-
Bazali, Yintoni Efundiswa Ngumzekelo Eniwumiselayo?IMboniselo—1999 | Julayi 1
-
-
Bazali, Yintoni Efundiswa Ngumzekelo Eniwumiselayo?
“Yibani ngabaxelisa uThixo, njengabantwana abaziintanda, nize niqhubeke nihamba eluthandweni.”—EFESE 5:1, 2.
1. Hlobo luni lolwalathiso olwanikelwa nguYehova kwisibini sokuqala esingabantu?
UYEHOVA nguMsunguli welungiselelo lentsapho. Zonke iintsapho zikho ngenxa yokuba wadala intsapho yokuqala waza wanika isibini sokuqala esingabantu amandla okuzala. (Efese 3:14, 15) Wanika uAdam noEva imiyalelo eyintloko yendlela abamele bazisingathe ngayo iimbopheleleko zabo waza wabanika ithuba elaneleyo lokusebenzisa iingqondo zabo ekuziphumezeni. (Genesis 1:28-30; 2:15-22) Emva kokuba uAdam noEva bonile, kwafuneka iintsapho zijamelane neemeko ezinzima kakhulu. Ukanti, ngothando uYehova wanikela ukhokelo olwaluza kunceda abakhonzi bakhe bahlangabezane nezo meko.
2. (a) Ziziphi iindlela ezasetyenziswa nguYehova xa wayesongezelela isiluleko esibhaliweyo ngemfundiso yomlomo? (b) Yiyiphi imibuzo ekufuneka abazali bazibuze yona?
2 NjengoMyaleli wethu Ozukileyo, uYehova wenze okungaphaya kokudlulisela ulwalathiso olubhalwe phantsi loko sifanele sikwenze nesingafanelanga sikwenze. Mandulo wayedlulisela imfundiso ebhaliweyo ndawonye nemfundiso yomlomo eyayidluliselwa ngababingeleli nabaprofeti kunye neentloko-ntsapho. Yimilomo yoobani ayisebenzisayo namhlanje ukudlulisela loo mfundiso? Yeyabadala abangamaKristu nabazali. Ukuba ungumzali, ngaba uyayiphumeza indima yakho yokufundisa intsapho yakho ngeendlela zikaYehova?—IMizekeliso 6:20-23.
3. Yintoni enokufundwa ziintloko-ntsapho kuYehova ngokuphathelele indlela yokufundisa ephumelelayo?
3 Ifanele idluliselwe njani loo mfundiso entsatsheni? UYehova umisela umzekelo. Uyichaza icace into elungileyo nengalunganga, kwaye uyayiphindaphinda into. (Eksodus 20:4, 5; Duteronomi 4:23, 24; 5:8, 9; 6:14, 15; Yoshuwa 24:19, 20) Usebenzisa imibuzo exhokonxa iingcinga. (Yobhi 38:4, 8, 31) Usebenzisa imizekeliso nemizekelo yezinto ezenzeke ngokwenene ukuze achukumise iimvakalelo zethu yaye axonxe iintliziyo zethu. (Genesis 15:5; Daniyeli 3:1-29) Bazali, ngaba niye nizame ukuwuxelisa loo mzekelo xa nifundisa abantwana benu?
4. Yintoni esiyifunda kuYehova ngokuphathelele ukunikela uqeqesho, yaye kutheni lubalulekile nje uqeqesho?
4 UYehova akagungqi entweni elungileyo, kodwa uyawuqonda umphumo obangelwa kukungafezeki. Ngoko, ngaphambi kokubohlwaya abantu abangafezekanga, uye abafundise aze abalumkise yaye abakhumbuze ngokuphindaphindiweyo. (Genesis 19:15, 16; Yeremiya 7:23-26) Xa enikela uqeqesho, uyalinganisela, akabaxi. (INdumiso 103:10, 11; Isaya 28:26-29) Ukuba senjenjalo kubantwana bethu, oko kubonisa ukuba siyamazi uYehova, yaye kuya kuba lula nakubo ukuba bamazi.—Yeremiya 22:16; 1 Yohane 4:8.
5. Yintoni enokufundwa ngabazali kuYehova ngokuphulaphula?
5 Okuvuyisayo kukuba, uYehova uyaphulaphula njengoBawo onothando wasezulwini. Akasuki anikele nje imiyalelo. Uyasikhuthaza ukuba sizityand’ igila kuye. (INdumiso 62:8) Yaye ukuba indlela esivakalelwa ngayo ayichananga ncam, akasikhalimeli rhabaxa esezulwini. Usifundisa ngomonde. Ngoko ke, hayi indlela esifaneleke ngayo isiluleko sikampostile uPawulos esithi: “Yibani ngabaxelisa uThixo, njengabantwana abaziintanda.” (Efese 4:31–5:1) Onjani ukuba mhle umzekelo omiselwa nguYehova kubazali njengoko besiwa bevuka befundisa abantwana babo! Lo mzekelo uchukumisa iintliziyo zethu kwaye usenza sifune ukuhamba kwindlela yakhe yobomi.
Indlela Umzekelo Onempembelelo Ngayo
6. Isimo sengqondo kunye nomzekelo omiselwa ngabazali ubachaphazela njani abantwana babo?
6 Ukongezelela kwimfundiso edluliselwa ngomlomo, ukumisela umzekelo kunempembelelo enkulu kwabaselula. Abantwana baza kubaxelisa abazali, enoba bona bayayithanda okanye abayithandi loo nto. Kunokubavuyisa abazali—maxa wambi kubothuse—ukuva abantwana babo bethetha izinto abazithethileyo. Xa ihambo nesimo sengqondo sabazali sibonisa ukuba bazixabisa ngokunzulu izinto zokomoya, oko kuba nempembelelo entle kubantwana.—IMizekeliso 20:7.
7. Hlobo luni lomzekelo womzali olwamiselwa nguYifeta kwintombi yakhe, ibe waba yintoni umphumo?
7 Umphumo obangelwa ngumzekelo omiselwa ngabazali uchazwe kakuhle eBhayibhileni. UYifeta, owasetyenzisa nguYehova ekukhokeleni amaSirayeli ukuze oyise ama-Amon emfazweni, wayengubawo. Ingxelo engempendulo yakhe kukumkani wama-Amon ibonisa ukuba uYifeta umele ukuba wayeqhelene nokufunda imbali yeenkqubano zikaYehova namaSirayeli. Kwakulula kuye ukucaphula kuloo mbali, ibe wabonakalisa ukholo olomeleleyo kuYehova. Alithandabuzeki elokuba, umzekelo awumiselayo wayinceda intombi yakhe yahlakulela ukholo nomoya wokuzincama eyawubonakalisayo ngokuqalisa inkonzo yobomi bonke njengebhinqa elingatshatanga elizinikele kuYehova.—ABagwebi 11:14-27, 34-40; thelekisa uYoshuwa 1:8.
8. (a) Sisiphi isimo sengqondo esihle esabonakaliswa ngabazali bakaSamuweli? (b) USamuweli wangenelwa njani kuso?
8 USamuweli wayengumntwana ongumzekelo ibe wathembeka kuThixo njengomprofeti ukutyhubela bonke ubomi bakhe. Akungethandi ukuba abantwana bakho bafane naye? Khawuhlolisise umzekelo owamiselwa ngabazali bakaSamuweli, uElikana noHana. Nangona izinto zazingayihambeli kakuhle intsapho yabo, babenyuka rhoqo baye kunqula eShilo, indawo owawukuyo umnquba ongcwele. (1 Samuweli 1:3-8, 21) Phawula ubunzulu bomthandazo kaHana. (1 Samuweli 1:9-13) Qwalasela indlela bobabini ababevakalelwa ngayo ngokubaluleka kokuzalisa nasiphi na isibhambathiso esenziwe kuThixo. (1 Samuweli 1:22-28) Ngokuqinisekileyo umzekelo wabo omhle wamnceda uSamuweli wahlakulela iimpawu ezamenza wahlala kumendo olungileyo—kwanaxa abantu ababemngqongile nababesithi bakhonza uYehova babengabonakalisi ntlonelo ngeendlela zikaThixo. Ethubeni, uYehova wamjizeka uSamuweli ngembopheleleko yokuba ngumprofeti Wakhe.—1 Samuweli 2:11, 12; 3:1-21.
9. (a) Yimpembelelo yoobani kwikhaya likaTimoti eyaba nemiphumo emihle kuye? (b) UTimoti waba ngumntu onjani?
