Isahluko 12
UbuSilamsi—Indlela Yokuya KuThixo Ngokuzithoba
[Artwork—Arabic characters]
1, 2. (a) Athini amazwi entshayelelo yeQur’ān? (b) Kutheni la mazwi ebalulekile nje kumaSilamsi? (c) Luluphi ulwimi eyayibhalwe ngalo iQur’ān ntlandlolo, ibe igama elithi “Qur’ān” lithetha ukuthini?
“EGAMENI lika-Allah, Onenceba, Onemfesane.” Esi sivakalisi siguqulela umbhalo wesiArabhu okwiQur’ān, oboniswe ngasentla. Uyaqhubeka: “Dumisani uAllah, iNkosi yeHlabathi: Wena Unenceba, Unemfesane: Mnini woSuku loMgwebo. Sinqula wena (wedwa); Nguwe (kuphela) esicela uncedo kuye. Sibonise indlela ethe tye: Indlela yabo Wena okholisiweyo ngabo; Kungekhona (indlela) yabo bafanelwe yingqumbo Yakho neyabo baphambukayo.”—IQur’ān, surah 1:1-7, MMP.a
2 La mazwi angasentla akha iAl-Fātiḥah (“Intshayelelo”), isahluko, okanye isurah yokuqala, yencwadi engcwele yamaSilamsi, iQur’ān okanye iKoran eNgcwele. Ekubeni ngaphezu kwesinye kwisithandathu sabemi behlabathi singamaSilamsi yaye ekubeni amaSilamsi azinikeleyo eziphindaphinda ezi ndinyana ubuncinane izihlandlo ezihlanu kwimithandazo yawo yemihla ngemihla, zimele ukuba zezinye zawona magama acengcelezwa kakhulu emhlabeni.
3. Bande kangakanani ubuSilamsi namhlanje?
3 Ngokutsho komnye umthombo wenkcazelo, kukho amaSilamsi angaphezu kwama-900 ezigidi ehlabathini, nto leyo eyenza ukuba ubuSilamsi bugqweswe yiCawa yamaRoma Katolika kuphela ngokuba namanani aphakamileyo. Mhlawumbi bulolona nqulo luphambili olwanda ngokukhawuleza ehlabathini, ekubeni esanda amaqela amaSilamsi eAfrika nakumazwe aseNtshona.
4. (a) Lithetha ukuthini igama elithi “ubuSilamsi”? (b) Lithetha ukuthini igama elithi “umSilamsi”?
4 Igama elithi ubuSilamsi libalulekile kumntu ongumSilamsi, kuba lithetha “ukuzithoba,” “ukuzinikela” okanye “ukuzibophelela” kuAllāh, ibe ngokutsho komnye umbhali-mbali, “libonisa imvakalelo yokuzinikela ngokusuk’ entliziyweni kwabo baphulaphula intshumayelo kaMohammed.” “UmSilamsi” ‘ngumntu oqhelisela ubuSilamsi.’
5. (a) AmaSilamsi akholelwa entwenini ngokubhekisele kubuSilamsi? (b) Kukuphi ukufana okukhoyo phakathi kweBhayibhile neQur’ān?
5 AmaSilamsi akholelwa ukuba unqulo lwawo lubekho ngenxa yezityhilelo ezanikelwa kumaHebhere nakumaKristu athembekileyo amandulo. Phofu ke, iimfundiso zawo ziyaphambuka eBhayibhileni kwiinkalo ezithile, nakubeni ecaphula iZibhalo zesiHebhere nezesiGrike kwiQur’ān.b (Bona ibhokisi, kwiphepha 285.) Ukuze siyiqonde kakuhle inkolelo yamaSilamsi, kufuneka sazi indlela, indawo, nexesha olwaqala ngayo olu nqulo.
Ubizo LukaMuḥammad
6. (a) Yintoni eyayibalasele kunqulo lwama-Arabhu ngexesha likaMuḥammad? (b) Sisiphi isithethe esasikho ngokubhekisele kwiKaʽbah?
6 UMuḥammadc wazalelwa eMecca (Makkah, ngesiArabhu), eSaudi Arabia, malunga nowama-570 C.E. Uyise, u-ʽAbd Allāh, wafa ngaphambi kokuzalwa kukaMuḥammad. Unina, uĀminah, wafa xa wayemalunga neminyaka emithandathu ubudala. Ngelo xesha ama-Arabhu ayeqhelisela uhlobo oluthile lonqulo luka-Allāh kumbindi wentlambo yaseMecca, kwisiza esingcwele ekwakukho kuso iKaʽbah, isakhiwo esiqhelekileyo esinamacala amathandathu alinganayo ekwakunqulwa kuso ilitye elimnyama eliwe esibhakabhakeni. Ngokutsho kwengxelo yobuSilamsi, “iKaʽbah yayakhiwe ntlandlolo nguAdam ngokomfuziselo wasezulwini yaza emva koNogumbe yaphinda yakhiwa nguAbraham noIshmayeli.” (History of the Arabs, nguPhilip K. Hitti) Yaba yindawo engcwele yezithixo ezingama-360, ngasinye simele usuku ngalunye lweenyanga zonyaka.
7. Luluphi uqheliselo olungokonqulo olwamcaphukisayo uMuḥammad?
7 Njengoko uMuḥammad wayekhula, waluthandabuza uqheliselo olungokonqulo lomhla wakhe. UJohn Noss, kwincwadi yakhe iMan’s Religions, uthi: “[uMuḥammad] wacatshukiswa ziingxwabangxwaba ezingapheliyo ngokuphathelele izilangazelelo ezivunyiweyo zonqulo nokuhlonelwa kweenkosana zamaQuraysh [uMuḥammad wayengoweso sizwe]. Eyona nto yayingamandla yayikukungakholiswa kwakhe kukusetyenziswa kweenkolelo zamandulo kunqulo lwama-Arabhu, ukunqulwa kwezithixo ezininzi nenkolelo yokuba zonke izinto zinomphefumlo, ukuziphatha okubi kwiingqungquthela nakumatheko angokonqulo, ukusela utywala, ukungcakaza, imingqungqo eyayisexesheni, nokungcwatywa kweentsana eziphilayo ezingamantombazana ezingafunwayo okwakuqheliselwa kungekhona eMecca kuphela kodwa kulo lonke elama-Arabhu.”—Surah 6:137.
