Benza Ukuthanda KukaYehova
UYesu Uthumela Abafundi Abangama-70
YAYIYINTWASAHLOBO yowama-32 C.E. Iinyanga nje ezintandathu ngaphambi kokufa kukaYesu. Ngenxa yoko, ukuze kukhawuleziswe umsebenzi wokushumayela kwanokuqeqesha abanye babalandeli bakhe, watyumba abafundi abangama-70 waza ‘wabathumela ngababini phambi kwakhe kwizixeko neendawo zonke ezo yena ngokwakhe ebeza kuza kuzo.’—Luka 10:1.a
UYesu wathumela abafundi bakhe ‘phambi kwakhe’ ukuze abantu bakwazi ukwenza isigqibo esikhawuleze ngakumbi enoba bakwicala okanye banxamnye noMesiya xa uYesu kamva wafikayo. Kodwa kwakutheni ukuze abathumele “ngababini”? Kubonakala ukuba, ukuze bakhuthazane xa bejamelene nenkcaso.
Egxinisisa ungxamiseko lomsebenzi wokushumayela, uYesu wabaxelela oku abafundi bakhe: “Isivuno, eneneni, sikhulu, kodwa abasebenzi bambalwa. Ngoko ke yibongozeni iNkosi yesivuno ukuba ikhuphe abasebenzi baye esivunweni sayo.” (Luka 10:2) Ukwenza umzekelo ngesivuno kwakufanelekile, kuba ukubambezela ixesha lokuvuna kwakunokuphumela ekulahlekelweni zizilimo ezixabisekileyo. Ngokufanayo, ukuba abafundi babenokusityeshela isabelo sabo sokushumayela, abantu abaninzi babenokuphulukana nobomi babo!—Hezekile 33:6.
Abalungiseleli Abangakuvumeliyo Ukuphazanyiswa
UYesu ngokubhekele phayaa wayalela abafundi bakhe: “Ningathwali nxili, nangxowa yakutya, nazimbadada, yaye ningabulisi nabani na ngokumwola endleleni.” (Luka 10:4) Kwakulisiko kubahambi ukuba bangaphathi ingxowa kwanokutya nje kuphela kodwa kwanezinye iimbadada, kuba ezinye zazisenokuphela ngaphantsi yaye imitya yayinokuqhawuka. Kodwa abafundi bakaYesu babengafanele baxhalabele izinto ezinjalo. Kunoko, babemele babenethemba lokuba uYehova uya kubanyamekela ngoncedo lwamanye amaSirayeli, apho kwakulisiko ukubonakalisa umoya wokubuka iindwendwe.
Kodwa kwakutheni ukuze uYesu axelele abafundi bakhe ukuba bangabulisi nabani na ngokumwola? Ngaba babemele bangabi nabubele, bade babe krwada? Akunjalo konke konke! Igama lesiGrike elithi a·spaʹzo·mai, elithetha ukubulisa ngokuwola, lisenokuthetha okungaphezulu kunokubulisa ngokuthi “molo” okanye “bhota.” Lisenokuquka ukuncamisana okungokwesiko, ukuwolana, kwanencoko ende enokulandela xa abantu abazanayo bedibana. Omnye umphengululi uthi: “Imibuliso phakathi kwabantu baseMpuma yayingaquki, njengaphakathi kwethu, ukugoba kancinane, okanye ukolula isandla, kodwa babesangana izihlandlo ezininzi, bathobe, bade baqubude phantsi. Konke oku kwakufuna ixesha elininzi.” (Thelekisa eyesi-2 yooKumkani 4:29.) Ngoko uYesu wabanceda abalandeli bakhe ukuba baziphephe iziphazamiso ezingeyomfuneko, nangona zazilisiko.
