-
Isizathu Sokuba Babhenele KugonyameloIMboniselo—1998 | Novemba 1
-
-
okanye kwezine kumabonwakude ilusebenzisa ukuze yonwabise abantwana bethu. Kaloku ngoku asisaluqwabazeli liso nje kuphela! Bantakwethu, siyaluthanda.”
Izifundo zenzululwazi zakutshanje zibonisa ukuba imo yengqondo nemeko-bume inegalelo elikhulu kubundlobongela babantu. UGqr. Markus J. Kruesi weUniversity of Illinois Institute for Juvenile Research uthi: “Iya isithi thaa kuthi into yokuba iimeko ezinobungozi abachanabeke kuzo abantwana abaninzi, enyanisweni, zibangela ukwanda kogonyamelo. Ngokwenene iimeko ezibangelwa ziziganeko ezithile zidala utshintsho kwiimolekyuli zobuchopho nto leyo edala ukuba abantu benze izinto abangazicinganga.” Incwadi ethi Inside the Brain ithi iimeko ezinjalo “ezinjengokuwohloka kweentsapho, ukwanda kweentsapho ezinomzali omnye, ubuhlwempu obuqhubekayo, nokusetyenziswa kakubi kweziyobisi kunokuyenzakalisa kanobom ingqondo kuze kuyenze ibe ndlongondlongo—into ekwakha kwacingwa ukuba ayinakuze yenzeke.”
Kuthiwa iinguqulelo ezenzeka engqondweni ziquka ukuhla kweserotonin, umchiza wengqondo ekukholelwa ukuba ulawula ubundlongondlongo. Izifundo zibonisa ukuba utywala busenokuyihlisa iserotonin engqondweni, nto leyo efika ixhase abenzululwazi xa benxibelelanisa ugonyamelo nokusetyenziswa kakubi kotywala.
Sekunjalo kukho enye inkalo enegalelo kulwando logonyamelo namhlanje. “Khumbula,” ilumkisa ngelitshoyo incwadi yesiprofeto enokuthenjwa, iBhayibhile, ukuba “kuya kubakho amaxesha anzima ngemihla yokugqibela. Abantu baya kuzingca, babawe, baqhayise, yaye babe nekratshi; . . . abayi kuba nabubele, abayi kuba nanceba, baya kuba ngabahlebi, babe nogonyamelo, yaye babe neengcwangu; baya kukuthiya ukulunga; babe ngabangcatshi, bangakhathali, bakhukhumale likratshi, . . . Yahlukana nabantu abanjalo.” (2 Timoti 3:1-5, Today’s English Version) Ewe, ugonyamelo esilubonayo namhlanje kukuzaliseka kwesiprofeto seBhayibhile ‘esingemihla yokugqibela.’
Kukho nenye into ebangela ukuba eli xesha libe lelinogonyamelo ngokukhethekileyo. IBhayibhile ithi: “Yeha kuwo umhlaba nakulo ulwandle, ngenxa yokuba uMtyholi uhlile weza kuni, enomsindo omkhulu, esazi ukuba unesihlandlo esifutshane sexesha.” (ISityhilelo 12:12) UMtyholi nehlokondiba leedemon baye bakhutshelwa ngaphandle kwamazulu yaye ngoku wonke umsindo abanawo bawukhuphela eluntwini. ‘Njengomphathi wegunya lomoya,’ uMtyholi usebenzisa “umoya ngoku osebenza koonyana bokungathobeli,” ebangela umhlaba ube yeyona ndawo inogonyamelo olwandayo.—Efese 2:2.
Ngoko ke, namhlanje sinokuwunyamezela njani lo “moya” wehlabathi unogonyamelo? Yaye sinokuzizinzisa njani iimbambano ngaphandle kogonyamelo?
-
-
Indlela Yokucombulula Iingxaki NgoxoloIMboniselo—1998 | Novemba 1
-
-
Indlela Yokucombulula Iingxaki Ngoxolo
UGONYAMELO lwabakho ebantwini kwamhlamnene. IBhayibhile iluchaza ugonyamelo njengolususela emva phayaa kuKayin, umkhuluwa ka-Abheli nenkulu yesibini sokuqala esingabantu. Xa uThixo wakholiswa ngumnikelo ka-Abheli ngaphezu kowakhe, uKayin “waqumba kunene.” Wayisingatha njani loo meko? “Wesuka uKayin wamvunukela uAbheli umninawa wakhe, wambulala.” Kamva, wazifumana esengxakini enkulu noThixo. (Genesis 4:5, 8-12) Ugonyamelo aluzange luyicombulule ingxaki yokuma okubi kukaKayin noMdali wakhe.