8. Kwakuphantsi kwaziphi iimeko awathi uMuḥammad wafumana ubizo lokuba ngumprofeti?
8 Ubizo lukaMuḥammad lokuba ngumprofeti lwenzeka xa wayemalunga nama-40 eminyaka ubudala. Kwakulisiko lakhe ukuhamba yedwa aye kumqolomba owawusentabeni ekufuphi, obizwa ngokuba yiGhār Ḥirā’, ukuze acamngce, ibe wathi kwaba kwesinye sezo zihlandlo awathi wafumana ubizo lokuba ngumprofeti. Ingxelo yamaSilamsi ithi ngoxa wayelapho, isithunywa sezulu, esathi kamva sachazwa njengoGabriyeli, samyalela ukuba enze isicengcelezo egameni lika-Allāh. UMuḥammad akazange akunanze oko, ngoko esi sithunywa sezulu ‘samthi xhakamfu saza samcinezela kabuhlungu kangangokuba akazange abe nakunyamezela.’ Sandula ke esi sithunywa sezulu sawuphinda umyalelo waso. Kwakhona, uMuḥammad akazange anikele ngqalelo, saza ke isithunywa sezulu ‘samkrwitsha’ kwakhona. Oku kwenzeka izihlandlo ezithathu ngaphambi kokuba uMuḥammad aqalise ukucengceleza oko kwathi kwagqalwa njengongcelele lokuqala lwezityhilelo ezibumba iQur’ān. Enye ingxelo ithi ukhanyiselo olungokobuthixo lwatyhilwa kuMuḥammad ngesandi esifana nokukhala kwentsimbi.—The Book of Revelation ngokusuka kwiṢaḥīḥ Al-Bukhārī.
Isityhilelo SeQur’ān
9. Kuthiwa sasiyintoni isityhilelo sokuqala sikaMuḥammad? (Thelekisa ISityhilelo 22:18, 19.)
9 Kuthiwa siyintoni isityhilelo sokuqala esafunyanwa nguMuḥammad? Imithombo enokuthenjwa yamaSilamsi ivumelana ngamxhelo-mnye ukuba sasiziindinyana ezintlanu zokuqala zesurah 96, enomxholo othi Al-‘Alaq, “Ihlwili [Legazi],” efundeka ngolu hlobo:
“Egameni lika-Allah, Onenceba, Onemfesane.
Funda: Egameni leNkosi yakho eyadalayo.
Eyadala umntu ngehlwili.
Funda: Yaye iNkosi yakho Yeyona Inesisa,
Eyafundisa ngosiba lokubhala,
Yafundisa abantu oko babengakwazi.”
—MMP.
10-12. Yalondolozwa njani iQur’ān?
10 Ngokutsho kwencwadi yesiArabhu iThe Book of Revelation, uMuḥammad waphendula wathi, “Andikwazi ukufunda.” Ngoko ke, kwafuneka ukuba azazi ngentloko ezo zityhilelo ukuze abe nokuzicengceleza ngokuphindaphindiweyo. Ama-Arabhu ayengabantu abanenkumbulo ngemveli, ibe noMuḥammad wayekwanjalo. Kwamthabatha ithuba elingakanani ukufumana isigidimi esipheleleyo seQur’ān? Ngokubanzi kukholelwa ukuba ezo zityhilelo zafika ebudeni bethuba elinokuba ngama-20 ukusa kuma-23 eminyaka, ukususela malunga nowama-610 C.E. ukusa ekufeni kwakhe ngowama-632 C.E.
11 Iincwadi zamaSilamsi zicacisa ukuba ekufumaneni kwakhe isityhilelo ngasinye, uMuḥammad wayesicengceleza ngoko nangoko kubantu ekwakusenzeka babe kufutshane naye. Babesithi ke bona basigcine entloko eso sityhilelo baze basoloko bezikhumbuza ngokusicengceleza. Ekubeni imveliso yephepha yayingekabikho kuma-Arabhu, uMuḥammad wayalela ukuba ezo zityhilelo zibhalwe ngababhali kwizinto zamandulo zokubhalela ezazikho ngelo xesha, njengamagxalaba eenkamela, amagqabi esundu, umthi nephepha elenziwe ngesikhumba. Phofu ke, kwaba semva kokufa kwaloo mprofeti kuphela eyathi iQur’ān yabhalwa ngohlobo elulo namhlanje, phantsi kolwalathiso lwamalandela namaqabane kaMuḥammad. Oku kwenzeka ebudeni bolawulo lweecaliphs ezintathu zokuqala, okanye iinkokeli zamaSilamsi ezintathu zokuqala.
12 Umguquleli uMuhammad Pickthall ubhala oku: “Zonke iisurah zeQur’an zazibhalwe phantsi ngaphambi kokufa kwaloo Mprofeti, ibe amaSilamsi amaninzi ayeyazi ngentloko yonke iQur’an. Kodwa iisurah ezibhaliweyo zasasazwa ebantwini; yaye xa, kwathi edabini . . . inani elikhulu labo babeyazi ngentloko yonke iQur’an labulawa, yaqokelelwa yonke iQur’an yaza yabhalwa phantsi.”
13. (a) Yiyiphi imithombo emithathu yemfundiso nolwalathiso lobuSilamsi? (b) Bambi abaphengululi bobuSilamsi bakujonga njani ukuguqulelwa kweQur’ān?
13 Ubomi bobuSilamsi bulawulwa yimithombo emithathu—iQur’ān, iḤadīth neSharīʽah. (Bona ibhokisi, kwiphepha 291.) AmaSilamsi akholelwa ukuba iQur’ān yesiArabhu isesona sityhilelo sisulungekileyo, ekubeni, esithi, sasilulwimi olwasetyenziswa nguThixo ekuthetheni ngoGabriyeli. Isurah 43:3 ithi: “Siyenze yaba yiQur-ān ngesiArabhu, ukuze ube nokuyiqonda (uze ube nobulumko).” (AYA) Ngaloo ndlela, nayiphi na inguqulelo yayo ijongwa kuphela njengengxengiweyo nengasulungekanga. Enyanisweni, bambi abaphengululi bobuSilamsi bayala ukuguqulela iQur’ān. Imbono yabo ikukuba “ukuguqulela kusoloko kulahlekisa,” ibe ke ngoko, “amaSilamsi ebesoloko engalikhuthazi ibe maxa wambi ebethintela naliphi na ilinge lokuzama ukuyiguqulela kolunye ulwimi,” utsho njalo uGqr. J. A. Williams, umhlohli wembali yobuSilamsi.
Ukwanda KobuSilamsi
14. Sisiphi isiganeko esasibalulekile ekuqaleni kwembali yobuSilamsi?
14 UMuḥammad wafumana ubunzima obukhulu ekusekeni olu nqulo lwakhe lutsha. Abantu baseMecca, kwanabesizwe sakhe, bamgatya. Emva kokutshutshiswa nokuthiywa kangangeminyaka eli-13, eli phulo walifudusela kummandla osemantla eYathrib, owathi ke ngoko waziwa njenge-al-Madīnah (iMedina), isixeko somprofeti. Oku kufuduka, okanye ihijrah, ngowama-622 C.E. kwaba yinto ebalulekileyo kwimbali yobuSilamsi, ibe kamva loo nyaka wamiselwa njengexesha lokuqalisa kwekhalenda yobuSilamsi.d
15. IMecca yaba siso njani isazulu esiyintloko sobuSilamsi sabahambi ngezonqulo?
15 Ekugqibeleni, uMuḥammad wafumana ulongamo xa iMecca yawela ezandleni zakhe ngoJanuwari wama-630 C.E. (8 A.H.) waza waba ngumlawuli wayo. Ekubeni iintambo zazibanjwe nguye kwimicimbi yehlabathi neyonqulo, wakwazi ukushenxisa imifanekiso eqingqiweyo yonqulo lwezithixo kwiKaʽbah waza wayenza yaba liziko laseMecca labahambi ngezonqulo njengoko iselilo unanamhla.—Bona iphepha 289, 303.
