Isahluko 9
Kwenzeka Ntoni Kwabo Sibathandayo Bafileyo?
1. Bavakalelwa njani abantu xa kusifa umntu abamthandayo?
“UBANI uyabandezeleka xa efelwa ngumntu amthandayo ngenxa yokuba asisayi kuze sazi ukuba baya phi na abo basishiyayo.” Watsho njalo omnye unyana xa wafelwa nguyise kwaza ngokukhawuleza emva koko kwalandela unina. Intlungu awayekuyo nokuziva elahlekelwe kwamenza waziva “esonganyelwa ziimvakalelo” zakhe. Mhlawumbi nawe ukhe wabandezeleka ngendlela efanayo. Usenokuba ubuzibuza ukuba baphi abo ubathandayo nokuba uya kuze ubuye ubabone kwakhona na.
2. Yiyiphi imibuzo exakayo ephakamayo ngokufa?
2 Abazali abathile abasentlungwini baye baxelelwe ukuba, “Isitya esihle asidleli, ngoko uThixo usithabathile.” Ngaba kunjalo ngokwenene? Ngaba abo sibathandayo baye kwelemimoya? Ngaba bakwindawo abanye abayibiza ngokuba yiNirvana, echazwa njengemeko yolonwabo yokukhululeka kuzo zonke iintlungu neminqweno? Ngaba abo sibathandayo badlulele kubomi bokungafi eparadisi? Okanye njengokuba abanye besitsho, ngaba ukufa kukuwela kwintuthumbo engapheliyo kwabo bamonileyo uThixo? Ngaba abafi banokubuchaphazela ubomi bethu? Ukuze sifumane iimpendulo eziyinyaniso kwimibuzo enjalo, kufuneka sibhenele eLizwini likaThixo, iBhayibhile.
UYINTONI “UMOYA” OSEBANTWINI?
3. USocrates noPlato babenaziphi iimbono ngabafi, yaye oku kubachaphazela njani abantu namhlanje?
3 Isithandi sobulumko somGrike samandulo uSocrates noPlato babesithi kumele ukuba kukho into ethile ngokwemvelo engafiyo ngaphakathi kumadoda nabafazi—umphefumlo osindayo ekufeni uze ungaze ufe ngokwenene. Emhlabeni wonke, izigidi zabantu namhlanje ziyakukholelwa oku. Ngokufuthi le nkolelo ibangela ukoyikwa okungathethekiyo kwabafi njengoko ikwabangela ukuxhalatyelwa kwentlalo-ntle yabo. IBhayibhile isifundisa okwahluke ngokupheleleyo ngabafi.
4. (a) IGenesis isixelela ntoni ngomphefumlo? (b) UThixo wafaka ntoni kuAdam ukuze aphile?
4 Xa siqwalasela imeko yabafi, simele sikhumbule ukuba umawokhulu wethu, uAdam, wayengenawo umphefumlo. Wayenguwo umphefumlo. Kwisenzo esikhwankqisayo sokudala, uThixo wabumba umntu—umphefumlo—ngamasuntswana omhlaba waza waphefumlela kuye “impefumlo yobomi.” IGenesis 2:7 isixelela oku: “UYehova uThixo wambumba umntu ngothuli lwasemhlabeni, waphefumlela emathatheni akhe impefumlo yobomi; umntu ke waba ngumphefumlo ophilileyo.” Kukuphefumla okwagcina uAdam ephila. Kodwa, kwakubandakanyeke okungakumbi kunokuvuthela umoya emiphungeni yomntu xa uThixo wafaka impefumlo yobomi kuAdam. IBhayibhile ithetha “ngamandla okuphila” asebenza kwizidalwa eziphilayo emhlabeni.—Genesis 7:22, NW.
5, 6. (a) Yintoni “amandla obomi”? (b) Kwenzeka ntoni xa “umoya” okhankanywe kwiNdumiso 146:4 uyeka ukwenza umzimba uphile?
