Ngaba Unokusithemba Isazela Sakho?
NGOKUQHELEKILEYO, ikhampasi sisixhobo esithembekileyo. Inaliti yaso, elawulwa yimagneti yomhlaba, ngamaxesha onke yalatha ngasentla. Ngaloo ndlela abahambi bathemba ikhampasi xa befuna ulwalathiso apho kungekho salathisi sendlela sinokubakhokela. Kodwa kuthekani xa into enemagneti ibekwe kufuphi nekhampasi? Inaliti iya kujika yalathe ngakuloo magneti kunokuba ijonge ngasentla. Xa injalo ayinakuthenjwa njengesalathiso.
Kunokwenzeka into efanayo nakwisazela somntu. UMdali wasenza sanesi siphiwo ukuze sibe nesalathisi esinokuthenjwa. Ekubeni senziwe ngokomfanekiselo kaThixo, isazela simele sisoloko sisalathisa kwicala elilungileyo ngalo lonke ixesha xa sifuna ukwenza izigqibo. Simele sisishukumisele ukuba sibonakalise imilinganiselo kaThixo yokuziphatha. (Genesis 1:27) Ngokufuthi, senjenjalo. Ngokomzekelo, umpostile ongumKristu uPawulos wabhala wathi nabo bangawaziyo umthetho kaThixo otyhiliweyo “benza ngemvelo izinto zomthetho.” Ngoba? Ngenxa yokuba “isazela sabo singqinelana nabo.”—Roma 2:14, 15.
Noko ke, isazela asisoloko sisikhalimela xa kufuneka senjenjalo. Ngenxa yokungafezeki kwethu, sityekele ekwenzeni izinto esizaziyo ukuba ziphosakele. “Ngokwenene ndiyayoliswa ngumthetho kaThixo ngokomntu endinguye ngaphakathi,” wavuma uPawulos, “kodwa ndibona omnye umthetho emalungwini am usilwa ngokunxamnye nomthetho wengqondo yam yaye undikhokelela ndithinjiwe kumthetho wesono osemalungwini am.” (Roma 7:22, 23) Ukuba sisoloko sizivumela iingcamango ezingalunganga, izazela zethu ngokuthe ngcembe zingaba buthuntu yaye ekugqibeleni ziyeke ukusixelela ukuba ukuziphatha okunjalo kuphosakele.
Noko ke, phezu kwako nje ukungafezeki, sinokuzivumelanisa izazela zethu nemilinganiselo kaThixo. Eneneni, kubalulekile ukuba senjenjalo. Isazela esicocekileyo, nesiqeqeshwe kakuhle asisikhokeleli nje kuphela ekubeni sibe nobuhlobo obusenyongweni noThixo kodwa sibalulekile ukuze sisindiswe. (Hebhere 10:22; 1 Petros 1:15, 16) Ngapha koko, isazela esilungileyo siya kusinceda senze izigqibo ngobulumko ebomini, eziya kusikhokelela eluxolweni naselonwabeni. Umdumisi wathi ngomntu onesazela esinjalo: ‘Umyalelo woThixo wakhe usentliziyweni yakhe; akayi kuhexa amanyathela akhe.’—INdumiso 37:31.
Ukuqeqesha Isazela
Ukuqeqesha isazela kuquka okungaphezu kokucengceleza uludwe lwemithetho uze emva koko uyithobele ngokungqongqo. Oko koko kwenziwa ngabaFarisi bomhla kaYesu. Ezi nkokeli zonqulo zaziwazi uMthetho yaye zaziyile isithethe esineenkcukacha, zicinga ukuba ziya kunceda abantu bakuphephe ukuvukela uMthetho. Ngalo ndlela, zakhawuleza ukuqhankqalaza xa abafundi bakaYesu bakha baza badla izikhwebu zengqolowa ngeSabatha. Yaye zamcel’ umngeni uYesu xa waphilisa isandla sendoda esasomile ngeSabatha. (Mateyu 12:1, 2, 9, 10) Zombini ezi zenzo, ngokutsho kwesithethe sabaFarisi, zazibonisa ukuvukelwa komthetho wesine.—Eksodus 20:8-11.
