Okusesikweni—Kuya Kuze Kubekho Nini Yaye Njani?
ABANTU abangenatyala ababambi mazinyo xa kukho okusesikweni. Kaloku, naphi na, ukuba ilizwe linenkqubo yomthetho ewa ivuka izama ukuba kubekho okusesikweni abemi balo babulela bangayeki. Loo nkqubo iba nemithetho, nomkhosi wamapolisa oza kubakhuphel’ amehlo abantu abangayithobeliyo loo mithetho kwakunye neenkundla eziza kumela okusesikweni. AmaKristu okwenyaniso ayayihlonela inkqubo yokugweba yelizwe ahlala kulo, ekwenza oko ngenxa yokuba iBhayibhile iwayalela ukuba ‘athobele amagunya awongamileyo.’—Roma 13:1-7.
Noko ke, iinkqubo zokugweba zamazwe awahlukahlukeneyo ziye zenza iimpazamo eziyingozi nothi wakuziva unge ungathi vuleka mhlaba ndingene.a Kunokuba kohlwaywe izaphuselane kuze kukhuselwe abantu abangenatyala, amaxesha amaninzi ezi ntsizana zibhutywa ngobubende zingayityanga inyama kusithiwa zaphul’ umthetho zingakhange ziqalis’ ukuwaphula. Kuye kwaqengqeleka iminyaka abany’ abantu bethothoza kwezimnyama izisele, baze kukhululwa ngaphambi kokuba bagqibe isigwebo sabo kuba nje kungaqinisekwanga ukuba bebenalo kwaukuba nalo ityala okanye bekufanele kusini na ukuba babanjwe. Loo nto ke, yenza abantu abaninzi basale benale mibuzo, Ngaba kuya kuze kwenziwe okusesikweni kubantu bonke? Ukuba kunjalo, iya kuze yenzeke nini loo nto yaye njani? Ngubani esinokuthemba ukuba uya kukhusela abantu abangenatyala? Ibe liliphi ithemba abanalo abo bangamaxhoba okungekho sikweni?
Kubethw’ Ecaleni Kokusesikweni
Kaloku phayaa kwiminyaka yee-1980, eJamani kwakha “kwagwetyw’ ityala ngendlel’ apha eyatsho wonk’ umntu wanxakama, kuba laliqhawul’ ujingi kuwo onke amatyala awakha achotshelwa emva kwemfazwe,” kuba mama uthile kwathiwa ufanelwe kukuthothoza ubomi bakhe bonke entolongweni ngenxa yokubulala iintombi zakhe ezimbini. Noko ke, emva kokuba kuqengqeleke iminyaka, kwaphinda kwahlalutywa izinto awayemangalelwa ngazo, waza wakhululwa ke ngelithi iza kukh’ iphinde isontshwe le ntsinda-badala. Kwingxelo yayo yowe-1995, iDie Zeit yayithi thsuphe into yokuba kuyenzeka ukuba kuwiswe isigwebo kanti “kukho isikhwa-silima kwindlela ekugwetywe ngayo.” Ngethuba kubhalwa eli nqaku, Olu sizana lwebhinqa belusele lundyondye iminyaka esithoba kwesimnyama isisele kungekho mntu uda aqiniseke nokuba linetyala okanye alinatyala kusini na.
Kanti ngobunye ubusuku bangoNovemba 1974, kanye esizikithini sesixeko saseBirmingham, eNgilani, kwatsho iibhombu ezimbini zayibetha yayingqushu loo ndawo zaza zalishiya liqhamil’ itshoba kubantu abangama-21. UChris Mullen, olilungu lePalamente wathi Xa wayebhala, “akukho mntu waseBirmingham oya kuze asilibale” eso siganeko. Kamva, “amadoda amathandathu angenatyala athiwa nqaku aza ajulwa emva kwezitshixo ngenxa yale nyhikatyhawe yokubulawa kwabantu abangakanana ezimbalini zaseBritani.” Kamva sacinywa isigwebo sawo—kodwa loo nto yenziwe la madoda sele enkolo-nkoloze iminyaka eli-16 emva kwezitshixo!
