INgoma 155
“Yamkelanani”!
1. Yamkelanani njengok’ uKristu wanamkela!
Ekubeni wasifela naye s’yamamkela.
Ke abo banamandla baxhas’ abab’thathaka,
Ukuze baqinise abafun’ ub’lungisa.
Izint’ ezabhalwa ngabaprofeti kudala
Zisenza s’nyamezele yaye sibe nethemba.
Ke masingakholis’ iziqu zethu kuphela,
Kodwa ke sibazelelele abazalwana.
2. UThix’ uhlanganis’ abangasafund’ ukulwa.
UNyana wakhe sel’ eqalisil’ ukugweba.
Ubiz’ abantu beentlanga, bezizwe neelwimi,
Wenza ukuba bagcin’ umthetho ngemihlali.
Ngozuko kuThixo sidlulisel’ ulwamkelo
Kubo bonke abantu singenalucalulo.
Masibe, nobubele njengoThix’ uYehova,
Ewe, silinganise umzekelo woNyana.
3. Masibongoz’ abantu badumis’ uKumkani.
Nalo uhlanga lwayo siy’dumise iNkosi.
Ke masivakalise kumakhaya nez’trato,
Iindab’ ez’lungileyo kwes’dibanayo nabo.
Le mbeko yok’dumis’ uYa ngez’ ibuy’ ibekho.
Le yimihla yok’gqibela kwabo bangendawo.
Mas’thand’ abazalwan’, uThixo abe nenyani;
Yamkelanani njengoko lisitsho iLizwi.