IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Imbono YamaKristu Ngamasiko Omngcwabo
    IMboniselo—1998 | Julayi 15
    • Imbono YamaKristu Ngamasiko Omngcwabo

      UKUQUTYULWA kukufa komntu omthandayo yintlungu engathethekiyo. Uyothuka, emva koko udandatheke. Ukubona umntu omthandayo esifa emva kokugula ixesha elide kwahlukile, kodwa nako kukushiya usentlungwini yaye uziva ukuba ulahlekelwe.

      Ingakhathaliseki indlela afe ngayo umntu omthandayo, lowo ufelweyo ufuna inkxaso nentuthuzelo. UmKristu ofelweyo kusenokufuneka ajamelane nentshutshiso yabo banenzondelelo ngamasiko omngcwabo angavumelaniyo neZibhalo . Oku kuxhaphakile kumazwe amaninzi aseAfrika nakwiinxalenye ezithile zomhlaba.

      Yintoni enokunceda umKristu ofelweyo awaphephe amasiko omngcwabo angavumelaniyo neZibhalo? Unokuxhaswa njani lowo ukholwa kunye nathi kuvavanyo olunjalo? Iimpendulo kule mibuzo zibaluleke kubo bonke abo bafuna ukukholisa uYehova, kuba “uhlobo lonqulo oluhlambulukileyo nolungadyobhekanga ngokwembono kaThixo noBawo wethu lulo olu: ukuvelela iinkedama nabahlolokazi embandezelweni yabo, nokuzigcina ungenabala kulo ihlabathi.”—Yakobi 1:27.

      Anxityelelaniswa Nenkolo

      Eyona nto ixhaphakileyo kumasiko amaninzi omngcwabo yinkolelo yokuba umfi uhlala ephila kwelemimoya apho kukho izinyanya. Ukuze kungxengxezwe kuzo, uninzi lwabo bazilileyo luziva lunyanzelekile ukuba lwenze izithethe ezithile. Okanye loyika ukucaphukisa abamelwane abakholelwa ukuba oko kuya kwenzakalisa ibutho labantu ukuba amasiko athile akenziwanga.

      UmKristu wokwenene akamele oyike umntu aze abe nenxaxheba kumasiko angamkholisiyo uThixo. (IMizekeliso 29:25; Mateyu 10:28) IBhayibhile ibonisa ukuba abafileyo abazi nto, kuba ithi: “Ngokuba abadla ubomi bayazi ukuba baya kufa; ke bona abafileyo abazi lutho, . . . Akukho kwenza, nakucinga, nakwazi, nakulumka, kwelabafileyo, apho uya khona wena.” (INtshumayeli 9:5, 10) Ngoko ke, uYehova uThixo wabalumkisa abantu bakhe bamandulo ukuba bangazami ukungxengxeza okanye banxibelelane nabafi. (Duteronomi 14:1; 18:10-12; Isaya 8:19, 20) Ezi nyaniso zeBhayibhile ziyangqubana namasiko amaninzi omngcwabo athandwayo.

      Kuthekani ‘Ngokuhlanjululwa Ngokwesini’?

      Kumazwe athile akumbindi Afrika, iqabane elifelweyo kulindeleke ukuba libe neentlobano zesini nesalamane esisondeleyo kumfi. Ukuba oku akwenziwa, kukholelwa ukuba umfi uya kuyiporhela intsapho. Esi sithethe sibizwa ngokuthi “ukuhlanjululwa ngokwesini.” Kodwa iBhayibhile ikuchaza ‘njengohenyuzo’ nakuphi na ukuba neentlobano zesini ngaphandle komtshato. Ekubeni amaKristu efanele ‘asabe kulo uhenyuzo,’ amelana ngenkalipho neli siko lingavumelaniyo neZibhalo.—1 Korinte 6:18.

