IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w98 11/15 iphe. 28
  • Lulumkele Unaniselwano Ngamalungelo Enkonzo!

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Lulumkele Unaniselwano Ngamalungelo Enkonzo!
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova
w98 11/15 iphe. 28

Lulumkele Unaniselwano Ngamalungelo Enkonzo!

USIMON waseSamariya wayegqalwa njengesihandiba kwindawo awayehlala kuyo. Wayephila kwinkulungwane yokuqala yeXesha lethu Eliqhelekileyo, yaye abantu babemothululel’ umnqwazi ngenxa yobugqi awayenabo bokwenza imilingo kangangokuba babesithi ngaye: “Lo mntu ungaMandla kaThixo, anokubizwa ngokuthi Makhulu.”—IZenzo 8:9-11.

Noko ke, emva kokuba uSimon engumKristu obhaptiziweyo, waphawula amandla amakhulu ngakumbi kunalawo wayenawo. Ngamandla awayejizekwe abapostile bakaYesu, nto leyo eyayibenza bakwazi ukudlulisela kwabanye izipho ezingummangaliso zomoya oyingcwele. USimon wayechukumiseke kangangokuba wabathembisa ngokubanika imali abapostile ebacela esithi: “Nam ndinikeni eli gunya, ukuze nabani na lowo ndibeke izandla zam phezu kwakhe amkele umoya oyingcwele.”—IZenzo 8:13-19.

Umpostile uPetros wamkhalimela uSimon, esithi: “Ngamana isilivere yakho ingabhanga kunye nawe, ngenxa yokuba ubucinga ukufumana isipho sesisa sikaThixo ngemali. Akunanxalenye ungenalo naqashiso kulo mbandela, kuba intliziyo yakho ayithanga tye emehlweni kaThixo.”—IZenzo 8:20, 21.

Ngokusuka kule ngxelo yeBhayibhile kwavela igama elithi “simony,” eliye lachazwa ‘njengesono sokunaniselana ngamalungelo enkonzo.’ INew Catholic Encyclopedia iyavuma ukuba ngokukodwa ukususela kwinkulungwane yesi-9 ukusa kweye-11 “unaniselwano ngamalungelo ecawa lwalugqugqisile kwimizi yoonongendi, kubefundisi, koobhishophu nakoopopu.” IThe Encyclopædia Britannica (1878) yohlelo lwesithoba ithi: “Xa efunda imbali ngokubekwa kooPopu umfundi ushiyeka eqonda ukuba akukho nyulo apho kungazange kunaniswe ngesikhundla secawa, ngoxa kumaxesha amaninzi gqitha unaniselwano ngezikhundla zecawa lwaluqatsele xa kunyulwa upopu, inkoliso yabo babengenazintloni ngaloo nto, ibe inkoliso ingakufihli oko.”

AmaKristu okwenyaniso namhlanje amele akulumkele ukunaniselana ngamalungelo enkonzo. Ngokomzekelo, bambi basenokubazukisa ngokugqithiseleyo okanye babaphe izipho abo banokubanika amalungelo ongezelelekileyo. Kwelinye icala, abo banokunikela ngaloo malungelo basenokubathanda abo banako—yaye basoloko benqwenela—ukubanika izipho. Zombini ezi meko zibandakanya ukunaniselana ngamalungelo enkonzo, yaye iZibhalo ziyaligweba ikhondo elinjalo. UPetros wabongoza uSimon wathi: “Guquka, ke ngoko, kobu bubi bakho, uze ukhunge kuYehova ukuze, ukuba kunokwenzeka, ulixolelwe eli cebo [“eli qhinga lakho,” New Jerusalem Bible] lentliziyo yakho; kuba ndiyabona ukuba uyinyongo enetyhefu nomxokelelwane wentswela-bulungisa.”—IZenzo 8:22, 23.

Okuvuyisayo kukuba, uSimon wabubona ubunzulu bomnqweno wakhe ophosakeleyo. Wabacela abapostile esithi: “Nina, ndenzeleni isikhungo kuYehova ukuze ndingafikelwa nanye yezo zinto niye nazitsho.” (IZenzo 8:24) Enikela ingqalelo kwesi sifundo sibalulekileyo sikule ngxelo, amaKristu okwenene azabalazela ukuphepha naluphi na uhlobo lokunaniselana ngamalungelo enkonzo.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share