Sinokuliphepha njani ikhondo likaKayin lokubhenela emsindweni xa sifuna ukucombulula iingxaki?
Ukunyamezela Endaweni Yokugonyamela
Khawucinge nje ngendoda ethile eyabukela ukubulawa kukaStefano, umfeli-nkolo wokuqala ongumKristu. (IZenzo 7:58; 8:1) Le ndoda, uSawule waseTarso, yayingavumelani nonqulo lukaStefano ibe yaxhasa indlela yogonyamelo yokumbulala njengefanelekileyo yokuyekisa uStefano kwimisebenzi yakhe. Kuyavunywa ukuba, uSawule usenokuba wayengenagonyamelo kuyo yonke into ayenzayo. Sekunjalo wayekulungele ukwamkela ugonyamelo njengendlela yokucombulula iingxaki. Ngokukhawuleza nje emva kokufa kukaStefano, uSawule “waqalisa ukuqhubana ngokuneengcwangu nebandla [lamaKristu]. Engenela izindlu ngezindlu yaye, erhuqela phandle kokubini amadoda nabafazi, wayeye abanikele entolongweni.”—IZenzo 8:3.
Ngokutsho komphengululi weBhayibhile uAlbert Barnes, igama lesiGrike apha eliguqulelwe ngokuthi “ukuqhubana ngokuneengcwangu” libonisa intlekele edla ngokubangelwa zizilwanyana ezinobundlobongela, ezinjengeengonyama neengcuka. UBarnes uthi: “USawule wayidlakazelisa icawa njengerhamncwa lasendle—nto leyo eyibonisa ngokucacileyo inzondelelo nomsindo awayesiba nawo xa wayetshutshisa.” Xa uSawule wayesiya eDamasko eye kuqokelela abalandeli abangakumbi bakaKristu, ‘wayesabafuthela ngesisongelo nobugebenga abafundi beNkosi [uKristu].’ Xa wayesendleleni, uYesu ovusiweyo wathetha naye, yaye oku kwaphumela ekubeni uSawule aguqukele ebuKristwini.—IZenzo 9:1-19.
Emva kokuguquka, uSawule wayitshintsha indlela awayeqhubana ngayo nabanye. Isiganeko esenzeka kwiminyaka eli-16 emva koko salubonisa olo tshintsho. Iqela labantu leza kwibandla lakowabo eAntiyokwe laza labongoza amaKristu awayelapho ukuba athobele uMthetho kaMoses. “Akuzange kubekho mpikiswano.” USawule, ngoku owayesaziwa ngokuba nguPawulos, wathabatha icala kuloo ngxwabangxwaba. Kubonakala ukuba, kwabakho ingxoxo eshushu. Kodwa uPawulos akazange abhenele kugonyamelo. Kunoko, wavumelana nesigqibo sebandla sokuba lo mbandela usiwe kubapostile nakubadala bebandla laseYerusalem.—IZenzo 15:1, 2.
EYerusalem kwaphinda “kwabakho ukuphikisana okukhulu” kwintlanganiso yabadala. UPawulos walinda de “inkitha iphela yathi cwaka” waza wanikela ingxelo ngendlela emangalisayo osebenza ngayo umoya kaThixo kumakholwa angolukanga. Emva kwengxubusho engokweZibhalo, abapostile nabadala baseYerusalem ‘bafikelela kwisivumelwano ngamxhelo mnye’ sokuba bangawathwalisi uxanduva ngokungeyomfuneko amakholwa angolukanga kodwa bawabongoze ukuba ‘athi gqolo ekhwebuka kwizinto ezibingelelwe kwizithixo nasegazini nakwizinto ezikrwitshiweyo nakuhenyuzo.’ (Zenzo 15:3-29) Enyanisweni, uPawulos waguquka. Wafunda ukuzinzisa iimbambano ngaphandle kogonyamelo.