      Khawucinge ngomhlolokazi ogama linguMercy.a Xa umyeni wakhe wafayo ngowe-1989, izalamane zazifuna ahlanjululwe ngokwesini nendoda esisalamane. Wala, ecacisa ukuba eso sithethe sichasene nomthetho kaThixo. Zicaphukile, izalamane zamshiya emva kokumtyabeka ngezithuko. Emva kwenyanga zachitha umzi wakhe, zisusa amazinki ophahla lwakhe. “Uya kunyanyekelwa lunqulo lwakho,” zatsho njalo.

      Ibandla lamthuthuzela uMercy lada lamakhela nendlu entsha. Abamelwane babechukumiseke ngeyona ndlela kangangokuba abanye bagqiba kwelokuba bancedise kulo msebenzi, babekunye nomfazi ongumKatolika wenkosi owaba ngowokuqala ukuza nengca yokufulela. Ihambo yokuthembeka kaMercy yabakhuthaza abantwana bakhe. Bobane ukususela ngoko bazahlulela kuYehova uThixo, yaye kutshanje omnye ungenele iSikolo Sokuqeqesha Abalungiseleli.

      Ngenxa yesiko lokuhlambulula ngokwesini, wambi amaKristu avumele ukunyanzelwa ukuba atshate nabantu abangakholwayo. Ngokomzekelo, ekwiminyaka engama-70 ubudala omnye umhlolo ngokungxama watshata nentombazana eselula ezalana nenkosikazi yakhe efileyo. Ngesi senzo, wayezihlambulula ngokwesini. Noko ke, ikhondo elinjalo liyangqubana nesiluleko seBhayibhile sokuba amaKristu amele atshate “kuphela eNkosini.”—1 Korinte 7:39.

      Iinkonzo Zomlindo Wasebusuku

      Kumazwe amaninzi, abo bazilileyo bahlanganisana kwikhaya lomfi ukuze balinde ubusuku bonke. Kule milindo kudla ngokubakho izidlo ezikhulu nomculo ongxolayo. Kukholelwa ukuba oku kukungxengxeza kumfi yaye kukukhusela abaphilayo kubugqwirha. Abanye basenokwenza inkwalambisa bencoma umfi kuba bezicengela kuye. Emva kwentetho, nganye kusenokuculwa ingoma yonqulo ngaphambi kokuba kuphakame omnye umntu. Oku kusenokuqhubeka de kuse.b

      UmKristu wokwenene akabandakanyeki kwimilindo enjalo kuba iBhayibhile ibonisa ukuba abafi abanakunceda okanye bonzakalise abaphilayo. (Genesis 3:19; INdumiso 146:3, 4; Yohane 11:11-14) IZibhalo ziyakugweba ukusebenzelana nemimoya. (ISityhilelo 9:21; 22:15) Sekunjalo, umhlolokazi ongumKristu usenokungakwazi ukuthintela abakhuthaza ukusebenzelana nemimoya. Basenokunyanzelisa ngokwenza umlindo ekhayeni lakhe. Luluphi uncedo olunokunikelwa ngamanye amakholwa kumaKristu afelweyo ajamelene nale mbandezelo yongezelelekileyo?

      Abadala bebandla ngokufuthi bebesoloko bekwazi ukuxhasa intsapho yomKristu ofelweyo ngokuqiqa nezalamane nabamelwane. Emva kokuqiqa okunjalo, basenokuvumelana ngokulishiya ngoxolo elo khaya ukuze bahlangane kwakhona ngosuku lomngcwabo. Kodwa kuthekani ukuba abanye baqhwaya udushe? Ukuqhubeka neenzame zokuqiqa kusenokuphumela kugonyamelo. ‘Ikhoboka leNkosi akufuneki lilwe, kodwa kufuneka lihlale lizibambile phantsi kobubi.’ (2 Timoti 2:24) Ngoko ke, ukuba izalamane ngenkani ziyithabathela kuzo imicimbi, umhlolokazi ongumKristu nabantwana bakhe basenokungakwazi ukukuthintela oku. Kodwa ababi nanxaxheba nakweyiphi na inkonzo yonqulo lobuxoki eqhubekayo endlwini yabo, kuba bathobela umyalelo weBhayibhile othi: “Musani ukubotshwa edyokhweni ngokungalinganiyo kunye nabangakholwayo.”—2 Korinte 6:14.

