-
UmTshatoUkuqiqa NgeZibhalo
-
-
babandakanyeke kuzo zonke iintlobo zoqheliselo olonakeleyo.—Bona iLevitikus 18:2-18.
Yintoni enokunceda ukuphucula umtshato?
(1) Kukufundisisa iLizwi likaThixo kunye ngokuthe rhoqo nize nithandaze kuThixo nifuna uncedo lokucombulula iingxaki.—2 Tim. 3:16, 17; IMize. 3:5, 6; Fil. 4:6, 7.
(2) Kukuwuxabisa umgaqo wobuntloko. Oku kubeka imbopheleleko enzima kwindoda. (1 Kor. 11:3; Efe. 5:25-33; Kol. 3:19) Kwakhona kufuna umgudu wokunyaniseka emfazini.—Efe. 5:22-24, 33; Kol. 3:18; 1 Pet. 3:1-6.
(3) Kukuba ube nomdla wesini kwiqabane lakho kuphela. (IMize. 5:15-21; Heb. 13:4) Inkxalabo enothando ngeentswelo zeqabane likabani inokunceda ukulondoloza loo mntu nxamnye nesilingo sokwenza okuphosakeleyo.—1 Kor. 7:2-5.
(4) Kukuthetha ngobubele, ngendlela yolwazelelelo omnye komnye; kuphetshwa ukudubula komsindo, ukuba nochuku, namazwi arhabaxa okugxeka.—Efe. 4:31, 32; IMize. 15:1; 20:3; 21:9; 31:26, 28.
(5) Kukukhuthala uze uthembeke ekunyamekeleni indawo yokuhlala intsapho nesinxibo, nasekulungiseleleni izidlo ezinik’ impilo.—Tito 2:4, 5; IMize. 31:10-31.
(6) Kukusisebenzisa ngokuthobekileyo isiluleko seBhayibhile enoba unoluvo lokuba omnye wenza yonk’ into amele ayenze okanye akenjinjalo.—Roma 14:12; 1 Pet. 3:1, 2.
(7) Kukunikela ingqalelo ekukhuleni kweempawu zokomoya ngokobuqu.—1 Pet. 3:3-6; Kol. 3:12-14; Gal. 5:22, 23.
(8) Kukunikela uthando oluyimfuneko, uqeqesho, nemfundiso ebantwaneni, ukuba bakho.—Tito 2:4; Efe. 6:4; IMize. 13:24; 29:15.
-
-
UkuVela NgokutshaUkuqiqa NgeZibhalo
-
-
UkuVela Ngokutsha
Ingcaciso: Yinkolelo yokuba ubani uphinda azalwe kube kanye okanye ngaphezulu ngokulandelelanayo, usenokuba ngumntu okanye isilwanyana. Ngokuqhelekileyo kukholelwa ukuba “ngumphefumlo” ongabonakaliyo ophinda uzalwe komnye umzimba. Le asiyomfundiso yeBhayibhile.
Ngaba imvakalelo emangalisayo yokuqhelana nabantu abathile neendawo ezintsha ngokupheleleyo ingqina ukuvela ngokutsha kuyinyaniso?
Ngaba wakhe wayenza impazamo yokubhidanisa indoda okanye umfazi omnye ophilayo ngomnye okwaphilayo ngoku? Abaninzi baye bakwenza oko. Kutheni? Kungenxa yokuba abantu abathile baneempawu ezifanayo okanye basenokude bakhangeleke bephantse bafana. Ngoko imvakalelo yokuba umazi umntu nakubeni ungazange umbone ngaphambili ngokwenene ayingqini ukuba wawuqhelene naye kubomi bangaphambili, akunjalo na?
Kutheni le nto indlu okanye idolophu isenokubonakala iqhelekile kuwe ukuba akuzange ube lapho ngaphambili? Ngaba kungenxa yokuba wawuphila apho ebudeni bobomi bakho bangaphambili? Izindlu ezininzi zakhiwe ngendlela efanayo. Ifanishala esetyenziswa kwizixeko eziqelelene gqitha isenokuveliswa ngokohlobo olufanayo. Ibe akuyonyaniso na ukuba imbonakalo yeendawo ezithile ezahlukene gqitha ibonakala ifana kakhulu? Ngoko, ngaphandle kokubhenela ekuveleni ngokutsha, imvakalelo yakho yokuqhelana nezo zinto iyaqondakala ngokwenene.
Ngaba ukukhumbula ubomi kwelinye ixesha nakwenye indawo, njengoko kusenzeka ekulalisweni komntu ngomlingo, kungqina ubunyaniso bokuvela ngokutsha?