16. Basasazeka kangakanani ubuSilamsi?
16 Kumashumi nje ambalwa eminyaka emva kokufa kukaMuḥammad ngowama-632 C.E., ubuSilamsi basasazeka bada baya kufikelela naseAfghanistan kwanaseTunisia eMntla Afrika. Ekuqaleni kwenkulungwane yesibhozo, abemi baseSpeyin bakholelwa ngokunzulu kwiQur’ān ibe ngaloo ndlela loo nkolelo yafikelela nakumda waseFransi. Kunjengokuba uNjingalwazi uNinian Smart wathi kwincwadi yakhe ethi Background to the Long Search: “Ngokwembono yabantu, izinto ezaphunyezwa ngumprofeti wama-Arabhu owayephila ngenkulungwane yesithandathu neyesixhenxe emva kokufa kukaKristu ziyakhwankqisa. Ngokwembono yabantu, nguye owavelisa impucuko entsha. Kodwa wona amaSilamsi ayewujonga lo msebenzi njengomiselwe nguThixo waza wakhuthazwa nguAllah.”
Ukufa KukaMuḥammad Kukhokelela Kwiyantlukwano
17. Yiyiphi ingxaki enkulu obajamelana nayo ubuSilamsi ekufeni kukaMuḥammad?
17 Ukufa kwalo mprofeti kwabangela ingxaki. Wafa engenaye unyana yaye engenalo ilandela elinyulwe ngokusemthethweni. Kunjengokuba uPhilip Hitti esithi: “Ngoko ke, icaliphate [isikhundla secaliph] iyeyona ngxaki yamandulo obakha bajamelana nayo ubuSilamsi. Iseyimbambano unanamhla. . . . Yena umbhali-mbali ongumSilamsi ual-Shahrastāni [1086-1153] ukuchaza oku ngala mazwi: ‘Ayizange ibekho imbambano yobuSilamsi eyabangela ukuphalala kwezantyalantyala zegazi njengaleyo yecaliphate (imāmah).’” Yaconjululwa njani loo ngxaki emva apho ngowama-632 C.E.? “UAbu-Bakr . . . wanyulwa (ngoJuni 8, 632) ngandlel’ ithile njengelandela likaMuḥammad, nyulo olo abathi abalawuli ababekho kweso sixeko silikomkhulu, ial-Madīnah, baba nenxaxheba kulo.”—History of the Arabs.
18, 19. Ngawaphi amabango awahlukanisa amaSilamsi angamaSunnī kwangamaShīʽite?
18 Ilandela laloo mprofeti lalimele libe ngumlawuli, ikhalīfah, okanye icaliph. Phofu ke, imbambano ephathelele amalandela okwenene kaMuḥammad yabangela ukubakho kwamahlelo obuSilamsi. AmaSilamsi angamaSunnī amkela umgaqo wokubeka esihlalweni ngokunyula kunokukhetha inzala yokwenyama yomprofeti. Ngoko ke akholelwa ukuba iicaliph ezintathu zokuqala, uAbū Bakr (utatazala kaMuḥammad), u-ʽUmar (umcebisi womprofeti) no-ʽUthmān (umkhwenyana womprofeti), babengamalandela angokwasemthethweni kaMuḥammad.
19 Elo bango liyaphikiswa ngamaSilamsi angamaShīʽite, athi abamele bakhokele ngokusemthethweni ngabakumnombo wenzala yomprofeti nomza nomkhwenyana wakhe, uʽAlī ibn Abī Ṭālib, i-imām (inkokheli nelandela) yokuqala, eyatshata intombi kaMuḥammad awayeyithanda, uFāṭimah. Umtshato wabo wavelisa abazukulwana bakaMuḥammad uḤasan noḤusayn. Kwakhona amaShīʽite athi “kwasekuqaleni uAllah noMprofeti Wakhe babenyule ngokusemthethweni uʽAli njengekuphela kwelandela elisemthethweni kodwa iicaliph ezintathu zokuqala zamsusa ngobuqhetseba kwisikhundla sakhe sasemthethweni.” (History of the Arabs) Kambe ke, amaSilamsi angamaSunnī akujonga oko ngokwahlukileyo.
20. Yintoni eyenzekayo kumkhwenyana kaMuḥammad uʽAlī?
20 Kwenzeka ntoni kuʽAlī? Ebudeni bolawulo lwakhe njengecaliph yesine (656-661 C.E.), wasukuzana ngolawulo kunye nerhuluneli yaseSiriya, uMuʽāwiyah. Balwa idabi, yaye ngoko ukuze bathintele ukuphalazwa kwegazi elingakumbi lamaSilamsi, baluphelisa ungquzulwano lwabo ngokuthi baxolelaniswe ngumlamli. Ukuvuma kuka-ʽAlī ukuxolelaniswa ngumlamli kwalwenza buthathaka ulawulo lwakhe kwaza kwabangela ukuba abalandeli bakhe abaninzi bamjikele, kuquka neeKhawārij (abo bathi barhoxa ezikhundleni), abathi baba ziintshaba zakhe ezinkulu. Ngonyaka wama-661 C.E., uʽAlī wabulawa ngekrele elinetyhefu likholwa elizinikeleyo elingumKhārijī. Amaqela amabini (elamaSunnī nelamaShīʽah) ayejongene ngezikhondo zamehlo. Ngoko ihlelo lamaSunnī lobuSilamsi lakhetha inkokheli kwiiUmayyads, iinkosana ezifumileyo zaseMecca, ezazingezizo ezentsapho yomprofeti.
