IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w98 6/1 iphe. 20-23
  • Ukuthwala Imbopheleleko Yokunyamekela Intsapho

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukuthwala Imbopheleleko Yokunyamekela Intsapho
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukuyinyamekela Ngezinto Eziphathekayo Nezokomoya
  • “Ekuhlaleni Kwakho Endlwini Yakho”
  • Vumelana Neemeko Yaye Uzingise
  • Ukunceda “Iinkedama”
  • Ukwakha Intsapho Eyomeleleyo Ngokomoya
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2001
  • Bazali, Zinyamekeleni Iintswelo Zentsapho
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2005
  • Fundisa Abantwana Bakho Ukuba Bathande UYehova
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2007
  • Lifundisiseni Rhoqo Ilizwi Likathixo Njengentsapho
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1999
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova
w98 6/1 iphe. 20-23

Ukuthwala Imbopheleleko Yokunyamekela Intsapho

“BOYISE, musani ukubacaphukisa abantwana benu, kodwa qhubekani nibakhulisela kwingqeqesho nasekweyiselweni kwengqondo kuYehova.” (Efese 6:4) Ngaloo mazwi aphefumlelweyo, umpostile uPawulos wayibeka ngokucacileyo kwindawo yayo imbopheleleko yokunyamekela intsapho—emagxeni kabawo.

Kwinkoliso yeentsapho ubawo akayedwa ekunyamekeli abantwana. Umkakhe, unina wabantwana bakhe, uyakuvuyela ukwabelana nomyeni wakhe ngalo mthwalo. Ngenxa yoko, uKumkani uSolomon wavakalisa oku: “Nyana wam, yiva uqeqesho lukayihlo, ungawulahli umyalo kanyoko.”—IMizekeliso 1:8.

Ukuyinyamekela Ngezinto Eziphathekayo Nezokomoya

Abazali ababathandayo abantwana babo ababatyesheli ngabom. Enyanisweni, ukuba amaKristu ebenokwenza oko ebeya kuba alukhanyele ukholo lwawo, njengoko kusitshiwo ngamazwi kaPawulos kuTimoti: “Ngokuqinisekileyo ukuba nabani na akabalungiseleli abo bangabakhe, yaye ngokukodwa abo bangamalungu endlu yakhe, ulukhanyele ukholo kwaye mbi ngakumbi kunomntu ongenalo ukholo.” (1 Timoti 5:8) AmaKristu ayaqonda ukuba ukukhulisela abantwana “kwingqeqesho nasekweyiselweni kwengqondo kuYehova” kufuna okungaphaya kokubalungiselela ngezinto eziphathekayo.

Khawucinge ngesibongozo sikaMoses kuhlanga lwakwaSirayeli xa lwalumise iintente kumathafa akwaMowabhi, ngaphambili nje kokuba lungene kwiLizwe Ledinga. Apho waluphindela imithetho kaThixo yaye eluyalela esithi: “La mazwi am nize niwabekele intliziyo yenu nomphefumlo wenu.” (Duteronomi 11:18) Ngaphambilana wayelukhumbuze ukuba lufanele lumthande uYehova ngentliziyo, ngomphefumlo nangamandla alo onke, esongezelela esithi: “La mazwi ndikuwisela umthetho ngawo namhlanje, aze abe sentliziyweni yakho.” (Duteronomi 6:5, 6) Kwakufuneka abazali abangamaSirayeli bavumele amazwi oMthetho kaThixo angene ezintliziyweni zabo. Xa iintliziyo zabo zizaliswe luxabiso lwezinto zokomoya, kwakuya kuba lula ukuba abazali abangamaSirayeli bathobele amazwi alandelayo kaMoses: “[La mazwi oMthetho kaThixo] uze uwatsolise koonyana bakho, uthethe ngawo ekuhlaleni kwakho endlwini yakho, nasekuhambeni kwakho ngendlela, nasekulaleni kwakho, nasekuvukeni kwakho.”—Duteronomi 6:7; 11:19; thelekisa uMateyu 12:34, 35.

