INgoma 125
“UYehova Ungakum”
1. Ndixhomekeke kuThixo
Ibe ndayame ngaye.
Ngumnqweno wam ukuhamba
Ngazo iindlela zakhe.
Ndinok’fikelwa ziimeko
Ez’dandathekisayo;
Ke uThixo woba ngakum
Ngokuba enothando.
(Chorus)
2. Ngeli lixa lobunzima
Wondilinga uMtyholi.
Isihlwele songendawo
Sibhuza njengeenyosi.
Ndinok’hlala ndis’phekuza,
Ndikhuselwa nguThixo.
Abathand’ igama lakhe,
Wobathanda uThixo.
(Chorus)
3. Imida yohlang’ ol’ngcwele
Yandisiwe nguThixo.
Kuba abaninzi beza
Kunikel’ indumiso.
Bonke ubanik’ inkxaso
Ekwayoliswa ngabo.
Ngamana nam, kunye nabo
Ndingangoz’miseleyo.
(CHORUS)
UYehova woba ngakum;
Ndomdumisa ngonaphakade.