21. Ziyintoni iimbono zamaShīʽite ngokubhekisele kumalandela kaMuḥammad?
21 Wona amaShīʽah, aligqala izibulo lika-ʽAlī, uḤasan, ongumzukulwana womprofeti, njengelandela lokwenene. Phofu ke, warhoxa kwisikhundla sakhe waza wabulawa. Umntakwabo uḤusayn waba yi-imām entsha, kodwa naye wabulawa, yimikhosi yeeUmayyad ngo-Oktobha 10, 680 C.E. Ukufa okanye ukufela kwakhe ukholo, ngokwembono yamaShīʽah, kwaba nomphumo obalulekileyo kwiShīʽat ʽAlī, iqela lika-ʽAlī, ukuhla ukuza kuthi ga kulo mhla. Akholelwa ukuba uʽAlī wayelilandela lokwenene likaMuḥammad ‘neimām [inkokeli] yokuqala eyayikhuselwe nguThixo ukuba ingenzi siphoso nasono.’ UʽAlī namalandela akhe babegqalwa ngamaShīʽah njengabefundisi abangenzi sono “benesipho sikaThixo sokungenzi siphoso.” Elona hlelo likhulu lamaShīʽah likholelwa ukuba kwakukho ii-imām zokwenene ezili-12 kuphela, ibe eyokugqibela yazo, uMuḥammad al-Muntaẓar, waphelela (878 C.E.) “kumqolomba wendlu enkulu yenkonzo yamaSilamsi eSāmarra engabanga nanzala.” Ngaloo ndlela “waba ‘yi-imām efihlakeleyo (mustatir)’ okanye ‘elindelekileyo (muntaẓar).’ . . . Ngexesha elifanelekileyo uza kuvela njengeMahdi (umntu owalathiswa nguThixo) ukuze abuyisele ubuSilamsi bokwenyaniso, oyise lonke ihlabathi aze akhokele ithuba elingekude leminyaka eliwaka ngaphambi kokuba kufike isiphelo sazo zonke izinto.”—History of the Arabs.
22. AmaShīʽah asenza njani isikhumbuzo sokufela ukholo kukaḤusayn?
22 Nyaka ngamnye, amaShīʽah aba nesikhumbuzo sokufela ukholo kweImam uḤusayn. Enza ungcelele ekuthi kulo amanye awo azicente ngezitshetshe nangamakrele aze azingcungcuthekise nangezinye iindlela. Kumaxesha akutshanje, amaSilamsi angamaShīʽite aye aduma kakhulu ngenxa yenzondelelo yawo kwizenzo zobuSilamsi. Phofu ke, amela nje malunga nama-20 ekhulwini amaSilamsi asehlabathini, inkoliso yawo ngamaSilamsi angamaSunnī. Kodwa ngoku, makhe siphethukele kwezinye zeemfundiso zobuSilamsi size siphawule indlela inkolelo yobuSilamsi eyichaphazela ngayo ihambo yamaSilamsi yemihla ngemihla.
NguThixo Owongamileyo, Kungekhona UYesu
23, 24. UMuḥammad namaSilamsi babebujonga njani ubuYuda nobuKristu?
23 Iinkonzo ezintathu eziphambili zehlabathi ezinqula uThixo omnye bubuYuda, ubuKristu nobuSilamsi. Kodwa ngexesha lokuvela kukaMuḥammad ngasekuqaleni kwenkulungwane yesixhenxe yeXesha Eliqhelekileyo, iinkonzo ezimbini zokuqala, ngokwembono yakhe, zaziphambukile kwindlela yenyaniso. Enyanisweni, ngokokutsho kwezithethi ezithile zobuSilamsi, iQur’ān ibonakalisa ukugatya kwayo amaYuda namaKristu xa isithi: “Kungekhona (indlela) yabo bafanelwe yingqumbo Yakho neyabo baphambukayo.” (Surah 1:7, MMP) Kutheni kunjalo nje?
24 Enye ingcaciso yeQur’ān ithi: “Abantu abathembele eNcwadini bayaphambuka: AmaYuda ayaphambuka ngokwaphula uMnqophiso wawo, nangokugculela uMariya noYesu . . . ibe amaKristu ayaphambuka ngokuphakamisela uYesu ongumPostile kwisigxina esilingana nesikaThixo” ngemfundiso yawo esisiseko kaBathathu Emnye.—Surah 4:153-176, AYA.
25. Ngawaphi amabinzana eQur’ān afanayo naweBhayibhile?
25 Imfundiso eyintloko yobuSilamsi, nelula ngokupheleleyo, yileyo yaziwa ngokuba yishahādah, okanye isivumo sokholo, esaziwa ngumSilamsi ngamnye ngentloko: “La ilāh illa Allāh; Muḥammad rasūl Allāh” (Akukho thixo ngaphandle kukaAllah; uMuḥammad ungumthunywa ka-Allah). Oku kuyavumelana nebinzana leQur’ān elithi, “UThixo wakho nguThixo Mnye; akukho Thixo Ingenguye, lowo Unenceba Nemfesane.” (Surah 2:163, MMP) Le ngcamango yaveliswa kwiminyaka engama 2 000 ngaphambi koko kubizo lukaSirayeli wamandulo: “Yiva, Sirayeli: UYehova uThixo wethu nguYehova mnye.” (Duteronomi 6:4) UYesu wawuphinda lo myalelo ubalaseleyo, obhalwe kuMarko 12:29, malunga nama-600 eminyaka ngaphambi kukaMuḥammad, ibe akazange nanini na uYesu azibange enguThixo okanye elingana Naye.—Marko 13:32, Yohane 14:28;1 Korinte 15:28.
26. (a) AmaSilamsi amjonga njani uBathathu Emnye? (b) Ngaba uBathathu Emnye usekelwe eBhayibhileni?
26 Ngokubhekisele ekubeni ngongenakufaniswa nanto kukaThixo, iQur’ān ithi: “Ngoko kholwa kuThixo nakubapostile Bakhe. Ungabizi ‘Bathathu Emnye’: kungakuhle ukuba uyeke ukumbiza: kuba uThixo nguThixo Mnye.” (Surah 4:171, AYA) Phofu ke, sifanele siphawule ukuba ubuKristu bokwenyaniso abumfundisi uBathathu Emnye. Leyo yimfundiso enemvelaphi yobuhedeni eyaveliswa ngabawexuki beNgqobhoko emva kokufa kukaKristu nabapostile.—Bona iSahluko 11.e
Umphefumlo, Uvuko, IParadisi Nesihogo Somlilo
27. Ithini iQur’ān ngomphefumlo nangovuko? (Thelekisa iLevitikus 24:17, 18; INtshumayeli 9:5, 10; Yohane 5:28, 29.)
27 UbuSilamsi bufundisa ukuba umntu unomphefumlo oqhubeka uphila nasemva kokufa. IQur’ān ithi: “UAllah wamkela imiphefumlo (yabantu) ngexesha lokufa kwabo, ibe loo (mphefumlo) womfi awufi (ngokupheleleyo). Uyawugcina (umphefumlo) awumisele ukufa.” (Surah 39:42, MMP) Kwangaxeshanye, isurah 75 iyonke nje ithetha nge-“Qiyāmat, okanye uVuko” (AYA), okanye “Ukuvuka Kwabafileyo” (MMP). Ngokuyinxenye ithi: “Ndivakalisa ubungqina bokuba kukho uMhla Wovuko . . . Ngaba umntu ucinga ukuba asinako ukuwahlanganisa amathambo akhe? . . . Uyabuza: ‘Unini uMhla Wovuko?’ . . . Ngaba [uAllāh] akanawo na amandla okubanika ubomi abafileyo?”—Surah 75:1, 3, 6, 40, AYA.