Phawula ukuba oobawo kwakufuneka ‘batsolise’ loo mazwi kubantwana babo yaye ‘bathethe ngawo.’ IMerriam-Webster’s Collegiate Dictionary ichaza ‘ukutsolisa’ ngokuthi “kukufundisa nokubethelela ngokuphindaphinda okanye ngokubongoza.” Xa abazali babethetha ngoMthetho kaThixo imihla ngemihla—kusasa, emalanga nasebusuku—abantwana babengenelwa ngokungathethekiyo. Njengoko abaselula babeluva uthando ababenalo abazali babo ngoMthetho kaThixo, nabo babeshukunyiselwa ekubeni basondele kuYehova. (Duteronomi 6:24, 25) Okubangel’ umdla kukuba, uMoses walikhupha latsola elokuba oobawo babemele bafundise abantwana babo ‘ekuhlaleni kwabo ezindliwini zabo.’ Loo mfundiso yayiyinxalenye yokunyamekela intsapho. Kodwa kuthekani namhlanje?

“Ekuhlaleni Kwakho Endlwini Yakho”

“Oku akuyondlwan’ iyanetha,” utsho uJanet, umama ongumKristu onabantwana abane.a Umyeni wakhe, uPaul, uyamngqinela: “Kufuneka ube nenzondelelo.” Njengabanye abazali abangamaNgqina, uPaul noJanet bazabalazela ukufundisisa iBhayibhile nabantwana babo ubuncinane kanye ngeveki. UPaul uchaza esithi: “Siye sizame ukuba nesifundo sentsapho rhoqo ngeengokuhlwa zangoMvulo ngexesha elithile,” kodwa uyavuma ukuba: “Kodwa oko akusoloko kuphumelela.” Njengomdala omiselweyo ebandleni lakhe, maxa wambi uye abizwe phaya naphaya ukuba aye kusingatha imicimbi engxamisekileyo. Abantwana bakhe ababini abadala bakhonza njengabalungiseleli bexesha elizeleyo. Bafumanisa ukuba iingokuhlwa ngawona maxesha aphumelelayo ekuthetheni nabantu kubulungiseleli. Ngaloo ndlela, baye balihlengahlengisa njengentsapho ixesha lesifundo sentsapho. UPaul uyachaza: “Maxa wambi siye sifunde emva nje kwesidlo sangokuhlwa.”

Nangona ngobulumko abazali bebonakalisa ukuba bhetyebhetye ngexesha lesifundo sentsapho yabo, bayazama ukusiqhuba rhoqo. Intombi yabo egama linguClare ithi: “Xa kuyimfuneko ukuba sitshintshe ixesha lesifundo, uTata usibhalela elinye ixesha aze alixhome kucango lwefriji, ukuze sonke sazi ixesha esiya kuqhutywa ngalo.”

Ukuhlanganisana kwisifundo seBhayibhile sentsapho esiqhutywa rhoqo kukwavula ithuba lokuba amalungu aselula entsapho azityand’ igila kubazali bawo ngezinto eziwaxhalabisayo neengxaki zawo. Isifundo esinjalo siyaphumelela xa kukhululekiwe yaye nabantwana bengafundi nje iimpendulo zemibuzo yaloo ncwadi yokufunda iBhayibhile isetyenziswayo. UMartin onoonyana ababini uthi: “Isifundo sethu sentsapho siba yindawo yengxubusho. Xa nihlanganisana kube kanye ngeveki ukuze nixubushe umbandela weZibhalo, uyakwazi ukubona indlela eqhuba ngayo intsapho yakho ngokomoya,” ugqabaza esitsho. “Zininzi izinto ezivelayo kwezo ngxubusho. Uqonda oko kuqhubeka esikolweni, yaye okona kubangel’ umdla kukuba, ufumanisa izimo zengqondo zabantwana bakho.” Umkakhe, uSandra, uvumelana naye yaye uvakalelwa ukuba naye ungenelwa lukhulu kweso sifundo sentsapho. Uyabalisa: “Xa umyeni wam eqhuba isifundo, ndifunda lukhulu ngokuphulaphula indlela unyana wam ayiphendula ngayo imibuzo.” Uyandula ke uSandra alungiselele amagqabaza aza kuwanceda la makhwenkwe akhe. Usinandipha kakhulu esi sifundo kuba usikhuthalele. Ewe, isifundo sentsapho senza abazali baqonde oko kusezingqondweni zabantwana babo.—IMizekeliso 16:23; 20:5.