5 Yintoni “amandla okuphila”? Ngamandla anika ubomi uThixo awawafaka kumzimba ka-Adam owawungenabomi. Andula ke la mandla axhaswa yinkqubo yokuphefumla. Kodwa uyintoni “umoya” ekubhekiselwa kuwo kwiNdumiso 146:4? Loo ndinyana ithi ngomntu ofayo: “Uyaphuma umoya wakhe, abuyele yena emhlabeni wakhe; ngaloo mini ayatshitsha amabhongo akhe.” Xa ababhali beBhayibhile babesebenzisa igama elithi “umoya” ngale ndlela, babengacingi ngomphefumlo ophume emzimbeni oqhubeka uphila emva kokufa komzimba.
6 “Umoya” ophumayo kubantu xa besifa ngamandla obomi abawanikwa nguMdali wethu. (INdumiso 36:9; IZenzo 17:28) La mandla obomi akanalo nokuba lube lunye kwiimpawu zesidalwa abesenze saphila, kanye njengokuba umbane ungafani nezixhobo ozinika amandla. Xa umntu esifa, umoya (amandla obomi) uyayeka ukwenza iiseli zomzimba ziphile, kanye njengokuba isibane sicima xa umbane ucinyiwe. Xa amandla obomi eyeka ukuxhasa umzimba, umntu—umphefumlo—uyafa.—INdumiso 104:29; INtshumayeli 12:1, 7.
“UYA KUBUYELA KWASELUTHULINI”
7. Kwakuya kwenzeka ntoni kuAdam ukuba wayengamthobeli uThixo?
7 UYehova wakuchaza ngokucacileyo oko kwakuya kuthethwa kukufa kumoni onguAdam. UThixo wathi: “Uya kudla ukudla kokubila kobuso bakho, ude ubuyele emhlabeni, kuba uthatyathwe kuwo; ngokuba uluthuli, uya kubuyela kwaseluthulini.” (Genesis 3:19) Wayeya kubuyela phi uAdam? Emhlabeni, eluthulini awayedalwe ngalo. Xa esifa uAdam wayengasayi kubakho!
8. Njengemiphefumlo, abantu abazigqithi ngayiphi indlela izilwanyana?
8 Kule nkalo, ukufa kwabantu akwahlukanga koko kwezilwanyana. Nazo ziyimiphefumlo, yaye ngumoya, okanye amandla obomi, ofanayo ozinika amandla. (Genesis 1:24) KwiNtshumayeli 3:19, 20, indoda esisilumko uSolomon isixelela oku: “Njengoko kunjalo ukufa kwabo, kunjalo ukufa kwazo; mnye umoya kubo bonke nakuzo zonke; [ekufeni] akukho kuyigqitha komntu inkomo . . . zonke ezo zinto zavela eluthulini, zonke ezo nto zibuyela eluthulini.” Umntu wayeyigqitha inkomo ngokuba wayedalwe ngokomfanekiselo kaThixo, ebonakalisa iimpawu zikaYehova. (Genesis 1:26, 27) Kodwa, ekufeni abantu nezilwanyana babuyela eluthulini ngokufanayo.
9. Bakwimeko enjani abafi, yaye baya phi?
9 USolomon wahlabela mgama wachaza oko kuthethwa kukufa esithi: “Abadla ubomi bayazi ukuba baya kufa; ke bona abafileyo abazi lutho.” Ewe, abafileyo abazi nto konke konke. Ngenxa yoku, uSolomon wabongoza: “Yonke into esiyifumanayo isandla sakho ukuba siyenze, yenze ngamandla akho; ngokuba akukho kwenza, nakucinga, nakwazi, nakulumka kwelabafileyo [“eShiyol,” NW], apho uya khona wena.” (INtshumayeli 9:5, 10) Bayaphi abafi? EShiyol, (ngesiHebhere, sheʼohlʹ), ingcwaba eliqhelekileyo loluntu. Abo sibathandayo bafileyo abazi lutho. Ababandezeleki, yaye abanakusiphembelela nangayiphi na indlela.
10. Kutheni sinokuthi ukufa akunyanzelekanga ukuba kube sisiphelo?
10 Ngaba thina sonke nabo sibathandayo simele siphile iminyaka embalwa kuphela size singabuye sibekho ngonaphakade? IBhayibhile ayitsho njalo. Ngexesha lokuvukela kuka-Adam, ngoko nangoko uYehova uThixo waqalisa amalungiselelo okulungisa imiphumo emibi yesono somntu. Ukufa kwakungeyonxalenye yenjongo kaThixo ngoluntu. (Hezekile 33:11; 2 Petros 3:9) Ngenxa yoko, ukufa akunyanzelekanga ukuba kube sisiphelo sethu okanye sabo sibathandayo.