9 Ngaba akungethandi ukuba unyana wakho afane noTimoti, owaba sisinxulumani sikampostile uPawulos esengumfana? Uyise kaTimoti wayengelokholwa, kodwa unina noninakhulu bamisela umzekelo omhle wokuxabisa izinto zokomoya. Ngokuqinisekileyo oku kwaba luncedo ekububekeleni isiseko esihle ubomi bukaTimoti njengomKristu. Sixelelwa ukuba unina, uYunike, noninakhulu uLoyisi ‘babenokholo olungenalo naluphi na uhanahaniso.’ Babengengabo oosingamaKristu; ngokwenene babephila ngokuvisisana noko babesithi bayakukholelwa, ibe bafundisa noTimoti oselula ukuba enjenjalo. UTimoti wazingqina enokuthenjwa yaye eyikhathalela ngokwenene impilontle yabanye.—2 Timoti 1:5; Filipi 2:20-22.
10. (a) Yiyiphi imizekelo enokuchaphazela abantwana bethu ngaphandle kwekhaya? (b) Sifanele sisabele njani xa impembelelo yabo bantu ivakala kwintetho nakwisimo sengqondo sabantwana bethu?
10 Imizekelo echaphazela abantwana bethu ayifumaneki ekhaya yonke. Kukho abantwana abafunda nabo esikolweni, abafundisi-ntsapho abaqeshelwe ukuxonxa iingqondo zabantwana, abantu abemi ngelithi wonk’ ubani ufanele ahambisane nezithethe ezendeleyo zesizwe okanye zaloo ndawo, amaqhawe ezemidlalo adunyiswa kakhulu ngenxa yoko akuphumezayo, kunye namagosa kawonke wonke ahambo yawo ingundaba-mlonyeni. Abanye abantwana abazizigidi baye bachanabeka kwinkohlakalo yemfazwe. Ngaba ifanele ibe ngumnqa kuthi into yokuba ezi zinto zibonakale kwindlela abathetha ngayo okanye kwisimo sengqondo sabantwana bethu? Sisabela njani xa besenjenjalo? Ngaba ukumkhalimela rhabaxa okanye ukumfundisa ngendlela eqatha kuyayicombulula le ngxaki? Kunokubangxamela abantwana bethu, ngaba bekungayi kuba bhetele ukuzibuza oku, ‘Ngaba ikho into kwindlela uYehova aqhubana ngayo nathi enokundinceda ndiqonde indlela yokusingatha le meko?’—Thelekisa eyabaseRoma 2:4.
11. Xa abazali besenza iimpazamo, loo nto inokusichaphazela njani isimo sengqondo sabantwana babo?
11 Kakade ke, abazali abangafezekanga abayi kusoloko bezisingatha ngeyona ndlela ilungileyo iimeko. Baya kuzenza iimpazamo. Xa abantwana beyibona loo nto, ngaba ayiyi kuyiphelisa intlonelo abanayo ngabazali babo? Inako, ngokukodwa ukuba abazali bazama ukuzibetha ngoyaba ezabo iimpazamo ngokunyanzelisa igunya labo ngendlela engqwabalala. Kodwa kunokungabi njalo ukuba abazali bathobekile yaye bazivuma lula iimpazamo zabo. Kulo mba, banokubamisela umzekelo obalulekileyo abantwana babo, nabo ekufuneka befunde ukwenjenjalo.—Yakobi 4:6.
Oko Kunokufundiswa Ngumzekelo Esiwumiselayo
12, 13. (a) Yintoni ekufuneka abantwana bayifunde ngothando, yaye banokuyifundiswa njani ngendlela ephumelelayo? (b) Kutheni kubalulekile nje ukuba abantwana bafunde ngothando?
12 Zininzi izifundo ezibalulekileyo ezinokudluliselwa ngempumelelo xa imfundiso yomlomo ikhatshwa ngumzekelo omhle. Nazi ezimbalwa zazo.
13 Ukubonakalisa uthando lokungazingci: Esinye sezona zifundo zibalulekileyo esimele sigxininiswe ngokumisela umzekelo yintsingiselo yothando. “Sinalo uthando, kuba [uThixo] wasithanda kuqala.” (1 Yohane 4:19) UnguMthombo nomzekelo ongowona ubalaseleyo wothando. Olu thando olusekelwe kwimigaqo, ua·gaʹpe, lukhankanywa izihlandlo ezingaphezu kwe-100 eBhayibhileni. Luluphawu olufanisa amaKristu okwenyaniso. (Yohane 13:35) Ubani ufanele abonakalise olu thando kuThixo nakuYesu Kristu kwanakwabanye abantu—kwanakubantu esisenokuba asibaginyi ncam. (Mateyu 5:44, 45; 1 Yohane 5:3) Olu thando kufuneka lube sezintliziyweni zethu yaye lubonakale kwindlela esiphila ngayo ngaphambi kokuba sifundise abantwana bethu ngalo. Ukuthetha akufani nokwenza. Entsatsheni, abantwana kufuneka balubone baze baluve uthando kunye neempawu eziyelele kulo, ezinjengomsa. Zingekho ezo zinto, umntwana uba sisidodo emzimbeni, engqondweni nakwiimvakalelo. Kwakhona kufuneka abantwana babone indlela efanelekileyo yokubonakalisa uthando nomsa kwamanye amaKristu angengomalungu entsapho.—Roma 12:10; 1 Petros 3:8.
14. (a) Abantwana banokufundiswa njani ukuba nesandla esihle emsebenzini? (b) Oku kunokwenziwa njani kweyakho intsapho?
14 Ukufunda umsebenzi: Umsebenzi uyinto ebalulekileyo ebomini. Umntu kuye kufuneke afunde ukuba nesandla esihle emsebenzini ukuze azixabise. (INtshumayeli 2:24; 2 Tesalonika 3:10) Ukuba umntwana unikwa umsebenzi angawufundiswanga kakuhle, aze angxoliswe xa engawenzanga kakuhle, anqabile amathuba okuba afunde ukuba nesandla esihle emsebenzini. Kodwa xa abantwana befunda ngokusebenza nabazali babo yaye benconywa ngendlela efanelekileyo, maninzi amathuba okuba bafunde ukusebenza ngendlela eyanelisayo. Ukuba umzekelo omiselwa ngabazali uhambisana nengcaciso, abantwana basenokunganeli nje ukufunda indlela yokwenza umsebenzi kodwa banokufunda nendlela yokoyisa iingxaki, indlela yokuwuncekelela de bawugqibe, nendlela yokuqiqa neyokwenza izigqibo. Kwimeko enjalo banokuncedwa baqonde ukuba noYehova uyasebenza, unesandla esihle emsebenzini kwaye noYesu uxelisa uYise. (Genesis 1:31; IMizekeliso 8:27-31; Yohane 5:17) Ukuba intsapho inefama okanye ineshishini eliqhubayo, amanye amalungu entsapho anokusebenza kunye. Okanye ke umama unokufundisa unyana okanye intombi yakhe ukupheka nokuqoqosha izinto emva kwesidlo. Ubawo ophangelayo unokuhlengahlengisa ukuze enze eminye yemisebenzi ekhaya ekunye nabantwana bakhe. Hayi indlela ekuyingenelo ngayo xa abazali bengacingi nje ngokugqitywa kwemisebenzi kodwa becinga nangokubaxhobisela ubomi abantwana babo!
15. Zinokudluliselwa ngaziphi iindlela izifundo ezingokholo? Cacisa.
15 Ukulondoloza ukholo phantsi kobunzima: Nokholo luyinkalo ebalulekileyo ebomini bethu. Xa kuxutyushwa ngokholo kwisifundo sentsapho, abantwana basenokufunda indlela yokuluchaza. Kwakhona basenokwazi izinto ezenza ukholo luqalise ukukhula ezintliziyweni zabo. Kodwa xa bebona abazali babo benokholo olungagungqiyo kwanaphantsi kweemvavanyo eziqatha, loo nto inokuba nempembelelo kubomi babo bonke. Omnye umfundi weBhayibhile wasePanama watyityinjiselwa umnwe ngumyeni wakhe esithi uza kumgxotha ukuba akayeki ukukhonza uYehova. Sekunjalo, rhoqo yena nabantwana bakhe abane, bebehamba umgama oziikhilomitha ezili-16 ngeenyawo baze ke bakhwele uduladula behamba omnye umgama oziikhilomitha ezingama-30 ukuya kweyona Holo yoBukumkani ikufutshane. Ekhuthazwa ngumzekelo awumiselayo, amalungu amalunga nama-20 entsapho yakhe aye ayamkela indlela yenyaniso.
