IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Ukusebenza Ngokunyaniseka NoYehova
    IMboniselo—1990 | Agasti 15
    • 17. (a) Yiyiphi imbopheleleko esinayo? (b) Ziziphi izinto ekufuneka siziphephe ukuba siza kuyiphumeza ngokufanelekileyo imbopheleleko yethu?

      17 Umsebenzi wokushumayela ngoku uya uba ngongxamiseke ngakumbi njengoko isiphelo sobukhosi bukaSathana sisondela. Ekubeni sinenyaniso yeLizwi likaYehova uThixo, njengamaNgqina akhe, sinembopheleleko yokusasaza iindaba ezilungileyo ngalo lonke ithuba esinalo. Umsebenzi esinawo mninzi kakhulu ukuba ungasigcina sixakekile, ukuya kutsho esiphelweni. Singaze sizivumele ukuba sityekiswe sisimo sokuthanda iziyolo, esokuthanda ukuziyolisa ngokuziphatha okubi okanye sisindwe kukuthanda izinto eziphathekayo. Asifanele sizibandakanye kwindlela yokucinga yengqikelelo, sixambulisana ngamazwi, kuba oku kunokungqineka kungeyongenelo ibe kusidla ixesha. (2 Timoti 2:14; Tito 1:10; 3:9) Xa abafundi babuza uYesu besithi, “Nkosi, wobubuyisela ngeli xesha na ubukumkani kuSirayeli?” uYesu walathisela ukucinga kwabo kumsebenzi obalulekileyo owawukho, esithi: “[Niya kuba] ngamangqina am eYerusalem, kwanakulo lonke elakwaYuda nelaseSamariya, kude kuse nasekupheleni komhlaba.” Olo thumo lunabela ukuza kutsho kulo mhla.—IZenzo 1:6-8.

      18. Kutheni ukusebenza noYehova kuvuza kangaka nje?

      18 Ukusebenza noYehova, ukushumayela nebandla lakhe lazwenibanzi namhlanje, kuzisa ulonwabo, ulwaneliseko nenjongo yokwenene kubomi bethu. Lithuba elihle kuye ngamnye kubathandi bakaYehova lokuba abonakalise ukuzinikela nokunyaniseka kuye. Lo msebenzi awusayi kuphindwa kwiinkalo zawo ezininzi. Sinethemba elicacileyo lobomi obungunaphakade ngaphambili, ngamana singaqhubeka ngokunyaniseka ‘simkhonze uThixo, sinokuhlonela nokoyika,’ ukusa kwindumiso yakhe nosindiso lwethu.—Hebhere 12:28.

      Ithini Impendulo Yakho?

      ◻ UYesu wafumana uvuyo nolwaneliseko kuwuphi umsebenzi?

      ◻ Ngoobani abawuchasileyo umsebenzi kaYehova, yaye ngoba?

      ◻ “Imisebenzi elungileyo” yehlabathi ithelekiseka njani nokushunyayelwa kweendaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo?

  • Musa Ukulityeshela Iqabane Lakho!
    IMboniselo—1990 | Agasti 15
    • Musa Ukulityeshela Iqabane Lakho!

      ISIBINI sishiya iHolo YoBukumkani. Ubuso obuzele luncumo bendoda nomfazi bubonisa ulonwabo abalunandiphayo ‘benyama-nye,’ bemanyene ekunquleni uThixo wabo, uYehova. (Mateyu 19:6) Noko ke, bebengasoloko benandipha umanyano okanye besabelana ngokholo olunye. Kwakukho ixesha laxa umfazi, uAtsuko, wayesiya kwiintlanganiso eyedwa. Emva koko wayebuyela ekhaya aze afikele kwindoda eligwele ngumsindo neyayimngxolisa. Indoda yakhe, uKazutaka, yakhe yanomsindo kangangokuba yathi hlasi itafile yokudlela ibe, ngesithonga esinye, yakugalela phantsi konke oko kudla kwangokuhlwa.

      Kanye njengoko uYesu waxela kwangaphambili, ubuKristu bokwenyaniso buye babangela ukungavisisani kwiintsapho ezithile. (Mateyu 10:34, 35) Ukanti, njengoKazutaka noAtsuko, bambi banandipha umanyano olungokonqulo nolonwabo kumakhaya abo. Kambe ke, umanyano olunjalo aluzange lusuke nje lwenzeke. Amakholwa enza ntoni ukoyisa inkcaso nokuzisa imvisiswano yokwenyaniso entsatsheni? Ngaphambi kokuba sikuqwalasele oko, makhe sibone nje isizathu sokuba amanye amaqabane echasa.