Ukuhlangabezana Notyekelo Lokuba Nogonyamelo
Kamva uPawulos wabongoza esithi: “Ikhoboka leNkosi akufuneki lilwe, kodwa kufuneka lithantamise kubo bonke, likufanelekele ukufundisa, lihlale lizibambile phantsi kobubi, libayalela ngobulali abo bangenalutyekelo luhle.” (2 Timoti 2:24, 25) UPawulos wabongoza uTimoti, umveleli owayeselula, ukuba acombulule iingxaki ezinzima ngokuzolileyo. Oko kwakuthethwa nguPawulos kwakusengqiqweni. Wayesazi ukuba nawo amaKristu ayeneemvakalelo. (IZenzo 15:37-41) Ngesizathu esiqondakalayo, wawaluleka esithi: “Qumbani, ukanti ningoni; malingatshoni ilanga nikwimo yokucaphuka.” (Efese 4:26) Ukulawula umsindo ngaphandle kokuwugqabhuza ngokungalawulekiyo kuyindlela elungileyo yokuhlangabezana neemvakalelo ezinjalo. Kodwa kunokwenziwa njani oku?
Namhlanje, akulula ukulawula umsindo. UGqr. Deborah Prothrow-Stith, isekela lomphathi wesebe elithile lezifundo eHarvard School of Public Health wathi: “Ukuba nolunya kuxhaphakile. Eneneni iindlela zokuqhubana kakuhle—ukuthethathethana, ukuyekelela, ukuba novelwano nokuxolela—zidla ngokunxulunyaniswa nezinyabi.” Ukanti, ezo zezona mpawu zilungileyo, zibaluleke ngakumbi ekulawuleni utyekelo lokuba nogonyamelo olusenokukhula ngaphakathi kuthi.
Emva kokuba ngumKristu, uPawulos wafunda indlela yokuqhubana nabantu abaneembono ezahlukileyo. Yayisekelwe kwiimfundiso zeBhayibhile. Njengomphengululi owayefundele ubuYuda, uPawulos wayeqhelene neZibhalo zesiHebhere. Kusenokuba wayezazi izibhalo ezifana nesithi: “Musa ukuyimonela indoda egonyamelayo, unganyuli nanye kwiindlela zayo.” “Ozeka kade umsindo ulunge ngaphezu kwegorha; okulawulayo ukufutha kwakhe ulunge ngaphezu kothimba umzi.” “Ngumzi otyhoboziweyo, ongenaludonga, indoda engenakuzibamba umoya wayo.” (IMizekeliso 3:31; 16:32; 25:28) Sekunjalo, olo lwazi aluzange lumthintele uPawulos, ngaphambi kokuguquka kwakhe, ekubeni agonyamele amaKristu. (Galati 1:13, 14) Kodwa yintoni eyanceda uPawulos, njengomKristu, ukuba akwazi ukucombulula iingxushungxushu ngokuqiqa nangokweyisela kunokusebenzisa ugonyamelo?
UPawulos wasithela thsuphe xa wathi: “Yibani ngabaxelisa mna, kwananjengoko nam ndingoxelisa uKristu.” (1 Korinte 11:1) Wakuxabisa gqitha oko wayekwenzelwe nguYesu Kristu. (1 Timoti 1:13, 14) Walandela emanyathelweni kaKristu. Wayeyazi indlela uYesu awabandezeleka ngayo ngenxa yoluntu olunesono. (Hebhere 2:18; 5:8-10) UPawulos wangqina ukuba isiprofeto sikaIsaya esingoMesiya sazaliseka kuYesu: “Wakhandaniswa, wazithoba, engawuvuli umlomo wakhe, njengemvana esiwa ekuxhelweni; nanjengegusha esisidenge phambi kwabachebi bayo, akawuvula umlomo wakhe.” (Isaya 53:7) Umpostile uPetros wabhala: “Xa [uYesu] wayetshabhiswa, akazange aphindise atshabhise. Xa wayebandezeleka, akazange asongele, kodwa wahlala ezinikele kulowo ugweba ngobulungisa.”—1 Petros 2:23, 24.
Uxabiso lukaPawulos ngendlela uYesu Kristu awajamelana ngayo naloo meko ibuhlungu lwamshukumisela ukuba atshintshe. Wakwazi ukubongoza abo wayekholwa nabo esithi: “Qhubekani ninyamezelana yaye nixolelana ngesisa ukuba nabani na unonobangela wokukhalazela omnye. Kwananjengoko noYehova wanixolela ngesisa, yenzani njalo nani.” (Kolose 3:13) Ukuvuma imfuneko yokungabi nalo ugonyamelo akwanele. Ukuxabisa oko uYehova noYesu Kristu basenzele kona kusishukumisela ukuba soyise utyekelo lokuba nogonyamelo.
Ngaba Kunokwenzeka?