Ukumisela Umzekelo Ngokufunda IBhayibhile Imihla Ngemihla
16. Kutheni ufundo lweBhayibhile lwemihla ngemihla lunconyelwa nje?
16 Omnye weyona mikhwa ibalulekileyo enokuzenzela wona intsapho—umkhwa oya kuba yingenelo kubazali uze ube ngumzekelo wokuxeliswa nangabantwana—kukufunda iBhayibhile rhoqo. Xa kunokwenzeka, fundani iBhayibhile yonke imihla. Akubalulekanga ukuba nifunda indawo enkulu kangakanani. Eyona nto ibalulekileyo kukuyifunda rhoqo nendlela eniyifunda ngayo. Ebantwaneni, ukufunda iBhayibhile kunokongezelelwa ngokuphulaphula iikhaseti ezirekhodiweyo zeNcwadi Yam Yamabali EBhayibhile ukuba ziyafumaneka ngolwimi lwenu. Ukufunda iLizwi likaThixo yonke imihla kuyasinceda sihlale sicinga ngezinto zikaThixo. Kwaye ukuba iBhayibhile ayaneli kufundwa ngabantu ngabanye kodwa ikwafundwa nanjengeentsapho, oko kunokunceda iintsapho ziphela ukuba zihambe ngendlela kaYehova. Le ndlela iye yakhuthazwa kumdlalo weeNdibano ‘Zokuphila Ngendlela KaThixo’ eziqhutywe kutshanje obunomxholo othi Zintsapho—Yenzani Ufundisiso LweBhayibhile Lwemihla Ngemihla Lube Yindlela Yenu Yokuphila!—INdumiso 1:1-3.
17. Ufundo lweBhayibhile lwentsapho nokuzibethelela engqondweni iindinyana ezibalulekileyo kunceda njani ekusebenziseni isiluleko esikweyabase-Efese 6:4?
17 Ukufunda iBhayibhile njengentsapho kuvisisana noko umpostile uPawulos wakubhala kwincwadi yakhe eyayisiya kwabase-Efese, esithi: “Boyise, musani ukubacaphukisa abantwana benu, kodwa qhubekani nibakhulisela kwingqeqesho nasekweyiselweni kwengqondo kuYehova.” (Efese 6:4) Kuthetha ntoni oko? ‘Ukweyiselwa kwengqondo’ ngokoqobo kuthetha “ukufaka ingqondo kabani”; ngoko oobawo abangamaKristu bayabongozwa ukuba bafake ingqondo kaYehova uThixo kubantwana babo—bancede abantwana bazazi iingcamango zikaThixo. Ukukhuthaza abantwana ukuba bazazi ngentloko iindinyana ezibalulekileyo kunokunceda ekuphumezeni oku. Usukelo kukuba iingqondo zabantwana zilawulwe ziingcamango zikaYehova ukuze ngokuthe ngcembe iminqweno kunye nehambo yabo ibonise ukuba baphila ngemilinganiselo yobuthixo enoba bakho okanye abakho abazali babo. IBhayibhile isisiseko sengcamango enjalo.—Duteronomi 6:6, 7.
18. Xa kufundwa iBhayibhile, yintoni enokuba yimfuneko ukuze (a) iqondakale kakuhle? (b) ningenelwe kwisiluleko esiphetheyo? (c) nisabele koko ikutyhilayo ngenjongo kaYehova? (d) ningenelwe koko ikutshoyo ngesimo sengqondo nangezenzo zabantu?
18 Kakade ke, ukuze iBhayibhile ibe nempembelelo kubomi bethu, kufuneka sikuqonde oko ikuthethayo. Kwabaninzi, oku kusenokufuna ukuba bafunde iinxalenye zayo izihlandlo eziliqela. Ukuze siwaqonde kakuhle amabinzana athile, kusenokufuneka sikhangele kwisichazi-magama okanye kwi-Insight on the Scriptures. Ukuba loo ndinyana iqulethe isiluleko okanye umthetho, zipheni ithuba lokuxubusha ngeemeko zanamhlanje eziwenza ube ufanelekile. Usenokwandula ke ubuze, ‘Sinokungenelwa njani thina kwesi siluleko?’ (Isaya 48:17, 18) Ukuba loo ndinyana ichaza inkalo ethile yenjongo kaYehova, buza, ‘Le nkalo ibuchaphazela njani ubomi bethu?’ Mhlawumbi nifunda ingxelo ethetha ngesimo sengqondo nangezenzo zabantu. Ziziphi iingcinezelo ababenazo ebomini? Bahlangabezana njani nazo? Sinokungenelwa njani thina kumzekelo wabo? Ngalo lonke ixesha zipheni ithuba lokuxubusha ngoko kuthethwa yiloo ngxelo kubomi bethu namhlanje.—Roma 15:4; 1 Korinte 10:11.
19. Xa sixelisa uThixo, yintoni esiya kuba sibalungiselela yona abantwana bethu?
19 Enjani ukuba ntle indlela yokubethelela iingcamango zikaThixo kwiingqondo nakwiintliziyo zethu! Ngaloo ndlela siya kuncedeka ngokwenene ukuze sibe “ngabaxelisa uThixo, njengabantwana abaziintanda.” (Efese 5:1) Kwaye siya kumisela umzekelo ofanelwe ngokwenene kukuxeliswa ngabantwana bethu.
Ngaba Usakhumbula?
◻ Abazali banokungenelwa njani kumzekelo kaYehova?
◻ Kutheni imfundiso yomlomo esiyidlulisela kubantwana bethu ifanele ihambisane nomzekelo omhle esiwumiselayo njengabazali?
◻ Ziziphi izifundo ezingena bhetele xa umzali emisela umzekelo kuzo?
◻ Sinokungenelwa njani ngokuzeleyo xa sifunda iBhayibhile njengentsapho?
-
-
Lifundisiseni Rhoqo Ilizwi Likathixo NjengentsaphoIMboniselo—1999 | Julayi 1
-
-
Lifundisiseni Rhoqo Ilizwi Likathixo Njengentsapho
“Umntu umele aphile, kungekhona ngesonka sodwa, kodwa ngamazwi onke aphuma emlonyeni kaYehova.”—MATEYU 4:4.
1. Ithini iBhayibhile ngembopheleleko yeentloko-ntsapho yokufundisa abantwana bazo ngeendlela zikaYehova?
UYEHOVA UTHIXO wayezikhumbuza ngokufuthi iintloko-ntsapho ngembopheleleko yazo yokufundisa abantwana bazo. Kaloku loo mfundiso yayiza kuxhobisa abantwana ukuze bakwazi ukuhlangabezana nobomi belo xesha kwaye yayinokubanceda balungele nobexesha elaliseza. Ingelosi eyayithunywe nguThixo yalitsolisa kuAbraham imxelela ngembopheleleko yakhe yokufundisa indlu yakhe ukuze ‘igcine indlela kaYehova.’ (Genesis 18:19) Abazali abangamaSirayeli baxelelwa ukuba bachazele abantwana babo ngendlela uThixo awamhlangula ngayo uSirayeli eYiputa nendlela awawudlulisela ngayo uMthetho kwiNtaba yeSinayi, eHorebhe. (Eksodus 13:8, 9; Duteronomi 4:9, 10; 11:18-21) Iintloko-ntsapho ezingamaKristu ziyabongozwa ukuba zikhulisele abantwana bazo “kwingqeqesho nasekweyiselweni kwengqondo kuYehova.” (Efese 6:4) Kwanokuba ngumzali omnye kuphela okhonza uYehova, loo mzali ufanele azabalazele ukufundisa abantwana ngeendlela zikaYehova.—2 Timoti 1:5; 3:14, 15.
2. Ngaba isifundo sentsapho siyimfuneko xa kungekho bantwana ekhaya? Cacisa.
2 Oku akuthethi kuthi ukufundisisa iLizwi likaThixo njengentsapho kuyinto yeentsapho ezinabantwana kuphela. Xa indoda nomfazi besiba nesifundo sentsapho kwanaxa kungekho bantwana ekhaya, oku kubonisa uxabiso abanalo ngezinto zokomoya.—Efese 5:25, 26.