Vumelana Neemeko Yaye Uzingise

Xa kufika ixesha lesifundo sentsapho yakho, usenokufumanisa ukuba omnye umntwana uthe qwa yaye utsha ziintambo, ukanti omnye ufuna ukuthantanyiswa ukuze anikele ingqalelo yaye angenelwe. Omnye umama ongumKristu ugqabaza athi: “Bunjalo kaloku ubomi bentsapho! Uyazi ukuba mawenze ntoni na njengomzali. Ngoko xa uzingisa, uYehova uyakunceda yaye uyaphumelela.”

Ubude bexesha umntwana akwazi ukunikela ingqalelo ngalo buyahluka ngokobudala bakhe. Umzali oqondayo uyayazi loo nto. Esinye isibini sinabantwana abahlanu, abanobudala obususela kwiminyaka emi-6 ukusa kwengama-20. Uyise, uMichael, uthi: “Qala ngokunika oyena mncinane ithuba lokuphendula kuqala. Wandule ke ukuvumela abo badadlana baveze iinkcukacha yaye baphuhlise iingongoma abaye bazilungiselela.” Le ndlela yokuqhubana ngokuqonda nabantwana babo yenza abazali bakwazi ukufundisa ukubaluleka kokwazelela abanye. UMartin uthi: “Omnye koonyana bethu usenokuqonda, kodwa omnye usenokufuna uncedo olongezelelekileyo ukuze kuthi qwenge nakuye. Ndifumanise ukuba ixesha lesifundo liye layindlela yokuqeqeshela ukubonakalisa umonde wamaKristu nezinye iziqhamo zomoya.”—Galati 5:22, 23; Filipi 2:4.

Kulungele ukuzivumelanisa namandla awahlukahlukeneyo kunye nobudala obungafaniyo babantwana bakho. USimon noMark, ngoku abakwishumi elivisayo, bafumanisa ukuba xa babeselulana, babekunandipha ngokwenene ukufundisisa nabazali babo incwadi ethi Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila. Bakhumbula oku: “Utata wayesithi masenze iinxalenye ezithile ngokungathi ngumdlalo.” Uyise ukhumbula ekhasa ukuze enze umdlalo womzekeliso womSamariya olungileyo noonyana bakhe. (Luka 10:30-35) “Yaba ngathi yinto yokwenene yaye kwakumnandi gqitha.”

Uninzi lwabantwana aluluthandi ucwangciso oluthe rhoqo lwesifundo sentsapho. Ngaba oku kufanele kubathintele abazali ekuqhubeni isifundo xa sicetyiwe? Ngokuqinisekileyo akufanele kubathintele. IMizekeliso 22:15 iyavuma: “Ukumatha kubotshiwe entliziyweni yomntwana.” Omnye umama ongenaqabane wayecinga ukuba nguye osilelayo ukuqhuba isifundo sentsapho kakuhle xa, kangangezihlandlo ezininzi, kwakubakho izinto eziphazamisa isifundo. Kodwa wazingisa. Ngoku abantwana bakhe bamhlonela gqitha yaye baye baluxabisa uthando nenkxalabo aye wayibonakalisa ngokuzingisa ekuqhubeni isifundo sentsapho rhoqo.

Ukunceda “Iinkedama”

Abadala abangamaKristu bamele ‘baluse umhlambi kaThixo.’ (1 Petros 5:2, 3) Ukutyelela iintsapho ezisebandleni ngamaxesha athile kubanika amathuba okuncoma abazali abazithwalayo iimbopheleleko zabo zobuKristu. Ngubani omele athwale imbopheleleko yokufundisa abantwana babazali abangenaqabane? Ningaze nilibale ukuba ngabazali abanembopheleleko yokufundisa abantwana.

Ubuqili bamaKristu buya kubanceda abadala baphephe iimeko ezinzima ezinokuvela ukuba bebenokuyithabathela kubo indima yeqabane elingekhoyo. Nangona abazalwana ababini benokutyelela udade ongumKristu ongumzali ongenaqabane, ngawo onke amaxesha baya kuchul’ ukunyathela kumalungiselelo okuxhasa ilungiselelo lesifundo sentsapho. Maxa wambi, kusenokwakha yaye kube luncedo ukumema abantwana (kakade ke, naloo mzali ungenaqabane) ukuba bathelele isifundo sentsapho yaloo mdala. Noko ke, ningaze nilibale ukuba uYehova unguBawo wethu omkhulu osezulwini. Ngokuqinisekileyo ukho ukuze alathise aze ancede umama xa eqhuba isifundo sentsapho nabantwana bakhe, nangona eyedwa.

