-
Abantu ‘Abaneemvakalelo Ezinjengezethu’IMboniselo—1998 | Matshi 1
-
-
Abantu ‘Abaneemvakalelo Ezinjengezethu’
WAYENGUKUMKANI engumprofeti kodwa wayekwanguye nobawo onothando. Omnye woonyana bakhe wakhula waza wazidla yaye wanekratshi. Ezimisele ukumbhukuqa esihlalweni, lo nyana wavusa imfazwe yamakhaya ngenjongo yokubulala uyise. Kodwa kwidabi elalandelayo, ngunyana owabulawayo. Xa uyise weva ngokufa konyana wakhe, waya egumbini eliphezu kwesango waza wakhala esithi: “Nyana wam, Abhisalom, nyana wam, nyana wam Abhisalom! Akwaba bekufe mna esikhundleni sakho, Abhisalom, nyana wam, nyana wam!” (2 Samuweli 18:33) Lo bawo yayinguKumkani uDavide. Njengabanye abaprofeti bakaYehova, “wayengumntu oneemvakalelo ezinjengezethu.”—Yakobi 5:17.
Ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile amadoda nabafazi ababethetha ngoYehova babesuka kuzo zonke iinkalo zobomi yaye babebonwa nabantu abaqhelekileyo yonke imihla. Njengathi, babeneengxaki yaye babengafezekanga. Yayingoobani abanye baba baprofeti, yaye iimvakalelo zabo zazifana njani nezethu?
UMoses Wasusela Ekuzithembeni Ngokugqithiseleyo Waya Ekululameni
Umprofeti odumileyo ngaphambi kwexesha lobuKristu yayinguMoses. Noko ke, kwanaxa wayeneminyaka engama-40 ubudala, wayengakulungelanga ukuba asetyenziswe njengesithethi sikaYehova. Ngoba? Ngoxa abantakwabo babecinizelwe nguFaro eYiputa, uMoses wayekhulele kwaFaro yaye ‘wayenamandla ngamazwi nangezenzo zakhe.’ Ingxelo ihambisa isithi: “Wayeba yena abazalwana bakhe babeya kucacelwa kukuba uThixo wayebanika usindiso ngesandla sakhe.” Ngenxa yokuzithemba ngokugqithiseleyo, waba nomsindo ekhusela ikhoboka elingumHebhere, wabulala umYiputa.—IZenzo 7:22-25; Eksodus 2:11-14.
Ngoku kwanyanzeleka ukuba uMoses abaleke, yaye wachitha iminyaka engamashumi amane eyalandelayo njengomalusi kwilizwe elalimgama lakwaMidiyan. (Eksodus 2:15) Ekupheleni kwelo xesha, uMoses, owayesele eneminyaka engama-80 ubudala, wamiselwa nguYehova njengomprofeti. Kodwa uMoses ngoku wayengasazithembanga ngokugqithiseleyo. Waziva engafaneleki yaye wambuza uYehova ngolo thumo lwakhe njengomprofeti, esebenzisa amazwi anjengokuthi, “Ndingubani na ukuba ndingade ndiye kuFaro?” nathi “Ndothini na?” (Eksodus 3:11, 13) Ngenxa yesiqinisekiso sothando noncedo lukaYehova, uMoses wakwazi ukusiphumeza isabelo sakhe ngokunempumelelo.
Ngaba, njengoMoses, uye wavumela ukuzithemba ngokugqithiseleyo kukukhokelele ekubeni wenze okanye uthethe izinto eziye zangqineka zingebobulumko? Ukuba kunjalo, yamkela uqeqesho ngokuthobeka. Okanye ngaba uye waziva ungakufanelekeli ukuphumeza iimbopheleleko zobuKristu ezithile? Kunokuba ungazamkeli, yamkela uncedo olunikelwa nguYehova nentlangano yakhe. Lowo wanceda uMoses unokukunceda nawe.