3. Kutheni kubalulekile ukusiqhuba rhoqo isifundo sentsapho?
3 Ukuze iphumeze lukhulu, imfundiso ifanele inikelwe rhoqo, ibe oko kuvisisana nesifundo esadluliselwa nguYehova kuSirayeli entlango: “Akaphili ngasonka sodwa umntu; umntu lo yena uphila ngento yonke ephuma emlonyeni kaYehova.” (Duteronomi 8:3) Ezinye iintsapho zinokuhlengahlengisa ukuze zibe nesifundo sentsapho veki nganye; ezinye zinokuba nesifundo esifutshane nje esiqhutywa yonke imihla, kuxhomekeka kwiimeko zentsapho leyo. Enoba liliphi na ilungiselelo enilikhethayo, isifundo masingaqhutywa ngamabona-ndenzile. ‘Zithengeleni ixesha’ laso. Ukuncama nantoni na ngelo xesha kuya kuba nembuyekezo enkulu. Ubomi bamalungu entsapho yenu buxhomekeke kuso.—Efese 5:15-17; Filipi 3:16.
Usukelo Enimele Nilukhumbule
4, 5. (a) Yintoni uYehova awayichazela abazali esebenzisa uMoses njengebalulekileyo ekufundiseni abantwana babo? (b) Oko kubandakanya ntoni namhlanje?
4 Xa uqhuba isifundo sentsapho, kuya kuninceda gqitha ukulukhumbula kakuhle usukelo eninalo. Nazi ezinye zezinto ezimbalwa eninokuzibekela zona njengosukelo.
5 Kwisifundo ngasinye, zimiseleni ukuhlakulela uthando ngoYehova uThixo. Xa amaSirayeli ayehlanganisene kumathafa akwaMowabhi, ngaphambi kokuba angene kwiLizwe Ledinga, uMoses watsalela ingqalelo yawo koko kamva uYesu wayeza kukubiza ngokuthi ‘ngowona myalelo mkhulu eMthethweni.’ Wawusithini? “Uze umthande uYehova uThixo wakho ngentliziyo yakho yonke, nangomphefumlo wakho wonke, nangamandla akho onke.” (Mateyu 22:36, 37; Duteronomi 6:5) UMoses wabongoza amaSirayeli ukuba awubethelele lo myalelo ezintliziyweni zawo aze afundise nabantwana ngawo. Loo nto yayiya kufuna ukuba awuphindaphinde, atsalele ingqalelo kwizizathu zokumthanda uYehova, axubushe ngesimo sengqondo kunye nehambo eyayinokuyithintela imbonakaliso yolo thando, aze abonakalise uthando ngoYehova kwindlela abaphila ngayo. Ngaba nabethu abantwana kufuneka bafundiswe ngolo hlobo? Kunjalo kanye! Kwaye nabo kufuneka bancedwe ‘baluse intliziyo yabo,’ ngamany’ amazwi, basuse nayiphi na into eza kuminxa uthando abanalo ngoThixo. (Duteronomi 10:12, 16; Yeremiya 4:4) Enye yezinto ezinokuluminxa kukunqwenela izinto zehlabathi kunye namathuba okuzifica kwimisebenzi yalo. (1 Yohane 2:15, 16) Uthando esinalo ngoYehova simele silubonakalise, siluvakalise, lusishukumisele ekwenzeni izinto ezikholisa uBawo wethu osezulwini. (1 Yohane 5:3) Ukuze isifundo sentsapho yakho sizise iingenelo ezihlala ixesha elide, isifundo ngasinye sifanele siqhutywe ngendlela elomelezayo olo thando.
6. (a) Yintoni efunekayo ukuze kudluliselwe ulwazi oluchanileyo? (b) IZibhalo zikubethelela njani ukubaluleka kolwazi oluchanileyo?
6 Dlulisela ulwazi oluchanileyo ngoko kufunwa nguThixo. Kuquka ntoni oko? Kuquka ukunganeli nje ukufunda impendulo kwiphephancwadi okanye encwadini. Kudla ngokufuneka ixutyushwe into ukuze kuqinisekwe ukuba amagama ayintloko neengcamango eziphambili ziqondwe kakuhle. Ulwazi oluchanileyo lubalulekile ukuze sambathe ubuntu obutsha, nokuze sisoloko sinikela ingqalelo kwizinto ezibaluleke ngokwenene xa sijamelene neengxaki ebomini, ibe ngaloo ndlela, lubalulekile ukuze senze okumkholisa ngokwenene uThixo.—Filipi 1:9-11; Kolose 1:9, 10; 3:10.
7. (a) Yiyiphi imibuzo enokusetyenziswa ukuze kuncedwe intsapho iwusebenzise kakuhle umbandela ewufundayo? (b) IZibhalo zikubethelela njani ukubaluleka kokuba nosukelo olunjalo?
7 Bancede ubabonise indlela okunokusetyenziswa ngayo oko nikufundayo. Ucinga ngolu sukelo, ebudeni besifundo ngasinye sentsapho, buza: ‘Le nkcazelo ifanele ibuchaphazele njani ubomi bethu? Ngaba lukho utshintsho ekufuneka silwenzile ngoku ngenxa yale nkcazelo? Kutheni sifanele sifune ukwenza uhlengahlengiso?’ (IMizekeliso 2:10-15; 9:10; Isaya 48:17, 18) Ukunikela ingqalelo eyaneleyo kwindlela izinto enizifundayo ezinokusetyenziswa ngayo kubalulekile ukuze amalungu entsapho akhule ngokomoya.
Zisebenzise Ngobulumko Izixhobo Zokufundisa
8. Ziziphi izixhobo zokufundisisa iBhayibhile eziye zalungiselelwa ludidi lwekhoboka?
8 “Ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi” liye lalungiselela izixhobo ezininzi ezinokusetyenziswa xa kufundisiswa. Iphephancwadi IMboniselo, elisetyenziswa kunye neBhayibhile, lifumaneka ngeelwimi ezili-131. Kukho neencwadi zokufundisisa iBhayibhile ezifumaneka ngeelwimi ezili-153, iincwadana ezinemifanekiso ngeelwimi ezingama-284, iikhasethi ezirekhodiweyo ngeelwimi ezingama-61, iikhasethi zevidiyo ngeelwimi ezingama-41, kwanenkqubo yekhompyutha yokwenza uphando lweBhayibhile ngeelwimi ezisi-9!—Mateyu 24:45-47.
9. Sinokusisebenzisa njani isiluleko seendinyana ezibonisiweyo xa sifundisisa IMboniselo njengentsapho?
9 Iintsapho ezininzi zisebenzisa ixesha lesifundo sentsapho ukuze zilungiselele iSifundo seMboniselo sebandla. Hayi indlela okunokuba luncedo ngayo oko! IMboniselo iqulethe ukutya okusisiseko kokomoya okulungiselelwe ukwakha abantu bakaYehova ehlabathini lonke. Xa nifundisisa IMboniselo njengentsapho, musani ukufunda nje iziqendu nize niphendule loo mibuzo ibhaliweyo. Kufuneni ngokunyaniseka ukuwuqonda loo mbandela. Zipheni ixesha lokutyhila iindinyana ezibonisiweyo kodwa azacatshulwa. Cela amalungu entsapho ukuba agqabaze ngendlela ezi ndinyana ezidibana ngayo noko kuthethwa seso siqendu. Wenze loo mbandela ufikelele intliziyo.—IMizekeliso 4:7, 23; IZenzo 17:11.
10. Yintoni enokwenziwa ukuze abantwana babandakanyeke esifundweni nokuze sinandipheke kubo?
10 Xa ninabantwana, yintoni eninokuyenza ukwenza isifundo senu singabi yinto nje yesiqhelo entsatsheni kodwa sakhe, sibangele umdla yaye sibe sesonwabisayo? Zabalazelani ukubandakanya wonke umntu ngendlela efanelekileyo ukuze ingqalelo yabo ihlale ikuloo mbandela ufundisiswayo. Xa kunokwenzeka, lungiselelani ukuba umntwana ngamnye abe neBhayibhile yakhe kunye nelo phephancwadi lifundisiswayo. Umzali unokumhlalisa ecaleni kwakhe umntwana omncinane, mhlawumbi amgone, exelisa ububele obabonakaliswa nguYesu. (Thelekisa uMarko 10:13-16.) Intloko-ntsapho inokucela oyena mncinane ukuba acacise umfanekiso okuloo mbandela ufundisiswayo. Umntwana oselula usenokwabelwa kusengaphambili ukuba afunde indinyana ethile. Omdadlana usenokwabelwa ukuba achaze izinto onokusetyenziswa kuzo umbandela ofundisiswayo.
