-
Kutheni Umele Ube Nombulelo?IMboniselo—1998 | Februwari 15
-
-
Ngokomzekelo, omnye umbhali wabuza lo mbuzo: “Ukuba umtshakazi uye wanalo ithuba lokubhala izimemo zomtshato ezingama-200, kutheni engenakukwazi ukufumana ithuba lokubhala amaphetshana okuthi enkosi ngezipho ezili-163 azifumeneyo?” Ngokufuthi abantu abaninzi abakwazi ukusebenzisa igama nje elilula elithi “enkosi.” Umbulelo uye uthatyathelwa indawo sisimo sengqondo sokuthi ndim kuqala. Le meko yenye yeenkalo ezibonisa imihla yokugqibela. Umpostile uPawulos walumkisa: “Umele uqonde ukuba ngemihla yokugqibela amaxesha aya kuzaliswa ziingozi. Abantu baya kuthanda iziqu zabo . . . Baya kube bengenawo nombulelo.”—2 Timoti 3:1, 2, Phillips.
Kwelinye icala, umbulelo uthatyathelwa indawo yinkohliso. Amazwi ombulelo enziwa ngokusuka entliziyweni kungekho ngcinga zakungenelwa. Noko ke, inkohliso ngokuqhelekileyo edla ngokungabi yinyaniso nebaxwayo, isenokubangelwa yintshukumisa embi yokunyuselwa okanye yokuzuza iingenelo ezithile zobuqu. (Yude 16) Ngaphandle kokuqhathwa kwalowo ukhohliswayo, intetho egudileyo enjalo idla ngokubangelwa kukuzingca nekratshi. Ngoko ke, ngubani ofuna ukuxhatshazwa ngenkohliso ekukunganyaniseki? Kodwa umbulelo wokwenene uyahlaziya.
Umntu obulelayo uyangenelwa ekwenzeni oko. Ububele abufumanayo ngenxa yokuba nombulelo wokwenene buzisa ulonwabo noxolo. (Thelekisa IMizekeliso 15:13, 15.) Yaye ekubeni uluphawu oluhle, umbulelo uyamkhusela kwiimvakalelo ezingalunganga ezinjengomsindo, umona nokuba nengqumbo.
“Zibonakaliseni Ninombulelo”
IBhayibhile iyasibongoza ukuba sihlakulele umoya wokubulela. UPawulos wabhala: “Ngokunxibelelene nento yonke bulelani. Kuba oku kukuthanda kukaThixo ngokumanyene noKristu Yesu ngokuphathelele nina.” (1 Tesalonika 5:18) Yaye uPawulos wawaluleka amaKolose esithi: “Uxolo lukaKristu malulawule ezintliziyweni zenu . . . Yaye zibonakaliseni ninombulelo.” (Kolose 3:15) Iindumiso eziliqela zinamazwi ombulelo, abonisa ukuba umbulelo osuka entliziyweni luphawu olungokobuthixo. (INdumiso 27:4; 75:1) Licacile elokuba, siyamkholisa uYehova uThixo xa sibonisa umbulelo kwizinto zemihla ngemihla zobomi.
Kodwa ziziphi izinto kweli hlabathi lingenambulelo ezenza kube nzima ngathi ukuhlakulela umoya wokubulela? Sinokusibonakalisa njani isimo sengqondo sokubulela kubomi bethu bemihla ngemihla? Le mibuzo iza kuphendulwa kwinqaku lethu elilandelayo.
-
-
Hlakulela Umoya WokubulelaIMboniselo—1998 | Februwari 15
-
-
Hlakulela Umoya Wokubulela
UGQIRHA othile kwiLizwana laseNew York wasindisa uMarie kwimeko yongxamiseko. Kodwa uMarie oneminyaka engama-50 ubudala akazange ambulele ugqirha engazange ahlawule nemali yakhe. Okunjani kona ukungabi nambulelo!
IBhayibhile ithi ngesinye isihlandlo, xa wangena esixekweni esithile, uYesu wadibana namadoda alishumi awayenesifo esibi seqhenqa. Adanduluka ngezwi elikhulu esithi: “Yesu, Myaleli, yiba nenceba kuthi!” UYesu wathi kuwo: “Hambani nize nizibonakalise kubabingeleli.” Abo baneqhenqa balwamkela ulwalathiso lwakhe, yaye ngoxa babesendleleni, babona baza beva ukuba babesiya behlanjululwa.