“ULELE”
11. UYesu wayichaza njani imeko yomhlobo wakhe owayefile uLazaro?
11 UYehova unenjongo yokusihlangula thina nabo sibathandayo ekufeni okwabangelwa nguAdam. Ngenxa yoko, iLizwi likaThixo libhekisela kwabafileyo njengabaleleyo. Ngokomzekelo, emva kokuva ukuba umhlobo wakhe uLazaro wayefile, uYesu Kristu waxelela abafundi Bakhe oku: “ULazaro, umhlobo wethu, ulele; ndiyaya ukuba ndimvuse.” Ekubeni abafundi bengazange bayiqonde kwangoko intsingiselo yala mazwi, uYesu ngokucacileyo wathi: “ULazaro ufile.” (Yohane 11:11, 14) Wandula ke uYesu waya kwidolophu yaseBhetani, apho oodadeboLazaro uMarta noMariya babekhathazekile ngenxa yokufa komnakwabo. Xa uYesu waxelela uMarta ukuba, “Umnakwenu uya kubuya avuke,” uMarta wavakalisa ukuba wayekholelwa kwinjongo kaThixo yokulungisa imiphumo yokufa kwintsapho yabantu. Wathi: “Ndiyazi ukuba uya kubuya avuke eluvukweni, ngomhla wokugqibela.”—Yohane 11:23, 24.
12. UMarta owayefelwe wayenaliphi ithemba ngabafi?
12 UMarta akazange athethe nento le ngomphefumlo ongafiyo ophila kwenye indawo emva kokufa. Wayengakholelwa ukuba uLazaro wayesele eye kwelemimoya apho wayeqhubeka ephila khona. UMarta wayekholelwa kwithemba elimangalisayo lokuvuswa ekufeni. Wayengacingi ukuba, umphefumlo ongafiyo wawuphumile emzimbeni kaLazaro, kodwa wayeqonda ukuba umnakwabo ofileyo wayeyekile ukuphila. Uncedo lwaluya kuba kukuvuswa komnakwabo.
13. Ngawaphi amandla anawo uYesu awanikwe nguThixo, yaye wawabonisa njani la mandla?
13 NguYesu Kristu onikwe amandla okukhulula uluntu nguYehova uThixo. (Hoseya 13:14) Ngenxa yoko, ephendula amazwi kaMarta, uYesu wathi: “Ndim uvuko, ndim ubomi; lowo ukholwayo kum, nokuba ubethe wafa, wodla ubomi.” (Yohane 11:25) UYesu wabonisa amandla awanikwe nguThixo kule nkalo xa waya engcwabeni likaLazaro, owayentsuku-ne efile, waza wambuyisela ebomini. (Yohane 11:38-44) Khawuthelekelele nje uvuyo lwabo babona olu vuko okanye uYesu Kristu evusa abanye!—Marko 5:35-42; Luka 7:12-16.
14. Kutheni uvuko nengcamango yomphefumlo ongafiyo zingadibani?
14 Khawunqumame kancinane ucinge ngoku: Akukho mntu bekuya kufuneka avuswe, okanye abuyiselwe ebomini, ukuba umphefumlo ongafiyo ubusinda ekufeni. Eneneni, kwakungayi kuba bububele ukuvusa umntu ofana noLazaro abuyele kubomi obungafezekanga emhlabeni ukuba wayesele edlulele kumvuzo omangalisayo wasezulwini. Eneneni, iBhayibhile ayize ilisebenzise ibinzana elithi “umphefumlo ongafiyo.” Kunoko, iZibhalo zithi umphefumlo womntu owonayo uyafa. (Hezekile 18:4, 20) Ngoko iBhayibhile ithetha ngelungiselelo lovuko njengoncedo lokwenene ekufeni.
“BONKE ABASEMANGCWABENI ENKUMBULO”
15. (a) Igama elithi “uvuko” lithetha ukuthini? (b) Kutheni uvuko lwabantu lungayi kuba yingxaki kuYehova uThixo?