      Lo mgaqo uyasebenza nasemngcwabeni. AmaNgqina kaYehova akabi nanxaxheba ekuculeni, ekuthandazeni okanye kwiinkqubo ezikhokelwa ngumfundisi wonqulo lobuxoki. Ukuba amaKristu angamalungu entsapho asondeleyo akubona kuyimfuneko ukuya kwinkonzo enjalo, akabi nanxaxheba.—2 Korinte 6:17; ISityhilelo 18:4.

      Iinkonzo Zomngcwabo Ezindilisekileyo

      Iinkonzo zomngcwabo eziqhutywa ngamaNgqina kaYehova aziquki izithethe zokungxengxeza kubafi. Intetho yeBhayibhile inikelwa kwiHolo yoBukumkani, kumzi wabangcwabi, kwikhaya lomfi okanye emangcwabeni. Injongo yentetho kukuthuthuzela abafelweyo ngokucacisa oko kuthethwa yiBhayibhile ngabafi nangethemba lovuko. (Yohane 11:25; Roma 5:12; 2 Petros 3:13) Kusenokuculwa ingoma esekelwe eZibhalweni, yaye kuqukunjelwe inkonzo ngomthandazo othuthuzelayo.

      Kutshanje, kuye kwaqhutywa inkonzo yomngcwabo enjalo yomnye wamaNgqina kaYehova owayengudade boNelson Mandela, umongameli woMzantsi Afrika. Emva kwenkonzo, umongameli wasibulela ngokusuka entliziyweni isithethi. Kwakukho iindwalutho neziphathamandla ezininzi. “Lo nguwona mngcwabo undilisekileyo kwendakha ndaya kuyo,” watsho omnye umphathiswa.

      Ngaba Zamkelekile Izinxibo Zokuzila?

      AmaNgqina kaYehova aba buhlungu kukufelwa ngabo abathandayo. NjengoYesu, asenokulila. (Yohane 11:35, 36) Kodwa akakugqali kuyimfuneko ukuyibonakalisa esidlangalaleni intlungu yawo ngomqondiso wangaphandle. (Thelekisa uMateyu 6:16-18.) Kumazwe amaninzi, kulindelwe ukuba abahlolokazi banxibe izinxibo zokuzila ukuze bangxengxeze kubafi. Ezi zinxibo kufuneka zinxitywe kangangeenyanga eziliqela kwanonyaka emva komngcwabo, yaye ukukhululwa kwazo iba sisihlandlo sesinye isidlo.

      Ukungabonisi mpawu zokuzila kugqalwa ikukuqumbisa umfi. Ngenxa yesi sizathu, kwimimandla yaseSwazini, iinkosi zawagxotha amaNgqina kaYehova kwimizi nakwimihlaba yawo. Noko ke, amaKristu athembeke ngolo hlobo asoloko enyanyekelwa ngabazalwana bawo bokomoya abahlala kwezinye iindawo.

      INkundla Ephakamileyo yaseSwazini yema ngakwicala lamaNgqina kaYehova, igunyazisa ukuba abuyiselwe kwimizi nakwimihlaba yawo. Kwenye imeko, umhlolokazi ongumKristu wavunyelwa ukuba ahlale kumhlaba wakhe emva kokuveza incwadi nentetho eshicilelweyo yomyeni wakhe eyayichaza ngokucacileyo ukuba umfazi wakhe umele anganxibi mpahla zokuzila. Ngenxa yoko, wakwazi ukungqina ukuba enyanisweni wayehlonela umyeni wakhe.