28. Ithini iQur’ān ngesihogo? (Thelekisa uYobhi 14:13; Yeremiya 19:5; 32:35; IZenzo 2:25-27; Roma 6:7, 23.)
28 Ngokutsho kweQur’ān, umphefumlo unokuphelela kwiindawo ezahlukeneyo, kusenokuba kumyezo weparadisi yasezulwini okanye kwisohlwayo kwisihogo esivuthayo. Kunjengokuba iQur’ān isithi: “Bayabuza: Unini uMhla Womgwebo? Lusuku lwaxa beya kuthuthunjiswa eMlilweni, (ibe kuya kuthiwa kubo): Khawufumane (isohlwayo) sakho sentuthumbo.” (Surah 51:12-14, MMP) “Bona [aboni] bafumana intuthumbo ngoxa besaphila ehlabathini, ibe ngokwenene umgwebo Wasemva Kokufa ungcungcuthekisa ngakumbi, ibe akukho mntu unokubahlangula kuAllah.” (Surah 13:34, MMP) Kuphakanyiswa lo mbuzo: “Ngubani oza kukucacisela ukuba lo mgwebo uluhlobo luni na? NguMlilo onamalangatye adangazelayo!” (Surah 101:10, 11, AYA) Lo mgwebo woyikekayo uchazwa ngokweenkcukacha: “Mawo! Abo bangazikholelwayo izityhilelo Zethu, Siza kubaphosa eMlilweni. Njengoko ulusu lwabo lusitsha luphela Siza kusoloko sibanika ulusu olutsha ukuze beve intuthumbo. Mawo! UAllah unaMandla onke, usiSilumko.” (Surah 4:56, MMP) Inkcazelo engakumbi ithi: “Mawo! isihogo sibalindele . . . Baza kuhlala apho ubomi babo bonke. Apho abeva mpepho ipholileyo kungekho (nasiphi na) isiselo ngaphandle kwamanzi abilayo nengqele eqhaqhazelis’ amazinyo.”—Surah 78:21, 23-25, MMP.
29. Thelekisa imfundiso yobuSilamsi neyeBhayibhile ngomphefumlo nangendawo oya kuyo.
29 AmaSilamsi akholelwa ukuba umphefumlo womntu ofileyo uya kwiBarzakh, okanye i-“Partition,” “indawo okanye imeko ababa kuyo abantu kwithuba eliphakathi kwasemva kokufa naphambi koMgwebo.” (Surah 23:99, 100, AYA, umbhalo osemazantsi) Umphefumlo uyaphila apho yaye uva oko kubizwa ngokuba “Sisohlwayo Sasengcwabeni” ukuba ubani ubengumntu ongendawo, okanye anandiphe ulonwabo ukuba ebethembekile. Kodwa kwanabo bathembekileyo bamele bathuthunjiswe nje kancinane ngenxa yezono ezimbalwa ababezenza ngoxa babesaphila. Ngomhla womgwebo, mntu ngamnye uya kwisabelo sakhe sikanaphakade, esiyiphelisayo loo meko aba kuyo emva kokufa.f
30. Yintoni ethenjiswa amalungisa ngokutsho kweQur’ān? (Thelekisa uIsaya 65:17, 21-25; Luka 23:43, NW; ISityhilelo 21:1-5.)
30 Ngokwahlukileyo koko, amalungisa athenjiswa ngemiyezo yeparadisi yasezulwini: “Bona abo bakholwayo nabenza imisebenzi elungileyo, Siza kubangenisa kwiMiyezo ekuqukuqela imilambo ngaphantsi kwayo ukuze bahlale apho ngonaphakade.” (Surah 4:57, MMP) “Ngolo suku abo bahlala eParadisi abasayi kucinga ngenye into ngaphandle kolonwabo lwabo. Bekunye nabafazi babo, baza kuthi tywa kwizingqengqelo ezitofotofo emithunzini yemithi yaloo miyezo.” (Surah 36:55, 56, NJD) “Ngaphambi koku Saye sabhala kwiiNdumiso, ngokuvisisana neSigidimi (esanikelwa kuMoses): ‘Abakhonzi bam, abangamalungisa baya kuwudla ilifa umhlaba.’” Umbhalo osemazantsi wale surah walathisa umfundi kwiNdumiso 25:13 neyama-37:11, 29, kwanakumazwi kaYesu akuMateyu 5:5. (Surah 21:105, AYA) Ukubhekisela kwayo kubafazi kusenza ukuba ngoku sicinge ngomnye umbuzo.
Ngaba Ufanele Utshate Iqabane Elinye Okanye Isithembu?
31. Ithini iQur’ān ngokutshata isithembu? (Thelekisa eyoku-1 yabaseKorinte 7:2; 1 Timoti 3:2, 12.)
31 Ngaba ukutshata isithembu kungumthetho kumaSilamsi? Ngoxa iQur’ān ikuvumela ukutshata isithembu, amaSilamsi amaninzi anomfazi omnye kuphela. Ngenxa yabahlolokazi abaninzi abashiywa emva kwamadabi ekwafa kuwo abantu abaninzi, iQur’ān yavulela ithuba lokuba kutshatwe isithembu: “Yaye ukuba unoloyiko lokuba iinkedama azisayi kuphatheka kakuhle, tshata abafazi, abathi ngco kuwe entliziyweni, ababini okanye abathathu okanye abane; yaye ukuba unoloyiko lokuba akunakukwazi ukubaphatha ngokusesikweni (abaninzi kangako) ngoko tshata omnye (kuphela) okanye phelela kwabo (bafazi) sele unabo kakade.” (Surah 4:3, MMP) Imbali yobomi bukaMuḥammad ebhalwe nguIbn-Hishām ikhankanya ukuba uMuḥammad watshata umhlolokazi osisityebi, uKhadījah, omdala ngeminyaka eli-15 kunaye. Emva kokufa kwakhe watshata abafazi abaninzi. Xa naye wafayo washiya abahlolokazi abasithoba.
32. Yintoni imutʽah?
32 Olunye uhlobo lomtshato kubuSilamsi lubizwa ngokuba yimutʽah. Uchazwa “njengesivumelwano esikhethekileyo phakathi kwendoda nomfazi esenziwa ngokucela nokwamkela umtshato wexeshana elithile elilinganiselweyo kuze kukhutshwe nekhazi eliqingqiweyo ngendlela efanayo nekwenziwa ngayo kwisivumelwano somtshato osisigxina.” (Ubizwa ngokuba yi-Islamuna, nguMuṣṭafā al-Rāfiʽī) AmaSunnī awubiza ngokuba ngumtshato wokuziyolisa, yaye amaShīʽah, athi ngumtshato ophela ngexesha elimiselweyo. Kwalo mthombo wenkcazelo uthi: “Abantwana [bemitshato enjalo] bangokwasemthethweni ibe banamalungelo afanayo nawabantwana bomtshato osisigxina.” Kuyabonakala ukuba olu hlobo lomtshato wokwexeshana lwaluqheliselwa ngomhla kaMuḥammad, ibe waluvumela ukuba luqhubeke. AmaSunnī athi lwapheliswa kamva, ngoxa amaImāmīs, elona qela likhulu lamaShīʽite, ekholelwa ukuba lusaqhubeka. Enyanisweni, abaninzi bayaluqhelisela, ingakumbi xa indoda ingekho kunye nomfazi wayo kangangethuba elide.