Xa umntu elaliswe ngomlingo kunokukhutshwa inkcazelo eninzi efihlakeleyo engqondweni. Abalalisi ngomlingo bachukumisa kancinane inkumbulo yokulala kwengqondo. Kodwa ezo nkumbulo zafika njani apho? Mhlawumbi wafunda incwadi, wabona umfanekiso oshukumayo, okanye wawufunde ngabantu abathile kumabonwakude. Ukuba uzibeke endaweni yabantu obufunde ngabo, oko kusenokwenza ukuba kubetheleleke ngokucacileyo, phantse kube ngathi loo mava yayingawakho. Owakwenza ngokwenene kusenokuba kudala gqitha kangangokuba ukulibele, kodwa xa ulaliswa ngomlingo loo mava asenokukhumbuleka kwakhona ngokungathi ubukhumbula “obunye ubomi.” Kanti, ukuba oko bekuyinyaniso, ngaba ebengayi kuba neenkumbulo ezinjalo wonk’ ubani? Kodwa asinguye wonk’ ubani onjalo. Kuyaphawuleka ukuba iinkundla eziphakamileyo ezininzi zamazwana kwelaseUnited States azibamkeli ubungqina obushukunyiswa kukulaliswa ngomlingo. Ngowe-1980 iNkundla Ephakamileyo yaseMinnesota yathi “ubungqina beengcaphephe ezibalaseleyo bubonisa ukuba akukho ngcaphephe inokugqiba enoba inkumbulo efunyenwe ngokulaliswa ngomlingo, okanye nayiphi na inxalenye yaloo nkumbulo, iyinyaniso, ibubuxoki, okanye kulibali nje—kukuzaliswa kwemisantsa ngentelekelelo. Imiphumo enjalo akunakuthenjelwa kuyo ngokwenzululwazi njengechanileyo.” (State v. Mack, 292 N.W.2d 764) Impembelelo yamacebiso athethwa ngumntu olalisa ngomlingo kulowo ulaliswa ngomlingo kungunobangela wokungathenjwa koku.
Ngaba iBhayibhile inabo ubungqina bokukholelwa ekuveleni ngokutsha?
Ngaba uMateyu 17:12, 13 ubonakalisa inkolelo yokuvela ngokutsha?
Mat. 17:12, 13: “[UYesu wathi:] UEliya uselefikile. Abamazanga, basuka benza kuye konke abakuthandayo; kwangokunjalo uNyana woMntu uza kuva ubunzima ngabo. Bandula ukuqonda abafundi ukuba ubethetha kubo ngaye uYohane umbhaptizi.”
Ngaba oku kwakuthetha ukuba uYohane uMbhaptizi wayenguEliya ovele ngokutsha? Xa ababingeleli abangamaYuda babuza uYohane oku, “UnguEliya na?” wathi, “Andinguye.” (Yoh. 1:21) Ngoko, wayethetha ukuthini uYesu? Njengoko isithunywa sezulu sikaYehova saxela kwangaphambili, uYohane wahamba phambi koMesiya kaYehova “enomoya enamandla kaEliya, ukuba azibuyisele iintliziyo zooyise kubantwana, nabangevayo kuko ukuqonda kwamalungisa, alungisele iNkosi [uYehova, NW] abantu abalungisiweyo.” (Luka 1:17) Ngoko uYohane uMbhaptizi wayezalisekisa isiprofeto ngokwenza umsebenzi onjengalowo womprofeti uEliya.—Mal. 4:5, 6.
Ngaba ukuvela ngokutsha kubonisiwe yingxelo ekuYohane 9:1, 2?
Yoh. 9:1, 2: “Uthe ke edlula [uYesu], wabona umntu obe eyimfama kwasekuzalweni kwakhe. Bambuza ke abafundi bakhe, besithi, Rabhi, ngubani na owonayo, ngulo, ngabazali bakhe, sini na, ukuze azalwe eyimfama nje?”
Ngaba kunokwenzeka ukuba aba bafundi babephenjelelwe yinkolelo yabaFarisi abangamaYuda, abathi “imiphefumlo yabantu abalungileyo yiyo kuphela efuduselwa kweminye imizimba”? (Wars of the Jews, Josephus, iNcwadi II, isahl. VIII, isiqe. 14) Akunakwenzeka njalo, ekubeni umbuzo wabo ungathethi ukuba babecinga ukuba ‘wayengumntu olungileyo.’ Kusenokwenzeka gqitha ukuba njengabafundi bakaYesu babekholelwa eZibhalweni ibe babesazi ukuba umphefumlo uyafa. Kanti, ekubeni kwanosana olusesibelekweni lunobomi ibe lwalukhawulelwe esonweni, kusenokwenzeka ukuba babezibuza enoba umntwana onjalo ongekazalwa wayenokuba nesono na, kuphumela ekubeni yimfama kwakhe. Nokuba kunjani na ke, impendulo kaYesu ayizange ixhase ukuvela ngokutsha okanye ingcamango yokuba umntwana osesesibelekweni sikanina uyona ngaphambi kokuzalwa. UYesu waphendula wathi: “Akone lo, akone bazali bakhe.” (Yoh. 9:3) UYesu wayesazi ukuba, ngenxa yokuba siyinzala ka-Adam, iziphene nokungafezeki kwabantu kuzuzw’ ilifa. Esebenzisa le meko ukuzukisa uThixo, uYesu wamphilisa lo mntu uyimfama.
Ngaba imfundiso yeBhayibhile engomphefumlo nokufa iyakuxhasa ukuvela ngokutsha?