Kaloku eny’ inkuntsela yegqwetha uKen Crispin yakha yenza amagqabantshintshi ngolunye uzwathi lwetyala “olwabatsho abantu baxakaniseka ngeny’ indlela ezimbalini zaseOstreliya zokuchotshelwa kwamatyala.” Ntsapho ithile yayigxumeke iintente kufutshane neAyers Rock, xa usana lwayo lwasuka nje lwathi pheselele, kuba lungekafunyanwa nanamhlanj’ oku. Umama walo watyholwa ngokubulala, wakhonkxwa waza wathiwa nkaa ngesigwebo sobomi bakhe bonke eqamele ngenqindi kwezimnyama izisele. Kuthe ngowe-1987, sele kudlule iminyaka emithathu ejija entolongweni, laphinda lacukucezwa ngokusemthethweni ke ngoku eli tyala kwaza kwafunyaniswa ukuba ngokwezinto amangalelwe ngazo ulengwe engenabhola, bekungamele ukuba ukhonkxiwe kwaukukhonkxwa. Waphel’ ekhululwa ke kwaza kwacelwa uxolo.
Ngowe-1986 kwabulawa elinye ibhinqa elineminyaka eli-18 ubudala elihlala kumazantsi eUnited States. Ndoda ithile eliqina yathiwa dyubhe ngeli tyala, yakhonkxwa, yaza yathiwa nkaa ngesigwebo sentambo. Yandyondya iminyaka emithandathu le ndedeba, izolel’ ukufa kwayo, de kwafunyaniswa ukuba yayingazani nokwazana neso senzo solwaphulo-mthetho.
Ngaba ezi mpazamo azifane zenzeke xa kugwetywa? UDavid Rudovsky okwiSikolo soMthetho esikwiYunivesithi yasePennsylvania uthi: “Ngoku ndibala izilimela ezingama-25 ndikwinkqubo yokugweba ibe maninzi amatyala endiwabone ngala wam amehlo. Ndingathi xa ndiqikelela . . . banokuba phakathi kwesihlanu ne-1O ekhulwini abantu ababhutywe ngobubende bengayityanga inyama.” UCrispin ubuza umbuzo aph’ otsho lihlobe igazi: “Ngaba bakho abanye abantu abangenatyala abasele bencame baqamela ngenqindi kwezimnyama izisele?” Kusuka kuthini ukuze kwenzeke iimpazamo ezinzulu ngolo hlobo?
Inkqubo Zabantu Zokugweba—Kunye Nobuthathaka Babantu
Kaloku ngowe-1991 iNkundla Yezibheno yaseBritani yakha yalikhupha latsolo elokuba: “Amahash’ angaphum’ iimpondo ukuba inkqubo yomntu ingagqibelela.” Ukuba sesikweni nokuthembeka kwenkqubo yokugweba kuxhomekeke ekubeni iqulunqwe yaza yasetyenziswa ngoobani. Abantu bakekelele ekwenzeni iimpazamo, ilula kubo into yokungathembeki ibe bagweba beval’ amehlo. Ngenxa yaloo nto ke, asifanele sibambe ongezantsi xa sibona ezo ziphako kanye kwinkqubo yabo yokugweba. Khawuve nantsi enye ingcombolo.
UJaji Rolf Bender waseJamani wakha wathi, kuma-95 ekhulwini awo onke amatyala olwaphulo-mthetho, kuye kwasetyenziswa izinto ezithethwe ngamangqina xa kugwetywa. Kodwa ngaba la mangqina asoloko ethetha iinyani zodwa xa esenkundleni? UJaji Bender akaqondi ukuba kunjalo. Uyayirhanela nento yokuba isiqingatha samangqina avela enkundleni ngamamenemene aphindaphindeneyo. UBernd Schünemann, oyinqeberhu yonjingalwazi, ojongene nomthetho onokuthanani nolwaphulo-mthetho kwiYunivesithi yaseMunich, eJamani, uyibona ngeliso elifanayo le nquleqhu. Xa iDie Zeit yayidlan’ indlebe naye, lo kaSchünemann wabethelela into yokuba into ethethwe ngamangqina isoloko iyinkunzi—nangona ingenakuba bubungqina—obunesihlahla. “Mandithi isizekabani sayo yonke le nyhobha-nyhobha yokwenziwa kweempazamo xa kugwetywa kukuba iijaji zisebenza ngezijungqe eziphuma kumangqina.”