UbuSilamsi Nobomi Bemihla Ngemihla
33. Ziyintoni iiNtsika Ezintlanu zeSithethe nezeNkolelo?
33 UbuSilamsi buquka iimfanelo ezintlanu eziphambili neenkolelo ezintlanu ezisisiseko. (Bona iibhokisi, kwiphepha 296, 303.) Enye yezo mfanelo yeyokuba umSilamsi ozinikeleyo uthandaza ngeMecca izihlandlo ezihlanu ngosuku (ṣalāt). Ngesabatha yamaSilamsi (ngoLwesihlanu), amadoda ayathontelana ukuya kwimosque esiya kuthandaza xa esiva ilizwi elibukhali lokukhwaza kwegosa lamaSilamsi elima encochoyini yemosque. Namhlanje kwiimosque ezininzi kusetyenziswa umkhwazo orhekhodiweyo kunokuba kubekho umntu okhwaza ngokoqobo.
34. Yintoni imosque, yaye isetyenziswa njani?
34 Imosque (masjid, ngesiArabhu) yindawo yamaSilamsi yonqulo, echazwa nguKumkani uFahd Bin Abdul Aziz waseSaudi Arabia “njengelitye lembombo lesikhungo esiya kuThixo.” Wayichaza imosque “njengendawo yokuthandaza, yofundisiso, yemicimbi yokusesikweni neyokugweba, yothethathethwano, yokushumayela, yolwalathiso, yemfundo neyokwenza amalungiselelo. . . . Imosque yeyona ndawo ixakekileyo kwibutho lamaSilamsi.” Ezi ndawo zonqulo ngoku zifumaneka kulo lonke ihlabathi. Eyona idumileyo embalini yiMezquita (Mosque) yaseCórdoba, eSpeyin, eyayikade iyeyona inkulu ehlabathini kangangeenkulungwane. Kwinxalenye yayo esembindini ngoku kukho indlu yecawa kabhishopu wamaKatolika.
Ingxwabangxwaba KwiNgqobhoko
35. Kumaxesha adluleyo, yiyiphi imeko eyayikho phakathi kobuSilamsi nobuKatolika?
35 Ukususela ngenkulungwane yesixhenxe, ubuSilamsi basasazeka kwimimandla engasentshona ukusa kuMntla Afrika, nakwimimandla engasempuma ukusa ePakistan, eIndiya naseBangladesh, nokuhla ukusa eIndonesia. (Bona imaphu, kwiphepha elisekuqaleni.) Buthe busatyhutyha njalo, kwaqhambuka ingxwabangxwaba phakathi kwabo kunye neCawa yamaKatolika enomoya wokulwa, eyathi yagaya amajoni eeMfazwe Zomnqamlezo ukuze ibuyisele iLizwe Elingcwele ilihlutha kumaSilamsi. Ngowe-1492 uKumkanikazi uIsabella noKumkani uFerdinand baseSpeyin boyisa ngokupheleleyo kwiimfazwe zabo zobuKatolika zaseSpeyin. Kwanyanzeleka ukuba amaSilamsi namaYuda aguqukele kolo nqulo okanye agxothwe eSpeyin. Ukwamkela zonke iinkolelo okwakuvumelekile kumthetho wamaSilamsi eSpeyin kwapheliswa ekugqibeleni yimpembelelo yeNkundla yamaKatolika yokuNcina Amakholwa. Noko ke, ubuSilamsi basinda ekubhangisweni ibe ngenkulungwane yama-20 buye bavuseleleka baza banda kakhulu.
36. Ziziphi iimeko ezavelayo kwiCawa yamaKatolika ngoxa ubuSilamsi babusanda?
36 Ngoxa ubuSilamsi babusanda, kwabakho isiphithiphithi kwiCawa yamaKatolika, izama ukugcina umanyano kumabutho ayo. Kodwa yayityityinjiselwa umnwe ziimpembelelo ezimbini ezinamandla, ibe zaziya kuyihlekeza ngakumbi imbonakalo yaloo cawa. Yayingamaziko okushicilela nokufumaneka kweBhayibhile ngolwimi oluqhelekileyo ebantwini. Isahluko sethu esilandelayo siza kuxubusha ngokuqhekeka okubhekele phaya kweNgqobhoko phantsi kwezo mpembelelo kwakunye nezinye.
[Imibhalo esemazantsi]
a AmaSilamsi akholelwa ukuba iBhayibhile iqulethe izityhilelo zikaThixo kodwa kwanokuba ezinye zazo zafakelelwa ubuxoki kamva.
b NgesiNgesi igama lalo mprofeti libhalwa ngeendlela ezahlukahlukeneyo (uMohammed, Muḥammad, uMahomet). Inkoliso yeencwadi zamaSilamsi ikhetha uMuḥammad, nathi esiza kusebenzisa yena. AmaSilamsi aseTurkey akhetha uMuhammed.
c Ngaloo ndlela, unyaka wamaSilamsi uchazwa ngokuthi A.H. (ngesiLatini, Anno Hegirae, unyaka wokusaba) endaweni yokuthi A.D. (Anno Domini, unyaka weNkosi) okanye C.E. (iXesha Eliqhelekileyo).
d “IQur’ān” (gama elo elithetha “Isicengcelezo”) ligama elithandwayo ngababhali bamaSilamsi yaye ikwalelo nathi esiza kulisebenzisa apha. Kufanele kuphawulwe ukuba isiArabhu lulwimi eyayibhalwe ngalo iQur’ān ntlandlolo, ibe ngesiNgesi ayikho inguqulelo yayo eyamkelwa jikelele. Kwizicatshulwa ezibonisiweyo inani lokuqala limela isahluko, okanye isurah, yaye elesibini limela indinyana.
e Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi ngoBathathu Emnye neBhayibhile, bona incwadana enemifanekiso ethi Ngaba Ufanele Ukholelwe KuBathathu Emnye? epapashwe yiWatch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania, ngowe-1989.
f Ngokubhekisele kumbandela womphefumlo nomlilo wesihogo, thelekisa ezi zibhalo zeBhayibhile: Genesis 2:7; Hezekile 18:4; IZenzo 3:23. Bona ethi Ukuqiqa NgeZibhalo, iphepha 145-51; 283-87, epapashwe yiWatchtower Bible and Tract Society of New York, Inc., ngowe-1985.
[Ibhokisi ekwiphepha 285]
IQur’ān NeBhayibhile
“Ukutyhilele iNcwadi equlethe inyaniso, engqinela iZibhalo neyabakho ngaphambi kwazo; kuba sele ekutyhilele kakade ngeTorah nangeVangeli indlela yokwalathisa abantu, nomahluko phakathi kokulungileyo nokuphosakeleyo.”—Surah 3:2, NJD.