      Kubaluleke kakhulu ukwenza umyolelo ocacileyo wokuqhutywa komngcwabo usaphila, ngokukodwa kwiindawo ekuxhaphake amasiko angavumelaniyo neZibhalo. Khawucinge ngomzekelo kaVictor, ummi waseCameroon. Wabhala phantsi ucwangciso olwalumele lulandelwe kumngcwabo wakhe. Kwintsapho yakowabo kwakukho abantu abaninzi abahlonelwayo ababekholelwa ngokungenakujikwa kwizithethe zokuhlonela abafi, kuquka ukunqulwa kokakayi lomntu. Ekubeni uVictor wayelilungu elihlonelwayo lentsapho, wayesazi ukuba ukakayi lwakhe lwaluza kwenziwa into efanayo. Ngoko ke, wanikela imiyalelo ecacileyo ngendlela amaNgqina kaYehova ayemele awuqhube ngayo umngcwabo wakhe. Oku kwamenzela lula umhlolokazi nabantwana bakhe, yaye kwanikela ubungqina obuhle ekuhlaleni.

      Kuphephe Ukuxelisa Amasiko Angavumelaniyo NeZibhalo

      Abanye benolwazi ngeBhayibhile baye boyika ukukumela ngokuqinileyo ukwahluka kwabanye. Bephepha intshutshiso, baye bazama ukukholisa abamelwane ngokwenza ngathi benza umlindo. Ngoxa kunconyelwa ukutyelela abafelweyo njengokunikela intuthuzelo yobuqu, oku akuthethi kuthi kumele kuqhutywe inkonzo encinane ngeengokuhlwa ezingaphambi komngcwabo ekhayeni lomfi. Ukwenza oku kusenokukhubekisa abo babukeleyo, ekubeni kunokudlulisela ingcamango yokuba abo banenxaxheba abakukholelwa ngokwenene oko iBhayibhile ikuthethayo ngemeko yabafi.—1 Korinte 10:32.

      IBhayibhile ibongoza amaKristu ukuba abeke unqulo lukaThixo kwindawo yokuqala ebomini yaye alisebenzise ngobulumko ixesha lawo. (Mateyu 6:33; Efese 5:15, 16) Noko ke, kwiindawo ezithile umsebenzi webandla uye wema bhunxe kangangeveki okanye ngaphezulu ngenxa yomngcwabo. Le ngxaki ayikho eAfrika kuphela. Ngokuphathelele omnye umngcwabo, ingxelo evela eMzantsi Merika ithi: “Iintlanganiso ezintathu zobuKristu zazinabantu abambalwa gqitha. Inkonzo yasentsimini ayizange ixhaswe kangangeentsuku ezinokuba lishumi. Kwanabantu bangaphandle kwebandla nezifundo zeBhayibhile zazimangalisiwe yaye zidanile kukubona abanye babazalwana noodade bethu bebandakanyekile.”

      Kwezinye iindawo, intsapho efelweyo isenokumemela izihlobo ezimbalwa kwikhaya layo ukuze babe nesidlwana esilula emva komngcwabo. Kodwa kwimimandla emininzi yaseAfrika, amakhulu abo beze emngcwabeni babuyela kwikhaya lomfi belindele isidlo, apho kudla ngokuxhelwa izilwanyana. Bambi kwabanxulumana nebandla lobuKristu baye baxelisa eli siko, benikela ingcamango yokuba bayakholelwa kwisiko lesidlo ukuze bangxengxeze kubafi.

      Iinkonzo zomngcwabo eziqhutywa ngamaNgqina kaYehova azibeki xanduva kwabafelweyo. Ngaloo ndlela, akuyomfuneko ukwenza ilungiselelo elikhethekileyo lokuba abakhoyo banikele ngemali ukuhlangabezana neendleko zomngcwabo. Ukuba umhlolokazi osweleyo akanakukwazi ukuhlangabezana neendleko ezifunekayo, akuthandabuzeki ukuba abanye ebandleni baya kukuvuyela ukumxhasa. Ukuba uncedo olunjalo alwaneli, abadala basenokwenza ilungiselelo lokunikela ngezinto eziphathekayo kwabo bafanelekayo.—1 Timoti 5:3, 4.