Abasithoba kwabo baneqhenqa baphiliswayo baqhubeka nohambo lwabo. Kodwa omnye kwabaneqhenqa wayengumSamariya, wabuya eze kukhangela uYesu. Lo wayeneqhenqa wamzukisa uThixo, yaye xa wafumana uYesu, wawa ezinyaweni zakhe, ebulela. Ekuphenduleni uYesu wathi: “Kuhlanjululwe balishumi, akunjalo? Baphi, ngoko, abanye abasithoba? Akufunyanwanga namnye na ubuyileyo ukuza kunikela uzuko kuThixo ngaphandle kwalo mntu wolunye uhlanga?”—Luka 17:11-19.
Kukho isifundo esihle esiboniswa ngumbuzo othi: “Baphi, ngoko, abanye abasithoba?” NjengoMarie, abo basithoba babeneqhenqa basilela ngokunzulu—abazange babonise mbulelo. Ukungabonisi mbulelo okunjalo kuxhaphakile namhlanje. Yintoni unobangela woku?
Isizathu Esisisiseko Sokungabi Nambulelo
Ukungabi nambulelo ngokusisiseko kubangelwa kukuzingca. Cinga ngabazali bethu bokuqala, uAdam noEva. UYehova wabadala baneempawu zobuthixo waza wabalungiselela yonke into ukuze bonwabe, kuquka ikhaya elihle elinesitiya esihle, indawo entle kunye nomsebenzi osengqiqweni nowanelisayo. (Genesis 1:26-29; 2:16, 17) Sekunjalo, phantsi kwengcinezelo kaSathana yokuphembelela ukuzingca, njengesibini abazange bathobele yaye babucekisa ububele bukaYehova.—Genesis 3:1-5; ISityhilelo 12:9.
Kwakhona qwalasela abantu boSirayeli wamandulo, uThixo awabenza baba ngabantu bakhe abakhethekileyo. Hayi indlela ekumele ukuba bonke abazali abangamaSirayeli bavuya ngayo ngobusuku bukaNisan 14, ngowe-1513 B.C.E.! Ngobo busuku babubalulekile, isithunywa sikaThixo seza size kubulala “onke amazibulo ezweni laseYiputa” kodwa sadlula kwizindlu zakwaSirayeli ezaziphawulwe kakuhle. (Eksodus 12:12, 21-24, 30) Yaye naxa bahlangulwa kwimikhosi kaFaro kuLwandle Olubomvu, ngeentliziyo ezizele ngumbulelo, ‘uMoses noonyana bakaSirayeli bahlabela ingoma kuYehova.’—Eksodus 14:19-28; 15:1-21.
Sekunjalo, kwiiveki nje ezimbalwa emva kokunduluka eYiputa, “lonke ibandla loonyana bakaSirayeli [lambombozela, NW].” Hayi indlela abakhawuleza ngayo ukungabi nambulelo! Babekhumbula ‘ukuhlala ngasezimbizeni zenyama besidla isonka de bahluthe,’ nto leyo eyayisenzeka eYiputa, ilizwe labo lobukhoboka. (Eksodus 16:1-3) Licacile elokuba, ukuzingca akusebenzisani nokuhlakulela umbulelo.
Ngenxa yokuba beyinzala ka-Adam onesono, bonke abantu bazalwa benemvelaphi yokuzingca notyekelo lokungabi nambulelo. (Roma 5:12) Ukungabuleli nako kuyinxalenye yokubonakalisa umoya wokuzingca oxhaphakileyo kubantu beli hlabathi. Njengomoya esiwuphefumlayo, loo moya ukho kuyo yonke indawo yaye uyasichaphazela. (Efese 2:1, 2) Ngoko ke, kufuneka sihlakulele umoya wokuba nombulelo. Sinokukwenza njani oko?
Ukucamngca Kuyimfuneko!
IWebster’s Third New International Dictionary ichaza umbulelo “njengesimo sokubulela: ukuba nobubele nobuhlobo kuloo mntu uncedayo nto leyo ebangela ubani afune ukubuyekeza oko akwenzelweyo.” Iimvakalelo azicetywa; zimele zisuke zibekho. Ukubonisa umbulelo kungaphezu kokuba nesimilo; kumele kusuke entliziyweni.