15 Igama abafundi bakaYesu ababelisebenzisa ukuchaza “uvuko” ngokoqobo lithetha “ukuphakamisa” okanye “ukuma ngeenyawo.” Oku kukuphakamisa kwimeko yokungabi nabomi yokufa—ngokungathi kunjalo, ukuma ngeenyawo uphume kwingcwaba eliqhelekileyo loluntu. Kulula ngoYehova uThixo ukuvusa umntu. Ngoba? Ngenxa yokuba nguYehova uMsunguli wobomi. Namhlanje, abantu banokurekhoda amazwi nemifanekiso yamadoda nabafazi ngevidiyo yaye oku kunokudlalwa emva kokuba abo bantu befile. Ngoko ke, ngokuqinisekileyo uMdali wethu onamandla onke unokuzishicilela iinkcukacha zakhe nawuphi na umntu aze avuse kwaloo mntu, emnika umzimba owenziwe ngokutsha.
16. (a) UYesu wathembisa ntoni ngabo bonke abo bakumangcwaba enkumbulo? (b) Yintoni eya kugqiba ngoko kuya kuba ngumphumo wovuko lukabani?
16 UYesu Kristu wathi: “Kuza ilixa abaya kuthi ngalo bonke abasemangcwabeni [enkumbulo, NW] balive ilizwi lakhe [uYesu]; baphume ke: abo benza izinto ezilungileyo beze eluvukweni lobomi; nabo ke benza izinto ezimbi, beze eluvukweni lokugwetywa.” (Yohane 5:28, 29) Bonke abo bakwinkumbulo kaYehova baya kuvuswa baze bafundiswe ngeendlela zakhe. Kwabo benza ngokuvisisana nolwazi ngoThixo, olu luya kuba luvuko lobomi. Noko ke, luya kuba luvuko lokugwetywa kwabo bangazamkeliyo iimfundiso nolawulo lukaThixo.
17. Ngoobani abaya kuvuswa?
17 Ngokuzenzekelayo, abo bebelandela ikhondo lobulungisa njengabakhonzi bakaYehova baya kuvuswa. Eneneni, ithemba lovuko lomeleza abaninzi bakwazi ukujamelana nokufa, kwanaxa babetshutshiswa ngogonyamelo. Babesazi ukuba uThixo wayenokubabuyisela ebomini. (Mateyu 10:28) Kodwa izigidi zabantu ziye zafa zingakhange zibonise enokuba beziya kuyithobela kusini na imilinganiselo kaThixo yobulungisa. Nazo ziya kuvuswa. Eqinisekile ngenjongo kaYehova kule nkalo, umpostile uPawulos wathi: “Ndinethemba kuThixo . . . ukuba kuza kubakho uvuko lwabafileyo, lwamalungisa kwanolwabangemalungisa.”—IZenzo 24:15.
18. (a) Umpostile uYohane wafumana umbono onjani wovuko? (b) Yintoni etshatyalaliswa “edikeni lomlilo,” yaye eli “dike” lifuzisela ntoni?
18 Umpostile uYohane wafumana umbono ochulumancisayo wabavusiweyo bemi phambi kwetrone kaThixo. Wandula ke uYohane wabhala: “Ulwandle lwabakhupha abafileyo abakulo, kwathi ukufa nelabafileyo [“neHadesi”] kwabakhupha abafileyo abakhona; bagwetywa elowo ngokwemisebenzi yakhe. Kwaza ukufa nelabafileyo [“neHadesi”] kwaphoswa edikeni lomlilo. Oko kukufa kwesibini [idike lomlilo].” (ISityhilelo 20:12-14, thelekisa iNW.) Khawufan’ ucinge! Bonke abafi abakwinkumbulo kaThixo banethemba lokukhululwa eHadesi (ngesiGrike, haiʹdes), okanye eShiyol, ingcwaba eliqhelekileyo loluntu. (INdumiso 16:10; IZenzo 2:31) Baya kuba nethuba lokubonisa ngezenzo zabo enoba baya kumkhonza na uThixo. Kuya kwandula ke “ukufa neHadesi” kuphoswe koko kubizwa ngokuba ‘lidike lomlilo,’ okufuzisela ukutshatyalaliswa ngokupheleleyo, njengokuba kunjalo ngegama elithi “Gehena.” (Luka 12:5, NW) Baya kukhutshwa abo bakumangcwaba aqhelekileyo oluntu ibe akayi kubuya abekho xa lugqityiwe uvuko. Hayi indlela okuthuthuzela ngayo ukufunda eBhayibhileni ukuba uThixo akathuthumbisi namnye!—Yeremiya 7:30, 31.