11. Ziziphi ezinye izixhobo zokufundisa ezilungiselelweyo, yaye xa zikho, zinokusetyenziswa njani ngokuyingenelo kwisifundo sentsapho?
11 Nangona nisenokuba nisebenzisa IMboniselo kwiingxubusho zenu, ningazilibali ezinye izixhobo zokufundisisa ezifumaneka ngeelwimi ezininzi. Xa kufuneka ingcombolo okanye ingcaciso yebinzana elithile leBhayibhile, i-Insight on the Scriptures inokuba nayo. Eminye imibuzo inokuphendulwa ngokukhangela kwiWatch Tower Publications Index okanye ngokusebenzisa inkqubo yekhompyutha yokwenza uphando eyenziwe nguMbutho. Ukufunda indlela yokusebenzisa ezo zixhobo, ukuba zikho ngolwimi lwenu, kunokuba yinkalo ebalulekileyo yesifundo sentsapho. Ukuze nivuselele umdla wabaselula, kwakhona nisenokusebenzisa ixesha lesifundo senu ukuze nibukele inxalenye yenye yeevidiyo zokufundisa zoMbutho okanye niphulaphule icandelo elithile lomdlalo okwikhasethi erekhodiweyo nize nixubushe ngalo. Ukuzisebenzisa kakuhle ezi zixhobo zokufundisisa kunokunceda ekwenzeni isifundo sentsapho yenu sibangele umdla yaye sibe yingenelo kwintsapho yonke.
Senze Silungele Iimfuno Zentsapho Yakho
12. Isifundo sentsapho sinokuyiphumeza njani indima yokusingatha iimfuno zentsapho ezingxamisekileyo?
12 Kusenokwenzeka ukuba intsapho yenu idla ngokufundisisa umbandela weMboniselo ofundwa ngaloo veki. Kodwa ke yazi intsapho yakho. Xa umama engaphangeli, usenokukwazi ukuchitha ixesha ekunye nabantwana suku ngalunye xa bebuya esikolweni. Ezinye izinto zinokusingathwa ngelo xesha; ukanti ezinye zisenokufuna ingqalelo engakumbi. Xa intsapho ineemfuno ezingxamisekileyo, musa ukuzibetha ngoyaba. (IMizekeliso 27:12) Ezi zisenokungabandakanyi iingxaki zasesikolweni kuphela kodwa zinokuquka nezinye izinto. Khethani umbandela ofanelekileyo, nize niyichazele kusengaphambili intsapho ngombandela oza kufundisiswa.
13. Kutheni kusenokuba yingenelo ukuxubusha njengentsapho indlela yokuhlangabezana nobuhlwempu?
13 Ngokomzekelo, ummandla omkhulu womhlaba uhlwempuzeke gqitha; ngoko kwiindawo ezininzi kusenokuba yimfuneko ukuxubusha ngendlela yokuhlangabezana nabo. Ngaba isifundo sentsapho esisekelwe kwizinto ezenzeka ngokwenene nakwimigaqo yeBhayibhile sinokuba yingenelo kwintsapho yakho?—IMizekeliso 21:5; INtshumayeli 9:11; Hebhere 13:5, 6, 18.
14. Ziziphi iimeko ezinokwenza iingxubusho zentsapho zembono kaYehova ngogonyamelo, imfazwe nobundilele bamaKristu zibe ngumbandela osexesheni?
14 Omnye umbandela ofuna ukuxutyushwa lugonyamelo. Kufuneka sonke siyibethelele ezingqondweni nasezintliziyweni zethu imbono kaYehova. (Genesis 6:13; INdumiso 11:5) Isifundo sentsapho esixubusha ngalo mbandela sinokuvelisa ithuba lokuxubusha indlela yokuhlangabezana neendlavini esikolweni, enoba bamele bafunde ikarati kusini na, noko bamele bakwenze xa bekhetha indlela yokuzonwabisa. Imilo enogonyamelo iyinto yomhla nezolo; phantse onke amazwe abhuqwa yimfazwe yamakhaya, udushe lwezobupolitika okanye imfazwe yobuhlanga, okanye iimfazwe zamaqela emigulukudu. Ngenxa yoko, intsapho yakho isenokuyifuna ingxubusho ephathelele ukugcina ihambo yamaKristu ngoxa ingqongwe ngamaqela alwayo.—Isaya 2:2-4; Yohane 17:16.
15. Ifanele idluliselwe njani ebantwaneni imfundo engesini nomtshato?
15 Njengoko abantwana bekhula, kufuneka bafundiswe ngesini nangomtshato, ngendlela efanele ubudala babo. Kwezinye iindawo inkoliso yabazali ayikhe ixubushe ngesini nabantwana bayo. Xa abantwana bengazi nto basenokujijwa iingqondo lolunye ulutsha, ibe imiphumo isenokuba mibi gqitha. Ngaba bekungayi kuba bhetele ukuxelisa uYehova, onikela isiluleko esingagwegweleziyo nesichuliweyo ngalo mbandela eBhayibhileni? Isiluleko esivela kuThixo siya kubanceda abantwana bethu bahlale bezihlonela yaye babaphathe ngesidima abantu besini esahlukileyo. (IMizekeliso 5:18-20; Kolose 3:5; 1 Tesalonika 4:3-8) Kwanokuba sele uwuxubushile lo mbandela, musa ukulibazisa, wuphinde. Kubalulekile ukuwuphindaphinda ekubeni iimeko ziguquguquka.
16. (a) Siqhutywa nini isifundo sentsapho kwezinye iintsapho? (b) Niye nayisingatha njani imiqobo ukuze nibe nesifundo sentsapho rhoqo?
16 Sinokuqhutywa nini isifundo sentsapho? Ezinye iintsapho zihlengahlengisele ukusiqhuba ngoMvulo ngokuhlwa isifundo sazo, zixelisa iintsapho zaseBheteli emhlabeni wonke. Ezinye zenza ngendlela eyahlukileyo. EArgentina kukho intsapho enamalungu ali-11, abantwana basi-9, ntsasa nganye ebivuka ngentsimbi yesihlanu ize iqhube isifundo sentsapho. Ngenxa yokuba amalungu ayo elicwangcise ngeendlela ezahlukeneyo ixesha lawo, alikho elinye ixesha elalinokulunga. Kwakungelula ukuyenza loo nto, kodwa yabethelela ezingqondweni nasezintliziyweni zabantwana indlela esibaluleke ngayo isifundo sentsapho. Omnye umdala wasePhilippines ebeqhuba isifundo sentsapho rhoqo nomfazi wakhe nabantwana babo abathathu njengoko babekhula. Ebudeni beveki abazali bebesiba nofundisiso lobuqu nomntwana ngamnye ukuze ngamnye wabo ayamkele inyaniso. EUnited States, omnye udade onomyeni ongeloNgqina upheleka abantwana bakhe xa beyokukhwela uduladula oya esikolweni ntsasa nganye. Ngoxa belinde uduladula, bachitha imizuzu emalunga neshumi befunda yaye bexubusha umbandela ofanelekileyo osekelwe kwiZibhalo, emva koko unina uye enze umthandazo omfutshane ngaphambi kokuba abantwana bakhwele kuduladula. KwiDemocratic Republic of Congo, elinye ibhinqa elashiywa ngumyeni ongakholwayo kufuneka lizibhokoxe xa liqhuba isifundo ngenxa yokuba lingafundanga ngokwaneleyo. Unyana walo osele emdala uyalinceda ngokutyelela intsapho veki nganye aze akhokele kwisifundo esibandakanya unina nabaninawa bakhe. Unina umisela umzekelo omhle ngokulungiselela kakuhle. Ngaba ikho into exabe phambi kwesifundo sentsapho kwikhaya lenu? Ningancami. Celani iintsikelelo zikaYehova ngokunyaniseka kwimigudu yenu yokuba nesifundo seBhayibhile rhoqo.—Marko 11:23, 24.
Umvuzo Wokuzingisa
17. (a) Yintoni efunekayo ukuze nibe nesifundo sentsapho rhoqo? (b) Ngawaphi amava abonisa ukubaluleka kokufunda rhoqo ngeendlela zikaYehova?