Sinokukufunda njani ukuba nombulelo ngokusuka entliziyweni? IBhayibhile ithi ubukhulu becala indlela esivakalelwa ngayo ibangelwa yindlela esicinga ngayo. (Efese 4:22-24) Ukufunda ukuba nombulelo kuqala ngokucamngca ngoxabiso ngobubele esibenzelwayo. Ngokuphathelele oku, uGqr. Wayne W. Dyer, osebenza ngezigulo zengqondo, uthi: “Akunakuba nemvakalelo ngaphandle kokuba ucinge okuthile kuqala.”
Ngokomzekelo, cinga ngombandela wokuba nombulelo ngendalo esingqongileyo. Xa ujonga isibhakabhaka esizele ziinkwenkwezi ngobusuku obungenamafu, uvakalelwa njani ngoko ukubonayo? UKumkani uDavide wavakalisa uloyiko awaba nalo xa wathi: “Xa ndilikhangelayo izulu lakho, umsebenzi weminwe yakho, inyanga neenkwenkwezi ozimisileyo: Uyintoni na umntu lo, le nto umkhumbulelayo? Unyana womntu, le nto umvelelayo?” Yaye xa kuthe cwaka ebusuku, iinkwenkwezi zithetha noDavide, zimshukumisela ekubeni abhale athi: “Izulu libalisa uzuko lukaThixo, saye isibhakabhaka sixela umsebenzi wezandla zakhe.” Kwakutheni ukuze amazulu aneenkwenkwezi amchukumise kangaka uDavide? Uphendula ngokwakhe esithi: “Ndicamngca ngemisebenzi yakho yonke, ndicamngca ngesenzo sezandla zakho.”—INdumiso 8:3, 4; 19:1; 143:5.
Unyana kaDavide uSolomon naye wayekuxabisa ukucinga ngendlela emangalisa ngayo indalo. Ngokomzekelo, ngokuphathelele igalelo enayo imvula kumhlaba wethu owonwabisayo, wabhala: “Yonke imilambo iya elwandle, ukanti ulwandle aluzali; endaweni eya kuyo imilambo, ibuya iye kwakhona.” (INtshumayeli 1:7) Ngoko emva kwemvula nasemva kokuba imilambo iwuhlaziyile umhlaba, amanzi ayaguquka esuka elwandle abuyele emafini. Ubuya kuba njani lo mhlaba ukuba amanzi ebengacocwa yaye engaguqulwa aphinde asetyenziswe? Hayi indlela amele ukuba waba nombulelo ngayo uSolomon xa wayecinga ngezi ngongoma!
Kwakhona umntu onombulelo uyaluxabisa ulwalamano lwakhe namalungu entsapho, abahlobo kunye nabo bantu abaziyo. Ububele babo uyabuphawula. Njengoko ngoxabiso ecinga ngobubele babo obungazenzisiyo, uba nombulelo ngokusuka entliziyweni.
Ukubonakalisa Umbulelo
Hayi indlela elilula ngayo igama elithi “enkosi”! Kulula ukuthetha loo mazwi. Yaye amathuba okwenza njalo maninzi. Hayi indlela okuhlaziya ngayo ukuva uEnkosi ofudumeleyo nonyanisekileyo kumntu osivulela aze asibambele ucango okanye ochola into xa siyiwisile! Ukuva loo mazwi kusenokuwenza umsebenzi womabhalana okanye weweyitala okanye kanoposi ube lula uze ube nomvuzo ngakumbi.
Ukuthumela amakhadi ombulelo yindlela entle yokubulela ngenxa yobubele obenziweyo. Uninzi lwamakhadi akhoyo ezivenkileni luwathetha kamnandi la mazwi. Kodwa ngaba bekungayi kuba kukubonisa uthando ukongezelela awakho amazwi oxabiso? Abanye bade bakhethe nokungasebenzisi ikhadi elibhaliweyo, baze babhale awabo amazwi.—Thelekisa IMizekeliso 25:11.