Licacile elokuba, abaFarisi babewufundile uMthetho. Kodwa ngaba izazela zabo zazivumelana nemilinganiselo kaThixo? Unotshe! Kaloku, kungekudala emva kokuhlaba amadlala oko babecinga ukuba kukuvukela umthetho weSabatha, abaFarisi bamceba uYesu “ukuze bamtshabalalise.” (Mateyu 12:14) Khawufan’ ucinge—ezi nkokeli zonqulo zizenza amalungisa zivus’ umnyele ngkutyiwa kwezikhwebu ezisandul’ ukukhiwa nangokuphilisa ngeSabatha; kodwa azinasazela ngokuceba ukufa kukaYesu!
Umbingeleli omkhulu ngokufanayo unale ngcinga igqwethekileyo. La madoda anganyanisekanga akazange azive enetyala xa anika uYudas ama-30 amaqhosha esilivere kwimali yetempile ukuze angcatshe uYesu. Kodwa xa uYudas ngokungalindelekanga wayibuyisa loo mali, eyilahla etempileni, izazela zababingeleli zajamelana nengxaki engokomthetho. Athi: “Akukho mthethweni ukuwaphosa [amaqhosha emali] kwindawo engcwele yokugcina ubuncwane, ngenxa yokuba alixabiso legazi.” (Mateyu 27:3-6) Kubonakala ukuba ababingeleli abakhulu babenexhala lokuba imali kaYudas ngoku yayingasahlambulukanga. (Thelekisa iDuteronomi 23:18.) Sekunjalo, kwala madoda akazange abone nto ityhulu ekuchitheni imali ukuze athenge lowo wayeza kungcatshwa uNyana kaThixo!
Ukuzivisisanisa Neengcinga ZikaThixo
Le mizekelo ingasentla ibonisa ukuba ukuqeqesha isazela kufuna okungaphezu kokuzalisa ingqondo ngoluhlu lwezinto esimele sizenze nezo singamele sizenze. Kuyavunywa ukuba, ulwazi ngemithetho kaThixo lubalulekile, yaye ukuyithobela kubalulekile ukuze sizuze usindiso. (INdumiso 19:7-11) Noko ke, ukongezelela ekufundeni imithetho kaThixo, intliziyo yethu ifanele ivisisane neengcinga zikaThixo. Siya kwandula ke sizaliseke isiprofeto sikaYehova ngoIsaya, esithi: “Amehlo akho esababona abayali bakho [uMyaleli Ozukileyo, NW] iindlebe zakho zive ilizwi ngasemva kwakho, lisithi, Nantsi indlela; hambani ngayo, nokuba nisinga ekunene, nokuba nisinga ekhohlo.”—Isaya 30:20, 21; 48:17.
Kakade ke, oku akuthethi ukuba xa sijamelene nesigqibo esinzulu, ilizwi lokoqobo liya kusixelela oko simele sikwenze. Sekunjalo, xa ukucinga kwethu kuvisisana nokukaThixo ngezinto, isazela sethu siya kuxhotyiselwa ngakumbi ukwenza izigqibo eziya kumvuyisa yena.—IMizekeliso 27:11.
Khawucinge ngoYosefu, owayephila ngenkulungwane ye-18 B.C.E. Xa umfazi kaPotifare wambongoza ukuba akrexeze naye, uYosefu wala, esithi: “Ndingathini na ke ukwenza obu bubi bukhulu kangaka, ndone kuThixo?” (Genesis 39:9) Ngemihla kaYosefu, kwakungekho mthetho ubhaliweyo ovela kuThixo okwalelayo ukukrexeza. Ngapha koko, uYosefu wayehlala eYiputa, kude lee nengqeqesho yasekhaya okanye imithetho yoosolusapho. Ngoko ke, yintoni eyanceda uYosefu wakwazi ukuxhathisa esi silingo? Ngeliphandle, yayisisazela sakhe esiqeqeshiweyo. UYosefu wamkela imbono kaThixo yokuba umfazi nendoda kwakufuneka babe “nyama-nye.” (Genesis 2:24) Wabona ukuba kwakuphosakele ukuthabatha umfazi wenye indoda. Ukucinga kukaYosefu kwakuvisisana nokucinga kukaThixo kulo mbandela. Ukukrexeza kwakuchasene nendlela aziphethe ngayo.