17 Ukuceba kuyimfuneko. Kufuneka nokuzingisa. Kodwa iingenelo ezifumaneka ngenxa yesifundo sentsapho esithe rhoqo ziwufanele loo mgudu. (IMizekeliso 22:6; 3 Yohane 4) UFranz noHilda, baseJamani, bakhulisa intsapho enabantwana abali-11. Kwiminyaka ethile kamva, intombi yabo uMagdalena yathi: “Eyona nto ndiyigqala njengebaluleke gqitha namhlanje kukuba kwakungadluli nolunye usuku singakhange sifundiswe nto ithile yokomoya.” Xa kwavuka umoya wobuzwe phantsi kolawulo luka-Adolf Hitler, uyise kaMagdalena wasebenzisa iBhayibhile ukuze enze intsapho yakhe ilungele iimvavanyo awayezibona ukuba ziyeza. Ethubeni, amalungu entsapho aselula aqokelelwa aza asiwa kwizikolo zokulungisa izimilo; amanye abanjwa aza avalelwa ezintolongweni nakwiikampu zoxinaniso. Amanye abulawa. Onke ahlala eqinile elukholweni—kungekuphela ebudeni bexesha lentshutshiso ekrakra, kodwa, kulawo asindayo, nasebudeni beminyaka eyalandelayo.
18. Iye yavuzwa njani imigudu yabazali abangenamaqabane?
18 Abazali abaninzi abangenamaqabane, kunye nabo bahluleleneyo namaqabane ngonqulo, babafundisa rhoqo abantwana babo ngeBhayibhile. EIndiya omnye umama ongenaqabane, ongumhlolokazi, wayezibhokoxa ukuze abethelele ukumthanda uYehova kubantwana bakhe ababini. Noko ke, intliziyo yakhe yaba lihlwili xa unyana wakhe wayekayo ukunxulumana nabantu bakaYehova. Wabongoza uYehova ukuba amxolele ngayo nayiphi na intsilelo yakhe ekuqeqesheni unyana wakhe. Kodwa unyana wakhe wayengekakulibali oko wayekufundisiwe. Emva kweminyaka engaphezu kweshumi, wabuya, wenza inkqubela ngokomoya, waza waba ngumdala webandla. Ngoku yena nomfazi wakhe bakhonza njengabalungiseleli bexesha elizeleyo abangoovulindlela. Hayi indlela abanombulelo ngayo abo bazali abaye basamkela isiluleko esivela kuYehova nakwintlangano yakhe sokuba babafundise rhoqo abantwana babo ngeBhayibhile njengentsapho! Ngaba uyalisebenzisa elo cebiso kwintsapho yakho?
Ngaba Ungachaza?
◻ Kutheni kubalulekile ukusiqhuba rhoqo isifundo sentsapho?
◻ Sifanele sizibekele luphi usukelo ebudeni besifundo sentsapho ngasinye?
◻ Ziziphi izixhobo zokufundisisa eziye zenziwa zafumaneka kuthi?
◻ Isifundo sinokwenziwa njani sifanele iimfuno zentsapho?
[Umfanekiso okwiphepha 15]
Ukuzibekela usukelo olucacileyo kuya kusiphucula isifundo sentsapho yakho
-
-
Zintsapho, Dumisani UThixo Njengenxalenye Yebandla LakheIMboniselo—1999 | Julayi 1
-
-
Zintsapho, Dumisani UThixo Njengenxalenye Yebandla Lakhe
“Ndimbonga uYehova ndisemabandleni.”—INDUMISO 26:12.
1. Ukongezelela kufundisiso nakumthandazo, yiyiphi inxalenye ebalulekileyo yonqulo lokwenyaniso enokwenziwa ekhaya?
UKUNQULA uYehova akupheleli kumthandazo nakufundisiso lweBhayibhile, kodwa kukwaquka nokusebenza njengenxalenye yebandla likaThixo. USirayeli wamandulo wayalelwa ukuba ‘kubizelwe ndawonye abantu, amadoda, nabafazi, nabantwana,’ ukuze bafunde umthetho kaThixo nokuze bahambe ngendlela yakhe. (Duteronomi 31:12; Yoshuwa 8:35) Abantu abakhulu kunye ‘nomlisela nomthinjana’ bakhuthazwa ukuba babe nesabelo ekudumiseni igama likaYehova. (INdumiso 148:12, 13) Amalungiselelo afanayo ayasebenza nakwibandla lamaKristu. KwiiHolo zoBukumkani ezisemhlabeni wonke, amadoda, amabhinqa kunye nabantwana baba nenxaxheba ngokukhululekileyo kwiinxalenye ezibandakanya abaphulaphuli, ibe abaninzi bayakuvuyela ukuba nesabelo.—Hebhere 10:23-25.
2. (a) Kutheni kubalulekile ukulungiselela ukuze kuncedwe abaselula banandiphe iintlanganiso? (b) Ngumzekelo kabani obalulekileyo?
2 Kuyinyaniso ukuba, kunokuba lucelomngeni ukunceda abaselula bazenzele umkhwa omhle wokuxakeka ebandleni. Isenokuba yintoni ingxaki xa abanye abantwana abeza nabazali babo bebonakala bengazinandiphi iintlanganiso? Kaloku, inkoliso yabantwana ayikwazi kunikela ingqalelo ixesha elide yaye ikruquka msinya. Ukulungiselela kunokunceda ekusingatheni le ngxaki. Soze abantwana babe nesabelo ngendlela ephawulekayo ezintlanganisweni xa bengalungiselelanga. (IMizekeliso 15:23) Kuya kuba nzima ukuba bakhule ngendlela eyanelisayo ngokomoya xa bengalungiseleli. (1 Timoti 4:12, 15) Kunokwenziwa ntoni ke? Okokuqala, abazali bafanele bazibuze enoba bona bayazilungiselela kusini na iintlanganiso. Umzekelo wabo unokuba nempembelelo enkulu. (Luka 6:40) Ukusiceba ngenyameko isifundo sentsapho nako kusenokuba yinkalo ebalulekileyo.
Ukwakha Intliziyo
3. Ebudeni besifundo sentsapho, kutheni kufanele kwenziwe umgudu okhethekileyo ukuze kwakhiwe iintliziyo, ibe yintoni efunekayo ukuze kwenziwe oko?
3 Isifundo sentsapho asimelanga sibe lixesha nje lokungxala iingqondo ngolwazi kodwa sikwafanele sakhe iintliziyo. Oku kufuna ubani azazi iingxaki ajamelana nazo amalungu entsapho kwaye abe nenkxalabo enothando ngelungu ngalinye. UYehova “uyayicikida intliziyo.”—1 Kronike 29:17.
4. (a) Kuthetha ntoni ‘ukuswela intliziyo’? (b) Yintoni ebandakanyekileyo ‘ekugcineni ingqondo’?
4 Yintoni ayifumanayo uYehova xa ecikida iintliziyo zabantwana bethu? Inkoliso yabo iyatsho ukuba iyamthanda uThixo, kwaye intle loo nto. Ukanti, umntwana osemncinane kakhulu okanye osandul’ ukufunda ngoYehova akazazi kangako iindlela zikaYehova. Njengoko iBhayibhile isitsho, ‘usenokuswela intliziyo,’ phofu ke ngenxa yokungabi namava. Mhlawumbi iintshukumisa zakhe azisoloko zimbi zonke, kodwa ke kuye kuthabathe ixesha ukwenza intliziyo kabani ibe kweyona meko imkholisayo uThixo. Le nto ibandakanya ukuguqula iingcamango, iminqweno, izinto azithandayo, iimvakalelo, kunye nosukelo lukabani ebomini ukuze zivisisane noko kumkholisayo uThixo, kangangoko umntu ongafezekanga anokukwenza. Xa umntu exonxa umntu wangaphakathi ngendlela ebonisa ukuhlonela uThixo, ‘ugcina ingqondo.’—IMizekeliso 9:4; 19:8.
5, 6. Abazali banokubanceda njani abantwana babo ‘bagcine ingqondo’?