IGenesis 2:7 ithi: “UYehova uThixo wambumba umntu ngothuli lwasemhlabeni, waphefumlela emathatheni akhe impefumlo yobomi; umntu ke waba ngumphefumlo ophilileyo.” Phawula ukuba umntu ngokwakhe wayengumphefumlo; umphefumlo wawungeyonto ingabonakaliyo, eyahlukileyo kumzimba. “Umphefumlo owonayo, kuya kufa wona.” (Hez. 18:4, 20) Yaye umntu ofileyo kubhekiselwa kuye ‘njengomphefumlo ofileyo.’ (Num. 6:6, NW) Ekufeni, “uyaphuma umoya wakhe, abuyele yena emhlabeni wakhe; ngaloo mini ayatshitsha amabhongo akhe.” (INdu. 146:4) Ngoko xa umntu esifa, kufa wonke loo mntu; ayikho into ehlala iphila enokudlulela komnye umzimba. (Ngeenkcukacha ezingakumbi, bona umxholo omkhulu othi “UmPhefumlo” nothi “UkuFa.”)
INtshu. 3:19: “Ngokuba bayahlelwa oonyana babantu, ziyahlelwa neenkomo, sinye isihlo kubo nakuzo; njengoko kunjalo ukufa kwabo, kunjalo ukufa kwazo.” (Njengakwimeko yabantu, ayikho into eqhubeka iphila ekufeni kwesilwanyana. Ayikho into enokuphinda izalwe komnye umzimba.)
INtshu. 9:10: “Yonke into esiyifumanayo isandla sakho ukuba siyenze, yenze ngamandla akho; ngokuba akukho kwenza, nakucinga, nakwazi, nakulumka kwelabafileyo, apho uya khona wena.” (Abafileyo abayi komnye umzimba kodwa baya eSheol, ingcwaba eliqhelekileyo loluntu.)
Uyintoni umahluko phakathi kokuvela ngokutsha nethemba eliseBhayibhileni?
Ukuvela ngokutsha: Ngokwale nkolelo, xa umntu esifa, umphefumlo, “yena siqu,” udlulela kwinto elunge ngakumbi ukuba loo mntu uye waphila ubomi obulungileyo nobufanelekileyo, kodwa mhlawumbi usenokuphila njengesilwanyana ukuba ingxelo yakhe ibi mbi ngakumbi. Bakholelwa ukuba, sihlandlo ngasinye ezalwa, loo mntu ubuyiselwa kule nkqubo ifanayo yezinto, apho aya kuthi ajongane nobunzima obungakumbi aze ekugqibeleni afe. Imijikelo yokuphinda komntu azalwe ijongwa njengephantse ingabi nasiphelo. Ngaba ikamva elinjalo ngokwenene lelo ulilindeleyo? Abanye bakholelwa ukuba ekuphela kwendlela yokuphuncula kungokupheliswa kwazo zonke iinkanuko zezinto ezikholisa izivamvo. Babalekela entwenini? Babalekela kwinto leyo abathile abayichaza njengobomi bokungabikho zingqondweni.
IBhayibhile: Ngokutsho kweBhayibhile, umphefumlo ngumntu opheleleyo. Nakubeni umntu esenokuba wenze izinto ezimbi kwixa elidluleyo, ukuba uyaguquka aze atshintshe iindlela zakhe, uYehova uThixo uya kumxolela. (INdu. 103:12, 13) Xa umntu esifa, akubikho nto iphilayo. Ukufa kufana nobuthongo obunzulu obungenaphupha. Abafileyo baya kuvuswa. Oku asikokuvela ngokutsha kodwa kukubuyiselwa ebomini kobuntu obukwabunye. (Ize. 24:15) Kubantu abaninzi, uvuko luya kuba lolobomi emhlabeni. Luya kwenzeka emva kokuba uThixo ephelise le nkqubo engendawo ekhoyo. Ukugula, ubunzima, kwanemfuneko yokufa, ziya kuba zizinto zexa elidluleyo. (Dan. 2:44; ISityhi. 21:3, 4) Ngaba ithemba elinjalo livakala lifana nento obunokuthanda ukufunda okungakumbi ngayo, ukuhlolisisa izizathu zokuba nentembelo kuyo?
Ukuba Ubani Uthi—
‘Ndikholelwa ekuveleni ngokutsha’
Usenokuphendula uthi: ‘Ngaba unethemba lokuba oku ekugqibeleni kuyaphumela kubomi obulunge ngakumbi? . . . Khawundixelele, ubungathanda na ukuphila kwihlabathi elinjengelichazwe apha kwiSityhilelo 21:1-5?’
Okanye unokuthi: ‘Ndiyakuvuyela ukundixelela kwakho oko. Makhe ndikubuze, Ngaba le yinto obusoloko uyikholelwa? . . . Yintoni eyakwenza ukuba ushiye iinkolelo zakho zangaphambili?’ (Yandula ke mhlawumbi usebenzise iingcamango eziphantsi komxholo ongasentla.)
-