IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w89 3/1 iphe. 30-31
  • Imibuzo Evela Kubafundi

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Imibuzo Evela Kubafundi
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1989
  • Amanqaku Afanayo
  • Imibuzo Evela Kubafundi
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2000
  • Ukusindisa Ubomi Ngegazi—Njani?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1991
  • Igazi—Libalulekile Ebomini
    Igazi Linokubusindisa Njani Ubomi Bakho?
  • Bonakalisa Uxabiso Olufanelekileyo Ngesipho Onaso Sobomi
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2004
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1989
w89 3/1 iphe. 30-31

Imibuzo Evela Kubafundi

◼ Ngaba amaNgqina kaYehova ayakuvuma ukusetyenziswa kwegazi elilelawo (ukutofelwa kwegazi likabani kuye), njengaxa linokugcinwa igazi lawo lize libuyiselwe kuwo kamva?

Abasebenzi kwezamayeza basoloko belahlula igazi elivela komnye umntu negazi lomntu elilelakhe. Yaziwa kakuhle into yokuba amaNgqina kaYehova akalamkeli igazi elivela kwabanye abantu. Kodwa kuthekani ngokusebenzisa igazi elilelakho, indlela esetyenziswayo ngokubhekisele kwiinkqubo eziliqela?

Ezinye zezo nkqubo azivumelekanga kumaKristu ngenxa yokuba zichasene ngokucacileyo neBhayibhile kodwa ezinye zikhokelela emibuzweni. Kakade ke, ngexesha lokubhalwa kweBhayibhile, utofelo-gazi nezinye iinkqubo ezingokwamayeza zokusetyenziswa kwegazi zazingaziwa. Kanti, uThixo wanikela ulwalathiso olwenza ukuba abakhonzi bakhe bagqibe enoba iinkqubo ezithile zezamayeza ezibandakanya igazi zisenokungamkholisi kusini na.

Isigqibo sikaThixo sesokuba igazi limela ubomi yaye ngaloo ndlela lingcwele. Wayalela ukuba kungabikho namnye umntu ozimasa ubomi bakhe ngokudla igazi. Ngokomzekelo, uThixo wachaza: “Zonke izinambuzane eziphilileyo mazibe kukudla kuni . . . Yinyama yodwa enomphefumlo wayo—enegazi layo—eningasayi kuyidla.” (Genesis 9:3, 4; Levitikus 7:26, 27) NgokoMniki-bomi, ekuphela kwendlela evumelekileyo yokusebenzisa igazi kwakuxa kwakusenziwa amadini: “Kuba umphefumlo wenyama usegazini wona. Mna ndaninika lona esibingelelweni, ukuba kucanyagushelwe imiphefumlo yenu; kuba igazi eli licamagusha ngomphefumlo. Ngenxa yoko ndithe koonyana bakaSirayeli, Makungabikho namnye umphefumlo kuni odla igazi.”—Levitikus 17:11, 12.

Nangona amaKristu engasekho phantsi koMthetho kaMoses, iBhayibhile ithi “kuyimfuneko” ngathi ukuba ‘sizile igazi,’ silijonga njengelingcwele. (IZenzo 15:28, 29, NW) Oku kuyaqondakala, kuba amadini awayesenziwa phantsi koMthetho ayefuzisela igazi likaKristu, indlela kaThixo yokuba sibe nokuzuza ubomi obungunaphakade.—Hebhere 9:11-15, 22.

Laliza kusetyenziswa njani igazi phantsi koMthetho ukuba lalingasetyenziselwa idini? Sifunda ukuba xa umzingeli ebulele isilwanyana ukuze asidle, ‘woliphalaza igazi laso, aliselele ngomhlaba.’ (Levitikus 17:13, 14; Duteronomi 12:22-24) Ngoko igazi lalingayi kusetyenziselwa isondlo okanye enye into. Ukuba lalikhutshiwe kwisidalwa esithile laza alasetyenziselwa kwidini, lalimele liphalazwe emhlabeni, isihlalo seenyawo zikaThixo.—Isaya 66:1; thelekisa uHezekile 24:7, 8.