Namhlanje, bambalwa abantu abanjengoYosefu. Ukuziphatha okubi ngokwesini kuxhaphakile, yaye abaninzi abaziva benembopheleleko yokuziphatha ngokucocekileyo phambi koMdali wabo, okanye kwanakumaqabane abo. Imeko ifana kanye naleyo ichazwe kwincwadi kaYeremiya: “Akukho bani uzohlwayayo ngeento zakhe ezimbi, athi, Yintoni na le ndiyenzileyo? Bonke bephela babuyela ekugidimeni kwabo, njengehashe lifunzela emfazweni.” (Yeremiya 8:6) Ngaloo ndlela, kukho imfuneko engakumbi kunangaphambili kuthi yokuba sizivisisanise nokucinga kukaThixo. Sinelungiselelo elizukileyo lokusinceda senze oko.
Uncedo Ekuqeqesheni Isazela
IZibhalo eziphefumlelweyo ‘ziyingenelo ekufundiseni, ekohlwayeni, ekubekeni izinto ngokuthe tye, ekuqeqesheleni ebulungiseni, ukuze umntu kaThixo afaneleke ngokuzeleyo, ewuxhobele ngokupheleleyo wonke umsebenzi olungileyo.’ (2 Timoti 3:16, 17) Ukufundisisa iBhayibhile kuya kusinceda sikuqonde oko iBhayibhile ikubiza ngokuba ‘ngamandla okuqonda,’ ukuze sikwazi ukwahlula okulungileyo kokubi. (Hebhere 5:14) Kuya kusinceda sihlakulele uthando ngezinto uThixo azithandayo size sizicekise izinto azithiyileyo.—INdumiso 97:10; 139:21.
Ngoko ke, injongo yesifundo seBhayibhile, kukufumana intsingiselo yokwenene nokubaluleka kwenyaniso kunolwazi nje lweenkcukacha. Kwinkupho kaMatshi 1, 1977, IMboniselo yathi: “Kufundisiso lwethu lweZibhalo sifanele sizabalazele ukubamba imvo yokusesikweni kukaThixo, uthando nobulungisa size sizimisele ngokunzulu ezintliziyweni zethu ukuze ngokungakumbi zibe yinxalenye yethu njengokudla nokuphefumla. Sifanele ngokungakumbi sizame ukuyiphaphela imvo yembopheleleko yokuziphatha ngokuhlakulela ukuqonda okunyamekileyo kokulungileyo nokubi. Ukongezelela koku, sifanele senze isazela sethu sivakalelwe kabukhali ngembopheleleko yaso kuMniki-mthetho noMgwebi ofezekileyo (Isa 33:22) Njalo ngoxa sifunda izinto ngoThixo, sifanele sizame ukumxelisa kwinkalo nganye yobomi.”
Ukuzuza “Ingqondo KaKristu”
Kwakhona ukufundisisa iBhayibhile kuya kusinceda sizuze “ingqondo kaKristu,” imbonakaliso yokuba nentobelo nokuthobeka eyabonakaliswa nguYesu. (1 Korinte 2:16) Wayekuvuyela ukwenza ukuthanda kukaYise, ingekuko nje ukulandela ikhondo lemihla ngemihla, ngaphandle kokucinga. Isimo sakhe sengqondo sachazwa ngala mazwi esiprofeto nguDavide, owabhala wathi: “Ukwenza okulikholo kuwe, Thixo wam, ndikunanzile; nomyalelo wakho usezibilinini zam ngaphakathi.”a—INdumiso 40:8.