BAYA KUVUSELWA PHI?
19. Kutheni abantu abathile beya kuvuselwa ezulwini, yaye uThixo uya kubanika umzimba onjani?
19 Inani elisikelwe umda lamadoda nabafazi liya kuvuselwa ebomini ezulwini. Njengookumkani nababingeleli noYesu, baya kuba nesabelo ekulungiseni yonke imiphumo yokufa uluntu olwayizuza ilifa kumntu wokuqala, uAdam. (Roma 5:12; ISityhilelo 5:9, 10) Bangaphi uThixo aya kubathabathela ezulwini ukuze balawule noKristu? Ngokutsho kweBhayibhile, bali-144 000 kuphela. (ISityhilelo 7:4; 14:1) UYehova uya kunika ngamnye kwaba bavusiweyo umzimba womoya ukuze bakwazi ukuphila ezulwini.—1 Korinte 15:35, 38, 42-45; 1 Petros 3:18.
20. Kuya kwenzeka ntoni kuluntu oluthobelayo, kuquka abavusiweyo?
20 Inkoliso yabo bafileyo iya kuvuselwa kumhlaba oyiparadisi. (INdumiso 37:11, 29; Mateyu 6:10) Esinye isizathu sokuba abathile bavuselwe ezulwini kukuze kufezwe injongo kaThixo ngomhlaba. UYesu Kristu nabali-144 000 ezulwini ngokuqhubekayo baya kubuyisela uluntu oluthobelayo kwimfezeko eyalahlwa ngabazali bethu bokuqala. Oku kuya kuquka abavusiweyo, njengokuba uYesu wabonisayo xa waxelela indoda eyayisifa ibethelelwe ecaleni kwakhe: “Uya kuba nam eParadisi.”—Luka 23:42, 43.
21. Ngokutsho komprofeti uIsaya nompostile uYohane, kuya kwenzeka ntoni ngokufa?
21 Kumhlaba oyiParadisi, ukufa, okubangela umonakalo ongaka namhlanje, kuya kupheliswa. (Roma 8:19-21) Umprofeti uIsaya wathi uYehova uThixo ‘uya kuginya ukufa kuphele.’ (Isaya 25:8) Umpostile uYohane waboniswa umbono wexesha laxa uluntu oluthobelayo luya kukhululeka kwiintlungu nokufa. Ewe, ‘uThixo uya kuba nabo, azisule uThixo zonke iinyembezi emehlweni abo, kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho nasijwili, nakukhala, nantlungu; ngokuba izinto zokuqala zigqithile.’—ISityhilelo 21:1-4.
22. Ukwazi ngovuko kukuchaphazela njani?
22 Iimfundiso ezicacileyo zeBhayibhile ziyakuphelisa ukudideka ngoko kwenzekayo kwabafileyo. IZibhalo zitsho ngokucacileyo ukuba ukufa ‘lutshaba lokugqibela’ oluya kutshatyalaliswa. (1 Korinte 15:26) Hayi indlela esinokufumana amandla size sithuthuzeleke ngayo ngokwazi ithemba lovuko! Yaye hayi indlela esinokuvuya ngayo kuba abo sibathandayo bafileyo bakwinkumbulo kaThixo baya kuvuswa ebuthongweni bokufa ukuze banandiphe zonke izinto ezilungileyo azigcinele abo bamthandayo! (INdumiso 145:16) Ezo ntsikelelo ziya kuziswa buBukumkani bukaThixo. Kodwa lwalumele luqalise nini ulawulo lwabo? Makhe sibone.
HLOLA ULWAZI LWAKHO
Uyintoni umoya osebantwini?
Ubungayichaza njani imeko yabafi?
Ngoobani abaya kuvuswa?
[Umfanekiso okwiphepha 85]
Kanye njengokuba uYesu wabiza uLazaro ukuba aphume engcwabeni, izigidi zabantu ziya kuvuswa
[Umfanekiso okwiphepha 86]
Kuya kubakho uvuyo xa ‘uThixo eginya ukufa kuphele’