Ngokucacileyo oku akuvumelani nenye indlela eqhelekileyo yokusebenzisa igazi elilelakho—ukuqokelelwa kwegazi lomguli lowo ngaphambi kotyando, ukugcinwa nokutofelwa kwalo kamva. Kwinkqubo enjalo, kwenziwa oku: Ngaphambi kotyando olukhethiweyo, izixa ezithile zegazi elipheleleyo lomntu ziyagcinwa okanye iiseli ezibomvu ziyahlulwa, zikhenkciswe zize zigcinwe. Emva koko ukuba kubonakala ngathi umguli ufuna igazi ebudeni okanye emva kotyando, igazi lakhe eligciniweyo linokubuyiselwa kuye. Ukuxhalabela kwabantu banamhlanje izifo ezidluliselwa ngegazi kuye kwenza oku kusetyenziswa kwegazi elilelomguli ngokwakhe kwaxhaphaka. Noko ke, amaNgqina kaYehova AKAYAMKELI le nkqubo. Sekulithuba sakuphawula ukuba ngokuqinisekileyo igazi eligciniweyo elinjalo aliseyonxalenye yomntu. Lisuswe ngokupheleleyo kuye, ngoko lifanele lichithwe ngokuvisisana noMthetho kaThixo othi: “Woliphalazela emhlabeni njengamanzi.”—Duteronomi 12:24.

Kwinkqubo eyahlukileyo, igazi linokuhanjiswa ukusuka kumguli ukuya kwisixhobo sokucoca igazi (intso enguzenzele) okanye impompo yentliziyo nemiphunga. Igazi liqukuqela ukutyhubela umbhobho othile ukuya kwilungu elinguzenzele elimpompa lize lihluze (okanye lifake umongomoya kwela gazi), lize emva koko libuyele kwinkqubo yojikelezo-gazi yomguli. Wambi amaKristu aye akuvumela oku ukuba isixhobo eso asiqatywanga ngegazi eligciniweyo. Baye bayijonga le mibhobho yangaphandle njengeyandisa inkqubo yabo yojikelezo-gazi ukuze igazi likwazi ukuqukuqela ukutyhubela ilungu elinguzenzele. Baye bavakalelwa kukuba igazi elikulo mjikelo uvaliweyo lisekwayinxalenye yabo yaye akuyomfuneko ukuba ‘lichithwe.’a

Phofu ke, kuthekani ukuba ukuqukuqela kwegazi lakho elinjalo kuye kwema okomzuzwana, njengaxa umatshini wentliziyo nemiphunga uye wavalwa ngoxa umtyandi esahlola ukuba sempilweni kwemithambo esa igazi entliziyweni?

Eneneni, iBhayibhile ayigxininisi kumbandela wokuqukuqela okuqhubekayo kwegazi. Nkqu nangaphandle kotyando, intliziyo yomntu isenokuma okomzuzwana ize emva koko iqalise ukubetha.b Bekungayi kufuneka ukuba inkqubo yakhe yojikelezo-gazi ikhutshwe lize igazi lakhe lichithwe ngenxa nje yokuba ukumpompoza kwegazi kuye kwema ebudeni bokuma kwentliziyo. Ngenxa yoko, umKristu omele enze isigqibo enoba wokuvumela na ukuba indlela yegazi lakhe ijikwe ukuze ityhubele isixhobo sangaphandle; umele anikel’ ingqalelo ngokuyintloko kungekhona ekuphazamisekeni kokumpompoza kwegazi kwexeshana ekusenokwenzeka, kodwa ekubeni ngokwesazela uvakalelwa kukuba igazi elijikwe indlela yalo liya kube liseyinxalenye yenkqubo yakhe yojikelezo-gazi kusini na.—Galati 6:5.

Kuthekani ngokusetyenziswa kwegazi elingxengwe ngolwelo oluphuma kwizihlunu? Bambi abatyandi bakholelwa kwelokuba kufanelekile ukuba igazi lomguli lingxengwe ebudeni botyando. Kuthi ke, ekuqalisweni kotyando, bakhongozelele igazi elithile kwizingxobo zokugcina igazi ezingaphandle komzimba womguli baze endaweni yalo bafake ulwelo olungenagazi; kamva, igazi liyavunyelwa ukuba limpompoze ukusuka kwezo zingxobo ukubuyela kumguli. Ekubeni amaKristu engavumi ukuba igazi lawo ligcinwe, bambi oogqirha baye bayihlengahlengisa le nkqubo, belungisa izixhobo ngendlela yokuba ibe ngumjikelezo omnye odibeneyo ngalo lonke ixesha nenkqubo yojikelezo-gazi yomguli. Wambi amaKristu aye akwamkela oku, wambi akakwamkelanga. Kwakhona, mntu ngamnye umele agqibe enoba ebeya kulijonga igazi elijikelwe kulo mjikelezo wegazi elingxengwe ngolwelo oluphuma kwizihlunu njengelo lifana nelo limpompoza ukutyhubela umatshini wentliziyo nemiphunga, okanye ebeya kucinga ngalo njengegazi elingelolakhe yaye ngoko elifanele lichithwe.