Kuthekani ke xa oselula etyekele kwizinto zokomoya, kodwa abazali bakhe bengenankxalabo ingako okanye bengenankxalabo kwaphela ngeembopheleleko zabo zokomoya? Abakhonzi bakaYehova abamele badakumbe. Umdumisi wavuma ingoma esithi: “[Yehova Thixo] uzinikela kuwe oludwayi; ungumncedi weenkedama wena.” (INdumiso 10:14) Ngenxa yoko, abadala bebandla abanothando baya kwenza konke okusemandleni abo ukukhuthaza abazali njengoko benyamekela abantwana babo. Basenokucebisa ukuba kulungiselelwe ingxubusho yentsapho baze ke babekho ukuze banikele amacebiso aluncedo endlela yokufundisisa kunye. Kakade ke, abayi kuyithabathela kubo imbopheleleko yabazali, abamele bayithwale ngokutsho kweZibhalo.

Abantwana babazali abangakholwayo bafuna inkxaso engakumbi. Ukubabandakanya kwisifundo sentsapho yakho kunokuba yingenelo ukuba nje abazali babo bayavuma. URobert, ngoku osele ekhulile nonentsapho yakhe, wayesiya kwiintlanganiso zamaKristu nabazali bakhe xa wayeneminyaka emithathu kuphela. Wayesazikhumbula ezo ntlanganiso kwanasemva kokuba abazali bakhe bayekayo ukunxulumana nebandla lamaKristu. Xa wayeneminyaka elishumi, wadibana nenye inkwenkwe eliNgqina eyaya naye ezintlanganisweni. Abazali bale nkwenkwe iliNgqina bakuvuyela ukumnyamekela uRobert njengenkedama yokomoya baza kamva bafundisisa kunye naye. Ngenxa yaloo nyameko enothando, wenza inkqubela ekhawulezileyo ibe ngoku ukhonza njengomdala ebandleni.

Kwanaxa abazali beyichasa inkqubela eyenziwa ngabantwana babo, abo bantwana abalahlwanga kwesinomhlwa. UYehova uhlala enguBawo othembekileyo wasezulwini. INdumiso 68:5 ivakalisa oku: “Uyise weenkedama . . . nguThixo ekhayeni lakhe elingcwele.” Iinkedama zokomoya ziyazi ukuba zinokubhenela kuye ngomthandazo, ibe uya kuzilondoloza. (INdumiso 55:22; 146:9) Intlangano kaYehova enjengomama iziphumeza ngenzondelelo iimbopheleleko zayo zokulungiselela ukutya kokomoya okuluncuthu okuphakwa ngeempapasho zayo nangeentlanganiso eziqhutywa kumabandla amaKristu angaphezu kwama-85-000 ehlabathini lonke. Ngalo ndlela, incedwa nguBawo wethu, uYehova, nentlangano yakhe enjengomama, ‘kwanenkedama’ iya kunandipha umlinganiselo othile wokufundisisa iBhayibhile.

Bamele banconywe abazali abangamaKristu abaziqhuba rhoqo izifundo zentsapho zeBhayibhile nabantwana babo. Abazali abangenamaqabane abazingisayo ekuqeqesheni abaselula babo ngeendlela zikaYehova bamele banikelwe ingqalelo ekhethekileyo yaye banconywe ngenxa yemigudu yabo. (IMizekeliso 22:6) Bonke ababonakalisa inkxalabo ngeenkedama zokomoya bayazi ukuba oko kuyamkholisa uBawo osezulwini, uYehova. Ukunyamekela iintswelo zokomoya zentsapho kuyimbopheleleko enzima. Kodwa ‘ungayeki ukwenza oko kuhle, kuba ngexesha elililo uya kuvuna ukuba akudinwa.’—Galati 6:9.

[Imibhalo esemazantsi]

a Amanye amagama aye aguqulwa.

[Umfanekiso okwiphepha 23]

Isifundo sentsapho sivula ithuba lokuba amalungu aselula entsapho azityand’ igila kubazali bawo ngezinto eziwaxhalabisayo neengxaki zawo

[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 20]

Harper’s

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share