Imibuzo Evela Kubafundi
◼ Ngaba ukuguqulelwa kukaYohane 21:15 kwiNew World Translation kuchanile ekubeni kwahlukile kwezinye iinguqulelo ezithile?
INew World Translation ithi: “Uyandithanda na ngaphezu kwezi?” ngoxa ezinye iinguqulelo ezinjengeBhayibhile yesiXhosa, zisithi: “Uyandithanda na ngaphezu kwaba?” Yiyiphi inguqulelo echanileyo?
UYesu ovusiweyo wayekuLwandle lwaseGalili xa wathi waphakamisa lo mbuzo. UPetros wamphendula wathi: “Ewe, Nkosi, uyazi wena ukuba ndiyakuthanda. Athi kuye, Dlisa amatakane am.”—Yohane 21:15.
Isimela-bizo sesiGrike, esinesininzi esingu-touʹton sinokuguqulelwa ngokuthi “kwezi” okanye “kwaba.” Ngenxa yoko, abaphengululi baye baqikelela iintsingiselo ezintathu zombuzo kaYesu:
1. Uyandithanda na ngaphezu kokuba uthanda abanye abafundi aba?
2. Uyandithanda na ngaphezu kokuba aba bafundi bendithanda?
3. Uyandithanda na ngaphezu kwezi zinto, ezinjengeentlanzi?
Makhe siqiqe ngezi ntsingiselo zintathu ukuze sibone eyona ifanelekileyo.
Eyoku-1. Ngokucacileyo, ambalwa amaKristu anokucinga ngoYesu ebuza esithi, ‘Uyandithanda na ngaphezu kokuba uthanda abafundi?’ Kakade ke sifanele senjenjalo! Bekuya kubonakala kuyinto engaqhelekanga ngakumbi ukubuza uPetros umbuzo onjalo. Wayesandul’ ukuba semkhombeni nabanye abafundi abathandathu, kodwa xa wabona uYesu elunxwemeni, uPetros wabashiya abafundi waza waya elunxwemeni. Ebonisa uthando olufanayo, xa uKristu wayebuze enoba abapostile babefuna na ukuhamba nabo babekhubekile, uPetros wathi wayezimisele ukuhlala noYesu.—Yohane 6:66-69; 21:7, 8.
Eyesi-2. Kuthekani ngesibakala sokuba mhlawumbi uYesu wayethetha ukuthi, ‘Petros, uyandithanda na ngaphezu kokuba abanye abafundi bendithanda?’ Abagqabazi abaninzi baye bayixhasa le mbono, ekubeni ngaphambilana uPetros wathi wayenyaniseke ngakumbi kuYesu kunabanye. (Mateyu 26:33-35) Kanti, ukuqonda uYohane 21:15 ngale ndlela kufuna ukuba kufakelwe isenzi esingachazwanga, njengokuthi, “Uyandithanda na ngaphezu kokuba aba [besenza]?” Kodwa isenzi esinjalo esongezelelweyo asikho kumbuzo kaYesu, yaye sibangela iingxaki kumgaqo-ntetho. Ngaphezu koko, bekungayi kuba yinto efanelekileyo ukuba uYesu acele uPetros ukuba athelekise umlinganiselo wothando lwakhe nomlinganiselo wothando abanye abasenokuba banalo. Akazange na uYesu abalungise abapostile xa bathi basukuzana?—Marko 9:33-37; 10:35-44; Luka 22:24-27.
Ngoko, ngaba intsingiselo yesi-3 inokuba koko uYesu wayekubuza? Le yindlela eguqulelwe ngayo, ngokomzekelo, kwiTestamente Entsha kwisiTsonga. Umbuzo onjalo wawuya kuba ngofanelekileyo ngenxa yoko kwathethwa nguPetros kwixa elidluleyo. Wayengomnye wabafundi bokuqala abathi balandela uYesu. (Yohane 1:35-42) Noko ke, kuyabonakala ukuba uPetros akazange athi zisuka nje abe ngumlandeli kaYesu wexesha elizeleyo. Kunoko, wabuyela ekubeni ngumbambisi weentlanzi. Ngaloo ndlela, kwiinyanga ezithile kamva uYesu wambiza uPetros ukuba awuyeke loo msebenzi wayeziphilisa ngawo ukuze abe ‘ngumbambisi wabantu.’ (Mateyu 4:18-20; Luka 5:1-11) Sekunjalo, emva kokufa kukaYesu, uPetros waqalisa ukubuyela kulo msebenzi, exelela abanye babafundi oku: “Ndiya kubambisa iintlanzi.”—Yohane 21:2, 3.
Ngoko kunokwenzeka ngokupheleleyo ukuba uYesu wayebethelela kuPetros imfuneko yokwenza ukhetho olugqibeleleyo. Yintoni awayeza kuyibeka tanci ebomini—ngaba kukuba ngumlandeli kaYesu okanye kukuba nosukelo lomsebenzi othile, njengoko kwakuboniswa ziintlanzi ezazifunjwe phambi kwakhe? Zazibaluleke kangakanani entliziyweni kaPetros iintlanzi, iminatha, imikhombe nobuhlobo nababambisi beentlanzi abangoowabo? Ngaba ngokwenene uPetros wayeya kuzishiya ezo zinto zinandiphekayo ukuze abe nothando oluncamisileyo ngoKristu aze ke ondle “amatakane” kaYesu?—Yohane 21:17.
Sinokuzibuza umbuzo ofanayo obandakanya ‘ezi zinto’ ezisenokusitsala, njengomsebenzi okanye ishishini lethu elibangel’ umdla, ukunandipha kwethu imfundo yehlabathi, ikhaya lethu, okanye uhlobo oluthile lokuzihlaziya esiluthandayo. Ngokucacileyo sinokucamngca ngale ndlela: ‘Ngaba uYesu ndimthanda ngaphezu kwayo okanye kwazo naziphi na zezi zinto?’ UYesu wabonisa ukuba ukuba impendulo yethu nguewe, siya kuyibonisa ngokondla “amatakane.”
Ngoko ke inokubonwa into yokuba inguqulelo yeNew World Translation iyavisisana nomongo nazo zonke iimfundiso zikaYesu.
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 31]
Pictorial Archive (Near Eastern History) Est.