“Phantse zonke iingxelo ezingokwembali zeKoran zinembekiselo efanayo neyeBhayibhile . . . Kubantu abakhankanywe kwiTestamente Endala, ababalasele kakhulu nguAdam, uNowa, uAbraham (okhankanywe malunga nezihlandlo ezingamashumi asixhenxe kwiisūrah ezahlukeneyo ezingamashumi amabini anesihlanu laza igama lakhe laba ngumxholo wesūrah 14), uIshmayeli, uLote, uYosefu (lowo isūrah 12 exubusha ngaye), uMoses (ogama lakhe livela kwiisūrah ezahlukeneyo ezingamashumi amathathu anesine), uSawule, UDavide, uSolomon, uEliya, uYobhi noYona (ogama lakhe likhankanywe kwisūrah 10). Ibali elingendalo nelokuwa kuka-Adam licatshulwe izihlandlo ezihlanu, umkhukula ucatshulwe izihlandlo ezisibhozo neSodom icatshulwe izihlandlo ezisibhozo. Enyanisweni iKoran ibonisa iingxelo ezibufana nezeencwadi ezintlanu zokuqala zeZibhalo ukodlula nayiphi na enye inxalenye yeBhayibhile. . . .
“KwiTestamente Entsha uZekariya, uYohane uMbhaptizi, uYesu (‛Īsa) noMariya bakuphela kwabantu ababalaseliswayo. . . .
“Ufundisiso lokuthelekisa . . . iingxeko zeKoran nezeBhayibhile . . . lutyhila ukuba azikho izicatshulwa ezifana ngokungqalileyo.”—History of the Arabs.
[Ibhokisi ekwiphepha 291]
Imithombo Emithathu Yemfundiso Nolwalathiso
IQur’ān Engcwele, kuthiwa yatyhilwa kuMuḥammad sisithunywa sezulu uGabriyeli. Intsingiselo nenkcazelo yamagama esiArabhu eQur’ān igqalwa njengephefumlelweyo.
IḤadīth, okanye iSunnah, “izenzo, namazwi akholisa (taqrīr) umProfeti . . . awamiselwa ebudeni benkulungwane yesibini [A.H.] kwiiḥadīth ezibhaliweyo. Ngoko ke, iḥadīth yingxelo yesenzo okanye amazwi omProfeti.” Kwakhona inokubhekisela kwizenzo okanye amazwi awo nawaphi na ‘Amaqabane kaMuḥammad okanye Amalandela awo.’ Kwiḥadīth, yintsingiselo kuphela ejongwa njengephefumlelweyo.—History of the Arabs.
ISharī‛ah, okanye umthetho wecawa, osekelwe kwimigaqo yeQur’ān, ilawula bonke ubomi bomSilamsi kwimicimbi yonqulo, yezobupolitika neyasekuhlaleni. “Zonke izenzo zomntu zahlulahlulwa ngokweendidi ezintlanu zokusesikweni: (1) oko kugqalwa njengomsebenzi opheleleyo (farḍ) [kuquka umvuzo wesenzo okanye isohlwayo sokusilela ukwenza]; (2) izenzo ezincomekayo okanye ezifanelwe ngumvuzo (mustaḥabb) [kuquka umvuzo kodwa akukho sohlwayo xa zingenziwanga]; (3) izenzo ezivumelekileyo (jā’iz, mubāḥ), ezingenanto yakwenza nokusesikweni; (4) izenzo eziphosakeleyo (makrūh), ezingavunyelwayo kodwa ekungekho sohlwayo ngenxa yazo; (5) izenzo ezalelweyo (ḥarām), okuthi ukwenziwa kwazo kuzise isohlwayo.”—History of the Arabs.
[Ibhokisi ekwiphepha 296]
Iintsika Ezintlanu Zenkolelo
1. Ukukholelwa kuThixo Omnye, uAllāh (Surah 23:116, 117)
2. Ukukholelwa kwizithunywa zezulu (Surah 2:177)
3. Ukukholelwa kubaprofeti abaninzi kodwa kwisigidimi esinye. UAdam wayengumprofeti wokuqala. Abanye babequka uAbraham, uMoses, uYesu, ‘nomPhelelisi wabaProfeti,’ uMuḥammad (Surah 4:136; 33:40)
4. Ukukholelwa kumhla womgwebo (Surah 15:35, 36)
5. Ukukholelwa kuThixo ongumnini-mandla onke, onolwazi olugqithiseleyo, nomisela zonke iziganeko. Kanti, umntu unenkululeko yokuzikhethela kwizenzo zakhe. [Amahlelo obuSilamsi awavumelani onke ngombandela wokuzikhethela indlela oyithandayo] (Surah 9:51)
[Ibhokisi ekwiphepha 303]
Iintsika Ezintlanu Zesithethe
1. Ukuphindaphinda isivumo sokholo (shahādah) esithi: “Akukho thixo ngaphandle kuka-Allah; uMuḥammad ngumthunywa ka-Allah” (Surah 33:40)
2. Ukuthandaza (ṣalāt) ngeMecca izihlandlo ezihlanu ngemini (Surah 2:144)
3. Ukuba nesisa (zakāh), imfanelo yokunikela kukabani ngomlinganiselo othile wengeniso yakhe nangobuncwane obuthile anabo (Surah 24:56)
4. Ukuzila ukudla (ṣawm), ngokukodwa ebudeni bombhiyozo othabatha inyanga yonke weRamaḍān (Surah 2:183-185)
5. Uhambo ngezonqulo (ḥajj). Kangangesihlandlo esinye ebudeni bokuphila kwakhe, mSilamsi ngamnye oyindoda umele athabathe uhambo lokuya eMecca. Kuphela kukugula nobuhlwempu obunokwamkelwa njengezingxengxezo ezivumelekileyo (Surah 3:97)
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 304, 305]
Unqulo LobuBahāʼī—Ukufuna Ukumanyanisa Ihlabathi
1 Unqulo lobuBahā’ī alulohlelo lobuSilamsi kodwa lihlumelo lonqulo lobuBābī, iqela elisePersi (namhlanje eyi-Iran) elathi laqhekeka kwihlelo lamaShī‛ite lobuSilamsi ngowe-1844. Inkokeli yamaBābī yayinguMīrzā ‛Alī Moḥammad waseShīrāz, owazibanga enguBāb (“iSango”) yaye ekwayi-imām-mahdī (“inkokeli enelungelo lokukhokela”) yomnombo kaMuḥammad. Wabulawa ngoosomagunya basePersi ngowe-1850. Ngowe-1863 uMīrzā Ḥoseyn Alī Nūrī, ilungu elidumileyo leqela lamaBābī, “wazibabaza ‘Engulowo uThixo wayeya kumenza abonakale,’ lowo uBāb wayemxele kwangaphambili.” Kwakhona wathabathela kuye igama elithi Bahā’ Ullāh (“Uzuko LukaThixo”) waza waseka unqulo olutsha, unqulo lobuBahā’ī.
