Isifundo 8
Ubomi Bentsapho Obumkholisayo UThixo
Sisiphi isikhundla sendoda entsatsheni? (1)
Indoda ifanele imphathe njani umfazi wayo? (2)
Ziziphi iimbopheleleko ubawo anazo? (3)
Yiyiphi indima yomfazi entsatsheni? (4)
Yintoni uThixo ayifunayo kubazali nakubantwana? (5)
Yiyiphi imbono yeBhayibhile ngokwahlukana nokuqhawula umtshato? (6, 7)
1. IBhayibhile ithi indoda yintloko yentsapho yayo. (1 Korinte 11:3) Indoda imele ibe nomfazi omnye kuphela. Bafanele batshate ngokusemthethweni.—1 Timoti 3:2; Tito 3:1.
2. Indoda ifanele imthande umfazi wayo njengokuba izithanda. Ifanele imphathe ngendlela uYesu abaphatha ngayo abalandeli bakhe. (Efese 5:25, 28, 29) Ayifanele imbethe okanye imphathe kakubi nangayiphi na indlela umfazi wayo. Kunoko, ifanele ibonise imbeko nentlonelo kuye.—Kolose 3:19; 1 Petros 3:7.
3. Ubawo ufanele azibhokoxe ekunyamekeleni intsapho yakhe. Umele ondle, anxibise, afumanele umfazi nabantwana bakhe ikhusi. Kwakhona ubawo umele anyamekele iintswelo zokomoya zentsapho yakhe. (1 Timoti 5:8) Uyakhokela ekuncedeni intsapho yakhe ukuze ifunde ngoThixo nangeenjongo Zakhe.—Duteronomi 6:4-9; Efese 6:4.
4. Umfazi ufanele abe ngumncedi wendoda yakhe. (Genesis 2:18) Ufanele ayincede indoda yakhe ekufundiseni nasekuqeqesheni abantwana babo. (IMizekeliso 1:8) UYehova ufuna ukuba umfazi ayinyamekele ngothando intsapho yakhe. (IMizekeliso 31:10, 15, 26, 27; Tito 2:4, 5) Ufanele abe nentlonelo enzulu ngendoda yakhe.—Efese 5:22, 23, 33.
5. UThixo ufuna ukuba abantwana babathobele abazali babo. (Efese 6:1-3) Ulindele ukuba abazali babafundise baze babaluleke abantwana babo. Abazali bafanele bachithe ixesha nabantwana babo baze bafundisise iBhayibhile kunye nabo, banyamekele iintswelo zabo zokomoya nezingokweemvakalelo. (Duteronomi 11:18, 19; IMizekeliso 22:6, 15) Abazali abafanele nanini na babaqeqeshe ngqwabalala okanye ngenkohlakalo abantwana babo.—Kolose 3:21.
6. Xa amaqabane omtshato enengxaki yokungavisisani, afanele azame ukusebenzisa isiluleko seBhayibhile. IBhayibhile isikhuthaza ukuba sibonise uthando size sixolele. (Kolose 3:12-14) ILizwi likaThixo alikukhuthazi ukwahlukana njengendlela yokucombulula iingxaki ezincinane. Kodwa umfazi usenokukhetha ukuyishiya indoda yakhe ukuba (1) ngabom ayifuni kuyondla intsapho yayo, (2) inogonyamelo kangangokuba impilo nobomi bakhe busengozini, okanye (3) ichasa ngokukrakra kangangokuba akakwazi ukunqula uYehova.—1 Korinte 7:12, 13.
7. Iqabane lomtshato lifanele lithembeke kwelinye. Ukukrexeza kusisono kuThixo nakwiqabane likabani. (Hebhere 13:4) Ukuba neentlobano zesini ngaphandle komtshato kuphela kwesizathu esingokweZibhalo sokuqhawula umtshato neqabane lakho uze uvumeleke ukuba utshate kwakhona. (Mateyu 19:6-9; Roma 7:2, 3) UYehova uyithiyile into yokuba abantu baqhawule umtshato bengenazo izizathu ezingokweZibhalo baze batshate nomnye umntu.—Malaki 2:14-16.
[Umfanekiso okwiphepha 17]
UThixo ulindele ukuba abazali bafundise abantwana babo baze babaluleke
[Umfanekiso okwiphepha 17]
Ubawo onothando unyamekela intsapho yakhe ngokwenyama nangokomoya