INgoma 113
SingamaNgqina KaYehova!
1. Umntu wenz’ izithixo
Engamazi uThixo.
Yena nguSomandla
Njengok’ esitsho.
Izithix’ azinako
Ukul’bona ingomso.
Azinawo amangqin’ azo,
Kuba zingenabuthixo.
(Chorus)
2. Nina ‘ningamangqin’ am,
Anisenakoyika.
MnandinguYehova,
NdinguSomandla.
Ndan’bonis’ usindiso
Nichas’ abany’ oothixo.
Vakalisani igama lam;
Niz’ngqine nje ngamangqin’ am’.
(Chorus)
3. S’ngqinel’ igama l’ka Ya.
Kwingcikivo sil’mela.
Abal’nyelisayo
S’yabalumkisa.
Libenza baxolelwe
Xa bebuyela kuYe.
Uk’ngqina kuzisa uvuyo
Nobom’ obungapheliyo.
(CHORUS)
S’ngamaNgqina kaThixo;
Sithetha ngenkalipho.
Zonk’ iziprofeto zikaYa
Ziya kuzaliseka.