      Amasiko omngcwabo akasoloko engqubana nemigaqo yeBhayibhile. Xa enjalo, amaKristu amele azimisele ukwenza ngokuvisisana neZibhalo.c (IZenzo 5:29) Nangona oku kusenokuzisa imbandezelo eyongezelelekileyo, abakhonzi bakaThixo banokuzingqina bekwazi ukuhlangabezana neemvavanyo ezinjalo ngokuphumelelayo. Bakwenza oko ngamandla kaYehova, ‘uThixo wentuthuzelo yonke,’ nangoncedo lothando lwabo bakhonza nabo nababathuthuzelayo kwimbandezelo yabo.—2 Korinte 1:3, 4.

      [Imibhalo esemazantsi]

      a Kusetyenziswe magama wambi kweli nqaku.

      b Kwezinye iintlanga nezithethe “umlindo” uba lutyelelo nje olufutshane lokuthuthuzela ofelweyo. Kusenokungabikho nto yenziwayo ingavumelaniyo neZibhalo. Bona uVukani! (wesiNgesi) kaMeyi 22, 1979, iphepha 27-8.

      c Kwiindawo apho amasiko omngcwabo asenokubangela iimvavanyo eziqatha kumKristu, abadala banokubenza abo baza kubhaptizwa bazixhobele iingxaki ezisenokuphakama. Xa behlanganisana naba batsha ukuze baxubushe imibuzo ekwincwadi ethi Ukulungelelaniselwa Ukufeza Ubulungiseleli Bethu, bamele banikele ingqalelo engakumbi kumacandelo athi: “Umphefumlo, Isono Nokufa” nelithi “Uzwelonke.” Omabini la macandelo anemibuzo eyongezelelekileyo yengxubusho. Apha ke, kulapho abadala banokunikela inkcazelo ephathelele amasiko angavumelaniyo neZibhalo khon’ ukuze lowo uza kubhaptizwa akwazi oko iLizwi likaThixo likufunayo kuye xa kunokwenzeka ajamelane neemeko ezinjalo.

      [Ibhokisi ekwiphepha 23]

      Basikelelwa Ngokuma Ngokuqinileyo

      USibongile ngumhlolokazi ongumKristu onenkalipho ohlala eSwazini. Kutshanje emva kokusweleka komyeni wakhe, wala ukulandela amasiko ekucingelwa ngabaninzi ukuba angxengxeza kubafi. Ngokomzekelo, akazange ayichebe intloko yakhe. (Duteronomi 14:1) Amalungu asibhozo entsapho acatshukiswa koku aza amcheba ngenkani. Awalela amaNgqina kaYehova ukuba eze kutyelela uSibongile ukuze amthuthuzele. Noko ke, abanye abanomdla kwisigidimi soBukumkani babekuvuyela ukumtyelela bephethe iileta zokumthuthuzela ezivela kubadala. Ngosuku ekwakulindeleke ukuba uSibongile anxibe iimpahla zokuzila, kwenzeka into emangalisayo. Ilungu lentsapho elihlonelwayo labiza intlanganiso yokuxubusha naye ngesizathu sokuba angavumelani namasiko okuzila.

      USibongile unikela le ngxelo: “Babuza enoba unqulo lwam luyandivumela kusini na ukuba ndizile ngokunxiba impahla emnyama. Emva kokucacisa ukuma kwam, bandixelela ukuba abazi kundinyanzela. Okwandothusayo kukuba bonke bacela uxolo ngokundibamba bandichebe ngenkani. Bonke bacela ukuba ndibaxolele.” Emva koko, udade boSibongile wazityand’ igila esithi amaNgqina kaYehova alunqulo lokwenyaniso, yaye wacela ukuqhutyelwa isifundo seBhayibhile.

      Khawucinge ngomnye umzekelo: Indoda ethile yaseMzantsi Afrika egama linguBenjamin yayineminyaka engama-29 ubudala ukuva kwayo ngokusweleka ngequbuliso kukayise. Ngelo xesha uBenjamin wayekuphela kweNgqina kwintsapho yakowabo. Ngexesha lenkonzo yomngcwabo, wonk’ ubani kwakulindeleke ukuba adlule ecaleni kwengcwaba aphose umhlaba phezu kwebhokisi.d Emva komngcwabo, ngokukhawuleza onke amalungu entsapho acheba. Ekubeni uBenjamin engazange abe nenxaxheba kwezi zithethe, abamelwane namalungu entsapho bathi uza kohlwaywa ngumoya kayise.