5 Ngaba abazali banako ukubanceda abantwana babo ‘bagcine ingqondo’? Kuyinyaniso kona ukuba, akakho umntu onokwenza omnye abe nentliziyo entle. Ngamnye wethu unikwe inkululeko yokuzikhethela, yaye izinto ezininzi zixhomekeke koko sivumela ingqondo yethu ukuba ikucinge. Noko ke, xa abazali besebenzisa ukuqonda banokumenza athethe umntwana wabo, baze bakwazi oko kusentliziyweni yakhe kwaye bazi nalapho banokunikela uncedo khona. Sebenzisani imibuzo enjengothi ‘Uziva njani ngale nto?’ nothi ‘Ukuba bekusiya ngawe ubunokwenza ntoni?’ Yandulani ke niphulaphule ngomonde. Ningazibaxi izinto. (IMizekeliso 20:5) Ukuba nifuna ukufikelela intliziyo, kubalulekile ukuba nibe nobubele, niqonde yaye nibe nothando.
6 Ukuze nihlakulele ukutyekela kwakhe kwizinto ezintle, xubushani ngokufuthi ngesiqhamo somoya—zonke iinkalo zaso—nize nisebenzele ekusihlakuleleni nonke njengentsapho. (Galati 5:22, 23) Yakhani uthando ngoYehova nangoYesu Kristu, ningapheleli nje ekuthini sifanele sibathande kodwa nixubushe izizathu zokuba sibathande kunye nendlela esinokulubonakalisa ngayo olo thando. (2 Korinte 5:14, 15) Hlakulelani umnqweno wokwenza okulungileyo ngokuqiqa nabo ngeengenelo zako. Hlakulelani umnqweno wokuziphepha iingcamango, intetho kunye nehambo ephosakeleyo ngokuxubusha imiphumo emibi enokubangelwa zezo zinto. (Amosi 5:15; 3 Yohane 11) Bonisani indlela iingcamango, intetho kunye nehambo—enoba zilungile okanye azingalunganga—ezinokuluchaphazela ngayo ulwalamano lukabani noYehova.
7. Yintoni enokwenziwa ukunceda abantwana bahlangabezane neengxaki yaye benze izigqibo ngendlela eya kubagcina besondele kuYehova?
7 Xa umntwana enengxaki okanye kufuneka enze isigqibo esibalulekileyo, sinokumbuza: ‘Ucinga ukuba uYehova uyigqala njani le nto? Yintoni oyaziyo ngoYehova ekwenza utsho njalo? Ubukhe wathandaza kuye ngalo mbandela?’ Qala esemncinane kangangoko kunokwenzeka ukumnceda umntwana wakho azenzele umkhwa ebomini wokwenza umgudu onyanisekileyo wokuqiniseka enoba into ihambisana nokuthanda kukaThixo aze ke ayenze. Njengoko besiba nolwalamano olusondeleyo nolobuqu noYehova, baya kukuvuyela ukuhamba ngomendo wakhe. (INdumiso 119:34, 35) Oku kuya kwakha uxabiso kubo ngelungelo lokunxulumana nebandla likaThixo oyinyaniso.
Ukulungiselela Iintlanganiso Zebandla
8. (a) Yintoni enokusinceda siziquke zonke izinto ezifuna ingqalelo kwisifundo sethu sentsapho? (b) Sibaluleke ngantoni esi sifundo?
8 Zininzi izinto ezifuna ingqalelo ebudeni besifundo sentsapho. Ninokwenza njani ukuze nizigubungele zonke? Soze nikwazi ukwenza yonke into ngaxeshanye. Kodwa nisenokukufumanisa kuluncedo ukuzidwelisa phantsi. (IMizekeliso 21:5) Ngamaxesha athile, luhloleni olo ludwe nize nikhangele into efuna ingqalelo ekhethekileyo. Yibani nomdla wokwenene kwinkqubela yelungu ngalinye lentsapho. Eli lungiselelo lesifundo sentsapho liyinxalenye ebalulekileyo yemfundo yamaKristu, lisixhobisela ubomi bangoku kwaye lisenza silungele nobomi obungunaphakade obuzayo.—1 Timoti 4:8.
9. Luluphi usukelo oluphathelele ukulungiselela iintlanganiso esinokulusebenzela ngokuthe ngcembe ebudeni bezifundo zethu zentsapho?
9 Ngaba isifundo sentsapho yenu siquka ukulungiselelwa kweentlanganiso zebandla? Zininzi izinto eninokusebenzela kuzo ngokuthe ngcembe njengoko nifundisisa kunye. Ezinye zazo zisenokuthabatha iiveki, iinyanga okanye kwaneminyaka ukuze zifezwe. Nazi ezinye zezinto eninokuzibekela zona njengosukelo: (1) ngamnye entsatsheni uza kugqabaza kwiintlanganiso zebandla; (2) ngamnye usebenzela ukugqabaza ngamazwi akhe; (3) kuza kuqukwa iindinyana ezithile kumagqabaza; yaye (4) loo mbandela uza kuhlalutywa ngenjongo yokufumanisa indlela osebenza ngayo kumntu siqu. Zonke ezi zinto zinokumnceda ubani ayenze eyakhe inyaniso.—INdumiso 25:4, 5.
10. (a) Sinokuyinikela njani ingqalelo kwintlanganiso nganye yebandla? (b) Kutheni oko kuwufanele umgudu?
10 Kwanokuba isifundo sentsapho yenu sidla ngokusekelwa kwisifundo seMboniselo saloo veki, ningalibali ukuba kubalulekile ukuba ilungu ngalinye okanye intsapho ilungiselele iSifundo Sencwadi Sebandla, iSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo kunye neNtlanganiso Yenkonzo. Nazo ezi ntlanganiso ziyinxalenye ebalulekileyo yenkqubo yokusifundisa ukuba sihambe endleleni kaYehova. Nisenokungakwazi ngamaxesha athile ukulungiselela iintlanganiso njengentsapho. Kaloku xa nisebenza kunye, ubuchule bokufundisisa buya kuphucuka. Kwaye kuninzi okuya kuzuzwa kwiintlanganiso ngenxa yoko. Phakathi kwezinye izinto, xubushani ngeengenelo zokuzilungiselela rhoqo ezi ntlanganiso nangokubaluleka kokuzibekela ixesha elithile.—Efese 5:15-17.
11, 12. Sinokungenelwa njani ngokulungiselela iingoma eziza kuculwa ebandleni, yaye kunokwenziwa njani oku?
11 KwiiNdibano ‘Zokuphila Ngendlela KaThixo,’ siye sakhuthazwa nangokulungiselela enye inkalo yeentlanganiso zethu—ukucula. Ngaba sele uqalisile ukwenza loo nto? Ukwenjenjalo kunokunceda ekuyenzeni yendele ezingqondweni nasezintliziyweni zethu inyaniso yeBhayibhile size kwangaxeshanye sizinandiphe nangakumbi iintlanganiso zebandla.
12 Ukulungiselela okuquka ukufunda nokuxubusha intsingiselo yamazwi ezinye zeengoma ezicwangcisiweyo kunokusinceda sicule ngokusuka entliziyweni. KuSirayeli wamandulo, ubukhulu becala kwakusetyenziswa izixhobo zomculo kunqulo. (1 Kronike 25:1; INdumiso 28:7) Ngaba ukho entsatsheni yenu okwaziyo ukudlala isixhobo somculo? Kutheni ningasebenzisi eso sixhobo xa niqhelisela enye yeengoma eziza kuculwa kuloo veki, nize niyicule njengentsapho loo ngoma. Enye into eninokuyisebenzisa ziingoma ezirekhodiweyo. Kwamanye amazwe abazalwana baye batsho ngoncuthu lwengoma bengancediswa zizixhobo zomculo. Xa behamba ezindleleni okanye bequkeza kwimisebenzi yabo emasimini, badla ngokukunandipha ukucula iingoma ezicwangciselwe iintlanganiso zaloo veki.—Efese 5:19.
Ukulungiselela Inkonzo Yasentsimini Njengentsapho
13, 14. Kutheni zibalulekile iingxubusho zentsapho ezenza iintliziyo zethu zilungele ubulungiseleli basentsimini?
13 Ukunikela ubungqina kwabanye ngoYehova nangeenjongo zakhe kuyinxalenye ebalulekileyo ebomini bethu. (Isaya 43:10-12; Mateyu 24:14) Enoba siselula okanye sibadala, siwunandipha nangakumbi lo msebenzi kwaye siphumeza lukhulu xa siwulungiselele. Sinokukwenza njani oku entsatsheni?