UEliya Wayeneemvakalelo Ezinjengezethu Xa Kunikelwa Uqeqesho
“UEliya wayengumntu oneemvakalelo ezinjengezethu, ukanti emthandazweni wathandazela ukuba kungani; yaye akuzange kune emhlabeni iminyaka emithathu neenyanga ezintandathu.” (Yakobi 5:17) Umthandazo kaEliya wawuvisisana nokuthanda kukaYehova ukuqeqesha uhlanga olwalumshiyile Yena. Sekunjalo, uEliya wayesazi ukuba le mbalela wayeyithandazela yayiya kubangela intlupheko ebantwini. Ubukhulu becala kwaSirayeli kwakulinywa; umbethe nemvula yayizezona zinto babephila ngazo abantu. Imbalela engayekiyo yayiya kubangela unxunguphalo olukhulu gqitha. Utyani babuya kubuna; nezityalo zingahlumi. Imfuyo eyayisetyenziselwa umsebenzi nokutya yayiya kufa, yaye ezinye iintsapho zazinokusongelwa yindlala. Ngubani owayeza kubandezeleka ngakumbi? Ngabantu nje abaqhelekileyo. Kamva umhlolokazi othile waxelela uEliya ukuba usalelwe ngumgubo ongazalisa nje isandla kuphela nentwana yeoli. Wayeqinisekile ukuba yena nonyana wakhe babeza kufa yindlala kungekudala. (1 Kumkani 17:12) Ukuze uEliya athandaze njengokuba wenzayo, kwakumele abe nokholo oluqinileyo lokuba uYehova wayeya kubanyamekela abakhonzi Bakhe—abazizityebi okanye abangamahlwempu—abangakhange balulahle unqulo lokwenyaniso. Njengokuba ingxelo ibonisa, uEliya akazange adaniswe.—1 Kumkani 17:13-16; 18:3-5.
Kwiminyaka emithathu kamva, xa uYehova wabonisa ukuba kungekudala wayeza kunisa imvula, umnqweno kaEliya wokwenene wokubona imbalela iphela unokubonwa kwimithandazo yakhe awayeyiphindaphinda, ekubeni waye “waqondela emhlabeni, wabufaka ubuso bakhe phakathi kwamadolo akhe.” (1 Kumkani 18:42) Ngokuphindaphindiweyo, wabongoza indodana yakwakhe esithi: “Khawunyuke, ukhangele ngeli cala laselwandle” ukuze ibe ngumqondiso wokuba uYehova uyivile imithandazo yakhe. (1 Kumkani 18:43) Hayi uvuyo ekumele ukuba waba nalo xa ekugqibeleni, ngokuphathelele imithandazo yakhe, “izulu lanika imvula nomhlaba wavelisa isiqhamo sawo”!—Yakobi 5:18.
Ukuba ungumzali okanye ungumdala ebandleni lobuKristu, usenokuziva ucinezeleke ngokunzulu xa ulungisa othile. Noko ke, enoba umntu uvakalelwa ngolo hlobo, kwangaxeshanye ufanele aqonde ukuba uqeqesho luyimfuneko maxa wambi yaye kwakhona xa lunikelwa ngothando, kamva ‘luvelisa isiqhamo soxolo, esibubulungisa.’ (Hebhere 12:11) Imiphumo yokuthobela imithetho kaYehova isoloko inqweneleka. NjengoEliya, sithandaza ngokusuka entliziyweni ukuze ithotyelwe.
UYeremiya Wabonakalisa Inkalipho Phezu Kwako Nje Ukudimazeka
Kubo bonke ababhali beBhayibhile, mhlawumbi uYeremiya nguye owabhala okuninzi ngeemvakalelo zakhe. Njengendoda eselula, wayemadolw’ anzima ukulwamkela uthumo lwakhe. (Yeremiya 1:6) Kodwa sekunjalo waqhubeka ngenkalipho enkulu evakalisa ilizwi likaThixo, nangona wajamelana nenkcaso ekrakra kumaSirayeli—ukususela kukumkani ukusa kumntu nje. Maxa wambi loo nkcaso yayimbangela abe nomsindo aze akhale. (Yeremiya 9:3; 18:20-23; 20:7-18) Ngezihlandlo ezahlukahlukeneyo wayehlaselwa lihlokondiba, abethwe, axinezelelwe esitokisini, asongelwe ngokufa, aze ashiywe sele eza kufa kudaka olukumazantsi equla elingenamanzi. Maxa wambi kwanesigidimi esivela kuYehova sasimkhathaza, njengoko kuboniswa ngala mazwi akhe: “Izibilini zam, izibilini zam! Ndiyazibhijabhija iingontsi zentliziyo yam.”—Yeremiya 4:19.