2 UBahā’ Ullāh wagxothwa ePersi waza ekugqibeleni wavalelwa entolongweni eAcco (namhlanje eyiAcre, kwelakwaSirayeli). Apho wabhala incwadi yakhe ebalulekileyo ethi, al-Kitāb al-Aqdas (Eyona Ncwadi Ingcwele), waza wayandisa ngokubanzi imfundiso esisiseko yonqulo lobuBahā’ī. Ekufeni kukaBahā’ Ullāh, isigxina sokukhokela olo nqulo lusakhasayo sadluliselwa kunyana wakhe u‛Abd ol-Bahā’, emva koko sadluliselwa kumzukulwana womzukulwana wakhe, uShoghi Effendi Rabbānī, saza ngowe-1963 sadluliselwa kwiqumrhu elilawulayo elaziwa njengeUniversal House of Justice.
3 AmaBahā’ī akholelwa ukuba uThixo uye wazityhila emntwini ‘Ngemifuziselo Engokobuthixo,’ equka uAbraham, uMoses, uKrishna, uZoroaster, uBuddha, uYesu, uMuḥammad, uBāb noBahā’ Ullāh. Akholelwa ukuba aba bathunywa babemiselwe ukwalathisa uluntu ukutyhubela inkqubo yendaleko ekuthe kuyo ukuvela kukaBāb kwahlahl’ indlela yesizukulwana esitsha soluntu. AmaBahā’ī athi ukuza kuthi ga ngoku isigidimi sakhe sisisityhilelo esipheleleyo sentando kaThixo yaye sisisixhobo esiphambili esinikelwe nguThixo sokudala uxolo lwehlabathi.—1 Timoti 2:5, 6.
4 Enye ingcamango esisiseko yobuBahā’ī ikukuba “zonke iinkonzo eziphambili zehlabathi ziveliswe nguThixo, yaye imigaqo yazo esisiseko ivisisana ngokupheleleyo. Zahluka nje kuphela kwiinkalo ezingabalulekanga kangako zeemfundiso zazo ezisisiseko.”—2 Korinte 6:14-18; 1 Yohane 5:19, 20.
5 Iinkolelo zamaBahā’ī ziquka eyokuba uThixo mnye kuphela, eyokungafi komphefumlo, neyendaleko (engokwebhayoloji, engokomoya nengokwentlalo) yoluntu. Kwelinye icala, ayayigatya ingcamango eqhelekileyo yobukho bezithunywa zezulu. Kwakhona ayamgatya uBathathu Emnye, imfundiso yobuHindu yokuguqukela ekubeni sisidalwa esitsha, kwanenkolelo yokuba umntu waphulukana nemfezeko waza ngenxa yoko wahlawulelwa ngegazi likaYesu Kristu.—Roma 5:12; Mateyu 20:28.
6 Ukugcina kwamadoda umoya wobuzalwana nokuphatha amabhinqa ngokufanayo namadoda kuziinkalo ezibalaseleyo kunqulo lobuBahā’ī. AmaBahā’ī atshata iqabane elinye. Ubuncinane kanye ngosuku, athandaza nawuphi na wemithandazo emithathu eyatyhilwa nguBahā’ Ullāh. Azila ukudla ukususela ekuphumeni kwelanga ukusa ekutshoneni kwelanga ebudeni beentsuku ezili-19 zenyanga yamaBahā’ī engu ‛Alā, eba ngoMatshi. (Ikhalenda yamaBahā’ī ineenyanga ezili-19, nganye ineentsuku ezili-19, ngokuqinisekileyo eneentsuku ezifakelelweyo.)
7 Unqulo lobuBahā’ī alunazithethe zininzi, lungenaye nomfundisi. Nabaphi na abantu abazibanga bengabonqulo lukaBahā’ Ullāh baze bamkele iimfundiso zakhe basenokubhaliswa njengamalungu. Inkonzo yabo iqhutywa ngosuku lokuqala lwenyanga nganye yamaBahā’ī.
8 AmaBahā’ī azigqala njengaphathiswe uthumo lokomoya lokulawula esi sijikelezi-langa. Azama ukusasaza unqulo lwawo ngencoko, ngomzekelo awumiselayo, ngokuba nenxaxheba kwimicimbi yasekuhlaleni nakumaphulo ezemfundo. Akholelwa ukuba kufanelekile ukuyithobela ngokupheleleyo imithetho yelizwe ahlala kulo, ibe nangona evota, ayazinxwema ekubeni nenxaxheba kwezobupolitika. Akhetha umsebenzi ongafunisi zixhobo kwimikhosi elwayo xa kunokwenzeka kodwa izazela zawo aziwaleli ukuba angazisebenzisi izixhobo xa kuyimfuneko.
9 Njengonqulo oluphum’ iphulo kubulungiseleli, ubuBahā’ī buye banda ngokukhawuleza kwiminyaka embalwa edluleyo. AmaBahā’ī aqikelela ukuba anamakholwa aphantse abe zizi-5 000 000 ehlabathini lonke. Nangona abantu abakhulu ababhalise ngokoqobo kolo nqulo okwangoku bengaphezulu nje kancinane kwizi-2 300 000.
[Imibuzo YeSifundo]
1, 2. Lwaqala njani unqulo lobuBahā’ī?
3-7. (a) Ziziphi ezinye zeenkolelo zamaBahā’ī? (b) Iinkolelo zamaBahā’ī zahluke njani kwiimfundiso zeBhayibhile?
8, 9. Luyintoni uthumo oluphathiswe amaBahā’ī?
[Umfanekiso]
Indlu yenkonzo yamaBahā’ī kwikomkhulu lehlabathi eHaifa, kwelakwaSirayeli
[Imifanekiso ekwiphepha 286]
Ingxelo yamaSilamsi ithi uMuḥammad wanyukela ezulwini esuka kweli litye elikwisakhiwo sonqulo esinophahla olungqukuva, eYerusalem
[Imifanekiso ekwiphepha 289]
Abahambi ngezonqulo abangamaSilamsi eMecca bajikeleza iKa‛bah izihlandlo ezisixhenxe baze bachukumise okanye bancamise iLitye Elimnyama, ezantsi ekhohlo
[Umfanekiso okwiphepha 290]
IsiArabhu lulwimi efanele ifundwe ngalo iQur’ān
[Imifanekiso ekwiphepha 298]
Ukwehlela ngasekunene ukusuka entla ekhohlo: Isakhiwo sonqulo esinophahla olungqukuva nesinelitye ngaphakathi, eYerusalem; imosque eseIran, eMzantsi Afrika naseTurkey
[Imifanekiso ekwiphepha 303]
IMezquita yaseCórdoba yayikhe ngaxa lithile yaba yeyona mosque inkulu ehlabathini (ngoku indlu yecawa kabhishopu wamaKatolika isembindini wayo)