Amangqina anokuyenza impazamo; nqwa namapolisa. Kuthi kwakubakho uqhushululu, amapolisa azive enyanzelekile ukuba abambe nje phambi konyawo. Xa kunjalo ke, amapolisa abukha nje entloko ubungqina okanye amkhuphel’ amehlo umrhanelwa esithi makavum’ ityala. Emva kokukhululwa kwamadoda amathandathu awayebanjwe emva kokuqhushumba kweBirmingham, iphephancwadi laseBritani iThe Independent lakhupha umxholo othi: “Ukubanjwa Kwamadoda Amathandathu Kwayanyiswa Kumapolisa Anganyanisekanga.” IThe Times ithi: “Amapolisa aqweb’ iqhinga, enza iyelenqe aza akhohlisa.”
Maxa wambi, kuyenzeka ukuba ngenxa yekhethe amapolisa nowonke-wonke arhanele abantu bohlanga oluthile, abonqulo oluthile, nabelizwe elithile. Xa yayigqabaza, iU.S.News & World Report yathi ngoku xa kufuneka kohlwaywe umntu owaphule umthetho “iza kuyekwa into ayenzileyo kujongwe ukuba ngowaluphi na uhlanga.”
Ukuthiwa thaca nje kwetyala enkundleni, aligwetywa ngokusuka kwinto ephuma kumangqina kuphela, kodwa nobungqina bezinto zenzululwazi. Kaloku xa sele liphethwe shushu ityala, kubakho iintsonkotha eziye zifune ukuba kubizwe iijaji okanye abachopheli bamatyala nokuze ibe ngabo abaza kukhuph’ umlomo wokuba ummangalelwa unetyala okanye akanatyala kusini na, phofu nabo bexhomekeke kwiinkcukacha zompu osetyenzisiweyo okanye iimpawu zeminwe, indlela yokubhala, nobucukubhede bamagazi, umbala weenwele, imisonto yempahla, okanye ukuhlolwa kweDNA. Eny’ inqeberhu eligqwetha yathi iinkundla ngoku sele “zinobucedu-cedu obuveliswe zizazinzulu bokuchaza iintsonkotha.”
Ngaphezu koko, iphephancwadi iNature lithi izazinzulu azisebenzisi ndlela zifanayo zokucukuceza ityala. “Zingaphikisana kuse izazinzulu ezicukuceza amatyala.” Into elusizi nje yile yokuba “kubanjwe abantu abaninzi ngomlinganiselo ongaphaya kwengqondo bengenzanga nto ngenxa yobungqina obungachananga obufunyenwe xa bekucukucezwa la matyala.”
Enoba sihlala phi na, zonke iinkqubo ezikhoyo ngoku zibonisa indlela abantu abasilele ngayo. Xa kunjalo ke, ngubani esinokuthemba ukuba unokukhusela ezi ntsizana zingenatyala? Ngaba simele sithembe ukuba kuya kuze kubekho okusesikweni? Ibe banaliphi ithemba abo baye babhutywa ngobubende bengayityanga inyama ngenxa yeempazamo ezenziweyo xa kugwetywa?
“Mna, Yehova Ndithanda Okusesikweni”
Ukuba wena okanye ilungu lentsapho yakowenu uye wabhutywa ngobubende ungayityanga inyama ngenxa yokwenziwa kwempazamo xa kugwetywa, uYehova uThixo noNyana wakhe, uYesu, bayayiqonda ingxaki okuyo. Kaloku into yokugqibela kwezingekho sikweni ezakha zenziwa yaba kukubulawa kukaKristu kumthi wentuthumbo. Umpostile uPetros usithela thsuphe ukuba uYesu “akazange enze sono.” Kodwa, wathiwa dyubhe ngetyala ngamangqina angamamenemene, wafunyanwa enetyala waza wabulawa.—1 Petros 2:22; Mateyu 26:3, 4, 59-62.