Sekunjalo, wayelithanda ilizwi likaYehova, esithi: “Amazwi akho kum aba yimihlali nemivuyo yentliziyo yam.” (Yeremiya 15:16) Kwangaxeshanye, ukukhathazeka kwambangela ukuba akhale kuYehova athi: “Wohla ube ngumlambo omkhohlisayo na kum, amanzi angahlaliyo na?” (Yeremiya 15:18) Sekunjalo, uYehova wakuqonda ukubethabethana kweemvakalelo waza waqhubeka emxhasa ukuze akwazi ukuzalisekisa uthumo lwakhe.—Yeremiya 15:20; kwakhona bona esama-20:7-9.
Ngaba njengoYeremiya, ujamelene nokudandatheka okanye inkcaso ekunyamekeleni ubulungiseleli bakho? Lindela kuYehova. Qhubeka ulandela ulwalathiso lwakhe, yaye uYehova uya kuyivuza neyakho imizamo.
UYesu Wayeneemvakalelo Ezinjengezethu
Oyena mprofeti wayebalasele yayinguNyana kaThixo, uYesu Kristu. Nangona wayeyindoda efezekileyo, akazange azifihle iimvakalelo zakhe. Ngokufuthi sifunda ngeemvakalelo zakhe ezinzulu, ekusenokwenzeka ukuba zaba bubungqina kuye nakwindlela awasabela ngayo kwabanye abantu. Ngokufuthi uYesu ‘wayeshukunyiswa lusizi,’ yaye wasebenzisa amazwi afanayo xa wayechaza abalinganiswa kwimizekeliso yakhe.—Marko 1:41; 6:34; Luka 10:33.
Umele ukuba waliphakamisa ilizwi lakhe xa wayegxotha abo bathengisi nezilwanyana etempileni ngala mazwi: “Zisuseni ezi zinto apha!” (Yohane 2:14-16) Icebiso likaPetros elithi, “Yiba nobubele kuwe, Nkosi,” lambangela wathetha la mazwi arhabaxa wathi, “Suka uye emva kwam, Sathana!”—Mateyu 16:22, 23.
UYesu wayenomsa okhethekileyo kwabanye ababesondele kuye ngakumbi. Umpostile uYohane wayechazwa ‘njengomfundi uYesu awayefudula emthanda.’ (Yohane 21:7, 20) Yaye sifunda oku: “Ke uYesu wayemthanda uMarta nodade wabo noLazaro.”—Yohane 11:5.
Kwakhona uYesu waba buhlungu. Xa weva intlungu yokufa kukaLazaro, “zasuka zathi waxa iinyembezi kuYesu.” (Yohane 11:32-36) Etyhila intlungu yentliziyo yakhe eyayibangelwe kukungcatshwa kwakhe nguYudas Skariyoti, uYesu wacaphula indinyana echukumisa gqitha kwiiNdumiso ethi: “Ebisidla isonka sam, indiphakamisele isithende sayo.”—Yohane 13:18; INdumiso 41:9.
Kwanaxa wayejamelene nentlungu engathethekiyo kumthi wentuthumbo, uYesu wabonakalisa ubunzulu beemvakalelo zakhe. Ngothantamiso wanikezela unina ‘kumfundi lowo wayemthanda.’ (Yohane 19:26, 27) Xa wabona ubungqina bokuguquka komnye wabenzi bobubi ababebethelelwe emthini kunye naye, ngovelwano uYesu wathi: “Uya kuba nam eParadesi.” (Luka 23:43) Sinokuyibona indlela awadanduluka ngayo evakalisa iimvakalelo zakhe xa wathi: “Thixo wam, Thixo wam, undishiyeleni na?” (Mateyu 27:46) Yaye amazwi awawathetha ngexesha lokufa kwakhe abonisa uthando nentembelo esuka entliziyweni: “Bawo, ndiwuyekela ezandleni zakho umoya wam.”—Luka 23:46.
Esinjani isiqinisekiso esisifumana kuko konke oku! “Kuba umbingeleli omkhulu esinaye, akanguye lowo ungenakuvelana nobuthathaka bethu, kodwa ngulowo [uYesu] uye wavavanywa kwiinkalo zonke njengathi, kodwa engenasono.”—Hebhere 4:15.