      Kwakutheni Ukuze Bachase?

      UAtsuko uzityand’ igila esithi, “Njengoko ndikhumbula emva, ndiyaqonda ukuba ndandisiya kwiintlanganiso ndingazicacisanga izinto kumyeni wam.” Akushiywa yedwa engazi nto, uKazutaka wayeba lugcwabevu ngumsindo.

      Amadangatye enkcaso asenokuvutha ngenxa yobukhwele. Enye indoda, uShigeo, yaqalisa ukuzikrokrela ngaphandle kwesizathu izinxulumani ezitsha zomfazi wayo. “Njengoko umfazi wam wayefaka izithambiso zokuzihombisa aze emke aye ezintlanganisweni, ndandicinga ukuba unenye indoda.” UMasako, umfazi wakhe, uyavuma esithi, “Ngokwenene asizange sibe nethuba lokuthetha ngako oku sobabini. Andizange ndiwukhankanye umnqweno wam osuk’ entliziyweni wokuba naye afunde inyaniso yobuKristu.”

      UToshiko, ongumfazi onyamekela ikhaya, wavakalelwa njengoShigeo. “Xa umyeni wam waqalisa ukufundisisa namaNgqina kaYehova, ndachasa ngenxa yokuba ngokuthe ngcembe wayelandisa ixesha awayelichitha nebandla. Ndandisela utywala ukuphepha ezi mvakalelo ngoxa wayengekho.”

      Okwathethwa nguToshiko kwavelisa esinye isizathu—ubulolo. Le yindlela abanye babo babesakuba ngabachasi ababevakalelwa ngayo xa amaqabane abo ayesimka ngokuthe rhoqo esiya ezintlanganisweni zawo. Enye indoda ikhumbula oku: “Ngoxa ndishiywe ndodwa endlwini, ndandiziva ndilahliwe.” Enye ithi: “Ndandivakalelwa ngokungathi umfazi nabantwana bam babendishiyile.” Ekubeni inkoliso yamadoda ikufumanisa kunzima ukuthi, “Ndinesithukuthezi, nceda ungahambi,” wambi abhenela ekuchaseni uqheliselo olungokonqulo lwamaqabane awo.

      Maxa wambi ingcinezelo yezihlobo nezalamane isenokukhokelela ekubeni kwaneqabane elingenankathazo lichase. KwelaseMpuma kuthiwa umfazi ngokuqhelekileyo “wamkelwa njengenxalenye yentsapho kunokuba amanyane nendoda yakhe.” Ingcinezelo yezalamane inokuthi ngokulula ivelise ukungavisisani. Umfazi ongumKristu kaTakashi wala ukuba nenxaxheba ekunquleni kwisibingelelo sentsapho sobuBhuda. UTakashi uyachaza: “Eyona nto yazenza nzima izinto, kukuba sasihlala kufuphi nezalamane zam. Umama wayendinyanzela, ngako oko ndamsongela umfazi wam yaye ndasebenzisa ugonyamelo.”

      Ukungaqondi, okubangelwa kukungabikho kokuncokolisana, ubukhwele, ubulolo, okanye ingcinezelo evela kwizalamane, kunokukhokelela kugonyamelo. Indoda eyayidla ngokumbetha umfazi wayo iyavuma isithi: “Ndandingafuni ukulahlekelwa yintsapho yam ngenxa yonqulo.” Enye ithi: “Ndandiyithiyile into yokufika ekhaya kulil’ ibhungane.” Mhlawumbi ayeqiqa ngolu hlobo, ‘Ukuba amazwi akanako ukuyiphelisa le nzondelelo yonqulo, ndiza kuyiphelisa ngentonga.’

      Okuvuyisayo kukuba, zonke ezi zibini zikhankanywe ngasentla kamva zamanyana elunqulweni. Amava azo acaphukisayo ngoku ayinto yexesha elidluleyo. Kodwa ekubeni zatyhubela kuwo, zikwimeko entle yokunikela amacebiso asebenzisekayo asenokunceda ekuthibazeni iimeko ezibangela umsindo aze ngokunokwenzeka azise umanyano ekunquleni kwiintsapho ezisahluleleneyo kule nkalo.