Khawufane ucinge nje indlela anokuba uYehova wavakalelwa ngayo xa wayebukele uNyana wakhe edlelw’ indlala! Kaloku phakathi kwezona mpawu zibalaseleyo zikaYehova kukho nokusesikweni. IBhayibhile ithi: “Zonke iindlela zakhe zisesikweni.”—Duteronomi 32:4; INdumiso 33:5.
UYehova wanika amaSirayeli indlela esemagqabini yokugweba amatyala. Xa kufe umntu kube kungaziwa ukuba ubulewe ngubani, Oko kufa kwakucanyagushelwa ngedini. Xa kuconjululwa ityala lolwaphulo-mthetho kwakungabhuduzelwa kubanjwe umntu ongenatyala. Akukho mntu wayenokubanjelwa ukubulala ngenxa nje yobungqina obuneenkcukacha okanye obusekelwe kwizinto zobugciga benzululwazi; kwakufuneka kubekho amangqina amabini ubuncinane. (Duteronomi 17:6; 21:1-9) Le mizekelo ibonisa ukuba uYehova unemilinganiselo ephakamileyo ibe uxhalabele ukuba okusesikweni kwenziwe ngendlela efanelekileyo. Eneneni, uthi: “Mna, Yehova, ndithanda okusesikweni.”—Isaya 61:8.
Kakade ke, inkqubo yokugweba yakwaSirayeli yayiphathiswe abantu ababeneentsilelo njengathi. Kwakukhe kwenzeke ukuba umthetho usetyenziswe ngendlela ephosakeleyo. UKumkani uSolomon wabhala wathi: “Ukuba uthe wakubona ukucudiswa kwehlwempu, nokuhluthwa kokusesikweni nobulungisa elizweni, musa ukumangaliswa yiloo nto.”—INtshumayeli 5:8.
UYehova wakwazi ukulungisa okungekho sikweni okwenziwa kuNyana wakhe. Ukuqiniseka ngale nto kwamomeleza uYesu, owathi “ngenxa yovuyo olwalubekwe phambi kwakhe wasinyamezela isibonda sentuthumbo.” Ngokufanayo, ithemba elivuyisayo lokuphila kumhlaba oyiparadesi phantsi kolawulo lukaMesiya, apho kuya kube kugquba okusesikweni, linokusomelezela ukuba sinyamezele nangona sisiva ngokwenziwa kokungekho sikweni okanye kusitya kuth’ esikhumbeni kule nkqubo indala. Akukho monakalo angenakuwulungisa uYehova ngexesha lakhe elifanelekileyo. Kwanabo baye baphulukana nobomi babo ngenxa yempazamo eyenziwe xa bekugwetywa baya kuvuswa.—Hebhere 12:2; IZenzo 24:15.
Ukuba singamaxhoba okungekho sikweni, simele siyibulele into yokuba iinkqubo ezininzi zokugweba zinamajelo asemthethweni esinokuwasebenzisa ukuze silungise loo ngxaki. AmaKristu anokuwasebenzisa loo majelo. Kodwa ke, nantsi into amele ayikhumbule: Iinkqubo zokugweba zabantu abangafezekanga zibonisa ukuba ininzi int’ ekufuneka yenziwe kwibutho labantu. Ibe loo nto iza kwenziwa kungekudala—nguThixo.
Kungekudala uYehova uza kuyitshayela kuthi nyaa le nkqubo yezinto ingekho sikweni aze endaweni yayo aseke inkqubo entsha ‘ekuza kuhlala kuyo ubulungisa.’ Sinokuba nentembelo epheleleyo yokuba uMdali wethu uya kumisela okusesikweni ngoKumkani wakhe onguMesiya, uYesu Kristu. Akusentsuku zatywala ke ukuba wonke umntu afumane okusesikweni! Hayi indlela esinokuba nombulelo ngayo ngeli themba.—2 Petros 3:13.