Ukuzuza “ingqondo kaKristu” kubalulekile ekuqeqesheni isazela. Xa wayesemhlabeni njengomntu ofezekileyo, uYesu wabonisa impawu zikaYise nobuntu bakhe ngokuzeleyo ngokuphathelele iintsilelo zabantu. Ngaloo ndlela, wayenokuthi: “Lowo undibonileyo mna umbonile kwanoBawo.” (Yohane 14:9) Kuzo zonke iimeko awajamelana nazo emhlabeni, uYesu wenza kanye oko uYise wayefuna akwenze. Ngoko ke, xa sifundisisa ngobomi bukaYesu, siyiqonda ngakumbi indlela ayiyo uYehova uThixo.
Sifunda ukuba uYehova ‘unemfesane, unobabalo, uzeka kade umsindo, mninzi ngenceba nangenyaniso.’ (Eksodus 34:6) Ngamaxesha onke, uYesu wabonakalisa ezi mpawu xa wayeqhubana nabapostile bakhe. Xa ngokuphindaphindiweyo babephikisana ngoyena mkhulu, uYesu ngomonde wabafundisa ngelizwi nangomzekelo esithi “nabani na ofuna ukuba mkhulu phakathi kwenu umele abe ngumlungiseleli wenu, yaye nabani na ofuna ukuba ngowokuqala phakathi kwenu umele abe likhoboka lenu.” (Mateyu 20:26, 27) Lo ngomnye umzekelo obonisa ukuba sinokuzivisisanisa neengcinga zikaThixo ngokuhlolisisa ubomi bukaYesu.
Okukhona sifunda ngoYesu, kokukhona siya kuxhotyiselwa ngakumbi ukuxelisa uBawo wethu osezulwini, uYehova. (Efese 5:1, 2) Isazela esivisisana neengcinga zikaThixo siya kusikhokelela kwicala elilungileyo. UYehova uthembisa abo bakholose ngaye esithi: “Ndiya kukuqinisa ndikuyalele indlela owohamba ngayo: Ndiya kukucebisa, iliso lam likuwe.”—INdumiso 32:8.
Ukungenelwa Kwisazela Esiqeqeshiweyo
Ebazi ubugwenxa babantu abangafezekanga, uMoses walumkisa amaSirayeli: “Wabekeleni iintliziyo zenu onke amazwi endiwangqinayo kuni namhla, eniya kuwamisela koonyana benu, ukuba bagcine ukuwenza onke amazwi alo myalelo.” (Duteronomi 32:46) Nathi simele siyibhale imithetho kaThixo ezintliziyweni zethu. Ukuba senjenjalo, isazela sethu siya kusalathisela kumanyathelo esimele siwathabathe size sisincede senze izigqibo ezilungileyo.
Kakade ke, simele silumke. Umzekeliso weBhayibhile uthi: “Kukho indlela ethe tye phambi komntu, ukanti ukuphela kwayo ziindlela zokufa.” (IMizekeliso 14:12) Kutheni ngokufuthi oku kuyinyaniso? Kungenxa yokuba, njengokuba iBhayibhile ikubeka: “Intliziyo inenkohliso ngaphezu kweento zonke, isisifo esibi; ngubani na onokuyazi?” (Yeremiya 17:9) Ngoko ke, kukho imfuneko yokuba sonke siphulaphule isibongozo esikwiMizekeliso 3:5, 6 esithi: “Kholosa ngoYehova ngentliziyo yakho yonke, ungayami okwakho ukuqonda. Uze umazi yena ezindleleni zakho zonke; wowulungelelanisa umendo wakho.”
[Imibhalo esemazantsi]
a Kwincwadi yakhe eyayisiya kumaHebhere, umpostile uPawulos wasebenzisa amazwi eNdumiso yama-40 kuYesu Kristu.—Hebhere 10:5-10.
[Umfanekiso okwiphepha 7]
Njengekhampasi, isazela esiqeqeshwe ngeBhayibhile sinokusalathisa kwicala elilungileyo
[Inkcazelo]
Compass: Courtesy, Peabody Essex Museum, Salem, Mass.