14 Kubalulekile ukulungiselela iintliziyo zethu, nanjengakuzo zonke ke phofu izinto ezibandakanya unqulo lwethu. Asifanelanga sanele nje ukuxubusha oko siza kukwenza kodwa kufuneka sixubushe nesizathu sokuba sikwenze. Ngemihla kaKumkani uYehoshafati, abantu babefundiswa ngomthetho kaThixo, kodwa iBhayibhile isixelela ukuba ‘babengekayilungiseleli intliziyo yabo.’ Loo nto yabachanaba kwimigibe eyayinokubawexula kunqulo lokwenyaniso. (2 Kronike 20:33; 21:11) Usukelo lwethu asikokufaka nje ingxelo yeeyure esizichithe kwinkonzo yasentsimini, ingekuko kananjalo nokuhambisa nje uncwadi. Ubulungiseleli bethu bufanele bube yimbonakaliso yothando lwethu ngoYehova nangabantu abalifunayo ithuba lokukhetha ubomi. (Hebhere 13:15) Bungumsebenzi osenza sibe “ngabasebenzi abangamadlelane kaThixo.” (1 Korinte 3:9) Elinjani lona ilungelo! Xa sisiba nesabelo kubulungiseleli, sisebenzisana neengelosi ezingcwele. (ISityhilelo 14:6, 7) Liliphi ixesha elibhetele onokulifumana lokuhlakulela uxabiso ngalo mba xa ingelilo eleengxubusho zentsapho, enoba kukwisifundo sethu seeveki ngeeveki okanye xa sixubusha itekisi ehambelana nawo kwincwadana ethi Ukuhlolisisa IZibhalo Imihla Ngemihla!
15. Sinokuyilungiselela nini inkonzo yasentsimini njengentsapho?
15 Ngaba kwisifundo senu sentsapho ngamaxesha athile niye nibe nexesha lokunceda amalungu entsapho alungiselele inkonzo yasentsimini yaloo veki? Ukwenjenjalo kunokuba yingenelo kakhulu. (2 Timoti 2:15) Kunokunceda ekuwenzeni anikele inkonzo ebonakalayo nenemveliso. Maxa wambi, ninokusebenzisa lonke ixesha lesifundo ukuze nilungiselele. Ngokufuthi ninokusingatha iinkalo zobulungiseleli basentsimini ngeengxubusho ezimfutshane ekupheleni kwesifundo sentsapho okanye ngelinye ixesha evekini.
16. Chaza ukubaluleka kwenqanaba ngalinye kwadweliswe kwesi siqendu.
16 Kwisifundo sentsapho kunokunikelwa ingqalelo kumanqanaba alandelelanayo, afana nala: (1) Lungiselelani intshumayelo nize niyiqhelisele kakuhle nifaka neendinyana eniza kuzifunda eBhayibhileni xa ithuba livuma. (2) Ukuba kunokwenzeka, qinisekani ukuba ngamnye unengxowa yakhe yenkonzo yasentsimini, iBhayibhile, incwadi yokubhala, usiba lokubhala okanye ipensile, amaphecana kunye nolunye uncwadi olukwimeko entle. Akuyomfuneko ukuba ingxowa yenkonzo yasentsimini ixhome ngexabiso, kodwa ifanele icoceke. (3) Xubushani ngendawo kunye nendlela eniza kunikela ngayo ubungqina obungacwangciswanga. Emva kwenqanaba ngalinye lale mfundiso yibani nexesha enilichitha nisebenza kunye kwinkonzo yasentsimini. Nikelani amacebiso aluncedo, kodwa musani ukunikela isiluleko kwiinkalo ezininzi gqitha.
17, 18. (a) Hlobo luni lokulungiselela njengentsapho olunokusinceda senze ubulungiseleli bethu bube nemveliso nangakumbi? (b) Yiyiphi inkalo yoku kulungiselela enokwenziwa veki nganye?
17 Inxalenye enkulu yomsebenzi uYesu Kristu awawabela abalandeli bakhe kukwenza abafundi. (Mateyu 28:19, 20) Ukwenza abafundi akupheleli ekushumayeleni. Kufuna ubani afundise. Isifundo senu sentsapho sinokuninceda njani niphumelele ekwenzeni oko?
18 Njengentsapho, xubushani ngabo kuya kuba kuhle ukubuyela kubo. Abanye basenokuba balwamkele uncwadi; bambi basenokuba baye baphulaphula nje. Mhlawumbi kudityenwe nabo kumsebenzi wendlu ngendlu okanye xa kunikelwa ubungqina obungacwangciswanga kwindawo ekuthengiswa kuyo okanye esikolweni. Vumelani iLizwi likaThixo linikhokele. (INdumiso 25:9; Hezekile 9:4) Gqibani ngalowo ngamnye wenu afuna ukumtyelela kuloo veki. Niza kube nixubusha ngantoni? Ingxubusho yentsapho inokunceda ilungu ngalinye lilungiselele. Phawulani iindinyana eniza kwabelana ngazo nabanomdla kunye neengongoma ezifanelekileyo ezithatyathwe kwincwadana enemifanekiso ethi Yintoni UThixo Ayifunayo Kuthi? okanye kwincwadi ethi Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade. Ningazami ukugubungela umbandela omninzi kakhulu ngotyelelo olunye. Shiyani umninimzi nombuzo eniza kuwuphendula xa nityelele kwakhona. Kutheni ningakwenzi umkhwa wentsapho weeveki ngeeveki ukuceba ibuyelo ngamnye wenu aza kulityelela, ixesha aza kubuyela ngalo, kunye noko acinga ukuba uza kukuphumeza. Ukwenjenjalo kunokunceda ekwenzeni intsapho yonke ibe nemveliso kubulungiseleli basentsimini.
Qhubekani Nibafundisa Indlela KaYehova
19. Ukuze amalungu entsapho aqhubeke ehamba ngendlela kaYehova, yintoni ekufuneka abe nayo, kwaye yintoni efaka isandla kuloo nto?
19 Kunzima ukuba yintloko-ntsapho kweli hlabathi lingendawo. USathana needemon zakhe baphum’ izithuba befuna ukutshabalalisa umdla wabakhonzi bakaYehova kwizinto zokomoya. (1 Petros 5:8) Ngaphezu koko, zininzi namhlanje izinto ezinicinezelayo nina bazali, ingakumbi nina bazali abangenamaqabane. Kunzima ukufumana ixesha lokwenza zonke izinto ebeningathanda ukuzenza. Kodwa kwanokuba nisebenzisa icebiso libe linye ngexesha, nize niphucule ucwangciso lokufundisisa lwentsapho yenu ngokuthe ngcembe, oko akuyonkcitha xesha. Kuvuyisa ngokwenene ukubona abo basondele gqitha kuwe behamba ngokunyaniseka ngendlela kaYehova. Ukuze aphumelele ekuhambeni ngendlela kaYehova, amalungu entsapho kufuneka akuvuyele ukuba kwiintlanganiso zebandla nokuba nesabelo kubulungiseleli basentsimini. Ukuze kube njalo, ukulungiselela kubalulekile—ukulungiselela ngendlela eyakha intliziyo nexhobisa ngamnye ukuze abe nesabelo ngendlela ephawulekayo.
20. Yintoni enokunceda abazali abangakumbi bafumane uvuyo oluchazwe kweyesi-3 kaYohane 4?
20 Ngokuphathelele abo wabancedayo ngokomoya, umpostile uYohane wabhala: “Akukho nobangela mkhulu ngakumbi ndinaye wokuba nombulelo kunezi zinto, zokuba ndibe ndingeva ukuba abantwana bam bayaqhubeka behamba enyanisweni.” (3 Yohane 4) Xa izifundo zentsapho ziqhutywa kukho usukelo olucacileyo ezingqondweni yaye neentloko-ntsapho zizisingatha ngobubele nangendlela eluncedo iimfuno zamalungu entsapho, oko kunokuphumeza lukhulu ekwenzeni intsapho ibe novuyo olunjalo. Ngokuhlakulela uxabiso ngendlela kaThixo yokuphila, abazali bayayinceda intsapho yabo inandiphe eyona ndlela incamisileyo yokuphila.—INdumiso 19:7-11.
Ngaba Unokuchaza?
◻ Kutheni kubaluleke kangaka ukuba abantwana bethu balungiselele iintlanganiso?
◻ Abazali banokubanceda njani abantwana babo ukuba ‘bagcine intliziyo’?
◻ Isifundo sethu sentsapho sinokunceda njani ekulungiseleleni zonke iintlanganiso?
◻ Ukulungiselela inkonzo yasentsimini njengentsapho kunokusinceda njani siphumelele ngakumbi?
-