[Umbhalo osemazantsi]
a Kumatyala achazwe apha, IMboniselo ayizami kuthi nguzibaningeshe onetyala omnye akanalo, ingatsho nokuthi inkqubo yokugweba yelinye ilizwe iyilalisa ngomhlana eyelinye ilizwe. Ngaphezu koko, eli phephancwadi alithi makusetyenziswe olu hlobo Iwesohlwayo kuyekw’ oluya. Eli nqaku lithi thaca nje izibakala ebezikho ngoxa bekubhalwa.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 27]
linkqubo zokugweba zabantuu abangafezekanga—kwakunye noorhulumente abanganyanisekanga, nonqulo olunemilinganiselo ephantsi yokuziphatha, nezorhwebo ezingenamigaqo—zibonisa ukuba ininzi into ekufuneka yenziwe kwibutho labantu
[Ibhokisi ekwiphepha 28]
Ukuthuthuzelwa ZiZibhalo Ezingcwele
KwakungoNovemba 1952, xa uDerek Bentley noChristopher Craig baqhekeza kwindawo yokugcina impahla eCroydon, cebu kuhle eLondon eNgilani. UBentley wayeneminyaka eli-19 ubudala ngoxa uCraig wayeneminyaka eli-16 ubudala. Kwahlatyw’ umkhosi kwabakwantsasana, ibe uCraig wahlom’ ilopisi laza lahlanza ngoko nongoko iselwa kwelinye laloo mapolisa. UCraig wajija iminyaka esithoba enkolo-nkoloza kwesimnyama isisele, logama yena uBentley waxhonyelwa ukubulala ngoJanuwari 1953.
UdadeboBentley, uIris, wayesisinqininqini esehla sinyuka kangangeminyaka engama-40 sizama ukuyenza icace into yokuba umntakwabo wayengengombulali. Ngowe-1993, iNgqanga neentsiba zayo yasicelela uxolo esi sigwebo, ivuma ukuba uDerek Bentley kwakungamele ukuba uxhonyiwe. UIris Bentley wathi xa wayebhala ngolu zwathi lwetyala kwincwadi ethi Let Him Have Justice:
“Kwisithuba sonyaka ngaphambi kwale nquleqhu yomdubulwano wayesandul’ ukudibana neNgqina likaYehova esitratweni . . . UDade Lane wayehlala kufutshane nasekhaya eFairview Road ibe wamema uDerek ukuba akhe aye kuphulaphula amabali eBhayibhile. . . . Eyona nto yamncedayo kukuba uDade Lane wayedla ngokumboleka amacwecwe anamabali eBhayibhile [njengoko kwakunzima ukufunda kuDerek]. . . . Wayedla ngokubuya andibalisele izinto azive kulo dade, izinto eziniengokuba sonke siza kubuya sivuke emva kokufa.”
UIris Bentley watyelela umntakwabo owayezolel’ ukufa kwakhe kanye ngaphambi kokuba abulawe. Wavakalelwa njani umntakwabo? “Izinto awayezixelelwe nguDade Lane zamnceda wakwazi ukunyamezela iintsuku zakhe zokugqibela.”—Akekeliswe sithi.
Ukuba uzibona sele usebunzimeni ngenxa yempazamo eyenziwe xa kugwetywa, kuya kukunceda kakhulu ukufunda uze ucamngce ngeenyaniso zeBhayibhile. Oku kuya kukuthuthuzela gqitha, kuba uYehova uThixo, ‘nguYise weenceba zofefe noThixo wentuthuzelo yonke, osithuthuzelayo kuyo yonke imbandezelo yethue’—2 Korinte 1:3, 4.
[Umfanekiso okwiphepha 29]
Into yokugqibela kwezingekho sikweni ezakha zenziwa yaba kukubulawa kukaKristu