      “Kuba ndabeka ithemba lam kuYehova, akukho nto yenzekayo kum,” utsho njalo uBenjamin. Amalungu entsapho aphawula ukuba akukho nto yenzekayo kuye. Ekuhambeni kwexesha, uninzi lwawo lwaqalisa ukufunda iBhayibhile namaNgqina kaYehova yaye abhaptizwa efuzisela uzahlulelo lwawo kuThixo. Kuthekani ngoBenjamin? Wangenela umsebenzi wokushumayela ixesha elizeleyo. Kwiminyaka embalwa egqithileyo, ebenandipha ilungelo elihle lokukhonza amabandla amaNgqina kaYehova njengomveleli ohambahambayo.

      [Umbhalo osemazantsi]

      d Bambi basenokungaboni nto iphosakaleyo ngokuphosa iintyatyambo okanye isandla somhlaba engcwabeni. Noko ke, umKristu uya kukuphepha ukukwenza oku apho kujongwa njengokungxengxeza kubafi okanye kuyinxalenye yenkonzo ekhokelwa ngumfundisi wonqulo lobuxoki.—Bona uVukani! kaOktobha 8, 1977, iphepha 19, 20.

  • Intlanganiso Yonyaka Ngo-oktobha 3, 1998
    IMboniselo—1998 | Julayi 15
    • Intlanganiso Yonyaka Ngo-oktobha 3, 1998

      INTLANGANISO YONYAKA yamalungu eWatch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania iya kuqhutywa ngo-Oktobha 3, 1998, kwiHolo yeNdibano yamaNgqina kaYehova, e-2932 Kennedy Boulevard, kwisiXeko saseJersey, eNew Jersey. Intlanganiso yokuqala yamalungu kuphela iya kuqhutywa ngo-9:15 kusasa, kuze kulandele intlanganiso yonyaka kawonke wonke ngeye-10:00 kusasa.

      Amalungu oMbutho afanele azise iOfisi kaNobhala kwangoku ngako nakuphi na ukuguquka kweekhelingi zawo ebudeni bonyaka ophelileyo ukuze iileta ezithe rhoqo nezaziso kunye namaxwebhu agunyazisa ukuvotelwa ngomnye zikwazi ukufika ebudeni bukaJulayi.

      Amaxwebhu agunyazisa ukuvotelwa ngomnye, aya kuthunyelwa kumalungu kunye nesaziso sentlanganiso yonyaka, kufuneka abuyiselwe ukuze afike kwiOfisi kaNobhala woMbutho kungekhona ngemva kuka-Agasti 1. Lungu ngalinye lifanele lizalise lize libuyisele uxwebhu lokugunyazisa ukuvotelwa ngomnye ngokukhawuleza, lichaza enoba liya kubakho ngokobuqu kwintlanganiso okanye aliyi kubakho kusini na. Inkcazelo enikelwe kuxwebhu olugunyazisa ukuvotelwa ngomnye kufuneka icace kule ngongoma, ekubeni kuya kuxhonyekekwa kuyo ukubona kwangaphambili abo baya kubakho ngokobuqu.

      Kulindeleke ukuba lonke olu cwangciso, kuquka intlanganiso neengxelo ezingokwasemthethweni, luya kuqukunjelwa ngeyoku-1:00 emva kwemini okanye kamsinya emva koko. Akuyi kubakho cwangciso lwasemva kwemini. Ngenxa yokungabi nandawo yaneleyo, kuya kungenwa ngamatikiti kuphela. Akuyi kubakho malungiselelo aya kwenziwa aya kunxibelelanisa ngemfonomfono intlanganiso yonyaka nezinye iiholo.

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share