuqala ayalelwa kwathiwa: “Nizile . . . negazi.” (IZenzo 15:28, 29) Ngenxa yokuhlonela ubungcwele bobomi, abantu abahlonela uThixo abalwamkeli utofelo-gazi, kwanaxa abanye benyanzelisa besithi oko kuya kusindisa ubomi. Izinto ezininzi ezinokusetyenziswa kwezonyango endaweni yalo ezamkelekileyo kumaNgqina kaYehova ziye zangqineka ziphumelela kakhulu ibe aziwachanabi kwiingozi zotofelo-gazi. AmaKristu ayazi ukuba ligazi likaYesu elaphalalayo kuphela elinokusindisa ubomi ngokwenene. Ukholo kulo luzisa ukuxolelwa nethemba lobomi obungunaphakade.—Efese 1:7.
23. Yiyiphi eminye yemivuzo yendlela yobomi yokuhlonela uThixo?
23 Ngokucacileyo, ukuphila ubomi bokuhlonela uThixo kufuna umgudu. Kusenokuphumela ekugculelweni ngamalungu entsapho okanye ngabo siqhelene nabo. (Mateyu 10:32-39; 1 Petros 4:4) Kodwa imivuzo yokuphila ubomi obunjalo mininzi kakhulu kunezilingo. Kubangela isazela esicocekileyo yaye kunikela nonxulumano olwakhayo nabanye abanquli bakaYehova. (Mateyu 19:27, 29) Kwakhona, khawucinge ngokuphila ngonaphakade kwihlabathi likaThixo elitsha lobulungisa. (Isaya 65:17, 18) Yaye olunjani lona uvuyo olubakho ngokwenza ngokuvisisana nesiluleko seBhayibhile uze ngaloo ndlela uvuyise intliziyo kaYehova! (IMizekeliso 27:11) Akumangalisi ke ngoko ukuba ukuphila ubomi bokuhlonela uThixo kusizisa ulonwabo!—INdumiso 128:1, 2.
HLOLA ULWAZI LWAKHO
Ziziphi ezinye zezizathu ezibangela ukuba ukuphila ubomi bokuhlonela uThixo kuzise ulonwabo?
Ukuphila ngokuhlonela uThixo kusenokufuna ziphi iinguqulelo?
Kutheni ufuna ukuphila ubomi bokuhlonela uThixo?
[Umfanekiso okwiphepha 124, 125]
Imisebenzi yokomoya elungelelaniswe namaxesha okuphumla inegalelo kulonwabo lwabo baphila ngokuhlonela uThixo