INgoma 142
Ithemba Lendalo Lokukhululeka
1. Yonke indalo incwina njalo;
Kuvunwa okutyal’weyo.
Thix’ uchasiwe; Yon’ ithotyiwe;
Ew’ ibandezelekile.
2. Ngokukulinda ukusindiswa
Abantu bajong’ uThixo.
Wakh’ ubuhlobo, enceda ngoko
Bonke abo bancwinayo.
3. Uk’khululeka nok’buyiselwa
Kuyophelisa intlungu
Uthanjisiwe yay’ umisiwe
Ze uNyan’ anced’ uluntu.
4. Ukudlelana nalo “uhlanga”
Kwenz’ uk’ba sisikelelwe.
Babulindele, bebulungele,
UBukumkani ngovuyo.