Umzekelo wokugqibela wokusetyenziswa kwegazi elilelakho ubandakanya ukuqokelelwa nokusetyenziswa kwegazi ebudeni botyando. Kusetyenziswa isixhobo esithile ukutsala igazi enxebeni, silimpompele ngaphandle liye kutyhubela izihluzi (ukususa amahlwili okanye izibi) okanye lithunyelwe kumatshini ohluza ulwelo (ukuya kwahlukanisa ulwelo), size silibuyisele kumguli. AmaKristu amaninzi aye axhalaba gqitha enoba ekuqokelelweni okunjalo kwegazi kusenokubakho ukuphazamiseka okuthile kokumpompoza kwegazi. Kanti, njengokuba kukhankanyiwe, inkxalabo engakumbi engokweBhayibhile ikukuba ngaba igazi elivuza kwinxeba elityandwayo liseyinxalenye yomntu kusini na. Ngaba isibakala sokuba igazi liye lampompoza lisuka kwinkqubo yakhe yojikelo-gazi ukuya enxebeni sithetha ukuba lifanele ‘liphalazwe,’ njengegazi elikhankanywe kwiLevitikus 17:13? Ukuba ubani ukholelwa ngolo hlobo, ngokuqinisekileyo umele ale ukuvumela ukuqokelelwa okunjalo kwegazi. Kanti, omnye umKristu (obengayi kuthi avume ukuba igazi lakhe likhutshwe kuye, lize ligcinwe okwexesha elithile lize libuyiselwe kuye kamva) usenokugqiba ngelokuba umjikelezo ohlangeneyo owenzelwe kule ndawo kutyandelwa kuyo nokubuyiselwa kwegazi emzimbeni okuqhubekayo bekungayi kuba kukuvukelana nesazela sakhe esiqeqeshiweyo.

Njengoko sinokubona, kukho iintlobo-ntlobo ezandayo zezixhobo okanye ubugcisa obubandakanya kusetyenziswa kwakhona kwegazi elilelakho. Asifanelanga yaye singenako nokuzama ukugqabaza nangayiphi na kwezi ntlobo-ntlobo. Xa sijamelene nombuzo kulo mbandela, mKristu ngamnye unembopheleleko yokufumana iinkcukacha koogqirha bezamayeza aze emva koko enze isigqibo sobuqu.

Nangona sekuchaziwe okuninzi apha ngomba wezamayeza, okubaluleke ngakumbi ziimbambano ezingokonqulo. Njengokuba umKristu ecombulula nawaphi na amathandabuzo okanye imibuzo malunga neenkqubo zezamayeza ezibandakanya igazi okufanele kube yeyona mbaluleka imele ibe kukuba ubonisa ukholo, ukuba uyawuhlonela umyalelo kaThixo ‘wokuzila igazi’ nokuba ulondoloza isazela esilungileyo. Ngoba? Kuba eyona ndlela ibalulekileyo obunokusindiswa ngayo ubomi ngegazi asingabugcisa bezamayeza kodwa kungamandla asindisayo egazi likaKristu. Umpostile uPawulos wabhala: “Esinayo sikuye inkululeko ngokuhlawulelwa ngegazi lakhe.” (Efese 1:7; ISityhilelo 7:14, 17) Ngoxa inkqubo yezamayeza yale mihla isenokuba nokusinceda solule ubomi bethu okwexeshana, ngokuqinisekileyo besingayi kufuna ukwandisa ubomi bethu bangoku ngokwenza nayiphi na into ebiya kuvukelana nesazela sethu sobuKristu okanye into engayi kumkholisa uMniki-Bomi wethu.—Mateyu 16:25; 1 Timoti 1:18, 19.

[Imibhalo esemazantsi]

a Bona IMboniselo kaJuni 1, 1979, iphepha 22.

b Oku kusenokuba ngumphumo wokuhlaselwa yintliziyo, ukubanjwa ngugesi okanye ukuhla kakhulu kweqondo lobushushu lomzimba, njengaxa untywiliselwa kumanzi abanda ceke.

[Umfanekiso okwiphepha 31]

Ngesixhobo sentliziyo nemiphunga, umjikelo uquka: (1) imibhobho esuka kwinkqubo yemithambo yomguli; (2) iimpompo zokutsala igazi; (3) isixhobo sokufaka umongomoya esinamaqabungana; (4) umngxuma ongaphakathi kwisihluzi-gazi; (5) impompo yegazi; (6) umbhobho obuyela kwinkqubo yojikelezo-gazi yomguli

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share