Intembelo KaYehova
UYehova akazange azisole ngokukhetha loo madoda. Wayekwazi ukuthembeka kwawo kuye, yaye ngemfesane wabubetha ngoyaba ubuthathaka balawo ayengafezekanga. Sekunjalo wayelindele ukuba azalisekise uthumo lwawo. Ngoncedo lwakhe akwazi ukukwenza oko.
Ngomonde masibonakalise intembelo kubazalwana noodade bethu abathembekileyo. Baya kusoloko bengafezekanga kule nkqubo yezinto, njengokuba nathi sinjalo. Sekunjalo, asimele sibagwebe abazalwana bethu njengabangalufanelanga uthando nengqalelo yethu. UPawulos wabhala: “Thina, ngoko, bomeleleyo sifanele sithwale ubuthathaka babo bangomelelanga, yaye singazikholisi thina ngokwethu.”—Roma 15:1; Kolose 3:13, 14.
Abaprofeti bakaYehova bajamelana nazo zonke iimvakalelo esijamelana nazo. Sekunjalo, bathembela kuYehova, yaye uYehova wabomeleza. Ngaphezu kwako konke, uYehova wabanika izizathu zokuvuya—isazela esilungileyo, ukuqonda injongo yakhe, amaqabane athembekileyo abawomelezayo, nesiqinisekiso sekamva elonwabisayo. (Hebhere 12:1-3) Ngamana nathi singanamathela kuYehova sinentembelo enkulu njengokuba sixelisa ukholo lwabaprofeti bakudala, abantu ‘abaneemvakalelo ezinjengezethu.’
-
-
Oogqirha, Iijaji Namangqina KaYehovaIMboniselo—1998 | Matshi 1
-
-
Oogqirha, Iijaji Namangqina KaYehova
EMVA phayaa ngoMatshi 1995, amaNgqina kaYehova axhasa iingqungquthela ezimbini eBrazil. Yayiyintoni injongo? Ayefuna intsebenziswano kwezonyango neyabantu bomthetho xa umguli osesibhedlele engomnye wamaNgqina kaYehova yaye engenakulamkela utofelo-gazi.—IZenzo 15:29.
Okulusizi kukuba, kwezinye iimeko oogqirha baye bayityeshela iminqweno yabaguli abangamaNgqina yaye baye bafuna imiyalelo yenkundla yokunyanzela utofelo-gazi. Kwiimeko ezinjalo amaNgqina aye asebenzisa naziphi iindlela ezisemthethweni ezikhoyo ukuze azikhusele. Noko ke, akhetha intsebenziswano kunongquzulwano. Ngaloo ndlela, ezi ngqungquthela zigxininise ukuba zikho ezinye izinto ezifanayo ezininzi ezinokusetyenziswa kunonyango lotofelo-gazi yaye amaNgqina kaYehova ayazamkela ngokukhululekileyo ezi.a
Intlanganiso yeRegional Council of Medicine yaseSão Paulo yayiseyikuxhasile ukuma kwamaNgqina. NgoJanuwari 1995, yagqiba kwelokuba xa unyango olunconyelwa ngugqirha luchaswa, umguli unalo ilungelo lokulwala olo nyango aze akhethe omnye ugqirha.
Okuncomekayo kukuba, kukho oogqirha abaninzi kwiindawo zonyango zaseBrazil abakulungeleyo ukusebenzisa unyango ngaphandle kwegazi kubaguli abafuna oko. Ukususela kwiingqungquthela zangoMatshi 1995, intsebenziswano phakathi koogqirha, iijaji namaNgqina kaYehova eBrazil iye yaphucuka ngakumbi. Ngowe-1997 iphephancwadi lezonyango laseBrazil iÂmbito Hospitalar lapapasha inqaku eligxininisa ukuhlonelwa kwamalungelo okuma kwamaNgqina kaYehova kumbandela wegazi. Ngoku oku kuyaqondwa kuyo yonke indawo ukuba, njengokuba kuchazwe yiRegional Councils of Medicine kumazwe aseRio de Janeiro naseSão Paulo, “umsebenzi kagqirha wokukhusela ubomi bomguli awufanele ubaluleke ngaphezu komsebenzi wakhe wokukhusela ilungelo lomguli lokukhetha.”
-