Enye indoda yaseJapan yayifuna kanye ukhuthazo olunjalo ukuba namandla. Uyise, owayelijoni nowayecaphuka msinya, wayeyigonyamela intsapho yakhe. Ngenxa yokuba yayilixhoba logonyamelo yaye ibona unina ejamelene nemeko efanayo, le ndoda yalandela ekhondweni nayo. Yayiphatha amakrele amabini esamurai awayengalingani ngobude eyayiwasebenzisa ukucombulula iingxaki nokugrogrisa abantu.
Xa umfazi wayo waqalisa ukufundisisa iBhayibhile, yayihlala nje iphulaphule inganikeli ngqalelo ingako. Noko ke, emva kokufunda incwadana ethi “Ezi Ndaba Zilungileyo ZoBukumkani,”a yaguquka. Kwakutheni? Iphendula ithi: “Xa ndafunda ingxubusho ephantsi komxholwana othi, ‘uKristu Yesu’ nothi ‘Intlawulelo,’ ndaziva ndineentloni. Nangona ndandiphila ubomi obutenxileyo, ndandisakuthanda ukuba nobubele kwabo ndivana nabo. Ndandikuthanda ukonwabisa abahlobo bam ukuba nje oko kwakungayi kuphazamisana nobomi bam. Kodwa uNyana kaThixo, uYesu, wayekulungele ukuncamela abanye abantu ubomi bakhe, kuquka abo bafana nam. Ndakhwankqiswa, ndada ndangathi ndibethwe ngehamile.”
Le ndoda yabalahla abahlobo bayo bangaphambili yaza kungekudala yabhalisa kwiSikolo Sobulungiseleli SobuThixo kwibandla lamaNgqina kaYehova. Esi sikolo sinceda abo babhalisileyo ukuba babe nobuchule bokufundisa iBhayibhile kwabanye. Esi sikolo sayinceda le ndoda yanolwazi olungakumbi. Ikhumbula oku: “Xa ndandiselula, ndandiye ndibhenele ekusongeleni nakugonyamelo ngenxa yokuba ndandingakwazi ukubaxelela abanye indlela endivakalelwa ngayo. Njengoko ndandifunda indlela yokudlulisela iingcamango zam kwabanye, ndaqalisa ukuqiqa nabo kunokuba ndibhenele kugonyamelo.”
Ngaba njengoPawulos, iye yayenza indlela kaKristu yaba yeyayo? Ukholo lwayo lwavavanywa xa owayesakuba ngumhlobo wayo eyayenze naye isifungo sokuba ngamaphuth’ ahlathinye wazama ukuyiyekisa ekubeni ibe ngumKristu. Lo “mhlobo” wayibetha waza wagculela noThixo wayo, uYehova. Le ndoda eyayifudula inogonyamelo yakwazi ukuzilawula yaza yaxolisa ngokungakwazi ukusigcina isifungo. Edanile, “umntakwabo” wamshiya.
Ngokoyisa utyekelo lwayo lokuba nogonyamelo, le ndoda eyayifudula inomsindo iye yafumana abazalwana noodadewabo bokomoya, abamanyaniswe luthando ngoThixo nommelwane. (Kolose 3:14) Eneneni, kwiminyaka engaphezu kwama-20 ingumKristu ozahluleleyo, sithetha nje ikhonza njengomveleli ohambahambayo wamaNgqina kaYehova. Olunjani uvuyo eyaba nalo xa yakwazi ukubonisa ngokusuka eBhayibhileni ukuba abantu abaneengcwangu banokufunda ukucombulula iingxaki ngaphandle kogonyamelo njengokuba yafundayo! Yaye elinjani ilungelo enalo lokukhangela phambili kwinzaliseko ezukileyo yamazwi esiprofeto athi: “Ezo zinto aziyi kwenza bubi, aziyi konakalisa ezintabeni zam zonke ezingcwele; ngokuba ilizwe liya kuzala kukwazi uYehova, njengamanzi egubungele ulwandle”!—Isaya 11:9.
Njengompostile uPawulos nale ndoda eyayifudula inogonyamelo, nawe unokufunda ukusingatha iimeko ezicaphukisayo, ucombulule iingxaki ngoxolo. AmaNgqina kaYehova akwindawo ohlala kuyo aya kuvuyela ukukunceda.
[Imibhalo esemazantsi]
a Ipapashwe yiWatch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 5]
Oko kwakuthethwa nguPawulos kwakusengqiqweni. Wayesazi ukuba kunokubakho iimbambano ezishushu kwanaphakathi kwebandla lamaKristu
[Umfanekiso okwiphepha 7]
Ukuxabisa oko uThixo asenzele kona kubangela kubekho uxolo
-