      Bambelela Enyanisweni

      Xa usolula isandla sakho ukuba utsale umntu orhaxwa ngamanzi, umele ukuba ube uxhathisile nawe. Ukuba akunjalo, nawe usenokuphelela emanzini. Ngokufanayo, ukuze ukwazi ukunceda iqabane lakho wena ngokwakho umele ubambelele ngokuqinileyo kwinyaniso esindisa ubomi. Omnye owayechasile ngaphambili uthi: “Xa inkcaso yam yayikwinqanaba eliphezulu, umfazi wam wayesababamba ngengalo abantwana aze aye nabo ezintlanganisweni. Ukuba wayethe wayekelela, ndandisenokuthandabuza ukuba ukholo lwakhe lwalulolokwenene.”

      UKazutaka, owabhukuqa itafile yesidlo sangokuhlwa, utyhila oko kwaguqula isimo sakhe sengqondo njengoko elibalisa lonke ibali: “Ekugqibeleni, ndandingavumi ukumnika imali yokuhamba uAtsuko. Sekunjalo, wayesiya kuzo zonke iintlanganiso ibe wayehamba nabantwana. Ukuze enjenjalo wayethengisa izinto awayenazo, kancinane kancinane. Ndaziva ndisisifede ndaza ndaphelelwa ngamandla okumchasa. Endaweni yoko, ndaqalisa ukufunda amaphephancwadi awayewabeka ekuhleni ukuze ndiwabone.”

      Ncokolisana Neqabane Lakho

      Umfazi kaKazutaka, uAtsuko, uthi, “Ndandifanele ukuba ndimmemile umyeni wam ukuba andithelele ndize ndimazise ukuba ndandifuna sifundisise kunye iBhayibhile. Wayenenkxalabo ngam nentsapho. Ukuncokolisana okuhle ngekwakuphumeze okungakumbi ekuthomalaliseni ukuxhalaba kwakhe.” Ewe, ukuncokolisana okuhle kukhokelela ekuqondeni. IBhayibhile iyaluleka: “Iingcinga ziyatshitsha ngokungabikho kokucweya.” (IMizekeliso 15:22) Ngokwalo mongo, ‘ukucweya’ neqabane lakho ngokuphathelele imisebenzi yakho yonqulo kumele kucingisiswe kakuhle kuze kwenziwe ngobuchule. IBhayibhile ithi: “Intliziyo yesilumko iyawuqiqisa umlomo waso, yongeze imfundiso emilebeni yomlomo waso.” (IMizekeliso 16:23) Kubaluleke ngendlela efanayo ukuba nobulumko ekukhetheni ixesha elifanelekileyo lokuthetha.—INtshumayeli 3:7.

      Indlela othetha ngayo mhlawumbi ibaluleke ngokufana nento oyithethayo. Umpostile uPawulos uyaluleka esithi: “Ukuthetha kwenu makuhlale kumnandi, kuvakalisiwe ngetyuwa, ukuze nazi ukuba nimelwe kukuthini na ukuphendula bonke ngabanye.” (Kolose 4:6) Xa uthetha kamnandi, ngendlela emyoli, akunakufane kwenzeke ukuba iqabane lakho lingakuphulaphuli oko ukuthethayo.

      Amadoda amaninzi akufumanisa kunzima ukufundiswa ngabafazi bawo. Ngoko abafazi kufuneka babe nobuchule. UKikuyo wazisebenzisa ngendlela efanelekileyo iimpapasho zeWatch Tower Society. Uthi: “Zisuka nje ndakuba ndifumene uVukani! wam eposini, ndandiye ndimphenye ukuze ndifumane imibandela eyayiyakuba yeyomdla kumyeni wam. Ndandule ke ndithandazele ixesha elifanelekileyo lokuba ndabelane naye ngayo.” Umfazi wayedla ngokushiya iphephancwadi kwigumbi lokuhlambela aze ahlole amaphepha alo imihla ngemihla ukubona enoba indoda yakhe iye yanenqaku elifundileyo kusini na kulo. Xa yayibonakala ingalifundanga, wayelitshintsha elo phephancwadi. Indoda kaKikuyo ngoku isisicaka solungiselelo kwaye inguvulindlela.

      Amandla Ehambo Entle

      Kodwa kuthekani ukuba iqabane lakho alifuni kuxubusha nawe ngonqulo? Ukuqhelana namanye amaKristu kusenokuyidambisa inkcaso ekrakra yeqabane lakho kuze kulishukumise ukuba lifundisise iBhayibhile. UMasao, ngoku ongumdala, ngaxa lithile wawalela amaNgqina kaYehova ukuba athi cakatha ekhayeni lakhe. Ukhumbula oku: “Ekugqibeleni ndakuvuma ukufundisisa iBhayibhile namaNgqina emva kokuba umfazi wam endicele ukuba ndincedise ekwakhiweni kweHolo YoBukumkani. Ndachukunyiswa kukubona wonke ubani esebenza ngokumanyeneyo ngovuyo—ngaphandle kwentlawulo.”