Ngokuqhelekileyo, abona bawufaneleyo umbulelo wethu ngabo basondeleyo kuthi ekhaya. IBhayibhile ithi ngomfazi onesidima: “Iyasuka indoda yakhe imdumise.” (IMizekeliso 31:28) Ngaba amazwi omyeni asuka entliziyweni ebulela umfazi wakhe akabangeli ikhaya elinoxolo nolwaneliseko? Yaye ngaba akavuyi umyeni xa efika ekhaya aze abuliswe ngumfazi wakhe ngokufudumeleyo nangoxabiso? Kule mihla, uxinezeleko emitshatweni luyanda, yaye xa ingcinezelo isanda, abantu bacaphuka msinya. Enye indlela yokubonisa umbulelo kukulungela ukubophulela abanye uze uzibethe ngoyaba izinto uze uxolele.
Kwakhona abaselula bamele bakuphaphele ukuvakalisa amazwi asuka entliziyweni oxabiso kubazali babo. Noko ke, abazali abafezekanga, kodwa eso ayisosizathu sokungabi nambulelo ngoko bakwenzele kona. Akusokuze uluthenge naphi na uthando nengqalelo abayinikelayo ukususela ekuzalweni kwakho. Ukuba baye bakufundisa ngolwazi lukaThixo, unesizathu esingakumbi sokubulela.
INdumiso 127:3 ithi: “Ilifa likaYehova ngoonyana.” Ngoko abazali bafanele bakhangele amathuba okubancoma abantwana babo kunokukhetha ukubachukela ngezinto ezingenamsebenzi. (Efese 6:4) Yaye elinjani ilungelo abanalo lokunceda abaselula ababanyamekelayo bahlakulele umoya wokubulela!—Thelekisa IMizekeliso 29:21.
Ukuba Nombulelo KuThixo
UYehova uThixo unguMphi waso “sonke isipho esilungileyo naso sonke isipho esigqibeleleyo.” (Yakobi 1:17) Eyona nto ibalulekileyo sisipho sobomi, ngenxa yokuba nantoni na esisenokuba sicwangcisele ukuyenza isenokungabi naxabiso ukuba siphulukana nobomi. IZibhalo zisibongoza ukuba sikhumbule ukuba “[likuYehova uThixo] ithende lobomi.” (INdumiso 36:5, 7, 9; IZenzo 17:28) Ukuze sihlakulele intliziyo enombulelo ngoThixo, kufuneka sicamngce ngamalungiselelo ayintabalala awenzileyo asenza siqhubeke siphila ngokwenyama nangokomoya. (INdumiso 1:1-3; 77:11, 12) Intliziyo enjalo iya kusishukumisela ekubeni sibonise uxabiso ngamazwi nangezenzo.
Umthandazo yenye yeendlela ezicacileyo zokubonisa umbulelo kuThixo. Umdumisi uDavide wathi: “Yehova, Thixo wam, wena wenze okuninzi ngemisebenzi yakho ebalulekileyo, nangeengcinga zakho kuthi; akukho nto inokulinganiswa nawe; okanye bendiya kuyixela, ndithethe ngayo; ke ziyinkohla engenakubalwa.” (INdumiso 40:5) Ngamana singachukumiseka ngokufanayo.
Kwakhona uDavide wayezimisele ukumbonisa uThixo uxabiso lwakhe ngamazwi awawathetha kwabanye. Wathi: “Ndiya kubulela kuYehova ngentliziyo yam yonke; ndiya kuyibalisa yonke imisebenzi yakho ebalulekileyo.” (INdumiso 9:1) Ukuthetha nabanye ngoThixo, ukwabelana nabo ngenyaniso esuka kwiLizwi lakhe, mhlawumbi kuyeyona ndlela ilungileyo yokubonisa umbulelo. Yaye oku kuya kusinceda sibe nombulelo ngakumbi kwezinye iinkalo zobomi.
UYehova uthi: “Obingelela umbulelo uyandizukisa, alungise indlela, endombonisa kuyo usindiso.” Ngamana ungafumana uvuyo olubangelwa kukubonisa umbulelo osuka entliziyweni kuye.—INdumiso 50:23; 100:2.
[Umfanekiso okwiphepha 7]
Ubomi busisipho esivela kuThixo. Qiniseka ngokongeza amazwi akho
-