Okokugqibela, uYesu waxelela abafundi bakhe ukuba xa bengena endlwini baze bamkelwe, babefanele ‘bahlale kuloo ndlu, badle yaye basele izinto [ababeya] kuzilungiselelwa.’ Kodwa ukuba babengena esixekweni baze bangamkelwa kakuhle, babefanele “baphume baye kwiindlela zaso eziphangaleleyo baze bathi, ‘Kwanothuli lwesixeko senu olunamathele ezinyaweni zethu siluvuthulula ngokunxamnye nani.’” (Luka 10:7, 10, 11) Ukuvuthulula okanye ukwasula uthuli kwiinyawo zikabani kwakubonisa ukuba abafundi babeyishiya loo ndlu okanye eso sixeko singasabeliyo ngoxolo imeko ekugqibeleni eyayiya kugwetywa nguThixo. Kodwa abo bamkela abafundi bakaYesu ngobubele babezivulela ithuba lokufumana iintsikelelo. Ngesinye isihlandlo uYesu waxelela abapostile bakhe: “Lowo unamkelayo wamkela nam, ibe lowo wamkela mna wamkela nalowo wandithumelayo. Kwaye nabani na onika omnye waba bancinane indebe yamanzi abandayo kuphela ukuba asele ngenxa yokuba engumfundi, ndiyanixelela enyanisweni, akasayi kuze nangayiphi na indlela alahlekelwe ngumvuzo wakhe.”—Mateyu 10:40, 42.
Oko Sikufundayo
Umsebenzi wokushumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo nowokwenza abafundi ngoku wenziwa ngamaNgqina kaYehova angaphezu kwezi-5000 000 ehlabathini lonke. (Mateyu 24:14; 28:19, 20) Ayaqonda ukuba isigidimi sawo singxamisekile. Ngoko ke, alisebenzisa kakuhle ixesha lawo, eziphepha iziphazamiso eziza kuwathintela ekunikeleni ingqalelo epheleleyo kwisabelo sawo esibalulekileyo.
AmaNgqina kaYehova ayazama ukuba nobubele kubo bonke adibana nabo. Noko ke, akabandakanyeki kwiincoko ezingenamsebenzi, engabandakanyeki kwiingxoxo ngemibandela yentlalo okanye awele kumalinge eli hlabathi asileleyo okuzama ukulungisa okungekho sikweni. (Yohane 17:16) Kunoko, iingxubusho zawo zisekelwe kwisicombululo esiya kuhlala sihleli seengxaki zomntu—uBukumkani bukaThixo.
Ngokuqhelekileyo, amaNgqina kaYehova abonwa esebenza ngamabini. Ngaba bekungenakufezwa okungakumbi xa ngamnye ebesebenza yedwa? Mhlawumbi. Sekunjalo, amaKristu namhlanje ayayiqonda ingenelo yokusebenza kunye nelinye ikholwa. Oko kusenokuba yinkuselo xa kunikelwa ubungqina kwimimandla eyingozi. Ukusebenza nothile kukwabangela ukuba abo basebatsha bangenelwe kubuchule babavakalisi beendaba ezilungileyo abanamava. Ngokwenene, bobabini banokukhuthazana.—IMizekeliso 27:17.
Ngokungathandabuzekiyo, umsebenzi wokushumayela ngowona msebenzi ungxamisekileyo owenziwayo kule “mihla yokugqibela.” (2 Timoti 3:1) AmaNgqina kaYehova ayakuvuyela ukufumana inkxaso yobuzalwana behlabathi lonke asebenze ‘exomoloza kunye ngamphefumlo mnye ngenxa yokholo kwiindaba ezilungileyo.’—Filipi 1:27.
[Imibhalo esemazantsi]
a Ezinye iiBhayibhile kwaneminye imibhalo-ngqangi yesiGrike ithi uYesu wathumela abafundi “abangamashumi asixhenxe anesibini.” Noko ke, kukho imibhalo-ngqangi emininzi exhasa oko kufundeka ngokuthi “abangamashumi asixhenxe.” Oku kwahluka kwendlela okubhalwe ngayo oku akufanele kuyisithe ingongoma eyintloko, yokuba uYesu wathumela iqela elikhulu labafundi bakhe ukuze lishumayele.