      Yintoni onokuyenza ukuba iqabane lakho liyala ukuxubusha ngonqulo naye nabani na? Umpostile uPetros ubongoza esithi: “Nokuba kukho kuwo angalivayo ilizwi, athi ngehambo [yamaqabane], lingekho ilizwi, azuzeke.” Ngokomzekelo, luhlobo olunjani lwehambo yomfazi ongumKristu enokuyenza izuzeke indoda yakhe? UPetros uthi, ‘Yihambo enyulu, enoloyiko’ ebonisa ‘umntu ofihlakeleyo wentliziyo, ovethe ukungonakali, umoya onobulali, ozolileyo.’—1 Petros 3:1-4.

      Omnye umfazi ongumKristu wawusebenzisa lo mgaqo xa indoda yakhe echasileyo yayibandakanyeke kwihambo elihlazo yokuziphatha. Nangona yayihlazekile ngokwasekuhlaleni kwaza oku kwayichithela nemali eninzi, ayizange imve umfazi okanye abantwana bekhalaza. Indoda yavuma isithi: “Ndandisazi ukuba ukuziphatha kwabo ngokwahlukileyo kwakungenxa yokufundisisa kwabo iBhayibhile.” Emva kokuchasa kangangeminyaka, yaqalisa ukufunda iBhayibhile. Amanye amadoda awathi kamva aba ngamaNgqina athi: “Bendilikhokhosholo lendoda, kodwa ngequbuliso umfazi wam uye wandihlonela njengentloko yekhaya.” “Xa izinxulumani zam zoshishino zathi zeza ekhayeni lethu, umfazi wam wayezamkela ngokufudumeleyo. Ndakuthanda oko.”

      Kwanehambo entle yabantwana, inokuyithambisa intliziyo yabachasi. Akubuzwa oko kwaguqula isimo sakhe sengqondo, omnye utata owayemchasile ngaphambili umfazi wakhe wathi: “Xa unyana wam oneminyaka emibini enesiqingatha wayeqonda ukuba ndiza kuba nomsindo, wayedanduluka ngelizwi elikhulu aze aphindaphinde la mazwi: ‘Uthando luzeka kade umsindo, lunobubele.’” (1 Korinte 13:4-7) Le nkwenkwe efundiswe kakuhle yamshukumisela uyise ekubeni ahlolisise iBhayibhile. Ootata abaninzi baye bagqiba kwelokuba bayihlolisise iBhayibhile ngenxa yokuba abantwana babo baye babacela ukuba bafundisise.

      Ekugqibeleni, ukuwungena ngobulali umcimbi nangokungazixhalabisi kangako kunokwenza imimangaliso kwisimo sengqondo seqabane lakho. Enye indoda yaxelela umfazi wayo okholwayo ukuba athabathe konke awayekufuna aze aphume aphele, angaze aphinde abuye. Umfazi wakhe waphendula ngelithi: “Andifuni mntwana wam, ndingafuni namali nazinto ziphathekayo.” Wandula ke wandlala ifuroshiki enkulu (ilaphu elisetyenziswa eJapan ukusongela nokuthwala impahla) waza wathi: “Ayikho into exabiseke ngaphezu kwakho kum. Ngena kule furoshiki! Ndifuna ukuhamba nawe.” Indoda yakuyeka ukuchasa, yaqalisa ukufundisisa iBhayibhile, ibe ngoku ikhonza njengomdala.

      Ukuba unamathela enyanisweni, ulondoloze ukuncokolisana okuhle, ulungiselele unxulumano olwakhayo uze uziphathe ngendlela efanelekileyo, usenokulinceda iqabane lakho ukuba libe likholwa. Owayesakuba ngumchasi uthi: “Kwanokuba akubonakali ngathi iqabane lakho liza kuba likholwa, lisenokuguquka entliziyweni.” Ngoko musa ukuncama. Luthabathele entliziyweni ukhuthazo lompostile uPawulos alubhekisa kubo bonke abanamaqabane angakholwayo: “Kuba, wazi ngani na, mfazi, ukuba woyisindisa indoda yakho? Wazi ngani na, ndoda, ukuba womsindisa umfazi wakho?”—1 Korinte 7:16.

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share